Indlela Emxinwa Esa Enkululekweni
BAMBALWA abantu abakrelekrele abaliphikisayo elokuba ummandla wendalo ulawulwa yimithetho yemvelo. Le mithetho ilawula zonke izinto ukuqalela kwiiathom ezincinane ukusa kwiminyele emikhulu enamawaka ezigidi eenkwenkwezi. Ukuba ibingekho, abantu ngebengakwazi ukuceba nokuqonda; ubomi ngebungekho. Ngokuyiqonda imithetho yemvelo nokusebenzisana nayo, umntu uye wakwazi ukuphumeza izenzo ezimangalisayo, ezinjengokuya enyangeni nokuvelisa imifanekiso emibala-bala ethatyathwe naphi na emhlabeni okanye kwanangaphandle komhlaba koomabonwakude emakhayeni ethu.
Kodwa kuthekani ngemithetho yokuziphatha? Ngaba ukunamathela kuyo kukwanayo ingenelo nesiqhamo? Abaninzi bavakalelwa kukuba ayikho imithetho yokuziphatha yaye bazikhethela intanda-bulumko kavula zibhuqe okanye unqulo olwanelisa iminqweno yabo.
Noko ke, bakho abakhetha indlela eyahlukileyo, ‘indlela emxinwa esa ebomini’ eyandlalwe eBhayibhileni. Asifanele sothuke kuba le ndlela ikhethwa ngabambalwa kuphela, kuba uYesu wathi ngendlela emxinwa: ‘Bambalwa ke abayifumanayo.’ (Mateyu 7:14) Kutheni bembalwa nje?
Kungenxa yokuba indlela emxinwa ilawulwa yimithetho nemigaqo kaThixo. Ibiya kuba nomtsalane kuphela kumntu okufuna ngokunyanisekileyo ukuvisisanisa ubomi bakhe nemilinganiselo kaThixo. Ngokwahluke ngokupheleleyo kwindlela ebanzi, ebonakala ikhulula kodwa eneneni ekhobokisayo, indlela emxinwa, ebonakala ibophelela, iyamkhulula umntu ngazo zonke iindlela ezibalulekileyo. Imida yayo isekelwe “emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko.”—Yakobi 1:25.
Indlela Ekhulula Ngayo Indlela Emxinwa
Liyinyaniso elokuba, akusoloko kulula ukuhlala kwindlela emxinwa. Wonke umntu ophilayo akafezekanga yaye unotyekelo aluzuze ilifa lokwenza okuphosakeleyo. Ngoko umntu usenokutyekela ekuphambukeni kancinane. Sekunjalo, iingenelo zokunamathela ‘kwindlela ecutheneyo’ zikufanele nakuphi na ukuziqeqesha okanye ukuzilungisa okuyimfuneko, kuba uThixo ‘usifundisa okungasincedayo.’—Isaya 48:17; Roma 3:23.
Ngokomzekelo: Abazali abalumkileyo babenzela ‘indlela ecutheneyo’ abantwana babo ngokukucwangcisa ukutya abakutyayo. Maxa wambi oku kufuna babe ngqongqo ngamaxesha ezidlo. Kodwa xa abantwana bekhulile, baya kuluxabisa uqeqesho lothando lwabazali babo. Xa bengabantu abakhulu, baya kuba beziqhelise ukukhetha ukutya okunempilo. Yaye ukutya okunezondlo okuziintlobo ngeentlobo kuya kubenza bangaze bazive bebotshelelwe.
Ngengqiqo yokomoya, uThixo wenza okufanayo kwabo bakwindlela emxinwa ekhokelela ebomini. Kubantu abathobekileyo uhlakulela iminqweno emihle ekhokelela kulonwabo nakwinkululeko yokwenene. Oku ukwenza ngokusilungiselela iLizwi lakhe, iBhayibhile. Ukongezelela, uyasimema ukuba sithandazele umoya wakhe ukuze usincede, yaye usiyalela ukuba sinxulumane namanye amaKristu, anokusikhuthaza sihlale kwindlela emxinwa. (Hebhere 10:24, 25) Ewe, uThixo uluthando, yaye olu phawu lubalaseleyo lusisiseko seenjongo zakhe nazo zonke iindlela zakhe.—1 Yohane 4:8.
Xa umntu elawulwa luthando, uxolo, ukulunga, ukuzeyisa nezinye iziqhamo zomoya kaThixo, indlela emxinwa ayibonakali ibophelela. Njengoko izibhalo zisitsho, “akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.” (Galati 5:22, 23) “Apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.” (2 Korinte 3:17) Kwanangoku, amaKristu okwenyaniso ayayingcamla le nkululeko. Akhululekile kwizinto ezininzi ezithwaxa abantu namhlanje, ezinjengokoyika ikamva nenkolo yokoyika ukufa. Hayi indlela ekuchulumancisa ngayo ukucinga ngekamva xa “ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle”! (Isaya 11:9) Ngelo xesha, kwanoloyiko lolwaphulo-mthetho aluyi kubakho. Amaqhaga nemivalo yentsimbi iya kuphela ngonaphakade. Bonke abantu baya kuziva bekhululekile yaye bekhuselekile—emini nasebusuku, ekhaya nangaphandle. Leyo iya kuba yinkululeko ngenene!
