Ngaba Uyaxolela Njengokuba UYehova Esenza?
“Xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.”—MATEYU 6:14, 15.
1, 2. Sifuna uThixo onjani, yaye ngoba?
“UNEMFESANE enobabalo uYehova, uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. Akaphiki kuphele, akawugcini umsindo ngonaphakade. Akenzi kuthi ngokwezono zethu, akasiphathi ngokobugwenxa bethu; ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo; kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu; kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana, ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo. Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.”—INdumiso 103:8-14.
2 Ekubeni sakhawulelwa esonweni saza sazalelwa ebugwenxeni, sinokungafezeki esakuzuza ilifa okusoloko kuzama ukusikhokelela ekubeni ngamakhoboka omthetho wesono, simfuna ngokwenene uThixo ‘okhumbulayo ukuba siluthuli.’ Kwiminyaka engamakhulu amathathu emva kokuba uDavide wamchaza kakuhle kangako uYehova kwiNdumiso ye-103, omnye umbhali weBhayibhile, uMika, waphakamisa lo Thixo ukwamnye ngendlela ekwafanayo ngenxa yokuxolela kwakhe izono ezenziweyo: “Nguwuphi na uthixo onokufaniswa nawe: ozisusayo iziphoso, axolele ulwaphulo-mthetho, ongawufukami ngonaphakade umsindo kodwa okuvuyelayo ukubonisa inceba? Khawuphinde ube novelwano kuthi, uzinyashe iziphoso zethu, uzilahlele enzulwini yolwandle zonke izono zethu.”—Mika 7:18, 19, The Jerusalem Bible.
3. Kuthetha ukuthini ukuxolela?
3 KwiZibhalo zesiGrike, igama elithi “ukuxolela” lithetha “ukuyeka.” Phawula ukuba uDavide noMika, abacatshulwe ngasentla, badlulisela intsingiselo efanayo ngamazwi amyoli, anenkcazelo. Ukuze siwuqonde ngokupheleleyo umkhamo axolela ngawo uYehova, makhe sihlolisise embalwa kwimizekelo emininzi yokuxolela kwakhe. Owokuqala ubonisa ukuba ingqondo kaYehova inokuguqulelwa ekubeni acinge ngokuxolela kunokutshabalalisa.
UMoses Uyalamla—UYehova Uyaphulaphula
4. Kusemva kwaziphi izinto ezibonakalisa amandla kaYehova awathi amaSirayeli oyika ukungena kwiLizwe Ledinga?
4 UYehova wakhokela uhlanga lwamaSirayeli lwaphuma eYiputa lwasondela kwilizwe awayelithembise ukuba loba lilizwe lalo lukhuselekile, kodwa lwala ukuqhubeka, ngenxa yokoyika amadoda akwaKanan. Emva kokuba lwalumbonile uYehova elukhulula eYiputa ngezibetho ezilishumi ezitshabalalisayo, evula indlela yokusaba kuLwandle Olubomvu, etshabalalisa imikhosi yamaYiputa eyayilusukela, elumisela kwiNtaba yeSinayi umnqophiso woMthetho owalwenza lwaluhlanga lukaYehova olukhethiweyo, yaye ngokungummangaliso elunika imana yemihla ngemihla evela ezulwini ukuze aluxhase, loyika ukungena kwiLizwe Ledinga ngenxa yeengxilimbela zamaKanan!—Numeri 14:1-4.
5. Iintlola ezimbini ezithembekileyo zazama njani ukuwomeleza amaSirayeli?
5 UMoses noAron bawa ngobuso bexakanisekile. UYoshuwa noKalebhi, iintlola ezimbini ezithembekileyo, bazama ukuwakhuthaza amaSirayeli: ‘Ilizwe, lilizwe elihle kakhulu kunene, lilizwe elibaleka amasi nobusi. Musani ukuboyika abantu; uYehova unathi!’ Kunokuba amazwi anjalo abakhuthaze, abantu ababesoyika nabanemvukelo bazama ukubaxuluba ngamatye uYoshuwa noKalebhi.—Numeri 14:5-10.
6, 7. (a) UYehova wagqiba kwelokuba enze ntoni xa amaSirayeli axhathisayo ukungena kwiLizwe Ledinga? (b) Kutheni uMoses engazange ahambisane nesigwebo sikaYehova kumaSirayeli, yaye ngawuphi umphumo?
6 Wavutha umsindo kaYehova! “Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini na bengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo? Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo. Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo; abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. . . . Ukuba uthe wababulala aba bantu njengandoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi, Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubasa abo bantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.”—Numeri 14:11-16.
7 UMoses wangxengxeza, ngenxa yegama likaYehova: “Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathele eYiputa wezisa apha. Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.”—Numeri 14:19, 20.
