Luya Kuphela Nini Uloyiko?
NGABA ubuya kumangaliswa kukwazi ukuba unqabiseko lokwenene lunento yokwenza nomntu owayephila kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo? Ebonisa imfuneko yothando, uYesu Kristu wabalisa umzekeliso ongalibalekiyo: “Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa.” Nangona abahambi ababini bengazange balihoye elo xhoba, umSamariya olungileyo wabonakalisa inceba. Noko ke, ngubani onyamekela amaxhoba olwaphulo-mthetho namhlanje? Sinokulindela ukukhululeka njani kuloyiko?—Luka 10:30-37.
Nangona besithi bayakholelwa kuThixo, abaninzi bacinga ukuba ngumntu omele anyanzelise umthetho nocwangco. Kodwa ngaba izigwebo eziqatha ngakumbi zokuvalelwa entolongweni okanye amapolisa angakumbi nahlawulwa ngakumbi aya kuluphelisa ulwaphulo-mthetho olunogonyamelo? Ngaba ukholelwa ngokwenene ukuba iinkqubo zokunyanzelisa umthetho, nangona zizama ngokwenene ukunikela umlinganiselo wonqabiseko, zinokuziphelisa izinto ezinjengokusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo nobuhlwempu? Sekunjalo, akuyomfuneko ukuba ukulambela nokunxanelwa kwethu ubulungisa kube lilize.—Mateyu 5:6.
INdumiso 46:1 ithi: “UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.” Siza kubona ukuba la mazwi akangomhobe omnandi nje kuphela.
Njengoko usazi, mihla le amajelo eendaba anikela iingxelo zokubulawa kwabantu ngokumasikizi kwiimfazwe zamakhaya nakwiintlaselo zabagrogrisi. Kwezinye iindawo ehlabathini, kuyinto eqhelekileyo ukubulawa kolutsha olungafunwayo okanye amangqina olwaphulo-mthetho. Kutheni ubomi bungaxabisekanga kangaka? Nangona kusenokubakho oonobangela abahlukahlukeneyo bogonyamelo olunjalo, kukho isizathu esinye esingafanele sisibethe ngoyaba.
Ngokutsho kweLizwi likaThixo, iBhayibhile, “ihlabathi liphela lilele kongendawo.” (1 Yohane 5:19) Eneneni, uYesu Kristu akazange athi uSathana uMtyholi lixoki nje kuphela kodwa wathi “sisibulala-mntu.” (Yohane 8:44) Ngokuphembelela uluntu ngeendlela ezahlukahlukeneyo, esi sidalwa somoya sinamandla sikhuthaza ukwanda kogonyamelo namhlanje. ISityhilelo 12:12 sithi: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” Noko ke, okuvuyisayo kukuba le nkqubo ingendawo iza kuthatyathelwa indawo ‘lelitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.’—2 Petros 3:13.
Ukongezelela kweli themba limangalisayo lehlabathi elitsha, luluphi uncedo esinalo ngoku?
Ngaphambi kokuba sikuphendule ngokungqalileyo oko, kuhle ukuba sikhumbule ukuba kwanamaKristu okwenyaniso akanasiqinisekiso sokuba aya kukhuseleka kulwaphulo-mthetho. Umpostile uPawulos wachaza ezinye zeengozi awajamelana nazo. Wafumana ‘iingozi zemilambo, iingozi zezihange, iingozi zamawabo, iingozi zeentlanga, iingozi phakathi komzi, iingozi entlango, iingozi elwandle.’ (2 Korinte 11:26) Sekunjalo uPawulos wasinda kwezi ngozi. Kuyafana nanamhlanje; ngokuba ngabalumkileyo, sinokuqhubeka sisenza izinto zethu ngokuqhelekileyo kangangoko kunokwenzeka. Makhe siqwalasele ezinye izinto eziya kuba luncedo.
Ukuba ubani uhlala kwindawo eyingozi, ukuziphatha kakuhle kunokumkhusela, ekubeni abantu beyiqwalasela indlela abenza ngayo abanye. Nangona abaphangi beceba ulwaphulo-mthetho baze baluphumeze, abaninzi bazigqala njengabantu abaqhelekileyo. Kuphephe ukukugxeka oko bakwenzayo, yaye musa ukuzama ukuphanda izinto abazenzayo. Ngaloo ndlela, unokuwanciphisa amathuba okuba lixhoba lempindezelo. Khumbula ukuba amasela aye azame ukwazi ukuba ngoobani abathenge izinto ezintsha okanye abaza kuya ekhefini yaye ngoko abangazi kubakho emakhayeni abo, ngoko zibale izinto ozichazela abanye.