UThixo Usiqinisekisa Ngokusinceda
Liyinyaniso elokuba, ukuphila ngokwemilinganiselo kaThixo kufuna umgudu, sekunjalo “ayinzima ke imithetho yakhe,” kwanakubantu abangafezekanga. (1 Yohane 5:3) Njengoko sizilungelelanisa nendlela emxinwa yaye siziva iingenelo zokuhamba kuyo, siya sizithiya ngakumbi izenzo nendlela yokucinga yabo bakwindlela ebanzi. (INdumiso 97:10) Ngaphakathi sonke sinawo umnqweno wokuthobela umthetho kaThixo. Kunokuba ‘nomvandedwa wentliziyo, nokwaphuka komoya’ okuphawulekayo kwabaninzi, uThixo uthembisa oku: “Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo.” Ewe, intliziyo eqeqeshwe nguYehova iyavuya yaye ikhululekile.—Isaya 65:14.
UYesu wafa ukuze sifumane inkululeko yokwenene. IBhayibhile ithi: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ngoku, njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, uYesu udlulisela iingenelo zelo dini. Kungekudala, emva ‘kwembandezelo enkulu,’ xa indlela ebanzi nabo bakuyo betshatyalalisiwe, ngomonde uya kuqalisa ukukhokelela uluntu oluthobekileyo kwinxalenye eseleyo yendlela emxinwa kuse ekupheleni kwayo, imfezeko yoluntu. (ISityhilelo 7:14-17; Mateyu 24:21, 29-31) Ekugqibeleni siya kuyibona inzaliseko yesi siprofeto sizukileyo: “Nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” Ayikho into enokudlula le nkululeko ivela kuThixo. Kwanokufa kuya kupheliswa.—Roma 8:21; ISityhilelo 21:3, 4.
Ngokuyibona nangokuyiqonda kakuhle indawo ekhokelela kuyo indlela emxinwa, umntu uba nako ukuyikhetha le ndlela aze ahlale ehamba kuyo. Abaselula bancedwa ngokukhethekileyo ukuba bangajongi nje phambi kwabo yaye bangacatshukiswa koko bakugqala njengemiqathango yemilinganiselo kaThixo. Bafunda ukuba nembono yokuba le bubungqina bothando lukaThixo nesikhuselo kubungendawo bendlela ebanzi. (Hebhere 12:5, 6) Kakade ke, umntu kufuneka abe nomonde, ekhumbula ukuba kuthabatha ixesha ukuvelisa iimpawu neminqweno yobuthixo, kanye njengokuba kuthabatha ixesha ngaphambi kokuba umthi weziqhamo uvelise iziqhamo ezihle. Kodwa umthi uba nemveliso xa uhlakulelwa uze unkcenkceshelwe.
Ngoko fundisisa iLizwi likaThixo, unxulumane namanye amaKristu, yaye ‘uthandaze ungayeki’ ucela umoya oyingcwele. (1 Tesalonika 5:17) Yiba nokholo lokuba uThixo uya kukunceda ‘ulungelelanise umendo wakho.’ (IMizekeliso 3:5, 6) Kodwa ngaba konke oku kusengqiqweni? Ngaba kuyasebenza ngenene? Ewe, kwasebenza kuTom kwanakuMary, abakhankanywe kwinqaku elandulelayo.
Bayeka Ukuhamba Kwindlela Ebanzi
UTom ubhala oku: “Phakathi kwiminyaka yee-1970, sadibana namaNgqina kaYehova xa omnye wawo watyelela ekhayeni lethu. Ingxubusho yakhokelela kwisifundo seBhayibhile. Ngokuthe ngcembe ndaqalisa ukubucoca ubomi bam. Ndabhaptizwa ngowe-1982 yaye ngoku ndikhonza kwibandla elisekuhlaleni. Nonyana wethu ngoku ubhaptiziwe. Ndiyambulela umfazi wam ngokundinyamezela kuyo yonke laa minyaka ngaphambi kokuba ndifunde inyaniso. Yaye ngaphezu kwako konke ndibulela uYehova noNyana wakhe, uKristu Yesu, ngako konke abasinike kona nangethemba esinalo ngoku ngekamva.”
Yaye kuthekani ngoMary? Wayevakalelwa kukuba uThixo wayengayi kuze amxolele, kodwa wafuna ukufunda ngaye ngenxa yabantwana bakhe. Xa weva ukuba amaNgqina kaYehova ayefundisa ummelwane wakhe iBhayibhile, naye wacela uncedo. Noko ke, imikhwa yakhe emibi eyendeleyo yenza kwanzima ukuba enze inkqubela. Isifundo sasingabonakalisi nkqubela. Noko ke, intombi yakhe encinane eneminyaka esixhenxe ubudala yayimkhuthaza. Yayidla ngokuthi: “Musa ukuncama, Mama. Unokuphumelela!” Emva koko uMary wayeye azame ngamandla.
Xa umyeni wakhe wesintu, owayekwazisebenzisa kakubi iziyobisi, wabuyela ekhaya, naye wathelela esifundweni. Ekugqibeleni bobabini bayoyisa imikhwa yabo emibi. Bandula ke, emva kokubhalisa umtshato wabo ngokusemthethweni nasemva kokubhaptizwa, bonwaba kakhulu yaye okwesihlandlo sokuqala baziva beyintsapho yokwenene. Okulusizi kukuba, uGawulayo wada wambulala uMary, kodwa wafa intliziyo yakhe eyimilisele kwidinga leBhayibhile lovuko nobomi kumhlaba oyiparadisi, ongenalo naluphi uphawu lwendlela ebanzi nengendawo.
Ewe, kunokuphunywa kwindlela ebanzi nephangaleleyo ekhokelela entshabalalweni. UKristu Yesu wathi: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Ngoko ke, kutheni ungenzi isigqibo sokuhamba kwindlela emxinwa ekhokelela ebomini? Ngokukuthabatha nzulu nangokukusebenzisa oko ukufunda kwiLizwi likaThixo, idinga leBhayibhile elifudumeza intliziyo linokusebenza kuwe: “Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:32.