Ukuhlakulela Ukoyika UThixo
“Yoyika uYehova usuke entweni embi.”—IMIZEKELISO 3:7.
1. Yabhalelwa bani IMizekeliso?
INCWADI yeBhayibhile yeMizekeliso iqulethe ubutyebi beziluleko zokomoya. Ekuqaleni uYehova walungiselela le ncwadi yesikhokelo ukuze adlulisele imiyalelo kuhlanga lwakhe lwamaSirayeli okoqobo. Namhlanje, inikela amazwi obulumko kuhlanga lwakhe olungcwele lwamaKristu, ‘olufikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.’—1 Korinte 10:11; IMizekeliso 1:1-5; 1 Petros 2:9.
2. Kutheni isilumkiso esikwiMizekeliso 3:7 sisexesheni ngokwenene namhlanje?
2 Xa siphethukela kwiMizekeliso 3:7, sifunda oku: “Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; yoyika uYehova usuke entweni embi.” Kususela kwixesha labazali bethu bokuqala, xa iNyoka yalukuhla uEva ngesithembiso ‘sokwazi okulungileyo nokubi,’ ubulumko babantu buye basilela ukwanelisa iintswelo zoluntu. (Genesis 3:4, 5; 1 Korinte 3:19, 20) Kuyo yonke imbali oku kucace gca kule nkulungwane yama-20—le “mihla yokugqibela” xa uluntu, luvuna iziqhamo zokucinga ngendlela ebonisa ukungakholelwa kuThixo, nokukholelwa kwindaleko, luthwaxwa bubuhlanga, ugonyamelo, nazo zonke iintlobo zokuziphatha okubi. (2 Timoti 3:1-5, 13; 2 Petros 3:3, 4) Oku ‘kukungalungelelani okutsha kwehlabathi’ iZizwe Ezimanyeneyo okanye iinkonzo ezahlukahlukeneyo zehlabathi ezingenako ukukulungisa.
3. Ziziphi izinto ekwaprofetwa ukuba ziya kwenzeka kumhla wethu?
3 ILizwi likaThixo lesiprofeto lisixelela ukuba oomoya beedemon baphumile baya kubo “ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla . . . endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.” (ISityhilelo 16:14, 16) Ngokukhawuleza abo kumkani, okanye abalawuli baya kugutyungelwa kukugubha ngenxa yokoyika uYehova. Kuya kufana nokuqhiphuk’ umbilini okwafikela amaKanan xa uYoshuwa namaSirayeli bafikayo beze kuphumeza umgwebo kuwo. (Yoshuwa 2:9-11) Kodwa namhlanje ngulowo wafanekiselwa nguYoshuwa, uKristu Yesu—“uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi”—oya kuzithi ‘qwaka iintlanga, azaluse ngentonga yentsimbi’ ebonakalisa ‘umsindo nengqumbo kaThixo uSomandla.’—ISityhilelo 19:15, 16.
4, 5. Ngoobani abaya kusindiswa, yaye ngoba?
4 Ngoobani abaya kusindiswa ngelo xesha? Abo baya kuhlangulwa, asingabo abo bagubhayo, kodwa ngabo bonke abo baye bahlakulela ukumoyika ngentlonelo uYehova. Kunokuba balumke kwawabo amehlo, aba ‘bayasuka entweni embi.’ Ngokuthobeka, bondla iingqondo zabo ngoko kulungileyo, ukuze ububi buphume buphele kwiingcinga zabo. Banentlonelo efanelekileyo ngeNkosi enguMongami uYehova, “umgwebi wehlabathi lonke,” kungentsuku zatywala oza kutshabalalisa bonke abo babambelela kokubi, kanye njengokuba watshayela abantu baseSodom ababeziphethe kakubi. (Genesis 18:25) Eneneni, kubantu bakaThixo, “ukoyika uYehova lithende lobomi, ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.”—IMizekeliso 14:27.
5 Kulo mhla womgwebo kaThixo, bonke abazinikela ngokupheleleyo kuYehova besoyika ukungamkholisi baya kuyiqonda inyaniso echazwe ngokufuziselayo kwiMizekeliso 3:8: “[Ngokoyika uYehova] ukuphila kobakho enkabeni yakho, nokuqina emathanjeni akho.”
