Siyabafuna Abahlobo Bokwenene
UJENNY noSue bancokola kamnandi. Bayancuma, amehlo abo azele luvuyo—inkangeleko yabo ibonakalisa umdla onzulu koko kuthethwa ngomnye. Nangona beneemvelaphi ezingafaniyo, ngokuqinisekileyo banezinto ezininzi abafana ngazo yaye bahlonelana gqitha.
Kwenye indawo, uEric noDennis basebenza kunye, omnye wemisebenzi abayenze kunye kangangeminyaka. Bakhululekile, yaye bahleka ngokulula. Njengoko incoko yabo ifikelela kwimibandela enzulu, babelana ngezimvo ngokunyanisekileyo. Bayahlonelana. NjengoJenny noSue, uEric noDennis ngabahlobo bokwenene.
Le nkcazelo isenokukwenza uchukumiseke, uze ucinge ngabahlobo bakho. Kwelinye icala, isenokukwenza ulangazelele ubuhlobo obunjalo. Nawe unokubufumana!
Isizathu Sokuba Sifune Abahlobo Bokwenene
Ubuhlobo obulungileyo bubalulekile ukuze siphile kakuhle ngokwasengqondweni nangokwasemzimbeni. Noko ke, ukuba siziva sinesithukuthezi, oko akuthethi kuthi kukho into engalunganga kuthi. Abanye abaphengululi bathi ubulolo bungumnqweno, imbonakaliso engokwemvelo yokuba sifuna ubuqabane. Phofu ke, kanye njengokuba ukutya kusanelisa okanye kuphelisa indlala, ubuhlobo obufanelekileyo bunokubudambisa ubulolo okanye bude bubenze buthi shwaka. Ukongezelela koko, ukufumana abahlobo abalungilyo abasixabisayo akunto ingenakufikeleleka.
Abantu badalwa benomnqweno wokuba neqabane. (Genesis 2:18) IBhayibhile ithi umhlobo, okanye iqabane lokwenene, ‘lizalelwe imbandezelo.’ (IMizekeliso 17:17) Ngenxa yoko, abahlobo bokwenene bafanele bakwazi ukucela uncedo omnye komnye xa luyimfuneko. Kodwa ubuhlobo buthetha okungaphaya kokuba nobani onokubalekela kuye okanye ukuba liqabane emsebenzini okanye xa nidlala. Abahlobo abalungileyo bakha iimpawu ezintle omnye komnye. IMizekeliso 27:17 ithi: “Isinyithi silola isinyithi, indoda ilola ubuso bowayo.” Njengoko isinyithi sisenokusetyenziswa ukulola incakuba eyenziwe ngokufana naso, umhlobo usenokuphumelela ekuloleni ingqondo nobumoya bomnye. Ukuba ukuphoxeka kusenza sidandatheke, ilizwi lomhlobo lovelwano nokhuthazo olungokweZibhalo lunokusikhuthaza kakhulu.
EBhayibhileni, ubuhlobo bunxulunyaniswa nothando, ukuqhelana, ukuthembana nobuqabane. Abahlobo basenokubandakanya abamelwane, osebenza nabo, njalo njalo. Kwakhona bambi baquka izalamane zabo ezithile phakathi kwabona bahlobo babo basenyongweni. Noko ke, abaninzi namhlanje bakufumanisa kunzima ukufumana abahlobo bokwenene baze babagcine. Kutheni kunjalo nje? Ngaba unokufumana ubuhlobo bokwenene nobuhlala buhleli?