Ubomi Emva Kokufa—ithini IBhayibhile?
“Uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—GENESIS 3:19.
1, 2. (a) Ziziphi iingcamango ezahlukeneyo ezikhoyo ngobomi beleMimoya? (b) Yintoni esimele siyihlolisise ukuze siqonde oko iBhayibhile ikufundisayo ngomphefumlo?
“INGCAMANGO yokubandezeleka ngonaphakade ayivumelani nenkolelo yokuba uThixo uyazithanda izinto ezidaliweyo. . . . Ukukholelwa ekohlwayweni ngonaphakade komphefumlo ngenxa yeempazamo zeminyaka embalwa, ngaphandle kokuwunika ithuba lokuguquka, akukho ngqiqweni kwaphela,” satsho njalo isithandi sobulumko esingumHindu uNikhilananda.
2 NjengoNikhilananda, abaninzi namhlanje abaneliseki yimfundiso yokuthuthunjiswa ngonaphakade. Kwangaxeshanye, abanye abaziginyisisi ncam iingcamango ezinjengokufikelela eNirvana uze umanyane nendalo. Kwanabo bathi iinkolelo zabo zisekelwe eBhayibhileni, baneengcamango ezahlukeneyo ngokuphathelele umphefumlo noko kwenzekayo kuwo xa sisifa. Kodwa ifundisa ntoni kanye kanye iBhayibhile ngomphefumlo? Ukuze sifumane impendulo, kuya kusinceda ukuhlolisisa iintsingiselo zegama lesiHebhere nelesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umphefumlo” eBhayibhileni.
Umphefumlo NgokweBhayibhile
3. (a) Liliphi igama eliguqulelwe ngokuthi “umphefumlo” kwiZibhalo zesiHebhere, kwaye iyintoni intsingiselo yalo esisiseko? (b) IGenesis 2:7 iqinisekisa njani ukuba igama elithi “umphefumlo” linokubhekisela kumntu ephela?
3 Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “umphefumlo” nguneʹphesh, yaye livela izihlandlo ezingama-754 kwiZibhalo ZesiHebhere. Lithetha ukuthini igama elithi neʹphesh? IThe Dictionary of Bible and Religion ithi, “ngokuqhelekileyo libhekisela kwisidalwa esiphilayo sisonke, umntu ephela.” Oku kungqinelwa yinkcazelo yeBhayibhile ngomphefumlo ekwiGenesis 2:7 ethi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” Phawula ukuba umntu wokuqala “waba” ngumphefumlo. Oko kutheth’ ukuba, uAdam akazange abe nomphefumlo; wayengumphefumlo—kanye njengaxa ubani oba ngugqirha esiba ngugqirha. Ngoko igama elithi “umphefumlo” apha libhekisela kumntu ephela.
4. Liliphi igama eliguqulelwe ngokuthi “umphefumlo” kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, kwaye iyintoni intsingiselo esisiseko yeli gama?
4 Igama eliguqulelwe ngokuthi “umphefumlo” (psy·kheʹ) livela ngaphezu kwezihlandlo ezilikhulu kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. Njengelithi neʹphesh nalo eli gama ngokufuthi libhekisela kumntu ephela. Ngokomzekelo, qwalasela ezi ngxelo zilandelayo: “Umphefumlo wam ukhathazekile.” (Yohane 12:27) “Wonke umphefumlo waqalisa ukufikelwa luloyiko.” (IZenzo 2:43) “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo.” (Roma 13:1) “Thethani ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo edandathekileyo.” (1 Tesalonika 5:14) “Abantu abambalwa, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo, bathwalwa ngokukhuselekileyo emanzini.” (1 Petros 3:20) Kuyacaca ke ngoko ukuba, igama elithi psy·kheʹ, njengelithi neʹphesh, libhekisela kumntu ephela. Ngokutsho komphengululi uNigel Turner, eli gama “libhekisa emntwini, uqobo lwakhe, umzimba wakhe ekuphefumlelwe kuwo irûaḥ [umoya] kaThixo. . . . Ligxininisa uqobo lwakhe ephela.”
