“ITestamente Endala” Okanye “IZibhalo ZesiHebhere”—Yiyiphi Eyona?
NAMHLANJE kuyinto eqhelekileyo kwiNgqobhoko ukusebenzisa ibinzana elithi “iTestamente Endala” kunye nelithi “iTestamente Entsha” xa kuchazwa iinxalenye zeBhayibhile ezibhalwe ngolwimi lwesiHebhere nesiAramiki kunye nesiGrike. Kodwa ngaba sikho isiseko esivela eBhayibhileni sokusetyenziswa kwala mabinzana? Ibe kutheni le nto amaNgqina kaYehova ngokuqhelekileyo ekuphepha ukuwasebenzisa kwiimpapasho zawo?
Liyinyaniso elokuba, eyesi-2 kwabaseKorinte 3:14, ngokutsho kweKing James Version kunye nezinye iinguqulelo ezindadlana, njengeSeptembertestament yesiJamani, inguqulelo yokuqala kaMartin Luther (1522), isenokubonakala iluxhasa olu qheliselo. KwiKing James Version, le ndinyana ifundeka ngolu hlobo: “Kodwa iingqondo zabo zamfanyekiswa: kuba ukuza kutsho kulo mhla sisahleli singashenxiswanga isigqubuthelo ekulesweni kwetestamente endala; isigqubuthelo esishenxiswayo ke kuKristu.”
Noko ke, ngaba umpostile apha uthetha ngeencwadi ezingama-39 ngokuqhelekileyo ezibizwa ngokuba ‘yiTestamente Endala’? Igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi “itestamente” lelithi di·a·theʹke. Intyilalwazi eyaziwayo yezakwalizwi yesiJamani iTheologische Realenzyklopädie, xa igqabaza ngeyesi-2 kwabaseKorinte 3:14 ithi, ‘ukuleswa kwedi·a·theʹke endala’ kula ndinyana kuyafana ‘nokulesa uMoses’ kwindinyana elandelayo. Ngenxa yoko, ithi, ‘idi·a·theʹke endala’ imela uMthetho kaMoses, okanye ubukhulu becala, iPentatiki. Ngokuqinisekileyo ayimeli yonke inxalenye enkulu yeZibhalo eziphefumlelweyo zangaphambi kwexesha lamaKristu.
Umpostile ubhekisela kwinxalenye yeZibhalo zesiHebhere, umnqophiso omdala woMthetho, owawubhalwe nguMoses kwiPentatiki; akabhekiseli kwiZibhalo zesiHebhere nezesiAramiki ziphela. Ukongezelela, akathethi kuthi imibhalo ephefumlelweyo yamaKristu yenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo iyila “itestamente entsha,” ekubeni eli binzana lingaveli ndawo eBhayibhileni.
Kwakhona kumele kuphawulwe ukuba igama lesiGrike elithi di·a·theʹke elasetyenziswa nguPawulos apha eneneni lithetha “umnqophiso.” (Ukuze ufumane inkcazelo ebhekele phaya bona iNew World Translation of the Holy Scriptures—With References, iSihlomelo 7E, iphepha 1585, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., 1984.) Ngoko ke uninzi lweenguqulelo zakutshanje ngokuchanileyo zifundeka ngokuthi “umnqophiso omdala” kunokuba zithi “itestamente endala.”
Ngokuphathelele oku, i-“National Catholic Reporter” yathi: “Ibinzana elithi ‘iTestamente Endala’ ngokungenakuphepheka ilenza eli candelo lideleke yaye ibe ngathi lishiywe lixesha.” Kodwa iBhayibhile iyincwadi enye, ibe akukho nxalenye yayo eshiywe lixesha, okanye “endala.” Isigidimi sayo siyavisisana ukususela kwincwadi yokuqala yenxalenye yesiHebhere ukusa kwincwadi yokugqibela kwinxalenye yesiGrike. (Roma 15:4; 2 Timoti 3:16, 17) Ngoko sinezizathu ezibambekayo zokuwaphepha la mabinzana asekelwe kwiingcamango ezingachananga, ibe sikhetha ukusebenzisa awona mabinzana achanileyo athi “iZibhalo zesiHebhere” nelithi “iZibhalo zamaKristu zesiGrike.”