Isizathu Sokuba Abanye Bazalwe Ngokutsha
“UKUBA akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) Loo mazwi aye abangela imincili yaye kwangaxeshanye aye abangela ukudideka kubantu abaninzi ukususela oko uYesu Kristu wawathethayo ngaphezu kweminyaka eli-1 900 eyadlulayo.
Ukuze siwaqonde kakuhle amazwi kaYesu okuzalwa ngokutsha, kuqala kufuneka siphendule le mibuzo: Iyintoni injongo kaThixo ngoluntu? Kwenzeka ntoni ngomphefumlo ekufeni? UBukumkani bukaThixo benzelwe ntoni?
Injongo KaThixo Ngoluntu
Umntu wokuqala, uAdam, wadalwa wangunyana kaThixo ongumntu ofezekileyo. (Luka 3:38) UYehova uThixo akazange acebe ukuba uAdam wayefanele afe. UAdam nomfazi wakhe, uEva, babenethemba lokuvelisa intsapho yabantu abangenasono ababeya kuphila ngonaphakade baze bazalise umhlaba oyiparadisi. (Genesis 1:28) Ukufa kwakungeyonxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo ngendoda nomfazi. Kwahlasela uluntu kuphela emva kokuba luvukele umthetho kaThixo.—Genesis 2:15-17; 3:17-19.
Le mvukelo yaphakamisa imbambano enkulu ngokuziphatha, njengokulunga kolongamo lukaThixo nokukwazi kwabantu ukuhlala bethembekile kwimithetho yakhe. Kwakufuneka ixesha ukuze ezi mbambano zizinziswe. Kodwa injongo kaYehova uThixo ngoluntu ayizange iguquke, yaye akanakusilela koko aceba ukukwenza. Uceba ukuzalisa umhlaba ngentsapho yabantu efezekileyo neya kunandipha ubomi ngonaphakade eParadisi. (INdumiso 37:29; 104:5; Isaya 45:18; Luka 23:43) Simele siyikhumbule le nyaniso isisiseko xa siqwalasela amazwi kaYesu angokuzalwa ngokutsha.
Kwenzeka Ntoni Ngomphefumlo Ekufeni?
Zingakuqondi oko umoya oyingcwele kaThixo wakutyhilela ababhali beBhayibhile, izithandi-zobulumko zamaGrike zazama ukufumana intsingiselo yobomi. Zazingakholelwa ukuba umntu wayenzelwe ukuphila iminyaka embalwa kuphela, ngokufuthi kwiimeko ezilusizi, aze emva koko ayeke ukuphila. Kule into zazinyanisile. Kodwa izigqibo ezafikelela kuzo ngamathemba omntu emva kokufa, zazingachananga. Zagqiba kwelokuba umntu wayeqhubeka ephila ngandlel’ ithile emva kokufa, nokuthi ngaphakathi wayenomphefumlo ongafiyo.
AmaYuda nabo babesithi bangamaKristu baphenjelelwa ziingcamango ezinjalo. Incwadi ethi Heaven—A History ithi: “Naphina apho amaYuda azintsali ayedibana neenkcuba-buchopho zamaGrike khona, babethetha ngengcamango yokungafi komphefumlo.” Le ncwadi iyongeza: “Iimfundiso zamaGrike ngomphefumlo zabetheleleka kwiinkolelo zamaYuda yaye ekugqibeleni nakwezamaKristu. . . . Ngokwenza umxube okhethekileyo wentandabulumko kaPlato nesithethe seBhayibhile, uPhilo [isithandi sobulumko senkulungwane yokuqala saseAlexandria] sawahlahlel’ indlela lula amaKristu aziingqondi ayeya kulandela.”
Yintoni awayekhokelwa kuyo uPhilo? Le ncwadi iyaqhubeka: “Kuye, ukufa kubuyisela umphefumlo kwinto owawuyiyo kuqala, kwimeko owawukuyo ngaphambi kokuzalwa. Ekubeni umphefumlo ungowelizwe lemimoya, ubomi emzimbeni ngokufuthi, buba ngamava amafutshane nangemyoli.” Noko ke, ‘ngaphambi kokuba azalwe’ uAdam wayengekho. Ngokwengxelo yeBhayibhile, uThixo akazange acebe ukufudusela umntu komnye ummandla ngokuzenzekelayo xa umntu esifa ngokungathi umhlaba liqonga lokuqhelisela uhlobo lobomi oluphakamileyo okanye oluphantsi.
