IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 11/1 iphe. 16-22
  • Yibani Nemfesane Kakhulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yibani Nemfesane Kakhulu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umsebenzi Ongazange Ubonwe Wemfesane
  • Inxalenye Yobuntu Obutsha
  • Umona—Umqobo Ekubonakaliseni Imfesane
  • Eminye Imiqobo Yokuba Nemfesane
  • Imfesane Kwabagulayo
  • Imfesane Ngababuthathaka
  • Yibani ‘Nemfesane’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • ‘Imfesane Yothando KaThixo Wethu’
    Sondela KuYehova
  • Yiba Novelwano NjengoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • UYehova Ulawula Ngemfesane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 11/1 iphe. 16-22

Yibani Nemfesane Kakhulu

“Yambathani umsa onemfesane kakhulu, ububele.”—KOLOSE 3:12, NW.

1. Kutheni kukho imfuneko enkulu yokuba nemfesane namhlanje?

AKUKAZE kwenzeke ngaphambili embalini ukuba abantu abaninzi kangaka bafune ukuncedwa ngemfesane. Ngenxa yokugula, ukulamba, ukungaqeshwa, ulwaphulo-mthetho, iimfazwe, iziphithiphithi neentlekele zokwemvelo, izigidi zifuna uncedo. Kodwa kukho ingxaki enzulu ngakumbi, yaye leyo yimeko embi uluntu olukuyo ngokomoya. USathana, owaziyo ukuba ixesha analo lifutshane, ‘ulahlekisa elimiweyo liphela.’ (ISityhilelo 12:9, 12) Ngenxa yoko, ngokukodwa abo bangaphandle kwebandla lamaKristu basengozini yokuphulukana nobomi babo, yaye iBhayibhile ibonisa ukuba alikho ithemba lokuba abo baya kutshatyalaliswa ebudeni bemini kaThixo ezayo yomgwebo baya kuvuswa.—Mateyu 25:31-33, 41, 46; 2 Tesalonika 1:6-9.

2. Kutheni uYehova engekabatshabalalisi abangendawo?

2 Kanti, de kube ngoku, uYehova uThixo uyaqhubeka ebonisa umonde nemfesane kwabo bangenambulelo nabangendawo. (Mateyu 5:45; Luka 6:35, 36) Oku ukwenzele isizathu esifanayo neso sabangela ukuba alibazise ukohlwaya uhlanga olungenambulelo lwamaSirayeli. “Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?”—Hezekile 33:11.

3. Nguwuphi umzekelo esinawo wemfesane kaYehova ngabo bangengobantu bakhe, yaye sifunda ntoni koku?

3 Imfesane kaYehova yadluliselwa nakubantu baseNineve ababengendawo. UYehova wathumela umprofeti wakhe uYona ukuba aye kubalumkisa ngentshabalaliso eyayisondela. Basabela ngendlela ekhuthazayo ekushumayeleni kukaYona baza baguquka. Oku kwashukumisela uThixo onemfesane, uYehova, ukuba angasitshabalalisi eso sixeko ngelo xesha. (Yona 3:10; 4:11) Ukuba uThixo waba buhlungu ngabantu baseNineve, engebabelifumene ithuba lovuko, hayi indlela amele ukuba unemfesane ngayo ngabantu namhlanje abajamelene nentshabalaliso kanaphakade!—Luka 11:32.

Umsebenzi Ongazange Ubonwe Wemfesane

4. UYehova uyibonisa njani imfesane ngabantu namhlanje?

4 Ngokuvisisana nobuntu bakhe obunemfesane, uYehova uthume amaNgqina akhe ukuba aqhubeke etyelela abamelwane bawo ‘ngeendaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Yaye xa abantu besabela ngoxabiso kulo msebenzi wokusindisa ubomi, uYehova uyazivula iintliziyo zabo ukuba basiqonde isigidimi soBukumkani. (Mateyu 11:25; IZenzo 16:14) Exelisa uThixo wawo, amaKristu okwenyaniso abonisa imfesane kakhulu ngokubuyela kubantu abanomdla, abancede, xa kunokwenzeka, ngesifundo seBhayibhile. Ngaloo ndlela, ngowe-1993, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezine ezinesiqingatha, kumazwe angama-231, achithe ngaphezu kwewaka lesigidi leeyure eshumayela kwindlu ngendlu yaye efundisisa iBhayibhile nabamelwane bawo. Aba basandul’ ukuba nomdla, bona, banethuba lokunikela ngobomi babo kuYehova nokuthelela amaNgqina akhe abhaptiziweyo. Ngaloo ndlela, nabo bazinikela kulo msebenzi ungazange ubonwe wemfesane besenzela ukunceda abo basenokuba ngabafundi basabambeke kweli hlabathi likaSathana lifayo.—Mateyu 28:19, 20; Yohane 14:12.