Ukunqula Izithixo KukaManase Nokukrexeza KukaDavide
8. UKumkani uManase wakwaYuda wazakhela udumo olunjani?
8 Umzekelo obalaseleyo wokuxolela kukaYehova yimeko kaManase, unyana woKumkani olungileyo uHezekiya. UManase wayeneminyaka eli-12 ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula eYerusalem. Wakha iziganga, wamisa izibingelelo zooBhahali, wenza ooAshera, wanqula iinkwenkwezi zezulu, waba litola waza wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wabeka umfanekiso oqingqiweyo etempileni kaYehova, waza wacandisa oonyana bakhe emlilweni kuMfula wakwaBhen-hinom. “Wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova” waza “wawalahlekisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ukuba benze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.”—2 Kronike 33:1-9.
9. UManase wambongoza njani uYehova, yaye oko kwaphumela kwintoni?
9 Ekugqibeleni, uYehova wabangela ama-Asiriya eza kulwa namaYuda, aza ambamba uManase amthabathela eBhabhiloni. “Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise. Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe.” (2 Kronike 33:11-13) Wandula ke uManase wabasusa oothixo bezinye iintlanga, nezithixo, nezibingelelo waza wazilahlela ngaphandle kwesixeko. Waqalisa ukunikela imibingelelo kwisibingelelo sikaYehova waza wakhokela amaYuda ekukhonzeni uThixo oyinyaniso. Le yayiyindlela emangalisayo yokuboniswa kokukulungela kukaYehova ukuxolela xa ukuthobeka, umthandazo nesenzo sokulungisa isiphoso zivelisa iziqhamo ezifanele inguquko!—2 Kronike 33:15, 16.
10. UDavide wazama njani ukusifihla isono sakhe nomfazi kaUriya?
10 Isono sikaKumkani uDavide sokukrexeza nomfazi kaUriya umHeti saziwa kakhulu. Akazange aphelele nje ngokukrexeza naye kodwa wenza iqhinga lokukufihla oko xa wakhulelwayo. Ukumkani wamkhulula u-Uriya ukuba angabuya emfazweni, elindele ukuba aye endlwini yakhe aze abe neentlobano zesini nomfazi wakhe. Kodwa, ngenxa yokuhlonela amanye amasoldati awayesedabini, u-Uriya wala. Wandula ke uDavide wammemela isidlo waza wamnxilisa, kodwa u-Uriya akazange aye emfazini wakhe. Wandula ke uDavide wathumela umyalezo kwinjengele yakhe ukuba imise u-Uriya ngaphambili edabini, ukuze u-Uriya abulawe, yaye kwaba njalo.—2 Samuweli 11:2-25.
11. UDavide wenziwa njani waguquka kwisono sakhe, kodwa yintoni awajamelana nayo?
11 UYehova wathumela umprofeti wakhe uNatan kuDavide ukuze abhence isono sokumkani. “Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.” (2 Samuweli 12:13) UDavide wayeziva enetyala gqitha ngesono sakhe yaye wavakalisa inguquko yakhe kuYehova ngomthandazo osuka entliziyweni: “Ngokuba akunanze mibingelelo, bendiya kukunika; akalikholo kuwe amadini anyukayo. Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo akuyi kuyidela.” (INdumiso 51:16, 17) UYehova akazange awujongele phantsi umthandazo kaDavide owawuphuma entliziyweni eyaphukileyo. Sekunjalo, uDavide wafumana isohlwayo esiqatha, ngokuvisisana noko kwathethwa nguYehova ngokuxolela kwiEksodus 34:6, 7: “Ongakhe amenze msulwa onetyala.”
Ukunikezela KukaSolomon Itempile
12. USolomon wacela ntoni ngexesha lokunikezelwa kwetempile, yaye uYehova wasabela njani?
12 Xa uSolomon wakugqibayo ukuyakha itempile kaYehova, wathi emthandazweni wakhe wokuyinikezela: “Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele.” UYehova waphendula: “Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa; bathoba ke abantu bam, ababizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ilizwe labo.”—2 Kronike 6:21; 7:13, 14.
13. UHezekile 33:13-16 ubonisa ntoni ngembono kaYehova ngomntu?
13 Xa uYehova ekujonga, ukwamkela ngenxa yoko ukuko ngoku, kungekhona oko ubukuko. Kuya kuba njengokuba uHezekile 33:13-16 esitsho: “Ndakuthi kwilungisa, inene, lophila; lize ke likholose ngobulungisa balo, lenze ngobugqwetha: bonke ubulungisa balo abuyi kukhunjulwa; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo. Ndakuthi kongendawo, Inene, uya kufa; abuye ekoneni kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa; ongendawo asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa. Zonke izono zakhe awona ngazo aziyi kukhunjulelwa kuye; wenze ngokusesikweni nangobulungisa; inene, wophila.”
14. Yintoni eyahlukileyo ngokuxolela kukaYehova?
14 Indlela uYehova uThixo asixolela ngayo inenkalo eyahlukileyo, ekunzima ngezidalwa ezingabantu ukuyiquka xa zixolelana—uyaxolela aze alibale. Bambi abantu baya kuthi, ‘Ndingakuxolela ngale nto uyenzileyo, kodwa andingekhe (okanye andisokuze) ndiyilibale.’ Ngokwahlukileyo koko, phawula ukuba uYehova uthi uya kwenza ntoni: “Ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.”—Yeremiya 31:34.
