‘Ngaba Ndibalulekile KuThixo?’
“NGABA Ndibalulekile? Ngaba UThixo Uyakhathala?” Wawufundeka ngolo hlobo umxholo wenqaku elalikwiChristianity Today. Umbhali weli nqaku, uPhilip Yancey uthi: “Umsebenzi wam njengombhali ubukhulu becala ubusoloko unokuthanani nengxaki yentlungu. Ndiphindaphinda imibuzo efanayo, ngokungathi ndiphulula inxeba elidala elingade liphole. Ndiva okuthethwa ngabafundi beencwadi zam, yaye amabali abo abuhlungu ayawaqinisekisa amathandabuzo endinawo.”
Mhlawumbi nawe ukhe wazibuza enoba uThixo unomdla kubomi bakho kusini na. Ewe, usenokuba uqhelene noYohane 3:16, obonisa ukuba: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” Okanye ukhe wamfunda uMateyu 20:28, othi uYesu wayeze “kuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” Sekunjalo usenokubuza, ‘Ngaba uThixo uyandazi mna? Ngaba undikhathalele mna siqu?’ Kukho isizathu esihle sokukholelwa ukuba uyakukhathalela, njengoko siza kubona.