“Zabhalelwa Ukuyalela Thina”
“UKWENZA iincwadi ezininzi akupheli.” (INtshumayeli 12:12) Indlela ezininzi ngayo izinto ezishicilelwayo kule mihla ibangela ukuba la mazwi abe yinyaniso namhlanje kanye njengokuba ayenjalo ngexesha awabhalwa ngalo. Ngoko ke, umntu unokuwukhetha njani umbandela ofanelekileyo anokuwufunda?
Xa bebona incwadi abacinga ukuba banokuyifunda, abantu abaninzi baye bafune inkcazelo engakumbi ngombhali wayo. Abapapashi bayo basenokubhala isiqendu esifutshane esichaza idolophu yombhali, iziqinisekiso zemfundo yakhe ephakamileyo, nezinye iincwadi azibhalileyo. Kubalulekile ukwazi umbhali, ingakumbi xa ucinga ukuba kwiinkulungwane zangaphambili, ababhali abangamabhinqa babesebenzisa amagama amadoda ukuze abantu abaza kufunda iincwadi zabo bangazijongeli phantsi kuba zibhalwe ngamabhinqa.
Okubuhlungu kukuba, njengoko kuchazwe kwinqaku elingaphambili, bambi abazise so iZibhalo ZesiHebhere kuba besithi uThixo ekuthethwa ngaye kwezi Zibhalo sisithixo esikhohlakeleyo esatshabalalisa iintshaba zaso ngokungenanceba.a Makhe siqwalasele oko sikuxelelwa ziZibhalo ZesiHebhere kunye neZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngoMbhali weBhayibhile.
Umbhali Wayo
Ngokutsho kweZibhalo ZesiHebhere, uThixo waxelela uhlanga lwakwaSirayeli oku: “NdinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) Kwiminyaka engama-500 emva koko, umbhali weBhayibhile uYakobi wabhala wenjenje ngoThixo: “Yena akaguquguquki njengesithunzi.” (Yakobi 1:17) Ngoko ke, kutheni abanye abantu becinga ukuba uThixo ekuthethwa ngaye kwiZibhalo ZesiHebhere wahlukile kulowo ukwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike?
Inyaniso ikukuba iBhayibhile ithetha ngeempawu zikaThixo ezahlukahlukeneyo kwiindawo ezahlukeneyo. Kwincwadi yeGenesis nje kuphela, uchazwa njengalowo ‘uba buhlungu entliziyweni yakhe,’ ‘njengoMvelisi wezulu nomhlaba,’ ‘nanjengoMgwebi womhlaba wonke.’ (Genesis 6:6; 14:22; 18:25) Ngaba ezi nkcazelo zahlukahlukeneyo zithetha ngoThixo omnye? Ngokuqinisekileyo kunjalo.
Makhe sizekelise ngolu hlobo: Abantu abakhe bema phambi komgwebi wasekuhlaleni basenokumjonga njengomntu obambelela ngokungqongqo emthethweni. Kwelinye icala, abantwana bakhe bathi ngutata onothando nesisa. Abahlobo bakhe abasondeleyo bambona njengendoda ekulula ukuthetha nayo nehlekisayo. Umgwebi, utata, nomhlobo ngumntu omnye. Ubuntu bakhe obahlukahlukeneyo bubonakala kwiimeko ezahlukeneyo.
Ngokufanayo, iZibhalo zesiHebhere zichaza uYehova ‘njengoThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele obuninzi bothando nenyaniso.’ Sekunjalo, sifunda nokuba ‘akakhe amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo.’ (Eksodus 34:6, 7) Ezo mpawu zibonisa intsingiselo yegama likaThixo. Igama elithi “Yehova” lithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.” Oko kuthetha ukuba uThixo uba yiloo nto ifunekayo ukuze kuzalisekiswe izithembiso zakhe. (Eksodus 3:13-15) Kodwa ukwanguThixo omnye. UYesu wathi: “UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.”—Marko 12:29.
Ngaba IZibhalo ZesiHebhere Zithatyathelwe Indawo Zezinye?
Namhlanje iqhelekile into yokuba iincwadi zithatyathelw’ indawo zezinye xa kuye kwenziwa uphando olutsha okanye xa iimbono zabantu zitshintsha. Ngaba leyo yindlela iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike eziye zathabathel’ indawo ngayo iZibhalo ZesiHebhere? Akunjalo.
