AmaNgqina KaYehova Ehlabathini Lonke—EBrazil
IBRAZIL lilizwe elikhulu kwiinkalo ezininzi. Lilizwe lesihlanu ehlabathini ngobukhulu nangenani labemi. Igubungela phantse isiqingatha sommandla womhlaba waseMzantsi Merika kwaye inabemi abangakumbi kunawo onke amanye amazwe akwelo lizwekazi edityanisiwe. Kwakhona iBrazil inelona hlathi lithandwa yimvula likhulu ehlabathini. Kwelo hlathi kuqukuqela owona mlambo mkhulu emhlabeni—iAmazon.
Kwakhona iBrazil inkulu ngenye ingqiqo. Inani labavakalisi bayo beendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo lisondela kuma-400 000, kwaye kunyaka ophelileyo bangaphezulu kwesi-1 000 000 abeza kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Ngoko ke, eli lizwe liye ngokukhethekileyo laphawuleka ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela uBukumkani. Amava akutshanje ayakubonisa oko.
Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona
UAntonio nomfazi wakhe benza isigqibo esinzima sokushiya izizalwane zabo nomsebenzi onqabisekileyo nohlawula kakuhle eSão Paulo ukuze baye kukhonza apho kwakukho imfuneko enkulu yabavakalisi boBukumkani kwilizwana laseMinas Gerais. Umhlaba wabo wawuquka iqela labasebenzi kumzi weswekile. Kusuku abaqala ngalo ukunikela ubungqina apho, baqalisa izifundo zeBhayibhile ezisithoba. Kwisithuba seenyanga ezili-18, babeqhuba izifundo ezingaphezu kwama-40!
Ekuqaleni, iintlanganiso zaziqhutyelwa kanye kulo mzi weswekile. Noko ke, abavakalisi abatsha bafuna ukubona iHolo yoBukumkani yokwenene. Ngenxa yoko, kwaqeshwa uduladula wokuthabatha abantu abangama-75 ukuya kwibandla elikufuphi. Kwalandela indibano; abangama-45 kubafundi beBhayibhile abatsha babekho yaye kwadliwan’ indlebe nabo. Abalishumi elinesihlanu kwaba babhaptizwa ngeso sihlandlo. Kakade ke, iinyembezi zovuyo zazehlela!
Kwale nkampani inye yooduladula yasetyenziselwa uhambo olufanayo, kwaye abaphathi bababonelela ngamaxabiso ancitshisiweyo. Ngoxabiso, uAntonio wapha umphathi wale nkampani incwadi yokufundisisa iBhayibhile. Wavuma ukuqalisa ukufunda iBhayibhile ngobo busuku waza wabhaptizwa emva kweenyanga eziliqela efundisisa ngenkuthalo. Ekuqaleni, umfazi wakhe wayesichasile esi sifundo, kodwa ekuhambeni kwexesha, isimo sakhe sengqondo sathamba. Naye ngoku uliNgqina likaYehova elibhaptiziweyo.
NgoFebruwari 1992 kwasekwa ibandla elinabavakalisi abakhutheleyo abangama-22. Ngowe-1994 eli nani laye landa ukusa kwabangama-42, kunye noovulindlela abathe ngxi aba-4, okanye abashumayeli bexesha elizeleyo beendaba ezilungileyo. Ngenxa yoko, uAntonio waqukumbela: “Mna nomfazi wam siye sabona ukuba ‘ukuba siyamcikida uYehova,’ njengokuba uMalaki 3:10 esitsho, uya ‘kusithululela iintsikelelo kude kungasweleki lutho.’”
Ukunikela Uncwadi LweBhayibhile
Mhlawumbi esinye isizathu esibangela ukuba umsebenzi ube nenkqubela engako ukuba nkulu eBrazil sikukuba amaNgqina anikela uncwadi lweBhayibhile ngamathuba onke. Ngokomzekelo, elinye ibandla labhalela iofisi yesebe yeWatch Tower Society licela imibhalo engama-250 yencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Kwakutheni ukuze lenze iodolo enkulu ngolo hlobo?
Ileta yacacisa: ‘Esinye sezikolo ezisedolophini siye sagqiba kwelokuba sisebenzise le ncwadi njengesixhobo sokufundisa kwenye yeeklasi zaso. Isigqibo samagunya esikolo sibangelwa bubungqina obungacwangciswanga obunikelwe ngabazali babafundi abangamaNgqina kaYehova kunye nomnye wabaphathi besikolo. Kwanga uYehova angaqhubeka ebasikelela abakhonzi bakhe njengoko benikela imiyalelo emihle ngale ncwadi.’ Ewe, yaye kwanga uYehova angaqhubeka eyisikelela inkqubela entle yomsebenzi wokushunyayelwa koBukumkani kwilizwe elikhulu laseBrazil.
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
IINKCUKACHA ZELIZWE
Unyaka Wenkonzo We-1994
INANI ELIYINCOPHO LABANIKELA UBUNGQINA: 385 099
ISILINGANISO: INgqina elinye kubemi abangama-404
ABABEKHO ESIKHUMBUZWENI: 1 018 210
UMLINGANISELO WABAVAKALISI ABANGOOVULINDLELA: 38 348
UMLINGANISELO WEZIFUNDO ZEBHAYIBHILE: 461 343
INANI LABABHAPTIZIWEYO: 24 634
INANI LAMABANDLA: 5 928
IOFISI YESEBE: ECESÁRIO LANGE
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Ukusetyenziswa kwenqwelo-mafutha enesandisi-lizwi eSão Paulo malunga nowe-1940
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Ukunikela ubungqina kwi-Botanical Garden eRio de Janeiro
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Iofisi yesebe eCesário Lange