Inkolelo yokuba umphefumlo womntu awufi ayifundiswa eLizwini likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile. Ayikhe ilisebenzise nakanye ibinzana elithi “umphefumlo ongafiyo.” Ithi uAdam wadalwa wangumphefumlo, akazange adalwe enomphefumlo. IGenesis 2:7 ithi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” Uluntu aluzange lube nethemba lokuphila ubomi obungunaphakade ezulwini okanye intuthumbo engunaphakade esihogweni somlilo. IBhayibhile ibonisa ukuba umphefumlo, okanye umntu, ofayo akaphili emva koko. (INdumiso 146:3, 4; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4) Ekugqibeleni, izithandi-zobulumko ziye zabambelela kwingcamango ezingezozazibhalo ngombandela womphefumlo. Kufuneka siziphaphele iingcamango ezinokusenza singawaqondi kakuhle amazwi kaYesu angokuzalwa ngokutsha.
Ukuzalwa Ngokutsha Ukuze Balawule NjengooKumkani
UYesu waxelela uNikodemo ukuba ngabo ‘bazalwa ngokutsha . . . abaya kungena ebukumkanini bukaThixo.’ (Yohane 3:3-5) Buyintoni obu Bukumkani? Ekuqaleni kwembali yoluntu, uYehova uThixo ethetha ngendlela efuziselayo, wayazisa injongo yakhe yokusebenzisa “imbewu” ekhethekileyo—umlawuli ozayo—ukuze atyumze intloko yeNyoka yakudala, uSathana uMtyholi. (Genesis 3:15; ISityhilelo 12:9) Njengoko iZibhalo ziqhubeka zityhila, le “mbewu” ichazwa njengoYesu Kristu, olawula nabanye abalawuli ngendlela ekhethekileyo ebonisa ulongamo lukaThixo, uBukumkani obungoMesiya. (INdumiso 2:8, 9; Isaya 9:6, 7; Daniyeli 2:44; 7:13, 14) Obu buBukumkani bamazulu, urhulumente wasezulwini oya kuthethelela ulongamo lukaYehova aze akhulule uluntu kubukhoboka besono nokufa.—Mateyu 6:9, 10.
Abo baza kulawula noYesu ngabali-144 000 abathengwe eluntwini. (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1-4) UThixo uye wakhetha abathile kwintsapho ka-Adam yabantu abangafezekanga ukuba babe ‘ngabantu abangcwele bOsenyangweni,’ abalawula noKristu kuBukumkani obungoMesiya. (Daniyeli 7:27; 1 Korinte 6:2; ISityhilelo 3:21; 20:6) La madoda nabafazi bayakholelwa kuYesu Kristu, owathi babeya ‘kuzalwa ngokutsha.’ (Yohane 3:5-7) Kutheni bezalwa yaye oku kwenzeka njani?
Aba baye babhaptizwa emanzini njengabalandeli bakaKristu. UThixo uzixolele izono zabo ngesizinzi sedini lentlawulelo likaYesu, uye wabavakalisa bengamalungisa, yaye uye wabamkela njengoonyana bokomoya. (Roma 3:23-26; 5:12-21; Kolose 1:13, 14) Kwabo umpostile uPawulos uthi: “Namkele umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha, Bawo. UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa, iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.”—Roma 8:15-17.
Njengabalandeli bakaKristu, aba baye bazalwa ngokutsha, baye banesiqalo esitsha, ebomini. Kuye kwaphumela kwisiqinisekiso sokuba baya kwabelana noYesu kwilifa lasemazulwini. (Luka 12:32; 22:28-30; 1 Petros 1:23) Umpostile uPetros oku kuzalwa kwakhona ukuchaza ngolu hlobo: “Othe ngokobuninzi benceba [kaThixo] wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo; sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini.” (1 Petros 1:3, 4) Obu bomi butsha emazulwini buyafumaneka kwabo banjalo kuba uThixo ubavusa ngendlela awamvusa ngayo uYesu.—1 Korinte 15:42-49.