Ukuzukisa UYehova
6. Yintoni efanele isishukumisele ukuthobela IMizekeliso 3:9?
6 Ukoyika kwethu uYehova ngoxabiso, kunye nothando olunzulu ngaye, kufanele kusishukumisele ukuthobela oko kubhalwe kwiMizekeliso 3:9: “Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke.” Asinyanzelelwa ukuba sizukise uYehova ngemibingelelo yethu. Oku sifanele sikwenze ngokuzithandela, njengokuba kuboniswa izihlandlo ezimalunga ne-12 ukususela kwiEksodus 35:29 ukusa kwiDuteronomi 23:23 ngokuphathelele amadini kwaSirayeli mandulo. Le ntlahlela eya kuYehova ifanele ibe sesona sipho silungileyo sinokusinikela, sigqala ukulunga nobubele obunothando esibunandiphileyo buvela kuye. (INdumiso 23:6) Ifanele ibonise uzimiselo lwethu ‘lokuqhubeka sifuna tanci ubukumkani nobulungisa bakhe.’ (Mateyu 6:33) Yaye uba yintoni umphumo wokuzukisa uYehova ngobuncwane bethu? “Ozala amaqonga akho bubuninzi, nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.”—IMizekeliso 3:10.
7. Yiyiphi intlahlela esifanele siyinikele kuYehova, yaye uya kuba yintoni umphumo?
7 Indlela ephambili uYehova asisikelela ngayo yeyokomoya. (Malaki 3:10) Ngenxa yoko, intlahlela esiyinikela kuye ngokuyintloko ifanele ibe yeyokomoya. Sifanele sisebenzise ixesha, amandla, namandla ethu okuphila ekwenzeni ukuthanda kwakhe. Oku ke kuya kusomeleza, kanye njengokuba umsebenzi onjalo waba ‘kukudla’ okomelezayo kuYesu. (Yohane 4:34) Amaqonga ethu okomoya okugcina izinto aya kuzala, yaye uvuyo lwethu, olufanekiselwa yiwayini, luya kuphuphuma. Ukongezelela, njengokuba ngentembelo sithandazela ukuba nokutya kokwenyama okwaneleyo suku ngalunye, ngokufanayo sinokunikela ngesisa ngokusuka koko sinako sixhasa umsebenzi woBukumkani emhlabeni wonke. (Mateyu 6:11) Zonke izinto esinazo, kuquka izinto eziphathekayo, sazifumana zivela kuBawo wethu wasezulwini onothando. Uya kusithululela iintsikelelo ezingakumbi, ngomkhamo esizisebenzisa ngawo ezi zinto zixabisekileyo ekuzukiseni yena.—IMizekeliso 11:4; 1 Korinte 4:7.
Izohlwayo Zothando
8, 9. Sifanele sikujonge njani ukuhlohlwaywa noqeqesho?
8 Kwindinyana 11 neye-12, IMizekeliso isahluko 3 kwakhona ithetha ngolwalamano olonwabisayo phakathi kobawo nonyana olukhoyo kwiintsapho ezihlonel’ uThixo, kwanaphakathi koYehova nabantwana bakhe bokomoya abathandayo abasemhlabeni. Sifunda oku: “Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, ungakruquki sisohlwayo sakhe; kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.” Abantu behlabathi bakuthiyile ukohlwaywa. Abantu bakaYehova bafanele bakuthande. Umpostile uPawulos wawacaphula la mazwi akwiMizekeliso, esithi: “Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi, kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo; kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha . . . Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.”—Hebhere 12:5, 6, 11.
9 Ewe, isohlwayo noqeqesho ziyinxalenye eyimfuneko yoqeqesho ekufuneka ngamnye kuthi elufumene, enoba silufumana kubazali, ngebandla lamaKristu, okanye njengokuba sicamngca ngeZibhalo ebudeni bofundisiso lwethu lobuqu. Kungumbandela wokufa nokuphila ukuba siluthobele uqeqesho, njengokuba IMizekeliso 4:1, 13 nayo isithi: “Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda. Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.”
Olona Lonwabo Lukhulu
10, 11. Ziziphi ezinye zeenkalo zamazwi amyoli akwiMizekeliso 3:13-18?
