IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 1/15 iphe. 10-15
  • UYehova Uyalawula—Ngolawulo Lobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Uyalawula—Ngolawulo Lobuthixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzalwa Kolawulo Lobuthixo
  • Igunya Phantsi Kolawulo Lobuthixo
  • Izenzo Nesimo Sengqondo Esichaseneyo Nolawulo Lobuthixo
  • Ukuphela Kolawulo Lobuthixo
  • Ulawulo Lobuthixo Olutsha
  • Hlala Usondele Kulawulo Lobuthixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Abalusi Kunye Nezimvu Phantsi Kolawulo Lobuthixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Icandelo 10—Ekugqibeleni Urhulumente Ogqibeleleyo!
    Vukani!—1991
  • Ukwalusa NoMdali Wethu Ozukileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 1/15 iphe. 10-15

UYehova Uyalawula—Ngolawulo Lobuthixo

“UYehova ungukumkani ngonaphakade.”—INDUMISO 146:10.

1, 2. (a) Kutheni imigudu yabantu yokulawula iye yasilela? (b) Luluphi kuphela uhlobo lorhulumente oluye lwaphumelela ngokwenene?

UKUSUSELA ngexesha likaNimrodi, abantu baye bazama iindlela ezahlukahlukeneyo zokulawula ibutho labantu. Kuye kwakho ulawulo lobuzwilakhe, ulawulo lookumkani, ulawulo lwegcudwana, neentlobo ezahlukahlukeneyo zolawulo-melo. UYehova uye wazivumela zonke. Eneneni, ekubeni uThixo engowona Mthombo uphakamileyo walo lonke igunya, ngokungathi kunjalo ubeke abalawuli abahlukahlukeneyo kwizikhundla zabo ezilinganiselweyo. (Roma 13:1) Sekunjalo, yonke imigudu yomntu yokulawula iye yasilela. Akukho mlawuli ungumntu uvelise ibutho elihlala lihleli, elizinzileyo nelisesikweni. Izihlandlo ezininzi, ‘umntu ugunyazele umntu, kwaba kubi kuye.’—INtshumayeli 8:9.

2 Ngaba oku kufanele kusimangalise? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Umntu ongafezekanga wayengenziwanga ngendlela yokuba azilawule. “Ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Kungenxa yoko, ukutyhubela imbali yabantu, lube lunye kuphela uhlobo lorhulumente oluye lwaphumelela. Luluphi olo hlobo? Lulawulo lobuthixo ngaphantsi koYehova uThixo. Ngokwentetho yeBhayibhile yesiGrike, igama elithi “ulawulo lobuthixo” lithetha ukulawulwa [kraʹtos] nguThixo [the·osʹ]. Nguwuphi omnye urhulumente olunge ngokwenene ngaphandle kokaYehova uThixo?—INdumiso 146:10.

3. Yiyiphi imizekelo yokuqala yolawulo lobuthixo eyayikho emhlabeni?

3 Ulawulo lobuthixo lwasebenza okwexeshana e-Eden, de uAdam noEva bavukela uYehova. (Genesis 3:1-6, 23) Ngexesha lika-Abraham, kwakukho ulawulo lobuthixo kwisixeko saseSalem, uMelkitsedeke engukumkani ongumbingeleli. (Genesis 14:18-20; Hebhere 7:1-3) Noko ke, ulawulo lobuthixo lokuqala lohlanga ngaphantsi kukaYehova uThixo lwasekwa kwintlango yeSinayi ngenkulungwane ye-16 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo. Lwasekwa njani? Kwaye loo rhulumente wolawulo lobuthixo wayesebenza njani?

Ukuzalwa Kolawulo Lobuthixo

4. UYehova waluseka njani uhlanga lwakwaSirayeli olulawulwa ngokobuthixo?

4 Ngowe-1513 B.C.E., uYehova wahlangula amaSirayeli ebukhobokeni baseYiputa waza watshabalalisa imikhosi kaFaro eyayiwasukela kuLwandle Olubomvu. Wandula ke wakhokelela amaSirayeli kwiNtaba yeSinayi. Xa ayemise iintente emazantsi aloo ntaba, uThixo esebenzisa uMoses wawaxelela oku: “Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum. Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke.” AmaSirayeli aphendula athi: “Konke akuthethileyo uYehova sokwenza.” (Eksodus 19:4, 5, 8) Kwenziwa umnqophiso, kwaza kwazalwa uhlanga lwakwaSirayeli olulawulwa ngokobuthixo.—Duteronomi 26:18, 19.