15. UYehova udume ngokuxolela njani?
15 UYehova ebexolela abanquli bakhe emhlabeni kangangamawaka eminyaka. Ebexolela izono abaziyo ukuba bazenzile kodwa kwanezininzi ebebengazazi. Ilungiselelo lakhe lenceba, ukuzeka kade umsindo nokuxolela belingapheli. UIsaya 55:7 uthi: “Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.”
Ukuxolela KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike
16. Kutheni sinokuthi indlela uYesu axolela ngayo iyavisisana nekaYehova?
16 Ingxelo ekwiZibhalo zamaKristu zesiGrike izaliswe ziingxelo ezingokuxolela kukaThixo. UYesu uthetha ngako ngokufuthi, ebonisa ukuba uyavisisana nengqondo kaYehova kulo mbandela. Indlela uYesu acinga ngayo ivela kuYehova, uxelisa uYehova, ungumfanekiselo wobuqu kaYehova; ukumbona kukubona uYehova.—Yohane 12:45-50; 14:9; Hebhere 1:3.
17. UYesu wakuzekelisa njani ukuxolela kukaYehova “ngokukhulu”?
17 Isibakala sokuba uYehova uxolela ngokukhulu siboniswa komnye wemizekeliso kaYesu, lowo wokumkani owaxolela umkhonzi owayenetyala leetalente ezili-10 000 (malunga ne-R120 000 000). Kodwa xa loo mkhonzi engazange amxolele omnye umkhonzi ityala leedenariyo ezilikhulu (malunga nama-R220), ukumkani waba ligqabi ngumsindo. “Mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongozayo; ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe? Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo.” Wandula ke uYesu wachaza intsingiselo: “Wothi nobawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.”—Mateyu 18:23-35.
18. Imbono kaPetros ngokuxolela yayahluke njani kwekaYesu?
18 Ngaphambi nje kokuba uYesu anikele lo mzekeliso ungasentla, uPetros weza kuYesu waza wambuza: “Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na?” UPetros wayecinga ukuba wayenobubele gqitha. Nangona ababhali nabaFarisi babekusikela umda ukuxolela, uYesu wathi kuPetros: “Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube [“kamashumi asixhenxe anesixhenxe,” NW].” (Mateyu 18:21, 22) Izihlandlo ezisixhenxe zazingenakwanela nemini enye, njengokuba uYesu wathi: “Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.” (Luka 17:3, 4) Xa uYehova exolela—ngethamsanqa—akabali.
19. Simele senze ntoni ukuze sixolelwe nguYehova?
19 Ukuba sithobeke kangangokuba siyaguquka size sizivume izono zethu, uYehova uyavuma ukusenzela inceba: “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.”—1 Yohane 1:9.
20. UStefano wakubonisa njani ukukulungela ukuxolela isono?
20 Umlandeli kaYesu uStefano, ngomoya omhle wokuxolela, wadanduluka wenza esi sibongozo njengokuba indimbane eyayilugcwabevu ngumsindo yayimxuluba ngamatye: “Nkosi Yesu, wamkele umoya wam. Uguqile ke ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Nkosi ungabamiseli esi sono. Akutsho, walala ubuthongo.”—IZenzo 7:59, 60.
21. Kutheni ukukulungela kukaYesu ukuxolela amadindala amaRoma kwakubalasele kangaka?
21 UYesu wamisela umzekelo obalasele ngakumbi wokulungela ukuxolela. Iintshaba zakhe zazimbambile, zachophela ityala lakhe ngokungekho mthethweni, zamgweba, zamgculela, zamtshicela, zamtyakatya ngeentambo ekusenokwenzeka ukuba zazinamathambo neentsinjana kuzo, zaza ekugqibeleni zamshiya ebethelelwe emthini kangangeeyure ezininzi. AmaRoma ayebandakanyeke phantse kuko konke oku. Kodwa, njengokuba uYesu wayesifa emthini wentuthumbo, wathi kuYise wasezulwini ngamadindala awayembethelele: “Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.”—Luka 23:34.
22. Ngawaphi amazwi akwiNtshumayelo yaseNtabeni esimele sizame ukuwasebenzisa?
22 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wayethe: ‘Zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.’ Naye wawuthobela loo mgaqo kwada kwasekupheleni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Ngaba oko kunzima kakhulu kuthi, thina bantu bazamana nobuthathaka benyama yethu enesono? Ubuncinane sifanele sizame ukusebenzisa amazwi uYesu awawafundisa abalandeli bakhe emva kokubafundisa umthandazo ongumzekelo: “Xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.” (Mateyu 5:44; 6:14, 15) Ukuba sixolela njengokuba uYehova exolela, siya kuxolela size silibale.
Uyakhumbula Na?
◻ UYehova uqhubana njani nezono zethu, yaye ngoba?
◻ Kwakutheni ukuze uManase abuyiselwe kubukumkani bakhe?
◻ Yiyiphi inkalo eyahlukileyo yokuxolela kukaYehova ekulucelomngeni ukuba abantu bayixelise?
◻ Ukulungela kukaYesu ukuxolela kwakubalasele njani?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
UNatan wanceda uDavide wabona imfuneko yokuxolelwa nguThixo