5. Xa imfesane kaThixo ifikelela incopho yayo, kuya kwenzeka ntoni kunqulo olummela kakubi uThixo?

5 Kungekudala uYehova uza kuthabatha inyathelo ‘njengendoda elwayo.’ (Eksodus 15:3) Ngenxa yemfesane ngegama lakhe nangabantu bakhe, uya kubutshayela ubungendawo aze amisele ihlabathi elitsha lobulungisa. (2 Petros 3:13) Imini yomsindo kaThixo iya kufikela iicawa zeNgqobhoko kuqala. Kanye njengokuba uThixo engazange ayisindise itempile yakhe eYerusalem esandleni sokumkani waseBhabhiloni, ngokufanayo akayi kuzisindisa iintlangano zonqulo eziye zammela kakubi. UThixo uya kufaka entliziyweni yamalungu eZizwe Ezimanyeneyo ukuba ziyitshabalalise iNgqobhoko nazo zonke ezinye iintlobo zonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 17:16, 17) UYehova uvakalisa oku: “Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.”—Hezekile 9:5, 10.

6. AmaNgqina kaYehova ashukunyiselwa ukubonisa imfesane ngaziphi iindlela?

6 Ngoxa kusekho ixesha, amaNgqina kaYehova ayaqhubeka ebonisa imfesane kubamelwane bawo ngokushumayela isigidimi sikaThixo sosindiso ngenzondelelo. Yaye ngokuzenzekelayo, xa kunokwenzeka, akwanceda abantu abasweleyo ngokwenyama. Phofu ke, kule nkalo, imbopheleleko yawo yokuqala kukunyamekela iintswelo zamalungu entsapho asondeleyo nabo banxulumene nawo elukholweni. (Galati 6:10; 1 Timoti 5:4, 8) Uncedo amaNgqina kaYehova aye aluthumela kwabanye akholwa nabo izihlandlo ezininzi ababandezelekayo ngenxa yeentlekele ezahlukahlukeneyo beluyimizekelo ebalaseleyo yemfesane. Sekunjalo, amaKristu akalindi de kubekho ixesha lobunzima ngaphambi kokuba abonise imfesane kakhulu. Akhawuleza alubonise olu phawu ekuhlangabezaneni namahlandinyuka obomi bemihla ngemihla.

Inxalenye Yobuntu Obutsha

7. (a) KwabaseKolose 3:8-13, imfesane inxulunyaniswa njani nobuntu obutsha? (b) Imfesane enkulu ibangela kube lula ngamaKristu ukwenza ntoni?

7 Liyinyaniso elokuba ukuba nesono kwethu nempembelelo embi yehlabathi likaSathana yimiqobo ekubeni sibe nemfesane kakhulu. Kungenxa yoko iBhayibhile isibongoza ukuba silahle “ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala.” Kunoko silulekwa ukuba ‘sambathe umntu omtsha’—ubuntu obuvumelana nomfanekiso kaThixo. Okokuqala, siyalelwa ukuba sambathe “umsa onemfesane kakhulu, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.” Yandula ke iBhayibhile isibonise indlela esebenzisekayo yokubonakalisa ezi mpawu. “Ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye [uYehova, NW] wanixolelayo.” Kulula ngakumbi ukuxolela ukuba sihlakulele ‘umsa onemfesane kakhulu’ ngabazalwana bethu.—Kolose 3:8-13, NW.

