Nangona Senziwe Ngothuli, Masityhalele Phambili!
“Uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.”—INDUMISO 103:14.
1. Ngaba ngokwenzululwazi iBhayibhile ichanile ngokuthi abantu benziwe ngothuli? Cacisa.
NGOKOQOBO, thina siluthuli. “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” (Genesis 2:7) Le ndlela ilula yokuchaza ukudalwa komntu iyavisisana nenyaniso yenzululwazi. Zonke izinto ezibumba umzimba womntu ziyafumaneka ‘eluthulini lwasemhlabeni.’ Esinye isazi ngemichiza sakha sathi ama-65 ekhulwini omzimba womntu omdala yioksijen, i-18 ekhulwini yikhabhon, i-10 ekhulwini yihydrogen, isi-3 ekhulwini yinitrojen, isi-1,5 ekhulwini yikhalsiyam, nephosphorus esisi-1 ekhulwini, ize enye inxalenye yomzimba ibunjwe zezinye izinto. Akubalulekanga enoba olu qikelelo luchane ngokuphele-leyo okanye akunjalo. Inyaniso yile: “Siluthuli”!
2. Indlela uThixo awabadala ngayo abantu ikwenza uvakalelwe njani, yaye ngoba?
2 Ngubani, ngaphandle koYehova, obenokudala izidalwa ezintsonkothe ngolu hlobo esebenzisa uthuli kuphela? Imisebenzi kaThixo igqibelele yaye ayinasiphako, ngoko ukukhetha kwakhe ukuba umntu amdale ngale ndlela ngokuqinisekileyo akufanele kukhalazise. Eneneni, isibakala sokuba uMdali Ozukileyo wakwazi ukudala umntu ngendlela eyoyikekayo nemangalisayo esebenzisa uthuli lwasemhlabeni sikhulisa uxabiso lwethu ngamandla, ubuchule nobulumko Bakhe obungasikelwanga mda.—Duteronomi 32:4, umbhalo osemazantsi kwiNW; INdumiso 139:14.
Ukuguquka Kweemeko
3, 4. (a) Ngokudala abantu ngothuli, yintoni awayengenanjongo yayo uThixo? (b) Wayebhekisela kwintoni uDavide kwiNdumiso 103:14, yaye umongo usinceda njani sifikelele kwesi sigqibo?
3 Izidalwa ezenziwe ngothuli zisikelwe umda. Noko ke, uThixo wayengenanjongo yokuba oko kube ngumthwalo okanye kucinezele ngokugqithisileyo. Oko kusikelwa umda kwakungenzelwanga ukuba kudimaze okanye kubangele ukungonwabi. Sekunjalo, njengoko umongo wamazwi kaDavide kwiNdumiso 103:14 ubonisa, ukusikelwa umda kwabantu kunokudimaza kuze kubangele ukungonwabi. Ngoba? Xa uAdam noEva bengazange bamthobele uThixo, benza ukuba imeko iguquke kwintsapho ababeya kuba nayo. Ngoko ukwenziwa ngothuli kwaba nentsingiselo eyahlukileyo.a
4 UDavide, wayengathethi ngokusikelwa umda ababeya kuba nako nabantu abafezekileyo abenziwe ngothuli, kodwa wayethetha ngobuthathaka babantu obubangelwe kukungafezeki abakuzuz’ ilifa. Kungenjalo ngewayengazange athi ngoYehova: ‘Uloxolela bonke ubugwenxa bakho; ulophilisa zonke izifo zakho; ulokhulula ubomi bakho esihogweni, ongenzi kuthi ngokwezono zethu, ongasiphathi ngokobugwenxa bethu.’ (INdumiso 103:2-4, 10) Nangona babenziwe ngothuli, ukuba abantu ababefezekile babehleli bethembekile, ngebabengazange bone, nto leyo eyayiya kubangela bafune ukuxolelwa; yaye ngebabengazange babe nezifo ezifuna ukunyangwa. Ngaphezu koko, ngekwakungazange kufuneke behle baye engcwabeni ababenokuphuma kulo kuphela ngovuko.