Ukuba uYesu wayefuna ukuba ingxelo yobulungiseleli bakhe neencwadi zabafundi bakhe zithabathel’ indawo iZibhalo ZesiHebhere, ngokuqinisekileyo ngewayekuchazile oko. Noko ke, ethetha ngoYesu ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uLuka uthi: “Eqalela kuMoses nakubaProfeti bonke [abakwiZibhalo ZesiHebhere] wabatolikela [abafundi bakhe ababini] izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.” Kamva, uYesu wabonakala kubapostile bakhe abathembekileyo nakwabanye. Le ngxelo iqhubeka isithi: “Ke kaloku wathi kubo: ‘Ngawo la amazwi am endawathetha kuni ngoxa ndandisekunye nani, ukuba zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses nakubaProfeti nakwiiNdumiso zimelwe kukuzaliseka.’” (Luka 24:27, 44) Ukuba iZibhalo ZesiHebhere zaziphelelwe lixesha, uYesu wayesacaphulelani kuzo ekupheleni kobulungiseleli bakhe?
Emva kokumiselwa kwebandla lamaKristu, abalandeli bakaYesu baqhubeka besebenzisa iZibhalo ZesiHebhere ukuze batsalel’ ingqalelo kwiziprofeto ezaziza kuzaliseka, imigaqo yoMthetho kaMoses eyayinezifundo ezibalulekileyo, neengxelo zabakhonzi bakaThixo bamandulo abayimizekelo emihle ekhuthaza amaKristu ukuba ahlale ethembekile. (IZenzo 2:16-21; 1 Korinte 9:9, 10; Hebhere 11:1–12:1) Umpostile uPawulos wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.”b (2 Timoti 3:16) Singenelwa njani kwiZibhalo ZesiHebhere namhlanje?
Icebiso Lobomi Bemihla Ngemihla
Khawucinge ngengxaki ekhoyo namhlanje yobuhlanga. Kwesinye sezixeko ezikwiMpuma Yurophu, umfana wase-Ethiopia oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Kufuneka sihambe njengeqela nokuba siyaphi. Mhlawumbi xa sibaninzi abanakusihlasela.” Uhlabela mgama esithi: “Asinakuhamba emva kweyesi-6 ngokuhlwa, ingakumbi kwindlela kaloliwe ephantsi komhlaba. Xa abantu besijonga, into abayibonayo libala lolusu nje kuphela.” Ngaba kuyathethwa ngale ntsinda-badala kwiZibhalo ZesiHebhere?
AmaSirayeli amandulo axelelwa oku: “Ukuba uthe umphambukeli waphambukela ezweni lenu, nize ningamphathi kakubi. Makabe njengenzalelwane yenu umphambukeli lowo uphambukele kuni; yaye uze umthande njengawe, ngokuba nani naningabaphambukeli ezweni laseYiputa.” (Levitikus 19:33, 34) Ewe, kuSirayeli wamandulo loo mthetho wawuyalela ukuba ‘abaphambukeli’ bahlonitshwe, yaye ukwiZibhalo ZesiHebhere. Akuvumi na ukuba imigaqo ekuloo mthetho inokuyicombulula ingxaki yobuhlanga egqubayo namhlanje?
Nangona iZibhalo ZesiHebhere zingenankcukacha ngendlela yokusebenzisa imali, zinamacebiso aluncedo. Ngokomzekelo, kwiMizekeliso 22:7 sifunda oku: “Obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.” Abantu abaninzi abacebisa ngemali namhlanje bayavuma ukuba ukuthenga ngetyala kunokukufaka kwingxaki enkulu.
Ukongezelela, ukufuna ubutyebi kungakhathaliseki ukuba imiphumo iza kuba njani na—nto leyo exhaphakileyo kwihlabathi lanamhlanje elithe phithi zizinto eziphathekayo—kwachazwa kakuhle ngomnye wamadoda awayezizityebi embalini, uKumkani uSolomon. Wathi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso. Kwanako oku kungamampunge.” (INtshumayeli 5:10) Esinjani sona isilumkiso!
Ithemba Lekamva
Xa iyonke iBhayibhile inomxholo omnye kuphela: UThixo uza kusebenzisa uBukumkani obuphantsi kukaYesu Kristu ukuze athethelele ulongamo lwakhe aze angcwalise igama lakhe.—Daniyeli 2:44; ISityhilelo 11:15.