5. Ngaba izilwanyana ziyimiphefumlo? Cacisa.
5 Okubangel’ umdla kukuba, eBhayibhileni igama elithi “umphefumlo” alibhekiseli ebantwini kuphela kodwa kwanakwizilwanyana. Ngokomzekelo, xa ichaza izidalwa zaselwandle, iGenesis 1:20 ithi uThixo wayalela wathi: “Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo.” Yaye ngosuku olulandelayo lokudala, uThixo wathi: “Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo.”—Genesis 1:24; thelekisa iNumeri 31:28.
6. Kungathiwani ngendlela iBhayibhile elisebenzisa ngayo igama elithi “umphefumlo”?
6 Ngoko, igama elithi “umphefumlo” lisetyenziswe eBhayibhileni ukubhekisela emntwini okanye isilwanyana okanye kubomi bomntu okanye besilwanyana. (Bona ibhokisi engasentla.) Inkcazelo yeBhayibhile ngomphefumlo ilula, ayiguquguquki, yaye ayiminxwanga ziintanda-bulumko naziinkolelo ezintsonkothileyo zabantu. Ngoko ke, umbuzo ongxamisekileyo ophakamayo ngowokuba, IBhayibhile ithi kwenzeka ntoni ngomphefumlo ekufeni?
Abafileyo Abanangqiqo
7, 8. (a) Zithini iZibhalo ngemeko yabafileyo? (b) Nika imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba umphefumlo unako ukufa.
7 INtshumayeli 9:5, 10 iyichaza ngokucace gca imeko yabafileyo, ngokuthi: “Abafileyo abazi lutho . . . Akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo.” Ngoko, ukufa kuthetha ukungabikho. Umdumisi wabhala esithi xa umntu esifa, ‘ubuyela emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.’ (INdumiso 146:4) Abafileyo abanangqiqo, abanakwenza nto.
8 Ekuwiseni kwakhe isigwebo kuAdam, uThixo wathi: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Ngaphambi kokuba uThixo ambumbe ngothuli lomhlaba aze amnike ubomi, uAdam wayengekho. Ekufeni kwakhe, wabuyela kuloo meko. Isohlwayo sakhe sasikukufa—kungekhona ukufuduselwa komnye ummandla. Yintoni ke eyenzekayo kumphefumlo wakhe? Ekubeni eBhayibhileni igama elithi “umphefumlo” ngokufuthi libhekisela emntwini, ngoko xa sisithi uAdam wafa, sitheth’ ukuthi umphefumlo ogama linguAdam wafa. Oku kusenokuvakala kungaqhelekanga kumntu okholelwa ekungafini komphefumlo. Kodwa ke, iBhayibhile ithi: “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4) ILevitikus 21:1 ithetha ‘ngomphefumlo ofileyo’ (NW) (“isidumbu,” The Jerusalem Bible). Yaye abazahlulileyo baxelelwa ukuba bangasondeli “kuwo nawuphi na umphefumlo ofileyo” (“umzimba ofileyo,” Lamsa).—Numeri 6:6, NW.
9. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi ‘umphefumlo kaRakeli wawuphuma’?
9 Noko ke, kuthekani ngengxelo ekwiGenesis 35:18 engokufa kabuhlungu kukaRakeli, xa wayezala unyana wakhe wesibini? Ifundeka ngolu hlobo: “Kwathi ekuphumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.” Ngaba oku kuthetha ukuba uRakeli wayenokuthile okwakungaphakathi kuye okwathi kwaphuma ekufeni kwakhe? Akunjalo konke konke. Khumbula ukuba igama elithi “umphefumlo” lisenokubhekisela nakubomi bomntu. Ngoko kule meko “umphefumlo” kaRakeli wawubhekisela “kubomi” bakhe. Kungenxa yoko le nto ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziguqulela ibinzana elithi “ekuphumeni komphefumlo wakhe” ngokuthi “ukuphela kobomi bakhe” (Knox), “waphefumla okokugqibela” (JB), nangokuthi “ubomi bakhe baphuma kuye” (Bible in Basic English). Akukho nto ibonisa ukuba kukho inxalenye ethile efihlakeleyo kaRakeli eyathi yasinda ekufeni kwakhe.