5. Kutheni kungenzima ngathi ukuqonda amazwi kaDavide?
5 Ngenxa yokuba singafezekanga, sonke siyazazi izinto uDavide awathetha ngazo. Ngamaxesha onke siyakubona ukusikelwa kwethu umda ngenxa yokungafezeki. Siba buhlungu xa maxa wambi kubonakala kuphazamisa ulwalamano lwethu noYehova okanye nabazalwana bethu abangamaKristu. Sibuhlungu ngenxa yokuba ukungafezeki kwethu neengcinezelo zehlabathi likaSathana ngamathuba athile zisibangela siphelelwe lithemba. Ekubeni ulawulo lukaSathana luza kuphela kungekudala, ihlabathi lakhe libacinezela ngakumbi bonke abantu ngokukodwa amaKristu.—ISityhilelo 12:12.
6. Kutheni amanye amaKristu esenokuziva edimazekile, yaye uSathana usenokuyisebenzisa njani le ndlela avakalelwa ngayo?
6 Ngaba uvakalelwa kukuba ukuphila njengomKristu kuya kusiba nzima ngakumbi? Kuvakala ukuba amanye amaKristu athi okukhona esenyanisweni ixesha elide kokukhona ebonakala engafezekanga. Noko ke, kunokwenzeka ukuba kuphela nje akuqonda ngakumbi ukungafezeki kwawo nokungayifikeleli kwawo imilinganiselo kaYehova efezekileyo ngendlela wona ebengathanda ngayo. Noko ke, eneneni le yinto esenokwenzeka ngenxa yokuqhubeka ukhula elwazini nasekuqondeni iimfuneko zikaYehova zobulungisa. Kubalulekile ukuba singaze sivumele nantoni na enjalo isidimaze ukusa kwinqanaba lokuba sibe ngamaxhoba kaMtyholi. Ukutyhubela iinkulungwane izihlandlo ezininzi ebesebenzisa ukudimazeka ukuze enze abakhonzi bakaYehova balushiye unqulo lokwenyaniso. Noko ke, uthando lokwenyaniso ngoThixo, ‘nentiyo ephelelisileyo’ ngoMtyholi, iye yayikhusela inkoliso yabo ekwenzeni oko.—INdumiso 139:21, 22; IMizekeliso 27:11.
7. Yiyiphi inkalo maxa wambi esinokufana noYobhi kuyo?
7 Sekunjalo, ngamaxesha athile abakhonzi bakaYehova basenokuziva bedimazekile. Kusekwanokubangelwa kukunganeliseki koko sikwenzayo. Kusenokuba kubandakanyeke oothunywashe bokwenyama okanye ukuphazamiseka kolwalamano namalungu entsapho, abahlobo, okanye abo sisebenza nabo. UYobhi owayethembekile wadimazeka gqitha kangangokuba wakhunga kuThixo wathi: “Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, undisithelise ude ubuye umsindo wakho; undimisele umda, undikhumbule ke!” Ngoko, ukuba iimeko ezinzima zazinokwenza uYobhi, “indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini,” adimazeke ngolo hlobo, akumangalisi ke ngoko ukuba kunokwenzeka okufanayo nakuthi.—Yobhi 1:8, 13-19; 2:7-9, 11-13; 14:13.
8. Kutheni ukudimazeka ngezihlandlo ezithile kunokuba ngumqondiso olungileyo?
8 Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba uYehova ukhangela iintliziyo yaye akazisingeli phantsi iintshukumisa ezilungileyo! Akasayi kuze abalahle abo bazabalazela ukumkholisa benyaniseke ngokupheleleyo. Enyanisweni, ukudimazeka ngamaxesha athile kusenokuba ngumqondiso olungileyo, obonisa ukuba inkonzo yethu kuYehova asiyigqali njengento engabalulekanga. Xa ukudimazeka sikujonga ngale ndlela, lowo ungaze alwisane nokudimazeka usenokuba ngokomoya akabuphaphelanga ubuthathaka bakhe njengokuba abanye benjalo ngobabo. Khumbula: “Lowo uba umi, makalumke angawi.”—1 Korinte 10:12; 1 Samuweli 16:7; 1 Kumkani 8:39; 1 Kronike 28:9.