KwiZibhalo ZesiHebhere, sifunda ngobomi obuya kuphilwa phantsi koBukumkani bukaThixo, nto leyo esithuthuzelayo nesisondeza kuMthombo wentuthuzelo, uYehova uThixo. Ngokomzekelo, umprofeti uIsaya waxela kwangaphambili ukuba izilwanyana ziya kuhlalisana ngoxolo nabantu, esithi: “Ingcuka iya kuhlala ithutyana nenkunzi yemvana, ihlosi libuthe netakane, kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama entsha enesingci, nesilwanyana esondlekileyo; nenkwenkwana iziqhube ezo zinto.” (Isaya 11:6-8) Elinjani lona ukuzuka ithemba!
Kwakhona, zithini iZibhalo ZesiHebhere ngabo baxhwalekiswe bubuhlanga, kukugula, okanye ziingxaki zoqoqosho ezingaphaya kwamandla abo? Zaprofeta zenjenje ngoKristu uYesu: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa.” (INdumiso 72:12, 13) Ezo zizithembiso eziyinene ezibangela ukuba abo banokholo kuzo balangazelele ikamva.—Hebhere 11:6.
Akumangalisi ke ngoko ukuba umpostile uPawulos aphefumlelwe ukuba abhale la mazwi: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba”! (Roma 15:4) Ewe, iZibhalo ZesiHebhere ziseyinxalenye ebalulekileyo yeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile. Zixabiseke ngokwenene kuthi baphila kweli xesha. Siyathemba ukuba uya kuzabalazela ukufunda okungakumbi ngoko kufundiswa yiBhayibhile xa iyonke uze usondele kuMbhali wayo, uYehova uThixo.—INdumiso 119:111, 112.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kweli nqaku, iTestamente Endala siyibiza ngokuba ziZibhalo ZesiHebhere. (Bona ibhokisi ethi “Ngaba YiTestamente Endala Okanye ZiZibhalo ZesiHebhere?” kwiphepha 6.) Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova abiza iTestamente Entsha ngokuthi ziZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.
b IZibhalo ZesiHebhere zinemigaqo emininzi ebaluleke ngokwenene namhlanje. Noko ke, into emele ingalityalwa kukuba amaKristu awakho phantsi koMthetho uThixo awawudlulisela kuhlanga lwakwaSirayeli esebenzisa uMoses.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
NGABA YITESTAMENTE ENDALA OKANYE ZIZIBHALO ZESIHEBHERE?
Ibinzana elithi “itestamente endala” lifumaneka kwiKing James Version kweyesi-2 yabaseKorinte 3:14. Kule nguqulelo, igama elithi “itestamente” lifanekisela igama lesiGrike elithi di·a·theʹke. Noko ke, iinguqulelo ezininzi zanamhlanje, ezifana neBhayibhile yesiXhosa, ziguqulela igama elithi di·a·theʹke ngokuthi “umnqophiso” kunokuthi “itestamente.” Kutheni ziliguqulela ngale ndlela?
Umbhali wesichazi-magama uEdward Robinson wathi: “Ekubeni iziincwadi zikaMoses ezithetha ngomnqophiso wamandulo, igama elithi [di·a·theʹke] limela incwadi yomnqophiso, iincwadi zikaMoses, oko kukuthi, umthetho.” Kweyesi-2 yabaseKorinte 3:14, umpostile uPawulos wayethetha ngoMthetho kaMoses, oyinxalenye nje encinane yeZibhalo zangaphambi kwexesha lamaKristu.
Ngoko ke, yiyiphi eyona ndlela ichanileyo ezimele zibizwe ngayo iincwadi ezingama-39 zeBhayibhile Engcwele? Kunokuba le nxalenye yeBhayibhile bayijonge njengephelelwe lixesha, uYesu Kristu nabalandeli bakhe xa bethetha ngayo babeyibiza ngokuthi ‘ziZibhalo’ nangokuthi ‘iZibhalo ezingcwele.’ (Mateyu 21:42; Roma 1:2) Ngoko ke, ngokuvisisana nale mibhalo iphefumlelweyo, amaNgqina kaYehova abiza iTestamente Endala ngokuthi ziZibhalo ZesiHebhere kuba le nxalenye yeBhayibhile yayiqale yabhalwa ngokuyintloko ngesiHebhere. Ngokufanayo, xa ethetha ngeTestamente Entsha athi ziZibhalo ZesiGrike, kuba amadoda awaphefumlelwa nguThixo ukuba ayibhale ayethetha isiGrike.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Indoda inokwaziwa ngokuba ngumgwebi ongqongqo, utata onothando nangokuba ngumhlobo
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UYesu wasebenzisa iZibhalo ZesiHebhere kubo bonke ubulungiseleli bakhe
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda umntu enze izigqibo ezifanelekileyo?