5. Kutheni kunokuthiwa nguYehova owayelawula kwaSirayeli?

5 Ngoko, uSirayeli wayelawulwa njani nguYehova, ongenakubonwa ngabantu? (Eksodus 33:20) Wayelawulwa nguYehova kuba imithetho nababingeleli bolo hlanga babelungiselelwe nguye. Abo babeyithobela imithetho yaye benqula ngokuvisisana namalungiselelo awayeyalelwe nguThixo babenqula uMlawuli Wobuthixo Omkhulu, uYehova. Ukongezelela, umbingeleli omkhulu wayeneUrim neTumim, uYehova uThixo awayenikela ngazo ukhokelo ngamaxesha ongxamiseko. (Eksodus 28:29, 30) Ukongezelela, amadoda amakhulu afanelekayo ayengabameli bakaYehova kolo lawulo lobuthixo yaye ayeqinisekisa ukuba uMthetho kaThixo uyasetyenziswa. Ukuba sihlolisisa ingxelo yamanye ala madoda, siya kuyiqonda kakuhle ngakumbi indlela abantu abafanele bazithobe ngayo kulawulo lukaThixo.

Igunya Phantsi Kolawulo Lobuthixo

6. Kutheni kwakulucelomngeni ukuba abantu babe negunya kulawulo lobuthixo, yaye kwakufuneka amadoda aluhlobo luni kule mbopheleleko?

6 Abo babenegunya kwaSirayeli babenelungelo elikhulu, kodwa kwakulucelomngeni kubo ukuhlala belungelelene. Babefanele balumke ukuba udumo lwabo lungaze lube yinto ebaluleke ngaphezu kokungcwaliswa kwegama likaYehova. Amazwi aphefumlelweyo athi “akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo” ayesebenza kumaSirayeli ngokufanayo nakubo bonke abanye abantu. USirayeli wayephumelela kuphela xa amadoda amakhulu ayekhumbula ukuba uSirayeli wayelawulwa ngokobuthixo yaye ngenxa yoko afanele enze ukuthanda kukaYehova, kungekhona ukuthanda kwawo. Kungekudala emva kokumiselwa kukaSirayeli, umkhwe kaMoses, uYitro, waluchaza kakuhle uhlobo lwamadoda awayefanele abe lulo, ngokuthi, “amadoda anobunkunkqele . . . , amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi.”—Eksodus 18:21.

7. UMoses awayengumzekelo omhle womntu owayenegunya ngaphantsi koYehova uThixo ngaziphi iindlela?

7 Umntu wokuqala owayenegunya eliphakamileyo kwaSirayeli yayinguMoses. Wayengumzekelo omhle womntu owayenegunya kwilungiselelo lolawulo lobuthixo. Liyinyaniso elokuba, ngesinye isihlandlo wabonakalisa ubuthathaka obukhoyo ebantwini. Noko ke, uMoses wayesoloko ekholose ngoYehova. Xa kwakuvela iimbambano ezazingekaconjululwa, wayefuna ukhokelo lukaYehova. (Thelekisa iNumeri 15:32-36.) UMoses wasixhathisa njani isilingo sokusebenzisa isikhundla sakhe esiphezulu ukwenzela uzuko lwakhe? Kaloku, nangona wayekhokela uhlanga olwalunabantu abazizigidi, ‘wayelulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.’ (Numeri 12:3) Wayengenamabhongo obuqu kodwa wayexhalabele uzuko lukaThixo. (Eksodus 32:7-14) Kwaye uMoses wayenokholo olomeleleyo. Ethetha ngaye ngaphambi kokuba abe yinkokeli yohlanga, umpostile uPawulos wathi: “Wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.” (Hebhere 11:27) Licacile elokuba, uMoses akazange alibale ukuba uYehova wayengoyena Mlawuli wokwenene wolo hlanga. (INdumiso 90:1, 2) Onjani wona ukuba mhle umzekelo kuthi namhlanje!