Nabo Babenziwe Ngothuli
9, 10. (a) Lukholo loobani amaKristu enza kakuhle ukuluxelisa? (b) UMoses wasabela njani kwisabelo sakhe?
9 Kwisahluko 11 kumaHebhere kukho uluhlu lwamangqina kaYehova awayephila kumaxesha angaphambi kobuKristu awayenokholo olomeleleyo. AmaKristu enkulungwane yokuqala nalawo amaxesha anamhlanje aye alandela ekhondweni lawo. Izifundo ezinokufundwa kuwo zixabiseke kunene. (Thelekisa amaHebhere 13:7.) Ngokomzekelo, ngaba bekungebi kuhle ngamaKristu ukuxelisa ukholo lukaMoses? Wathunywa ukuba avakalise izigidimi zomgwebo koyena mlawuli wehlabathi wayenamandla wexesha lakhe, uFaro waseYiputa. Namhlanje, amaNgqina kaYehova amele avakalise izigidimi zomgwebo ezifanayo kunqulo lobuxoki nezinye iintlangano ezichaseneyo noBukumkani bukaKristu obumiselweyo.—ISityhilelo 16:1-15.
10 Ukuphumeza olu thumo akuyondlwan’ iyanetha, njengoko uMoses wabonisayo. Wabuza wathi: “Ndingubani na ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?” Sinokuyiqonda indlela awayeziva engafanelekanga ngayo. Kwakhona wayexhalabele indlela amanye amaSirayeli awayeya kusabela ngayo: “Abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam.” Wandula ke uYehova wamchazela indlela awayenokungqina ngayo ukuba unikwe igunya, kodwa uMoses wayenenye ingxaki. Wathi: “Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.”—Eksodus 3:11; 4:1, 10.
11. NjengoMoses, sisenokusabela njani kwiimbopheleleko zobuthixo, kodwa ngokubonisa ukholo, sinokuqiniseka ngantoni?
11 Ngezihlandlo ezithile, sisenokuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uMoses. Nangona siziqonda iimbopheleleko zethu zobuthixo, sisenokungayazi indlela esiya kuzizalisekisa ngayo. ‘Bendingubani mna ukuba ndingaya ebantwini, abanye abakwizikhundla eziphezulu ekuhlaleni, kwezoqoqosho, okanye kwezemfundo, ndize ndizimisele ukubafundisa ngeendlela zikaThixo? Baya kusabela njani abazalwana bam bokomoya xa ndigqabaza kwiintlanganiso zamaKristu okanye ndinikela iintetho eqongeni kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? Ngaba abayi kukubona ukusikelw’ umda kwam?’ Kodwa khumbula, uYehova waba noMoses yaye wamxhobisela ukuphumeza isabelo sakhe kuba uMoses wayenokholo. (Eksodus 3:12; 4:2-5, 11, 12) Ukuba sixelisa ukholo lukaMoses, uYehova uya kuba nathi aze asixhobisele ukuwuphumeza kakuhle umsebenzi wethu.
12. Ukholo lukaDavide lunokusikhuthaza njani xa sidimazekile ngenxa yezono okanye iintsilelo?
12 Nabani na oziva enxunguphele okanye edimazekile ngenxa yezono okanye iintsilelo ngokuqinisekileyo unokuvumelana noDavide xa wathi: “Ndiyalwazi mna ukreqo lwam, nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.” Ekhunga kuYehova, kwakhona uDavide wathi: “Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, ubucime bonke ubugwenxa bam.” Noko ke, akazange avumele ukudimazeka kuphelise umnqweno wakhe wokukhonza uYehova. “Musa ukundilahla ebusweni bakho, uMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.” Ngokucacileyo uDavide ‘wayeluthuli,’ kodwa uYehova akazange amlahle, kuba uDavide wayenokholo kumadinga kaYehova okuba wayengayi kuyilahla “intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo.”—INdumiso 38:1-9; 51:3, 9, 11, 17.
13, 14. (a) Kutheni singafanele sibe ngabalandeli babantu? (b) Umzekelo kaPawulos noPetros ubonisa njani ukuba nabo babenziwe ngothuli?