10. Umphefumlo wonyana owavuswayo womhlolokazi ‘wabuyela njani phakathi kwakhe’?
10 Kukwanjalo nangokuvuswa konyana womhlolokazi, okuchazwe kweyoku-1 yooKumkani isahluko 17. Kwindinyana yama-22, sifunda ukuba njengoko uEliya wayethandazela le nkwenkwana, “waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.” Nalapha, igama elithi “umphefumlo” lithetha “ubomi.” Ngenxa yoko, iNew American Standard Bible ifundeka ngolu hlobo: “Ubomi bomntwana babuyela kuye waza wavuka.” Ewe, yayibubomi, kungekhona uhlobo oluthile lomoya, olwabuyela enkwenkweni leyo. Oku kuvisisana noko uEliya wakuthethayo kunina wale nkwenkwe, esithi: “Uyabona, uphilile unyana wakho [umntu ephela].”—1 Kumkani 17:23.
Kuthekani Ngomoya?
11. Kutheni igama elithi “umphefumlo” lingenakubhekisela kwinxalenye yomntu eyahlukaniswe nomzimba esindayo xa esifa?
11 IBhayibhile ithi xa umntu esifa, “uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe.” (INdumiso 146:4) Ngaba oku kuthetha ukuba umoya uphuma ngokoqobo emzimbeni uze uqhubeke uphila emva kokufa komntu? Akunakuba njalo, kuba umdumisi uqhubeka esithi: “Ngaloo mini ayatshitsha onke amabhongo akhe” (“zonke iingcinga zakhe ziyaphela,” The New English Bible). Ngoko ke, uyintoni umoya, yaye ‘uphuma’ njani emntwini xa esifa?
12. Lithetha ukuthini igama lesiHebhere nelesiGrike aguqulelwe ngokuthi “umoya” eBhayibhileni?
12 EBhayibhileni amagama aguqulelwe ngokuthi “umoya” (ngesiHebhere elithi ruʹach; ngesiGrike elithi pneuʹma) ngokusisiseko athetha “impefumlo.” Ngoko, kunokuba ithi “uyaphuma umoya wakhe,” inguqulelo kaR. A. Knox isebenzisa ibinzana elithi “impefumlo iyawushiya umzimba wakhe.” (INdumiso 145:4) Kodwa igama elithi “umoya” lithetha okungakumbi kunokuphefumla nje. Ngokomzekelo, xa ichaza ukutshatyalaliswa kobomi babantu nobezilwanyana ngexesha likaNogumbe womhlaba, iGenesis 7:22 (NW) ithi: “Yonk’ into ekwakusebenza impefumlo yamandla [okanye, umoya; ngesiHebhere iruʹach] obomi emathatheni ayo, oko kukuthi, konke okwakusemhlabeni owomileyo, kwafa.” Ngoko “umoya” usenokubhekisela kumandla obomi akhoyo kuzo zonke izidalwa eziphilayo, abantu nezilwanyana, nagcinwa esebenza ngokuphefumla.
13. Umoya ubuyela njani kuThixo ekufeni komntu?
13 Ngoko ke, ithetha ukuthini INtshumayeli 12:7 ngokuthi xa umntu esifa, ‘umoya ubuyela kuThixo owawunikayo’? Ngaba oku kuthetha ukuba umoya utyhutyha isibhakabhaka ngokoqobo uye kuThixo? Akunjalo. Ekubeni umoya ungamandla obomi, ‘ubuyela kuThixo’ ngengqiqo yokuba nawaphi na amathemba obomi bexesha elizayo baloo mntu axhomekeke ngokupheleleyo kuThixo. NguThixo kuphela onokubuyisela umoya, okanye amandla obomi, ukuze umntu aphile kwakhona. (INdumiso 104:30) Kodwa ngaba uThixo uzimisele ukwenjenjalo?