8. Kutheni kubalulekile ukuba nomoya wokuxolela?

8 Kwelinye icala, ukusilela ukubonisa ukuxolela ngemfesane kuyalonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. Oku kwaboniswa ngamandla nguYesu kumzekeliso wakhe womkhonzi ongaxoleliyo, owafakwa entolongweni yinkosi yakhe “ade alihlawule lonke ityala lakhe.” Loo mkhonzi wayefanele aphathwe ngolu hlobo ngenxa yokuba wasilela ngokothusayo ukubonisa imfesane komnye umkhonzi owayecela ukwenzelwa inceba. UYesu wawuqukumbela umzekeliso wakhe ngokuthi: “Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.”—Mateyu 18:34, 35.

9. Ukuba nemfesane kakhulu kunxulumene njani neyona nkalo ibalulekileyo yobuntu obutsha?

9 Ukuba nemfesane kakhulu yinkalo ebalulekileyo yothando. Yaye uthando luphawu olufanisa ubuKristu bokwenyaniso. (Yohane 13:35) Ngenxa yoko, inkcazelo yeBhayibhile yobuntu obutsha iqukumbela ngokuthi: “Phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.”—Kolose 3:14.

Umona—Umqobo Ekubonakaliseni Imfesane

10. (a) Yintoni esenokubangela ukuba ikhwele lendele ezintliziyweni zethu? (b) Ziziphi iziphumo ezibi ezinokubangelwa likhwele?

10 Ngenxa yokuba sinesono, iimvakalelo zomona zinokungena ngokulula ezintliziyweni zethu. Umzalwana okanye udade usenokuba usikelelwe ngesiphiwo sokwemvelo okanye unezinto eziphathekayo esingenazo. Okanye mhlawumbi uthile ufumene iintsikelelo ezikhethekileyo namalungelo okomoya. Ukuba siba nomona ngabanjalo, ngaba siya kukwazi ukubaphatha ngemfesane kakhulu? Sisenokungakwazi. Kunoko, iimvakalelo zekhwele zinokuthi ekugqibeleni zibonakale ekubagxekeni okanye kwizenzo ezingezozabubele, kuba uYesu wathi ngabantu: “Umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Abanye basenokuhambisana nokugxeka okunjalo. Ngaloo ndlela uxolo lwentsapho okanye lwebandla labantu bakaThixo lunokuphazanyiswa.

11. Abantakwabo Yosefu abalishumi bayivalela njani imfesane ezintliziyweni zabo, yaye oko kwaphumela kwintoni?

11 Khawucinge ngoko kwenzeka kwenye intsapho enkulu. Oonyana bakaYakobi abalishumi abadala baba nekhwele ngomzalwana wabo omncinane uYosefu ngenxa yokuba wayengoyena uthandwayo nguYise. Ngenxa yoko, “ababa nakuthetha naye bexolile.” Kamva, uYosefu wasikelelwa ngamaphupha avela kuThixo, awangqina ukuba wayethandwa nguYehova. Ngenxa yoku “kwaba kukhona bamthiyayo” abantakwabo. Ngenxa yokuba bengazange balikhuphe ikhwele ezintliziyweni zabo, abazange bakwazi ukuba nemfesane kwaza oko kwakhokelela kwisono esinzulu.—Genesis 37:4, 5, 11.

12, 13. Sifanele senze ntoni xa iimvakalelo zekhwele zingena ezintliziyweni zethu?

12 Ngenkohlakalo, bamthengisela ebukhobokeni uYosefu. Kwilinge lokusifihla isono sabo, bamkhohlisa uYise wacinga ukuba uYosefu wayebulewe lirhamncwa. Kwiminyaka kamva isono ababesenzile sadandalaziswa xa banyanzeleka ukuba baye eYiputa ukuya kuthenga ukudla ngenxa yendlala. Umlawuli wokudla, ababengaqondi ukuba nguYosefu, wabatyhola ngokuthi babeziintlola waza wabaxelela ukuba bangaphindi bafune uncedo lwakhe ngaphandle kokuba baze nomzalwana wabo omncinane, uBhenjamin. Ngeli xesha uBhenjamin wayesele eyinceke kaYise, yaye babesazi ukuba uYakobi wayengayi kumvumela ahambe.