8. UYehova wamnika wuphi umthetho uYoshuwa, yaye kutheni oku kuphawuleka?

8 Xa kwakubonakala kunzima ukuba uMoses ongamele amaSirayeli eyedwa, uYehova wathulula umoya wakhe phezu kwamadoda amakhulu angama-70 awayeza kumncedisa ekugwebeni uhlanga. (Numeri 11:16-25) Kwiminyaka ethile kamva sixeko ngasinye sasiya kuba namadoda aso amakhulu. (Thelekisa iDuteronomi 19:12; 22:15-18; 25:7-9.) Akuba efile uMoses, uYehova wenza uYoshuwa inkokeli yohlanga. Sinokuqonda ukuba ngokufumana eli lungelo, uYoshuwa wayenokuninzi awayefanele akwenze. Sekunjalo, uYehova wamxelela ukuba kwakukho nto ithile awayengamele ayilibale: “Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo [“uyifunde,” NW] imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo.” (Yoshuwa 1:8) Phawula ukuba nangona uYoshuwa wayekhonze ngaphezu kweminyaka engama-40, kwakufuneka aqhubeke efunda uMthetho. Nathi kufuneka siyifundisise iBhayibhile size sizikhumbuze ngemithetho nangemigaqo kaYehova—kungakhathaliseki ukuba besikhonza ixesha elide kangakanani na okanye sinamalungelo amaninzi kangakanani na.—INdumiso 119:111, 112.

9. Kwenzeka ntoni kwaSirayeli ngexesha labagwebi?

9 Emva koYoshuwa kwalandela uthotho lwabagwebi. Okubuhlungu kukuba, ebudeni bexesha labo izihlandlo eziliqela amaSirayeli ‘enza ububi emehlweni kaYehova.’ (ABagwebi 2:11) Ngokuphathelele ixesha labagwebi, ingxelo ithi: “Ngaloo mihla kwakungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza ngokubona kwakhe.” (ABagwebi 21:25) Elowo wayezenzela ezakhe izigqibo ngendlela yokuziphatha neyokunqula, yaye imbali ibonisa ukuba amaSirayeli amaninzi enza izigqibo ezibi. Awela kunqulo lwezithixo ibe maxa wambi ayesenza izenzo zolwaphulo-mthetho ezimanyumnyezi. (ABagwebi 19:25-30) Noko ke, wambi abonakalisa ukholo olungumzekelo.—Hebhere 11:32-38.

10. Urhulumente waguquka njani ngokuphawulekayo kwaSirayeli ngexesha likaSamuweli, yaye yintoni eyakhokelela koku?

10 Ngexesha lokuphila komgwebi wokugqibela, uSamuweli, uSirayeli wafikelwa lithuba lamanqam ngokuphathelele urhulumente. Ephenjelelwa ziintlanga eziziintshaba ezaziwangqongile, zonke ezazilawulwa ngookumkani, amaSirayeli abona kufanelekile ukuba nawo abe nokumkani. Alibala ukuba ayenaye kakade uKumkani, nokuba urhulumente wawo wawululawulo lobuthixo. UYehova wamxelela oku uSamuweli: ‘Asinguwe abamgibileyo, bagibe mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.’ (1 Samuweli 8:7) Umzekelo wawo usikhumbuza indlela ekulula ngayo ukuphulukana nembono yethu yokomoya size siphenjelelwe lihlabathi elisingqongileyo.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 2:14-16.

11. (a) Phezu kwako nje ukuguquka korhulumente, kutheni kunokuthiwa uSirayeli waqhubeka elawulwa ngokobuthixo ngaphantsi kookumkani? (b) Nguwuphi umthetho uYehova awawunika ookumkani bakwaSirayeli, yaye ngayiphi injongo?

11 Sekunjalo, uYehova wasivuma isicelo samaSirayeli waza wanyula ookumkani bawo ababini bokuqala, uSawule noDavide. USirayeli waqhubeka elawulwa ngokobuthixo, elawulwa nguYehova. Ukuze ookumkani ababelawula bakukhumbule oku, ngamnye kubo wayebophelelekile ukuba azenzele umbhalo wakhe woMthetho aze awufunde imihla ngemihla, ‘ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze; ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe.’ (Duteronomi 17:19, 20) Ewe, uYehova wayefuna ukuba abo babenegunya kulawulo lwakhe lobuthixo bangaziphakamisi yaye wayefuna ukuba izenzo zabo zibonakalise ukuba bathobela uMthetho wakhe.

