Zixhathiseni Izithethe EzingezozabuThixo!
UYESU KRISTU wathi: “Inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Ewe, ubuKristu buyabakhulula abantu—bubakhulula ekukhotyokisweni ziinkolelo, bubakhulula ekukholelweni kwiimfundiso nakumathemba obuxoki, bubakhulula kubukhoboka bezenzo ezithob’ isidima.
Noko ke, njengakumaxesha amandulo, amaKristu anamhlanje ngokufuthi ajamelana neengcinezelo zokubuyela kwizithethe zangaphambili. (Galati 4:9, 10) Oku akuthethi kuthi onke amasiko aqhelekileyo anobungozi. Eneneni, umKristu usenokukhetha ukulandela amasiko asekuhlaleni afanelekileyo nayingenelo. Kodwa xa amasiko athile engqubana neLizwi likaThixo, amaKristu akalalanisi. Ngaloo ndlela amaNgqina kaYehova aziwa ngokungavumi ukuba nenxaxheba kwimibhiyozo yeKrismesi, eyosuku lokuzalwa, namanye amasiko angqubanayo neLizwi likaThixo.
Ngokufuthi oku kuma kwawo ngenkalipho kuye kwaphumela kugculelo nenkcaso eqatha evela kubantu aqhelene nabo, kubamelwane, nakwizalamane ezingakholwayo. Oku bekusenzeka ngokukodwa kumazwe athile aseAfrika, apho kukho ingxubevange yezithethe ngokuqhelekileyo ezenziwa emingcwabeni, emitshatweni, naxa kuzalwa umntwana. Iingcinezelo zokuba ulalanise zisenokuba qatha—ngokufuthi zikhatshwa zizisongelo nezenzo zogonyamelo. Anokuma njani eqinile amaKristu kwiimeko ezinjalo? Ngaba kunokwenzeka ukuphepha ungquzulwano ngaphandle kokulalanisa? Ukuphendula loo mibuzo, makhe sihlolisise indlela amaKristu anyanisekileyo aye aqhubana ngayo nezinye zezithethe ezingezozazibhalo.
Amasiko Omngcwabo Asekelwe Kwiinkolelo
Kumazantsi eAfrika kukho izithethe ezininzi eziphathelele imingcwabo. Abo basentlungwini ngokuqhelekileyo bachitha ubusuku bonke—okanye ubusuku beentsuku eziliqela—kwindlu yabo bafelweyo, apho kusoloko kukho umlilo ovuthayo. Abo bafelweyo abavunyelwa ukuba bapheke, bachebe iinwele okanye bahlambe umzimba kude kugqithe umngcwabo. Emva koko, bafanele bahlambe ngomxube okhethekileyo wamayeza. Ngaba amasiko anjalo amkelekile kumaKristu? Hayi. Onke abonakalisa ukukholelwa ekungafini komphefumlo nokuboyika abantu abafileyo.
INtshumayeli 9:5 ithi: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.” Ukwazi le nyaniso kuyamkhulula ubani ekoyikeni ‘imimoya yabafileyo.’ Kodwa ufanele enze ntoni umKristu xa izalamane ezineenjongo ezintle zimnyanzela ukuba abandakanyeke kwezo zithethe?
Khawucinge ngamava eNgqina elithile laseAfrika elinguJane, owafelwa nguyise. Akufika kumzi ekuqhutywa kuwo umngcwabo, ngokukhawuleza waxelelwa ukuba yena nayo yonke intsapho babemele badanise bejikeleza isidumbu ubusuku bonke ukuze kuxoliswe umoya womfi. UJane ubalisa oku: “Ndabaxelela ukuba njengomnye wamaNgqina kaYehova, ndandingenakungenelela kuqheliselo olunjalo. Noko ke, ngosuku olulandela olomngcwabo, iinkonde zekhaya zathi zaziza kuhlamba amalungu entsapho yomfi ukuze akhuseleke ngakumbi kumoya womfi. Kwakhona andizange ndivume ukuba nenxaxheba. Kwangaxeshanye, uMama wayehlaliswe yedwa endlwini. Nabani na owayefuna ukumbona kwakufuneka aqale asele isiselo esithile esinxilisayo esilungiselelwe loo njongo.