13 Ngoko ngoxa babemi phambi koYosefu, izazela zabo zabashukumisela ukuba bavume: “Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu [uYosefu], sabe sikubona ukubandezeleka komphefumlo wakhe oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.” (Genesis 42:21) Ngokuqhubana kwakhe nabo ngemfesane nangobungqongqo, uYosefu wabanceda abazalwana bakhe bangqina ukuba inguquko yabo yayiyeyokwenene. Wandula ke wazichaza kubo waza wabaxolela ngokupheleleyo. Intsapho yamanyaniswa kwakhona. (Genesis 45:4-8) NjengamaKristu, sifanele sifunde isifundo koku. Ekubeni sizazi iziphumo ezibi zomona, sifanele sithandazele uncedo lukaYehova ekupheliseni ukuba nekhwele size sibe ‘nemfesane kakhulu.’

Eminye Imiqobo Yokuba Nemfesane

14. Kutheni sifanele sikuphephe ukuzichanaba kugonyamelo ngokungeyomfuneko?

14 Omnye umqobo onokusithintela singabi nemfesane kukuzichanaba ngokungeyomfuneko kugonyamelo. Imidlalo nokuzonwabisa okubalaselisa ugonyamelo kukhuthaza ukunxanelw’ igazi. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abahedeni babebukela rhoqo ukhuphiswano lokulwa nezilwanyana nezinye iintlobo zokuthuthunjiswa kwabantu kumabala emidlalo kuBukhosi baseRoma. Ngokutsho komnye umbhali-mbali, ukuzonwabisa okunjalo “kwakuyibulala imvo yovelwano ngabantu abasentlungwini nto leyo ebahlulayo abantu kumarhamncwa.” Inkoliso yolonwabo kweli hlabathi lanamhlanje ineziphumo ezifanayo. AmaKristu, azabalazela ukuba nemfesane kakhulu, kufuneka abe ngakhethayo ngokwenene xa kufikelelwa kwizinto azifundayo, imifanekiso eshukumayo neenkqubo zikamabonwakude. Ngobulumko akhumbula amazwi eNdumiso 11:5 athi: “Nothanda ukugonyamela, umthiyile [uYehova].”

15. (a) Umntu unokubonisa njani ukuba akanayo ngokwenene imfesane? (b) AmaKristu asabela njani kwiintswelo zamanye amakholwa nabamelwane?

15 Umntu ozingcayo akanakufane abe nemfesane. Oku ngumbandela onzulu, njengokuba umpostile uYohane ecacisa: “Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?” (1 Yohane 3:17) Ukungabi namfesane ngokufanayo kwaboniswa ngumbingeleli nomLevi ababengamalungisa kwawabo amehlo emzekelisweni kaYesu womSamariya ongummelwane olungileyo. Bakubona imeko embi yomzalwana wabo ongumYuda owayeza kufa, bawelela kwelinye icala lendlela baza baqhubeka nohambo lwabo. (Luka 10:31, 32) Ngokwahlukileyo koko, amaKristu anemfesane asabela ngokukhawuleza kwiintswelo zokwenyama nezokomoya zabazalwana bawo. Yaye njengomSamariya womzekeliso kaYesu, azixhalabele neentswelo zabantu angabaziyo. Ngaloo ndlela ngovuyo anikela ngexesha, amandla, nobuncwane bawo ukuze ahambisele phambili umsebenzi wokwenza abafundi. Ngale ndlela aba negalelo ekusindisweni kwezigidi.—1 Timoti 4:16.

Imfesane Kwabagulayo

16. Kukuphi ukusikelwa umda okusiphazamisayo kwiimeko zokugula?

16 Uluntu olungafezekanga, olufayo luyagula. AmaKristu akasindanga koku, yaye inkoliso yawo akazongcali kwezonyango, yaye akakwazi nokwenza imimangaliso njengokuba ayesenza amaKristu okuqala awafumana loo mandla kuKristu nakubapostile bakhe. Bakuba befile abapostile bakaKristu nezinxulumani zabo ezazisondele, amandla angummangaliso anjalo aphela. Ngenxa yoko, amandla ethu okunceda abo babandezeleke ngenxa yokugula emzimbeni kuquka nokungasebenzi kakuhle kwengqondo nokuba nemibono, asikelwe umda.—IZenzo 8:13, 18; 1 Korinte 13:8.