“Uya Kuvuka”
14. Yintoni uYesu awayithethayo nawayenzayo ukuze athuthuzele oodade boLazaro emva kokuphulukana nomntakwabo?
14 Kwidolophana yaseBhethani, emalunga neekhilomitha ezintathu ukuya kwimpuma yeYerusalem, uMariya noMarta babezilele ukufa ngesiquphe komntakwabo, uLazaro. UYesu naye waba buhlungu, kuba wayenomsa ngoLazaro noodade wabo. UYesu wayenokubathuthuzela njani? Kungekhona ngokubabalisela amabali antsokothileyo, kodwa ngokubaxelela inyaniso. UYesu wasuka nje wathi: “Umntakwenu uya kuvuka.” Emva koko uYesu waya engcwabeni waza wamvusa uLazaro—ebuyisela ubomi bomntu owayeneentsuku ezine efile!—Yohane 11:18-23, 38-44.
15. Wasabela njani uMarta koko kwathethwa nokwenziwa nguYesu?
15 Ngaba yamothusa uMarta into yokuva uYesu esithi uLazaro uza “kuvuka”? Akubonakali kunjalo, kuba waphendula ngokuthi: “Ndiyazi ukuba uya kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela.” Wayesele enalo ukholo kwithemba lovuko. Emva koko uYesu wathi kuye: “Ndim uvuko nobomi. Lowo uluqheliselayo ukholo kum, kwanakuba esifa, uya kubuyela ebomini.” (Yohane 11:23-25) Ummangaliso wokubuyiselwa kukaLazaro ebomini waluqinisa ukholo lwakhe waza wenza nabanye bakholwa. (Yohane 11:45) Kodwa lithetha ntoni kanye kanye igama elithi “uvuko”?
16. Lithetha ukuthini igama elithi “uvuko”?
16 Igama elithi “uvuko” liguqulelwe ngokusuka kwelesiGrike elithi a·naʹsta·sis, elithetha “ukuphakama kwakhona.” Abaguquleli besiGrike abangamaHebhere baguqulele igama elithi a·naʹsta·sis ngebinzana elithetha “ukuvuswa kwabafileyo” (ngesiHebhere elithi techi·yathʹ ham·me·thimʹ).a Ngoko ke, uvuko luthetha ukuvuswa komntu ongenabomi ekufeni—abuyiselwe ebomini kwakhona.
17. (a) Kutheni kungayi kuba yingxaki ngoYehova uThixo noYesu Kristu ukuvusa abantu? (b) Liliphi ithemba awalinikelayo uYesu ngokuphathelele abo bakumangcwaba enkumbulo?
17 Ekubeni uYehova uThixo enobulumko obungenasiphelo nenkumbulo egqibeleleyo, kunokuba lula kuye ukuvusa umntu. Akuyongxaki kuye ukukhumbula indlela ababephila ngayo abantu abafileyo—ubuntu babo, imbali yabo, nazo zonke iinkcukacha ezingabo. (Yobhi 12:13; thelekisa uIsaya 40:26.) Ngapha koko, njengoko kunokubonwa kwimeko kaLazaro, uYesu Kristu ukulungele kwaye unako ukubavusa abafileyo. (Thelekisa uLuka 7:11-17; 8:40-56.) Eneneni, uYesu Kristu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Ewe, uYesu Kristu wathembisa ukuba bonke abo bakwinkumbulo kaYehova baza kuvuswa. Licacile ke elokuba, ngokweBhayibhile, umphefumlo uyafa, yaye isicombululo sokufa luvuko. Kodwa bangamawaka ezigidi abantu abaye baphila baza bafa. Ngoobani kubo abakwinkumbulo kaThixo, abalindele uvuko?