“Andizange ndivume ukubandakanyeka kuyo nayiphi na kwezi zinto. Kunoko ndahamba ndaya kulungisa ukutya ekhaya, endathi ndakusa kulaa ndlu awayehlala kuyo uMama. Ngokwenene oku kwayidanisa intsapho yasekhaya. Izalamane zam zazicinga ukuba kwakukho into engathanga ncam kum.” Ngaphezu koko, zamngcikiva zaza zamqalekisa, zisithi: “Ekubeni uye walichasa isiko lethu ngenxa yonqulo lwakho, uza kukuphatha kakubi umoya kayihlo. Enyanisweni, usenokungaphindi ufumane abantwana.” Sekunjalo, uJane akazange oyike. Waba yintoni umphumo? Uthi: “Ngelo xesha ndandinabantwana ababini. Ngoku bathandathu! Oku kuye kwabadanisa abo babesithi andiyi kuphinda ndibe nabantwana.”
“Ukuhlanjululwa” Ngokwesini
Elinye isiko libandakanya ukuhlanjululwa okungokwesithethe ngemva kokufa kweqabane likabani. Ukuba umfazi uyafa, abantu bakowabo baza kuzisa kumhlolo umlanyakazi okanye elinye ibhinqa elisisalamane esisondeleyo somfikazi. Unyanzelekile ukuba abe neentlobano zesini kunye naso. Kusemva koko kuphela apho anokuphinda atshate naye nabani na anqwenela ukumtshata. Kwenzeka okufanayo naxa indoda yomntu othile isifa. Olu qheliselo kucingelwa ukuba luhlambulula iqabane elisaphilayo “kumoya” weqabane elifileyo.
Nabani na ongakuvumiyo oko “kuhlanjululwa” usengozini yokujamelana nengqumbo yezalamane. Usenokwenziwa ikheswa aze abe lixhoba lokungcikivwa nokuqalekiswa. Sekunjalo, amaKristu akavumi kulilandela eli siko. Ayazi ukuba iintlobano zesini nomntu ongatshatanga naye asilohlobo luthile “lokuhlanjululwa,” kulisikizi emehlweni kaThixo. (1 Korinte 6:18-20) Ngaphezu koko, amaKristu amele atshate kuphela “ngokwaseNkosini.”—1 Korinte 7:39.
Umfazi othile ongumKristu waseZambia ogama linguViolet wafelwa yindoda yakhe. Emva koko, izalamane zamphathela indoda ethile, zisithi ufanele abe neentlobano zesini nayo. UViolet akazange avume, yaye wohlwaywa ngokungavunyelwa ukuba akhe amanzi kwiqula likawonke-wonke. Kwakhona walunyukiswa ukuba angahambi kwisitalato esikhulu, mhlawumbi angenzakala. Noko ke, akazange avume ukoyikiswa zizalamane okanye ngabantu awayehlala nabo kuloo dolophana.
Kamva uViolet wabizelwa kwinkundla yasekuhlaleni. Engenadyudyu wacacisa izizathu zakhe ezingokweZibhalo zokungavumi ukubandakanyeka kwiintlobano zesini ezingekho mthethweni. Inkundla yamgwebela, isithi ayinakumnyanzela ukuba anamathele kumasiko nezithethe zasekuhlaleni ezazingqubana neenkolelo zakhe. Okubangel’ umdla kukuba, ukungavumi kwakhe ukulalanisa kwayinciphisa ingcinezelo kwamanye amaNgqina awathi kamva ajamelana nengxaki efanayo kuloo dolophana.
INgqina elithile laseAfrika elinguMonika igama lajamelana nengcinezelo efanayo xa indoda yalo yathi yafa. Abantu basemzini wakhe babefuna ukumendisela kwenye indoda. UMonika uthi: “Andizange ndivume, ndandizimisele ukuthobela umyalelo okweyoku-1 kwabaseKorinte 7:39.” Noko ke, ingcinezelo ayizange iphele. UMonika ukhumbula oku: “Babendisongela. Bathi: ‘Ukuba akuvumi, akusayi kuze utshate kwakhona.’ Bade bathi namanye amaKristu endikhonza nawo ayehlanjululwe ngale ndlela ingokwesithethe ngokufihlakeleyo. Sekunjalo, uMonika wahlala eqinile. Uthi: “Ndahlala iminyaka emibini ndingatshatanga, ekwathi emva koko ndaphinda ndatshata ngendlela yamaKristu.” Ngoku uMonika ukhonza njengovulindlela othe ngxi.