Kuthekani Ngomhlaba?
Oku akuthethi ukuba lonke uluntu oluthobelayo ekugqibeleni luya kuzalwa ngokutsha luze lumke emhlabeni luye ezulwini. Loo ngcamango iphosakeleyo yayifana naleyo yezithandi-zobulumko ezifana noPhilo, owafundisa ukuba “ubomi emzimbeni ngokufuthi, buba ngamava amafutshane nangemyoli.” Kodwa akukho nto yayiphosakele ngendalo kaYehova uThixo awayibeka emhlabeni ntlandlolo.—Genesis 1:31; Duteronomi 32:4.
Ubomi bomntu babungamelanga bube bufutshane yaye buzaliswe ziintlungu. UYesu Kristu nabo bazelwe ngokutsha ukuze babe ngookumkani nababingeleli kunye naye emazulwini baya kushenxisa yonke imiphumo eyingozi yemvukelo kaSathana. (Efese 1:8-10) Esebenzisa bona ‘njengembewu ka-Abraham’ ethenjisiweyo, “zonke iintlanga zehlabathi ziya kusikelelwa.” (Galati 3:29; Genesis 22:18) Kuluntu oluthobelayo oku kuya kuthetha ubomi kumhlaba oyiparadisi, obuya kwahluka ngokupheleleyo, kubomi banamhlanje obufutshane obuzaliswe ziintlungu.—INdumiso 37:11, 29; ISityhilelo 21:1-4.
Ngoobani Abaya Kungenelwa?
Phakathi kwabo baya kungenelwa kwilungiselelo likaThixo lokusikelela uluntu ngabo bavusiweyo ekufeni nabanokholo kwidini lentlawulelo likaYesu. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Uninzi lwabo aluzange lufunde ngoThixo noKristu yaye ngaloo ndlela alunako ukuba nokholo kuYesu. Kwabo bavusiweyo kuya kuqukwa abantu abathembekileyo abafana noYohane umBhaptizi, abafa ngaphambi kokuba ukufa kukaYesu kuvule indlela yokufumana ubomi basezulwini. (Mateyu 11:11) Ngaphandle kwaba, ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga siye sazihlamba iingubo zaso ezinde, sazenza mhlophe egazini leMvana,’ uYesu Kristu. Sisabela ngokuvumayo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani ngoku owalathiswa ‘ngabazalwana’ bakaYesu abazelwe ngokutsha yaye siya kusinda kwimfazwe kaThixo yeArmagedon ukuze siphile kumhlaba ocociweyo. (ISityhilelo 7:9-14; 16:14-16; Mateyu 24:14; 25:31-46) Ngoko ke, kwilungiselelo likaThixo, izigidi ziya kusinda, nangona zingazalwa ngokutsha ukuze zilawule noKristu emazulwini.—1 Yohane 2:1, 2.
Ngaba uya kuba phakathi kwabo baya kudla ubomi kumhlaba oyiparadisi? Unako ukuba ubonakalisa ukholo kwidini likaYesu Kristu uze unxulumane ngenkuthalo nebandla lokwenyaniso lamaKristu. Alikhange lingcoliswe ziintanda-bulumko kodwa liye lahlala ‘liyintsika nesiseko sayo inyaniso.’ (1 Timoti 3:15; thelekisa uYohane 4:24; 8:31, 32.) Ngoko unokukhangela phambili kwikamva elimangalisayo xa oonyana bakaThixo abazelwe ngokutsha belawula ezulwini yaye bonke abantwana bakaThixo basemhlabeni bebuyiselwe emfezekweni kumhlaba oyiparadisi emangalisayo. Ngoko zixhakamfulele ithuba lokufumana ubomi kuloo mhlaba mtsha weentsikelelo ezingunaphakade.—Roma 8:19-21; 2 Petros 3:13.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UAdam akazange afumane ubomi ezulwini okanye intuthumbo engunaphakade esihogweni somlilo