12. UKumkani uDavide wazingqina njani ethembekile?

12 UKumkani uDavide wayenokholo olubalaseleyo kuYehova, yaye uThixo wenza umnqophiso wokuba wayeya kuvelisa umnombo wookumkani owawuya kuhlala ngonaphakade. (2 Samuweli 7:16; 1 Kumkani 9:5; INdumiso 89:29) Indlela uDavide awayethobeke ngayo kuYehova yayifanele ukuxeliswa. Wathi: “Yehova, uvuyile ngamandla akho ukumkani, asikuko nokuba uyagcoba ngosindiso lwakho!” (INdumiso 21:1) Nangona maxa wambi uDavide wayesenza iimpazamo ngenxa yobuthathaka benyama, ngokuqhelekileyo wayethembela ngamandla kaYehova, engathembeli ngawakhe.

Izenzo Nesimo Sengqondo Esichaseneyo Nolawulo Lobuthixo

13, 14. Ziziphi ezinye zezenzo ezichaseneyo nolawulo lobuthixo ezenziwa ngamalandela kaDavide?

13 Asizizo zonke iinkokeli zakwaSirayeli ezazifana noMoses noDavide. Ezininzi zabonakalisa ukungalihloneli ngokugqithisileyo ilungiselelo lolawulo lobuthixo, zavumela unqulo lobuxoki kwaSirayeli. Kwanabanye abalawuli abathembekileyo ngezinye izihlandlo babesenza izinto ngokuchaseneyo nolawulo lobuthixo. Owona mzekelo ubuhlungu yimeko kaSolomon, owayenikwe ubulumko nempumelelo engathethekiyo. (1 Kumkani 4:25, 29) Kodwa, engathobeli umthetho kaYehova, watshata abafazi abaninzi waza wavumela unqulo lwezithixo kwaSirayeli. Kuyabonakala ukuba, ulawulo lukaSolomon kwiminyaka yakhe yokugqibela lwalucinezela.—Duteronomi 17:14-17; 1 Kumkani 11:1-8; 12:4.

14 Abantu babefuna ukuba unyana kaSolomon uRehabheham ayenze lula idyokhwe yabalawulwa bakhe. Kunokuba aqhubane nale meko ngolwazelelelo, wasebenzisa igunya lakhe ngokungenalusini—waza waphulukana nezizwe ezili-10 kwezili-12. (2 Kronike 10:4-17) Ukumkani wokuqala kubukumkani obuqhekekileyo bezizwe ezilishumi yayinguYarobheham. Ezama ukuqinisekisa ukuba ubukumkani bakhe babungayi kuphinda budibane nobezizwe ezibini, wamisela unqulo lwethole. Ngokwezobupolitika oku kusenokuba kwabonakala kulinyathelo lobulumko, kodwa kwabonisa ukungaluhloneli ngokuphandle ulawulo lobuthixo. (1 Kumkani 12:26-30) Kamva, ngasekupheleni kobomi obude bokukhonza ngokuthembeka, uKumkani uAsa wavumela ikratshi lonakalisa udumo lwakhe. Wamphatha kakubi umprofeti owayezise kuye isiluleko esivela kuYehova. (2 Kronike 16:7-11) Ewe, maxa wambi kwanamagqala kufuneka alulekwe.

Ukuphela Kolawulo Lobuthixo

15. Xa uYesu wayesemhlabeni, iinkokeli zamaYuda zasilela njani njengabasemagunyeni kulawulo lobuthixo?

15 Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, uSirayeli wayesephantsi kolawulo lobuthixo. Noko ke, okubuhlungu kukuba, amadoda amakhulu amaninzi awayeneembopheleleko kolo hlanga ayengatyekelanga kwizinto zokomoya. Ngokuqinisekileyo akazange akuhlakulele ukululama okwabonakaliswa nguMoses. UYesu wathetha ngokunganyaniseki kwawo kwizinto zokomoya xa wathi: “Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses. Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.”—Mateyu 23:2, 3.