10 Anjani wona ukuba myoli amazwi alandelayo emva koku, eneneni ‘ngamazwi anandiphekayo, nawenyaniso’! (INtshumayeli 12:10) La mazwi kaSolomon aphefumlelweyo achaza ulonwabo lokwenene. Ngamazwi esifanele siwabhale ezintliziyweni zethu. Siyawafunda:
11 “Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, lomntu ozuze ingqondo! Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo. Imihla emide isesandleni sabo sokunene, kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko. Iindlela zabo ziindlela ezimnandi, wonke umendo wabo uluxolo. Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, unoyolo obubambayo.”—IMizekeliso 3:13-18.
12. Sifanele singenelwe njani kubulumko nokuqonda?
12 Ubulumko—hayi indlela obukhankanywa ngokufuthi ngayo kwincwadi yeMizekeliso, izihlandlo ezingama-46 xa zizonke! “Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova.” Obu bubulumko bobuthixo, obusebenzisekayo obusekelwe kulwazi lweLizwi likaThixo olunceda abantu bakhe bahambe bekhuselekile kwiinkqwithela ezivuthuzayo kweli hlabathi likaSathana. (IMizekeliso 9:10) Ukuqonda, ekuthethwa ngako izihlandlo ezili-19 kwiMizekeliso, kuncedisana nobulumko, ekusincedeni silwe namaqhinga kaSathana. Ekwenzeni amacebo akhe achuliweyo, uTshaba olukhulu luncediswa ngamawaka alo eminyaka yamava. Kodwa eyona nto enokusifundisa lukhulu ngaphezu kwamava—ukuqonda kukaThixo, ubuchule bokwahlula okulungileyo kokubi nokukhetha indlela echanileyo emasihambe ngayo. Oku koko uYehova asifundisa kona ngeLizwi lakhe.—IMizekeliso 2:10-13; Efese 6:11.
13. Yintoni enokusikhusela ngamaxesha anzima ezoqoqosho, yaye njani?
13 Umbhodamo okhoyo kwezoqoqosho kwihlabathi lanamhlanje sisandulela sokuzaliseka kwesiprofeto esikuHezekile 7:19: “Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova.” Bonke ubutyebi bokuphathekayo obukhoyo emhlabeni abunakufaniswa konke konke namandla okusindisa obulumko nokuqonda. Ngesinye isihlandlo uKumkani uSolomon olumkileyo wakha wathi: “Ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Bonwabe ngokwenene bonke abo namhlanje bahamba ngeendlela zikaYehova zovuyo baze ngobulumko bakhethe “imihla emide,” ubomi obungunaphakade obusisipho esivela kuThixo kubo bonke abo babonakalisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu!—IMizekeliso 3:16; Yohane 3:16; 17:3.
Ukuhlakulela Ubulumko Bokwenyaniso
14. UYehova ububonakalise ngaziphi iindlela ubulumko obungumzekelo?
14 Kufanelekile ukuba thina njengabantu, abadalwe ngokomfanekiselo kaThixo, sizabalazele ukuhlakulela ubulumko nokuqonda, iimpawu uYehova awazibonakalisayo xa wayesenza imisebenzi yakhe emangalisayo yendalo. “UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, walizinzisa izulu ngengqondo [“ngokuqonda,” NW].” (IMizekeliso 3:19, 20) Wenza izidalwa eziphilayo, kungekhona ngendlela ethile efihlakeleyo, engenakuchazwa yendaleko, kodwa ngokuzidala ngokungqalileyo, ngasinye ‘ngokohlobo lwaso’ yaye oko ekwenza ngenjongo yobulumko. (Genesis 1:25) Xa ekugqibeleni kwadalwa umntu enobukrelekrele nobuchule obungaphezulu lee kobezilwanyana, indlela abaduma ngayo oonyana bakaThixo abazizithunywa zezulu imele ukuba yavakala kuwo onke amazulu. (Thelekisa uYobhi 38:1, 4, 7.) Ukubona kukaYehova kusengaphambili ngokuqonda, ubulumko bakhe nothando lwakhe zibonakala ngokucacileyo kuzo zonke izinto azenzileyo emhlabeni.—INdumiso 104:24.
15. (a) Kutheni kunganele ukuhlakulela ubulumko nje kuphela? (b) IMizekeliso 3:25, 26 ifanele isibangele sibe nayiphi intembelo?