18. Ngoobani abaza kuvuswa?
18 Abo baye balandela ikhondo lobulungisa njengabakhonzi bakaYehova baza kuvuswa. Kanti, kukho izigidi zabanye abantu abaye bafa bengekabonisi ukuba bayavumelana kusini na nemilinganiselo kaThixo yobulungisa. Kusenokwenzeka ukuba babengayazi imilinganiselo kaYehova okanye ababanga naxesha laneleyo lokwenza utshintsho olufunekayo. Nabo aba bakwinkumbulo kaThixo yaye ke ngoko baza kuvuswa, kuba iBhayibhile ithembisa ukuba: “Kuza kubakho uvuko kokubini olwamalungisa nabangengomalungisa.”—IZenzo 24:15.
19. (a) Nguwuphi umbono owabonwa ngumpostile uYohane ngovuko? (b) Yintoni ‘ephoswa edikeni lomlilo,’ yaye kuthetha ntoni oko?
19 Umpostile uYohane wabona umbono obangel’ imincili wabo bavusiweyo bemi phambi kwetrone kaThixo. Wawuchaza wathi: “Nolwandle lwabakhupha abo bafileyo bakulo, nokufa neHadesi kwabakhupha abo bafileyo balapho, ibe bagwetywa elowo ngokwezenzo zakhe. Kwaza ukufa neHadesi kwaphoswa edikeni lomlilo. Oku kuthetha ukufa kwesibini, idike lomlilo.” (ISityhilelo 20:12-14) Khawucinge nje ngentsingiselo yoko! Bonke abafileyo abakwinkumbulo kaThixo baza kukhululwa eHadesi, okanye eShiyol, elingcwaba eliqhelekileyo loluntu. (INdumiso 16:10; IZenzo 2:31) Kuya kwandula ke “ukufa neHadesi” kuphoswe koko kubizwa ngokuba ‘lidike lomlilo,’ elifuzisela intshabalalo epheleleyo. Oko kuya kuthetha isiphelo sengcwaba eliqhelekileyo loluntu.
Ithemba Elikhethekileyo!
20. Izigidi ezifileyo ngoku ziza kuvuselwa kwimeko-bume enjani?
20 Xa ezo zigidi zivuswa, aziyi kubuyiselwa ebomini kumhlaba oyinkangala. (Isaya 45:18) Ziya kuvuselwa kwimeko-bume entle nephuculiweyo, zifike sezilungiselelwe iindawo zokuhlala, impahla, nentabalala yokutya. (INdumiso 67:6; 72:16; Isaya 65:21, 22) Aza kwenziwa ngoobani onke la malungiselelo? Ngokucacileyo, kukho abantu abaya kube bephila kwelo hlabathi litsha ngaphambi kokuqalisa kovuko lwasemhlabeni. Ngoobani abo?
21, 22. Liliphi ithemba elikhethekileyo abanalo abo baphila ‘kwimihla yokugqibela’?
21 Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto.b (2 Timoti 3:1) Kungekudala uYehova uThixo uza kungenelela kwimicimbi yabantu aze abutshayele kuthi tu ubungendawo emhlabeni. (INdumiso 37:10, 11; IMizekeliso 2:21, 22) Ngelo xesha, yintoni eya kwenzeka kwabo bamkhonza ngokuthembeka uThixo?
22 UYehova akayi kuwatshabalalisa amalungisa kunye nabangendawo. (INdumiso 145:20) Akazange akhe ayenze into enjalo, yaye akayi kuyenza xa esusa bonke ubungendawo emhlabeni. (Thelekisa iGenesis 18:22, 23, 26.) Kungoko incwadi yokugqibela yeBhayibhile ithetha ‘ngesihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi,’ siphuma “embandezelweni enkulu.” (ISityhilelo 7:9-14) Ewe, kukho inkitha eza kusinda kwimbandezelo enkulu eliza kuphelela kuyo ihlabathi elingendawo lanamhlanje, ize ingene kwihlabathi elitsha likaThixo. Apho, uluntu oluthobelayo lunokungenelwa ngokupheleleyo kwilungiselelo elimangalisayo likaThixo lokukhulula uluntu esonweni nasekufeni. (ISityhilelo 22:1, 2) Ngoko, akuyomfuneko ukuba “isihlwele esikhulu” sife. Elinjani lona ukukhetheka ithemba!