13 Noko ke, phawula ukuba nangona eli ‘lifu lingakanana elisingqongileyo lamangqina’ sifanele silijonge njengomthombo wokhuthazo ‘wokubaleka ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu,’ asixelelwa ukuba sibe ngabalandeli balo. Sixelelwa ukuba silandele emanyathelweni ‘eMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu,’ kungekhona kwawabantu abangafezekanga—kungekhona nawabapostile ababethembekile benkulungwane yokuqala.—Hebhere 12:1, 2; 1 Petros 2:21.
14 Umpostile uPawulos noPetros, iintsika kwibandla lamaKristu, maxa wambi babesenza iimpazamo. UPawulos wabhala: “Okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza. Athi ke mna, mntu uludwayi!” (Roma 7:19, 24) Yaye uPetros ezithembe gqitha waxelela uYesu oku: “Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.” Xa uYesu walumkisa uPetros esithi wayeya kumkhanyela izihlandlo ezithathu, ngokuzikhukhumalisa uPetros wayiphikisa iNkosi yakhe, ezigwagwisa esithi: “Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele.” Kodwa wamkhanyela uYesu, impazamo eyamenza walila ngokukrakra. Ewe, uPawulos noPetros babenziwe ngothuli.—Mateyu 26:33-35.
15. Phezu kwaso nje isibakala sokuba senziwe ngothuli, yintoni esikhuthaza ukuba sityhalele phambili?
15 Noko ke, phezu kwabo nje ubuthathaka babo, uMoses, uDavide, uPawulos, uPetros nabanye abanjengabo boyisa. Sasiyintoni isizathu? Ngenxa yokuba babenokholo olomeleleyo kuYehova, babekholose ngaye ngokupheleleyo, yaye banamathela kuye phezu kwabo nje ubunzima. Babethembele ngaye ukuba abanike “incamisa yamandla.” Yaye wabanika, akazange abayekele bawe bangabi nakuphakama. Ukuba siyaqhubeka sibonisa ukholo, sinokuqiniseka ukuba xa kuphunyezwa umgwebo kuthi, uya kuvisisana nala mazwi: “Akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe.” Hayi indlela oku okusikhuthaza ngayo ukuba sityhalele phambili phezu kwaso nje isibakala sokuba senziwe ngothuli!—2 Korinte 4:7; Hebhere 6:10.
Ukwenziwa Ngothuli Kuthetha Ntoni Kuye Ngamnye Wethu?
16, 17. Kumbandela wokugweba, uYehova uwusebenzisa njani umgaqo ochazwe kumaGalati 6:4?
16 Ngenxa yamava abazali nabafundisi-ntsapho abaninzi bayaqonda ukuba kububulumko ukugweba umntwana ngamnye ngokwamandla akhe, kungekhona ngokumthelekisa nabantakwabo okanye nabanye afunda nabo. Oku kuvisisana nomgaqo weBhayibhile amaKristu ayalelwa ukuba awulandele: “Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye.”—Galati 6:4.
17 Ngokuvisisana nalo mgaqo, nangona uYehova eqhubana nabantu bakhe njengeqela elilungelelanisiweyo, ubagweba ngokwabantu ngabanye. AmaRoma 14:12 athi: “Elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.” UYehova uyazi kakuhle imizila yemfuza yomkhonzi wakhe ngamnye. Uyayazi indlela abenziwe ngayo emzimbeni nasengqondweni, ubuchule babo, amandla nobuthathaka babo ababuzuz’ ilifa, amathuba abanawo, nomgudu abawenzayo ukuze basebenzise la mathuba ekuveliseni isiqhamo sobuKristu. Oko kwathethwa nguYesu ngomhlolokazi owaphosa iimalana ezimbini ezincinane kumkhumbi wokulondoloza imali etempileni nakumzekeliso wakhe wembewu eyatyalwa emhlabeni olungileyo yimizekelo ekhuthazayo kumaKristu asenokuziva edandathekile ngenxa yokuba ngokungenabulumko eye azithelekisa namanye.—Marko 4:20; 12:42-44.
18. (a) Kutheni sifanele siqonde ukuba ukwenziwa ngothuli kuthetha ntoni kuthi ngokwabantu ngabanye? (b) Kutheni ukuzihlolisisa ngokuphandle kungafanele kusenze siphelelwe lithemba?