16. Iinkokeli zamaYuda zenkulungwane yokuqala zabonisa njani ukuba zazingaluhloneli ulawulo lobuthixo?

16 Emva kokunikela ngoYesu kuPontiyo Pilato, iinkokeli zamaYuda zabonisa indlela ezaziphambuke ngayo ekuzithobeni kulawulo lobuthixo. UPilato wamncina uYesu waza wagqiba kwelokuba wayengenatyala. Ngoxa wayesizisa uYesu kumaYuda, uPilato wathi: “Nanko uKumkani wenu!” Xa amaYuda ayenkqangaza efuna ukuba uYesu abulawe, uPilato wabuza: “Ndimbethelele . . . na uKumkani wenu?” Ababingeleli abakhulu baphendula bathi: “Thina asinakumkani ungenguye uKesare.” (Yohane 19:14, 15) Bamkela uKesare njengokumkani, kungekhona uYesu, ‘oweza egameni likaYehova’!—Mateyu 21:9.

17. Yintoni eyabangela amaSirayeli okwenyama ayeka ukuba luhlanga olulawulwa ngokobuthixo?

17 Ngokungamamkeli uYesu, amaYuda aluchasa ulawulo lobuthixo, kuba wayeza kuba ngoyena ubalulekileyo kumalungiselelo ekamva olawulo lobuthixo. UYesu wayengunyana wasebukhosini kaDavide owayeza kulawula ngonaphakade. (Isaya 9:6, 7; Luka 1:33; 3:23, 31) Ngaloo ndlela, uSirayeli wokwenyama wayeka ukuba luhlanga lukaThixo olunyuliweyo.—Roma 9:31-33.

Ulawulo Lobuthixo Olutsha

18. Luluphi ulawulo lobuthixo olutsha olwaqalisa ngenkulungwane yokuqala? Cacisa.

18 Noko ke, ukulahla kukaThixo uSirayeli wokwenyama kwakungathethi ukuphela kolawulo lobuthixo emhlabeni. Esebenzisa uYesu Kristu, uYehova waseka ulawulo lobuthixo olutsha. Olo lawulo lobuthixo yayilibandla lamaKristu athanjisiweyo, eneneni elaliluhlanga olutsha. (1 Petros 2:9) Umpostile uPawulos walubiza ngokuthi “ngamaSirayeli kaThixo,” yaye ekugqibeleni amalungu alo ayephuma “kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga.” (Galati 6:16; ISityhilelo 5:9, 10) Nangona ayezithoba koorhulumente babantu awayephila phantsi kwabo, eneneni amalungu olu lawulo lobuthixo lutsha ayelawulwa nguThixo. (1 Petros 2:13, 14, 17) Kungekudala emva kokuzalwa kolawulo lobuthixo olutsha, abalawuli boSirayeli wokwenyama bazama ukunyanzela abafundi abathile ukuba bayeke ukuthobela umyalelo ababewunikwe nguYesu. Basabela njani? “Simelwe kukuthi sive uThixo [njengomlawuli, NW] kunokuba sive abantu.” (IZenzo 5:29) Leyo yimbono yokuthobela ulawulo lobuthixo ngokwenene!

19. Ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala kwakunokutshiwo njani ukuba lilawulwa ngokobuthixo?

19 Noko ke, olu lawulo lobuthixo lutsha lwalusebenza njani? Kaloku, kwakukho uKumkani, uYesu Kristu, owayemela uMlawuli Wobuthixo Omkhulu, uYehova uThixo. (Kolose 1:13) Nangona lo Kumkani wayengabonakali esemazulwini, ulawulo lwakhe lwalulolokwenene kubalawulwa bakhe, ibe ubomi babo babulawulwa ngamazwi akhe. Ngokuphathelele ukonganyelwa ngabantu, kwamiselwa amadoda amakhulu afanelekayo ngokomoya. EYerusalem iqela lamadoda anjalo lalisebenza njengequmrhu elilawulayo. Kwakukho abadala abahambahambayo ababemela elo qumrhu, njengoPawulos, uTimoti noTito. Kwaye bandla ngalinye lalinyanyekelwa liqumrhu lamadoda amakhulu, okanye abadala. (Tito 1:5) Xa kwakuvela ingxaki enzima, abadala babebuza kwiqumrhu elilawulayo okanye komnye wabameli balo, njengoPawulos. (Thelekisa IZenzo 15:2; 1 Korinte 7:1; 8:1; 12:1.) Ngokubhekele phaya, lungu ngalinye lebandla lalinendima ekuxhaseni ulawulo lobuthixo. Ngalinye lalinembopheleleko phambi koYehova yokusebenzisa imigaqo yeZibhalo ebomini balo.—Roma 14:4, 12.