15 Asifanele siphelele nje ngokuzihlakulela iimpawu zikaYehova zobulumko nokuqonda kodwa sikwamele sibambelele kuzo ngokuqinileyo, singaze sithobe isantya kufundisiso lwethu lweLizwi lakhe. Uyasiluleka: “Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho: londoloza uzimaso [“ubulumko,” NW] nomnkqangiyelo [“nokuqonda,” NW]. Zoba bubomi emphefumlweni, nento entle emqaleni wakho.” (IMizekeliso 3:21, 22) Ngaloo ndlela sinokuhamba sinqabisekile yaye sinoxolo lwengqondo, kwanaxa imini ‘yentshabalalo eya kufika ngebhaqo’ ukuze iqhekeze ihlabathi likaSathana ifika njengesela. (1 Tesalonika 5:2, 3) Ebudeni bembandezelo enkulu, akuyi “koyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, nasithonga sabangendawo, sakufika. Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.”—IMizekeliso 3:23-26.
Ukuthanda Ukwenza Okulungileyo
16. Sisiphi isenzo esifunekayo kumaKristu ukongezelela kwinzondelelo kubulungiseleli?
16 Le mihla yeyokuba sibonise inzondelelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani ukuze zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga. Kodwa lo msebenzi wokunikela ubungqina umele uxhaswe yeminye imisebenzi yobuKristu, njengokuba ichazwa kwiMizekeliso 3:27, 28: “Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza. Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wobuya uze, ndokunika ngomso; kanti unayo.” (Thelekisa uYakobi 2:14-17.) Ekubeni inkoliso yehlabathi ithwaxwa bubuhlwempu nendlala, siye sabongozwa ngokungxamisekileyo ukuba sincede abanye abantu, ngokukodwa abazalwana bethu bokomoya. Asabele njani amaNgqina kaYehova?
17-19. (a) Yiyiphi intswelo engxamisekileyo ekwahlangatyezwana nayo ngowe-1993, yaye yaba njani intsabelo? (b) Yintoni ebonisa ukuba abazalwana bethu abasengozini ‘bayoyisa bagqithisele’?
17 Makhe sithabathe umzekelo omnye: Ebudeni bonyaka ophelileyo, kwenziwa isicelo esingxamisekileyo sokunikela uncedo kwindawo eyayisakuba yiYugoslavia. Abazalwana kumazwe angabamelwane basabela ngendlela emangalisayo. Ebudeni beenyanga zobusika obuqhaqhazelisa amazinyo obudlulileyo, sakwazi ukuthumela iilori eziliqela ukuba zingene kuloo mmandla kafayayo ukuya kunikela uncedo, zithwele iimpapasho zakutshanje, iimpahla ezifudumeleyo, ukutya namayeza okunceda loo maNgqina asweleyo. Ngesinye isihlandlo, abazalwana benza isicelo sokungenisa iitoni ezili-15 zezinto zokunceda, kodwa xa bayifumanayo imvume, yayiyeyeetoni ezingama-30! Ngokukhawuleza amaNgqina kaYehova aseOstriya athumela ezinye iilori ezintathu. Xa zizonke ziitoni ezingama-25 ezafikayo apho zazithunyelwa khona. Hayi indlela ababechwayite ngayo abazalwana bethu kukufumana la malungiselelo ayintabalala okomoya nawokwenyama!
18 Basabela njani aba babefumene uncedo? Ekuqaleni kwalo nyaka, omnye umdala wabhala wathi: “Abazalwana noodade baseSarajevo bayimiqabaqaba, yaye okona kubalulekileyo kukuba sisomelele ngokomoya ukuba siyinyamezele le mfazwe yempambano. Imeko yayinzima ngokwenene kumba wokutya. Ngamana uYehova anganisikelela aze anivuze ngemigudu eniyenzileyo ngenxa yethu. Abasemagunyeni bawahlonela ngokukhethekileyo amaNgqina kaYehova ngenxa yendlela aphila ubomi obungumzekelo ngayo nokuhlonela kwawo abasemagunyeni. Kwakhona sinombulelo ngokutya kokomoya enisizisele kona.”—Thelekisa INdumiso 145:18.