17. Sifunda ntoni kwindlela uYobhi owayegula nowayefelwe awaphathwa ngayo?

17 Ngokufuthi ukugula kuhambisana nodandatheko. Ngokomzekelo, uYobhi owayesoyika uThixo wadandatheka kakhulu ngenxa yokugula ngokungaginyisi mathe nangenxa yamashwangusha uSathana awayemhlisela wona. (Yobhi 1:18, 19; 2:7; 3:3, 11-13) Wayefuna abahlobo ababeya kumphatha ngemfesane kakhulu nababeya “kuthetha ngendlela ethuthuzelayo.” (1 Tesalonika 5:14, NW) Kunoko, abantu abathathu ababesithi bayathuthuzela bamtyelela baza benza izigqibo eziphosakeleyo. Bamdandathekisa ngakumbi uYobhi ngokuthi nguye owayezibangela abe namashwangusha. Ngokuba nemfesane kakhulu, amaKristu aya kukuphepha ukuwela emgibeni ofanayo xa amanye amakholwa egula okanye edandathekile. Maxa wambi, eyona nto ifunekayo kwabanjalo kukutyelelwa ngobubele izihlandlo ezimbalwa ngabadala okanye amanye amaKristu akhulileyo aya kubaphulaphula ngovelwano, abonise ukuqonda, aze anikele isiluleko sothando esiseZibhalweni.—Roma 12:15; Yakobi 1:19.

Imfesane Ngababuthathaka

18, 19. (a) Abadala bafanele baqhubane njani nababuthathaka okanye abenza iziphoso? (b) Kwanaxa kuyimfuneko ukuyila ikomiti egwebayo, kutheni kubalulekile ngabadala ukubaphatha ngemfesane kakhulu abo benze okuphosakeleyo?

18 Abadala bafanele babe nemfesane kakhulu ngokukodwa. (IZenzo 20:29, 35) IBhayibhile iyalela oku: “Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo.” (Roma 15:1) Ekubeni singafezekanga, sonke siyazenza iimpazamo. (Yakobi 3:2) Kufuneka uthantamiso ekuqhubaneni nalowo “uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile.” (Galati 6:1) Abadala abafuni kuze bafane nabaFarisi ababezibabaza bengamalungisa ababengenalwazelelelo ekusebenziseni kwabo uMthetho kaThixo.

19 Ngokwahlukileyo koko, abadala balandela umzekelo kaYehova uThixo noYesu Kristu bona babenemfesane kakhulu. Ngokuyintloko umsebenzi wabo kukondla, ukukhuthaza nokuhlaziya izimvu zikaThixo. (Isaya 32:1, 2) Kunokuzama ukulawula imicimbi ngenqwaba yemithetho, basebenzisa imigaqo emihle eseLizwini likaThixo. Ngenxa yoko, umsebenzi wabadala ufanele ube kukwakha, kukubangela uvuyo noxabiso ngokulunga kukaThixo ezintliziyweni zabazalwana babo. Ukuba elinye ikholwa lenza impazamo engephi, umdala ngokuqhelekileyo uya kuzama ukukuphepha ukulilungisa abanye besiva. Ukuba kuyimfuneko kwaukuthetha, ukuba nemfesane kakhulu kuya kushukumisela umdala ukuba ambizele ecaleni lowo baze balungise loo ngxaki bengeva abanye. (Thelekisa uMateyu 18:15.) Kungakhathaliseki ukuba kunzima kangakanani na ukuqhubana nomntu othile, umdala ufanele athethe naye ngomonde yaye afune ukunceda. Akaze afune isizathu sokumlahlela ngaphandle kwebandla lowo. Kwanaxa kuyimfuneko ukuyila ikomiti egwebayo, abadala baya kubonisa imfesane kakhulu ekuqhubaneni nabantu ababandakanyeke kwisenzo esiphosakeleyo esinzulu. Ukuthantamisa kwabo kusenokumnceda lowo aguquke.—2 Timoti 2:24-26.