Ubomi Ngaphandle Kokufa
23, 24. Yintoni omele uyenze ukuze unandiphe ubomi ngaphandle kokufa kwiParadesi esemhlabeni?
23 Ngaba sinokuba nentembelo kweli themba limangalisa kangaka? Ngokuqinisekileyo sinako! NoYesu Kristu wathi kwakuya kubakho ixesha laxa abantu beya kuphila bangafi. Ngaphambi nje kokuvusa umhlobo wakhe uLazaro, uYesu wathi kuMarta: “Wonk’ ubani ophilayo aze aqhelisele ukholo kum akasayi kuze afe konke konke.”—Yohane 11:26.
24 Uyafuna na ukuphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi? Ngaba ulangazelela ukuphinda ubabone abo ubathandayo? “Ihlabathi liyadlula yaye kunjalo nangomnqweno walo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade,” watsho njalo umpostile uYohane. (1 Yohane 2:17) Ngoku lixesha lokuba ufunde ngokuthanda kukaThixo uze uzimisele ukuphila ngokuvisisana nako. Uya kuthi ke wena, kunye nezigidi zabanye abenza ukuthanda kukaThixo, uphile ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nangona igama elithi “uvuko” lingekho kwiZibhalo zesiHebhere, ithemba lovuko lichazwe ngokucacileyo kuYobhi 14:13, kuDaniyeli 12:13 nakuHoseya 13:14.
b Bona incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 98-107.
Uyakhumbula Na?
◻ Iyintoni intsingiselo esisiseko yamagama eelwimi zantlandlolo aguqulelwe ngokuthi “umphefumlo”?
◻ Yintoni eyenzekayo ngomphefumlo ekufeni?
◻ NgokweBhayibhile, siyintoni isicombululo sokufa?
◻ Liliphi ithemba elikhethekileyo elilindele abo bathembekileyo namhlanje?
[Ibhokisi ekwiphepha 15]
“Umphefumlo” Njengobomi Besidalwa
Maxa wambi, igama elithi “umphefumlo” libhekisela kubomi bomntu okanye besilwanyana. Oku akuyitshintshi inkcazelo yeBhayibhile yokuba umphefumlo ngumntu okanye isilwanyana. Oku sinokukuzekelisa ngokuthi: Sithi umntu uyaphila, okutheth’ ukuthi ungumntu ophilayo. Sinako nokuthi unobomi. Ngokufanayo ke, umntu ophilayo ungumphefumlo. Kanti, ngoxa esaphila, “umphefumlo” kusenokuthethwa ngawo njengento anayo.
Ngokomzekelo, uThixo wathi kuMoses: “Afile onke amadoda awayezingela umphefumlo wakho.” Ngokucacileyo, iintshaba zikaMoses zazifuna ukumbulala. (Eksodus 4:19, NW; thelekisa uYoshuwa 9:24; IMizekeliso 12:10.) UYesu walisebenzisa ngendlela efanayo eli gama xa wathi: ‘UNyana womntu weza kunikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mateyu 20:28; thelekisa isahluko 10:28.) Kwimeko nganye, igama elithi “umphefumlo” lithetha “ubomi besidalwa.”
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Zonke ziyimiphefumlo
[Inkcazelo]
Hummingbird: U.S. Fish and Wildlife Service, Washington, D.C./Dean Biggins
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UYesu wabonisa ukuba isicombululo sokufa luvuko
[Umfanekiso okwiphepha 18]
“Wonk’ ubani ophilayo aze aqhelisele ukholo kum akasayi kuze afe konke konke.”—Yohane 11:26