20. Kunokuthiwani ngolawulo lobuthixo ngamaxesha asemva kwabapostile?

20 UPawulos walumkisa ngelithi emva kokufa kwabapostile, kwakuya kubakho uwexuko, ibe lwabakho ngokwenene. (2 Tesalonika 2:3) Njengoko ixesha lalihamba, inani labo babezibanga bengamaKristu lafikelela kwizigidi laza lantinga laya kutsho kumakhulu ezigidi. Bavelisa iintlobo ezahlukahlukeneyo zorhulumente wecawa, njengolawulo lweenkokeli ezikwizikhundla ezishiyanayo, iqumrhu labadala becawa, okanye abalawuli kwicawa yasekuhlaleni. Noko ke, ihambo kunye neenkolelo zezi cawa azizange zibonakalise ukuba zilawulwa nguYehova. Zazingekho phantsi kolawulo lobuthixo!

21, 22. (a) UYehova ulubuyisele njani ulawulo lobuthixo ebudeni beli xesha lesiphelo? (b) Yiyiphi imibuzo engolawulo lobuthixo eza kuphendulwa ngokulandelayo?

21 Ebudeni bexesha lesiphelo sale nkqubo yezinto, kwakuza kwahlulwa amaKristu okwenyaniso kumaKristu obuxoki. (Mateyu 13:37-43) Oku kwenzeka ngowe-1919, unyaka obaluleke gqitha kwimbali yolawulo lobuthixo. Ngelo xesha isiprofeto esizukileyo esikuIsaya 66:8 sazaliseka: “Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamininye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na?” Impendulo yale mibuzo yayinguewe ongathandabuzekiyo! Ngowe-1919 kwaphinda kwabakho ibandla lamaKristu ‘eliluhlanga’ olwahlukileyo. Ngokwenene kwazalwa “ilizwe” elilawulwa ngokobuthixo ngamininye! Njengoko ixesha lesiphelo lalihambela phambili, ulungelelwaniso lolu hlanga lutsha lwahlengahlengiswa ukuze lusebenze ngokufanayo kangangoko kunokwenzeka nolo lwenkulungwane yokuqala. (Isaya 60:17) Kodwa belusoloko lulawulwa ngokobuthixo. Ngokokuziphatha nangokweenkolelo, belusoloko lubonakalisa imithetho nemigaqo ephefumlelwe nguThixo eseZibhalweni. Ibe belusoloko luzithoba kuKumkani obekwe etroneni, uYesu Kristu.—INdumiso 45:17; 72:1, 2.

22 Ngaba unxulumene nolu lawulo lobuthixo? Ngaba unegunya elithile kulo? Ukuba kunjalo, ngaba uyazi ukuba kuthetha ukuthini ukwenza izinto ngokuvisisana nolawulo lobuthixo? Ngaba uyayazi imigibe ofanele uyiphephe? Imibuzo emibini yokugqibela iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

Ngaba Ungacacisa?

◻ Luyintoni ulawulo lobuthixo?

◻ USirayeli wayelawulwa ngokobuthixo ngayiphi indlela?

◻ Liliphi ilungiselelo uYehova awalenzayo ukukhumbuza ookumkani ukuba uSirayeli wayelawulwa ngokobuthixo?

◻ Ibandla lamaKristu lalilawulwa ngokobuthixo njani, yaye lalilungelelaniswe njani?

◻ Luluphi ulawulo lobuthixo olumiselweyo kulo mhla wethu?

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Phambi koPontiyo Pilato, abalawuli bamaYuda bamkela uKesare kuno-kwamkela uKumkani kaYehova omiselwe ngolawulo lobuthixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share