19 Kwakhona abo bazalwana basengozini baye babonisa uxabiso ngenzondelelo yabo kubulungiseleli basentsimini. Abamelwane abaninzi beza kubo bezokucela ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Kwisixeko saseTuzla, apho kwasiwa iitoni ezintlanu zokutya koncedo, abavakalisi abangama-40 banikela ingxelo yeeyure ezingama-25 emnye ngokomlinganiselo enkonzweni ngaloo nyanga, bebaxhasa kakuhle oovulindlela abasithoba kwelo bandla. Kwabakho inani eliphawulekayo kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu labantu abangama-243. Aba bazalwana bathandekayo eneneni ‘boyisa bagqithisele, ngaye owasithandayo.’—Roma 8:37.
20. Kuye kwenziwa njani ukuba kubekho “ukulingana” kuloo mazwe ayesakuba yiSoviet Union?
20 Isisa esiboniswa ngeelori ezininzi ezithwele ukutya nempahla efudumeleyo yokunikela uncedo ezithunyelwa kuloo ndawo yayisakuba yiSoviet Union naso siyalingana nenzondelelo eboniswa ngabazalwana balapho. Ngokomzekelo, eMoscow abantu abebezile eSikhumbuzweni kulo nyaka bebengama-7 549, xa bethelekiswa nabangama-3 500 kunyaka ophelileyo. Kwangeli xesha linye, amabandla kweso sixeko ande ukususela kwali-12 ukuya kwali-16. Kuwo onke amazwe ebesakuba yiSoviet Union (ngaphandle kwaMazwana eBaltic), amabandla ande nge-14 ekhulwini, abavakalisi boBukumkani ngama-25 ekhulwini, baza oovulindlela banda ngama-74 ekhulwini. Onjani wona umoya wenzondelelo nokuzincama! Usikhumbuza ngenkulungwane yokuqala xa kwakusenziwa ukuba kubekho “ukulingana.” AmaKristu awayenezinto zokomoya nezinto eziphathekayo anikela ngezipho ngesisa kulawo ayekwiindawo ezazingemanga kakuhle kangako, ngoxa inzondelelo yaba bahlelelekileyo yazisa uvuyo nokhuthazo kwabo babenikela.—2 Korinte 8:14.
Kuthiye Okubi!
21. Kukuphi ukuchasana phakathi kwezilumko nezidenge okuboniswa kumazwi okuqukumbela eMizekeliso isahluko 3?
21 Sihlabela mgama isahluko sesithathu seMizekeliso sinikela izinto ezichaseneyo, siqukumbela ngesi silumkiso: “Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, unganyuli nanye kwiindlela zayo. Kuba othi gu bucala ulisikizi kuYehova; ke lunabathe tye ucweyo lwakhe. Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; ke isithili samalungisa uyasisikelela. Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; ke abalulamileyo uyabababala. Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.”—IMizekeliso 3:29-35.
22. (a) Sinokukuphepha njani ukujongwa njengezidenge? (b) Yintoni izilumko eziyithiyileyo, ibe zihlakulela ntoni, ngawuphi umvuzo?
22 Sinokukuphepha njani ukujongwa njengezidenge? Simele sifunde ukukuthiya okubi, ewe, sikucekise oko uYehova akucekisayo—zonke iindlela zobutshinga zeli hlabathi likhohlakeleyo, linetyala legazi. (Bona kwaneMizekeliso 6:16-19.) Ngokuchasene noko, simele sihlakulele oko kulungileyo—okuthe tye, ubulungisa nolulamo—ukuze ngokuthobeka nokoyika uYehova sibufumane “ubutyebi, nozuko, nobomi.” (IMizekeliso 22:4) Lo ngumvuzo esiya kuwufumana sonke esithi ngokunyaniseka sisebenzise esi silumkiso: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke.”
Ungagqabaza Uthini?
◻ Isibhalo esingumxholo wesi sifundo sisebenza njani namhlanje?
◻ Sinokumzukisa njani uYehova?
◻ Kutheni singafanele siludele uqeqesho?
◻ Lunokufunyanwa phi olona lonwabo lukhulu?
◻ Sinokukuthanda njani ukulunga sithiye okubi?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Abo banikela ngokona kulungileyo banako kuYehova baya kusikelelwa ngokuyintabalala