20. Ukubonakaliswa kweemvakalelo zemfesane akufaneleki nini, yaye ngoba?

20 Noko ke, kukho amaxesha apho umkhonzi kaYehova angenakubonisa mfesane. (Thelekisa iDuteronomi 13:6-9.) Kusenokuba luvavanyo ngokwenene ukuba umKristu ‘angazidibanisi’ nomhlobo osenyongweni okanye isizalwana esiye sasuswa kubudlelane. Kwimeko enjalo, kubalulekile ukuba lowo angazivumeli alawulwe ziimvakalelo zovelwano. (1 Korinte 5:11-13) Ubungqongqo obunjalo busenokude bumkhuthaze lowo wonileyo aguquke. Ukongezelela, ekuqhubaneni nabesini esahlukileyo, amaKristu amele akuphephe ukubonisa imfesane ngeendlela ezingafanelekanga ezisenokukhokelela ekuziphatheni okubi ngokwesini.

21. Kufuneka sibonise imfesane kakhulu kweziphi ezinye iinkalo, yaye ziziphi iingenelo?

21 Kungazala iincwadi ukuba singazixubusha zonke iinkalo ezininzi ekufuneka imfesane enkulu kuzo—ekuqhubaneni nabakhulileyo, abafelweyo, abo batshutshiswayo ngamaqabane angakholwayo. Abadala abazibhokoxayo nabo ngokufanayo bafanele baphathwe ngemfesane kakhulu. (1 Timoti 5:17) Bahloneleni nibaxhase. (Hebhere 13:7, 17) Umpostile uPetros wabhala wathi: “Nonke . . . yibani nemfesane kakhulu.” (1 Petros 3:8) Ngokwenza ngale ndlela kuzo zonke iimeko ezifuna oko, siya kukhuthaza umanyano nolonwabo ebandleni size sitsalele abo bangaphandle enyanisweni. Ngaphezu koko, xa sisenjenjalo sibeka uBawo wethu onemfesane kakhulu, uYehova.

Imibuzo Yempinda

◻ UYehova uyibonisa njani imfesane ngoluntu olunesono?

◻ Kutheni kubalulekile ukuba nemfesane kakhulu?

◻ Yiyiphi eminye yemiqobo ethintela ukuba sibe nemfesane kakhulu?

◻ Sifanele sibaphathe njani abagulayo nabadandathekileyo?

◻ Ngoobani ngokukhethekileyo ekufuneka babe nemfesane kakhulu, yaye ngoba?

[Ibhokisi ekwiphepha 19]

ABAFARISI ABABENGENAMFESANE

UMHLA weSabatha wokuphumla wawenzelwe ukuba ube yintsikelelo ngokomoya nangokwenyama kubantu bakaThixo. Noko ke, iinkokeli zonqulo zamaYuda zenza imithetho emininzi engazange iwuzukise umthetho kaThixo weSabatha yaza yawenza waluxanduva ebantwini. Ngokomzekelo, ukuba nabani na wayefumene ingozi okanye egula, wayengenakuncedwa ngeSabatha ngaphandle kokuba ubomi bakhe babusengozini.

Elinye iqela labaFarisi lalingqongqo kakhulu ngendlela elaliwutolika ngayo umthetho weSabatha kangangokuba lalisithi: “Umntu akanakuthuthuzela abafelweyo, okanye atyelele abantu abagulayo ngeSabatha.” Ezinye iinkokeli zonqulo zazikuvumela ukutyelelwa kwabantu okunjalo ngeSabatha kodwa zawisa lo umthetho: “Iinyembezi azivumelekanga.”

Ngenxa yoko, uYesu wazigxeka ngokufanelekileyo iinkokeli zonqulo zamaYuda ngokutyeshela ezona ndawo zibalulekileyo zoMthetho, ezinjengokusesikweni, uthando nenceba. Alimangalisi elokuba wathi kubaFarisi: “Niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu.”—Marko 7:8, 13; Mateyu 23:23; Luka 11:42.

[Imifanekiso ekwiphepha 17]

Kumazwe angama-231 amaNgqina kaYehova enza umsebenzi ongazange ubonwe wokubonakalisa imfesane emakhayeni abantu, ezitratweni, nasezintolongweni

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Ukuzichanaba kugonyamelo, njengolo lukumabonwakude kwenza ubani angakwazi ukubonakalisa imfesane kakhulu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share