Ukuphuma Kwesisu Nokuzala Imfambilini
Kwakhona amaKristu kumazantsi eAfrika amele ahlangabezane namasiko aphathelele ukuphuma kwesisu nokuzala imfambilini. Izihlo ezibuhlungu njengezi zingumphumo wokungafezeki kwabantu—azisiso isohlwayo esivela kuThixo. (Roma 3:23) Kodwa ukuba umfazi uphunyelwa sisisu, izithethe ezithile zaseAfrika zinyanzelisa ukuba enziwe ikheswa kangangexesha elithile.
Ngaloo ndlela omnye umfazi owayesandul’ ukuphunyelwa sisisu wamangaliswa kukubona iNgqina lisiya kwindlu yakhe. Njengoko lalisondela, lo mfazi wakhwaza esithi: “Ungezi apha! Ngokwesiko lethu, umfazi osandul’ ukuphuma isisu akamele atyelelwe.” Noko ke, eli Ngqina lamxelela ukuba amaNgqina kaYehova asa isigidimi seBhayibhile kuzo zonke iindidi zabantu nokuba akawathobeli amasiko asekuhlaleni ngokuphathelele ukuphuma kwesisu. Landula ke lamfundela uIsaya 65:20, 23, limcacisela ukuba eBukumkanini bukaThixo akuyi kubakho kuphuma kwezisu nokuzala iimfambilini. Ngokomphumo, lo mfazi wasamkela isifundo seBhayibhile sekhaya.
Kwakhona amasiko asekelwe kwiinkolelo asenokwenziwa xa kungcwatywa abantwana abaziimfambilini. Xa iNgqina elithile elinguJoseph laya kumngcwabo onjalo, laxelelwa ukuba bonke abakhoyo bafanele bahlambe izandla zabo ngamayeza athile baze bathambise elo yeza ezifubeni zabo. Kwakusithiwa oku kuza kuthintela “umoya” waloo mveku ukuba ungabuyi uze ubenzakalise. Ngentlonelo uJoseph akazange avume, esazi ukuba iBhayibhile ifundisa ukuba abafileyo abanakubenzakalisa abaphilayo. Sekunjalo, bambi bazama ukumnyanzela ukuba athambise elo yeza. Kwakhona uJoseph akazange avume. Bakubona oku kuma ngokungenaloyiko kwalo mKristu, abanye ababezile ngokufanayo abazange bavume ukusebenzisa loo mayeza.
Ukuphepha Ungquzulwano, Kodwa Uhlale Uqinile
Ukoyika abantu nokoyika ukwenziwa ikheswa kusenokuba namandla abangela ubani alalanise. IMizekeliso 29:25 ithi: “Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo.” La mava angasentla abonisa indlela ayinyaniso ngayo la mazwi akwinxalenye yokugqibela yale ndinyana: “Ke yena okholose ngoYehova uya [kukhuselwa, NW].”
Sekunjalo, ngokufuthi ungquzulwano lunokuphetshwa. Ngokomzekelo, ukuba umKristu umenyiwe kumngcwabo wesalamane, akafanele alinde de abe kwimeko enokumenza alalanise. “Onobuqili uyabubona ububi, azimele; ke zona iziyatha zigqitha kubo, zohlwaywe.”—IMizekeliso 27:12.
Bekuya kuba bubulumko ukubuza ngobuchule ngamasiko aza kwenziwa. Ukuba loo masiko akamkeleki, loo mKristu unokusebenzisa elo thuba ukuze achaze isizathu sokuba engenanxaxheba kuwo, ekwenza oko ‘enobulali noloyiko.’ (1 Petros 3:15) Xa umKristu ekucacisa kusengaphambili ngentlonelo ukuma kwakhe okusekelwe eBhayibhileni, ngokuqhelekileyo izalamane zakhe zityekela ekuzihloneleni iinkolelo zakhe zize zingasebenzisi izisongelo nezoyikiso.
Enoba injani na intsabelo yezalamane, umKristu akanako tu kwaphela ukulalanisa ngokwenza amasiko okungamhloneli uThixo—kungakhathaliseki indlela asongelwa okanye axhatshazwa ngayo. Sikhululwe kuloyiko olubangelwa ziinkolelo. Umpostile uPawulos wabongoza esithi: “Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.”—Galati 5:1.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Abaninzi bakholelwa kwelokuba umntu osandul’ ukufa unokuba ngumlamleli yaye adlulisele imiyalezo kwizinyanya