18 Kubalulekile ukuba siqonde ukuba ukwenziwa ngothuli kuthetha ntoni kwimeko yethu ngokobuqu ukuze sikhonze kangangoko sinako. (IMizekeliso 10:4; 12:24; 18:9; Roma 12:1) Sinokuhlala siyibona imfuneko namathuba okuphucula kuphela xa siziphaphele iintsilelo nobuthathaka bethu bobuqu. Xa sizihlolisisa, masingaze siwalibale amandla omoya oyingcwele ekusincedeni siphucule. Kwasetyenziswa wona, ekudaleni indalo iphela, ekubhaleni iBhayibhile, yaye, kweli hlabathi lifayo, kuveliswe ibutho elinoxolo lehlabathi elitsha. Ngoko umoya oyingcwele kaThixo ngokuqinisekileyo unamandla ngokwaneleyo okunika abo bamcelayo ubulumko namandla ayimfuneko ukuze bagcine ingqibelelo.—Mika 3:8; Roma 15:13; Efese 3:16.
19. Isibakala sokuba senziwe ngothuli asisithetheleli kwintoni?
19 Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova uyakhumbula ukuba siluthuli! Noko ke, singaze siqiqe ngelithi esi sisizathu esivakalayo sokuyekelela umxakatho okanye mhlawumbi sokwenza okubi. Akunjalo konke konke! Isibakala sokuba uYehova ekhumbula ukuba siluthuli sibonisa ubabalo lwakhe. Kodwa asifuni ukuba ngabantu “abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, . . . iNkosi yethu uYesu Kristu.” (Yuda 4) Ukwenziwa kwethu ngothuli akukuthetheleli ukungahloneli Thixo. UmKristu uzabalazela ukulwa notyekelo olubi, ewuqoba umzimba wakhe yaye ewuxinzelela phantsi, ukuze aphephe “ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo.”—Efese 4:30; 1 Korinte 9:27.
20. (a) Ziziphi iinkalo ezimbini ‘esinokuninzi esinokukwenza emsebenzini weNkosi’ kuzo? (b) Kutheni sinesizathu sokuba nethemba?
20 Ngoku, ebudeni bale minyaka yokugqibela yenkqubo yehlabathi likaSathana, asiloxesha lokuthoba isantya—ekushumayeleni ngoBukumkani nasekuveliseni ngokupheleleyo isiqhamo somoya kaThixo. Kuzo zombini ezi nkalo ‘sinokuninzi esinokukwenza.’ Eli lixesha lokuba sityhalele phambili kuba sisazi ukuba ‘ukubulaleka kwethu akulambathi.’ (1 Korinte 15:58, NW) UYehova uya kusizimasa, kuba uDavide wathi ngaye: “Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.” (INdumiso 55:22) Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukwazi ukuba uYehova uyasivumela ngokobuqu sibe nesabelo kowona msebenzi uzukileyo izidalwa ezingafezekanga ezingabantu zakha zabelwa ukuwenza—yaye esenjenjalo nangona senziwe ngothuli!
[Umbhalo osemazantsi]
a Incwadi egqabaza ngeBhayibhile iHerders Bibelkommentar, igqabaza ngeNdumiso 103:14, ithi: “Wazi kakuhle ukuba abantu wabadala ngothuli lwasemhlabeni, yaye uyabazi ubuthathaka nendlela obufutshane ngayo ubomi babo, nto leyo ebakhathaza ngokwenene ngokukodwa ukususela kwisono sokuqala.”—Akekeliswe sithi.
Ngaba Ungacacisa?
◻ IGenesis 2:7 yahluke njani kwiNdumiso 103:14 ekuchazeni abantu njengabenziwe ngothuli?
◻ Kutheni isahluko 11 kumaHebhere singumthombo wokhuthazo kumaKristu namhlanje?
◻ Kutheni siya kuba senza ngobulumko ukusebenzisa umgaqo okumaGalati 6:4?
◻ AmaHebhere 6:10 neyoku-1 kwabaseKorinte 15:58 zinokunceda njani ekupheliseni ukudimazeka?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
AmaKristu axelisa ukholo lwabanye abanquli, kodwa alandela uMgqibelelisi wokholo lwawo, uYesu