Inkoliso yamaNgqina kaYehova iye yafumanisa ukuba ukuduma kwawo njengabalungiseleli kuwenza akhuseleke ngomlinganiselo othile. Ngokufuthi izaphuli-mthetho ziye zabonisa ukuba ziyawahlonela amaKristu anjalo, azinikela ekuncedeni abantu basekuhlaleni engakhethi buso. AmaNgqina akangobabulali okanye amasela, yaye akangobantu ‘abazifaka emicimbini yabanye abantu,’ ngenxa yoko akasosisongelo.—1 Petros 4:15, Appleyard’s Version.
Unqabiseko Kwihlabathi Elitsha LikaThixo
Sikhathazekile ‘kukwanda kokuchasa umthetho’ okwaxelwa kwangaphambili nguYesu Kristu, kodwa kunokuba sixhalabe ngokugqithisileyo, sinokuba nentembelo yokuba ngokukhawuleza uThixo uza kuyiphelisa le nkqubo ingendawo. Ngaphezu kokuxela kwangaphambili ngokushunyayelwa ‘kwezi ndaba zilungileyo zobukumkani’ ehlabathini lonke, uYesu wabakhumbuza oku abalandeli bakhe: “Onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.”—Mateyu 24:12-14.
Sinokuqiniseka ukuba abo bahlasela abanye, maxa wambi ngenkohlakalo engakholelekiyo, baya kutshatyalaliswa. IMizekeliso 22:22, 23 ithi: “Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisisweli, ungamtyumzi olusizana esangweni; kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo, awonakalise umphefumlo wabonakalisa bona.” UYehova uya kubatshabalalisa abenzi bobubi, abanjengabaphangi, ababulali nabaxhaphaza abanye ngokwesini. Ngaphezu koko, akasayi kuwabetha ngoyaba amaxhoba olwaphulo-mthetho olunjalo. Uya kuwabuyisela ngoko alahlekelwa kuko aze awabuyisele empilweni epheleleyo.
Ngenene, abo ‘basukayo ebubini, benze okulungileyo’ baya kufumana ubomi obungunaphakade ngokusinda kwimbandezelo enkulu ezayo okanye ngokuvuswa ekufeni. “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” (INdumiso 37:27-29) Iingenelo ezinjalo ziya kufumaneka ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu. (Yohane 3:16) Kodwa buya kuba njani ubomi kwiParadisi ebuyiselweyo?
Buya kuba mnandi ngenene ubomi phantsi koBukumkani bukaThixo. UYehova uxela kwangaphambili: “Abantu [“bam,” NW] baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.” (Isaya 32:18) Bonke abaya kufumana ubomi obungunaphakade baya kuba bebulungisile ubuntu babo. Akukho bani uya kuba ngongendawo okanye ongalunganga, yaye kungayi kubakho mntu onokuba lixhoba lomntu onjalo. Umprofeti uMika uthi: “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.” (Mika 4:4; Hezekile 34:28) Onjani wona umahluko neendawo eziyingozi zanamhlanje!
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 6]
YIBA NGOLUMKILEYO
Izaphuli-mthetho ezininzi zisebenza ixesha elizeleyo, ukwaphula umthetho zikwenza umsebenzi wazo. Zisenokusebenza njengamaqela abantu ababini okanye abathathu, kwanakuba sisenokuba sinye esikwalathe ngompu. Kuya kucaca ngakumbi nangakumbi ukuba esona saphuli-mthetho siyingozi kakhulu sesona siselula. Ungenza ntoni ukuba kunokwenzeka ube lixhoba?
Hlala uzolile ukuze ungalenzi libe phakuphaku isela—ukungabi namava kwalo kunokukubulala. Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, lazise oko. Sekunjalo, hlala ukulungele ukulinika oko likufunayo isela. Ukuba uyalibazisa, amathuba okungen’ engozini ayanda. Kamva, usenokuvakalelwa kukuba ungalicela ukuba likubuyisele amaphepha akho ofaniso okanye imali yokukhwela udula-dula.
Ngokufuthi akunakumbona umntu osisaphuli-mthetho. Amanye amasela ngamakhoboka eziyobisi okanye angavunyiweyo, amanye afuna nje into yokutya. Nokuba imeko iyintoni na, musa ukuphatha isixa esikhulu semali. Kuphephe ukuvelisa izinto ezenziwe ngamatye anqabileyo, imisesane yegolide, okanye iiwotshi ezixabiso likhulu. Hamba ngokuqhelekileyo, ungabonakalisi koyika. Musa ukubaqwalasela abantu ngokungathi ufuna ukubabona kakuhle. Ukuba kukho abadubulanayo esitratweni, ziphose phantsi; iimpahla zinokuhlanjwa kamva.—Owayesakuba lipolisa eRio de Janeiro.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Hlala uzolile uze ulinike oko likufunayo isela. Ukuba uyalibazisa, amathuba okungen’ engozini ayanda