IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 8/15 iphe. 15-20
  • Ngaba Uya Kusinda Xa UThixo Ethabatha Amanyathelo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uya Kusinda Xa UThixo Ethabatha Amanyathelo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko UYesu Wakuxela Kwangaphambili, Noko Kwenzekayo
  • Inyama Eya Kusinda—Njani?
  • Likufumbathele Ntoni Ikamva Lakho?
  • “Ezi Zinto Zimele Zenzeke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Baya Kusindiswa Bephila Kwimbandezelo Enkulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • “Uya Kuba Yini Na Umqondiso Wobukho Bakho?”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 8/15 iphe. 15-20

Ngaba Uya Kusinda Xa UThixo Ethabatha Amanyathelo?

“Ngaphandle kokuba loo mihla inqunyulwe ibe mifutshane, bekungayi kubakho nyama isindayo; kodwa ngenxa yabo banyuliweyo loo mihla iya kunqunyulwa ibe mifutshane.”—MATEYU 24:22.

1, 2. (a) Kutheni kuyinto eqhelekileyo ukuba nomdla kwikamva lethu? (b) Umdla wokwemvelo usenokuba ubangele yiphi imibuzo ebalulekileyo?

UNOMDLA kangakanani kwisiqu sakho? Abaninzi namhlanje banomdla ogqithiseleyo kwiziqu zabo, bayazingca. Noko ke, iBhayibhile ayikugwebi ukuba nomdla ofanelekileyo kwizinto ezisichaphazelayo. (Efese 5:33) Oko kuquka ukuba nomdla kwikamva lethu. Ngoko kuyinto eqhelekileyo ukuba ufune ukwazi ngoko likufumbathele kona ikamva lakho. Ngaba unomdla?

2 Sinokuqiniseka ukuba abapostile bakaYesu babenomdla onjalo ngekamva labo. (Mateyu 19:27) Mhlawumbi eso yayisisizathu sokuba abane kubo babe kunye noYesu kwiNtaba yemiNquma. Babuza: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso xa zonke ezi zinto zimiselwe ukufikelela ekuqoshelisweni?” (Marko 13:4) UYesu akazange awutyeshele umdla wabo wokwemvelo kwikamva—umdla wabo nowethu. Izihlandlo ezininzi wabalaselisa indlela ababeya kuchaphazeleka ngayo abalandeli bakhe nomphumo owawuya kulandela ekugqibeleni.

3. Kutheni siyinxibelelanisa nomhla wethu impendulo kaYesu?

3 Impendulo kaYesu isisiprofeto esinenzaliseko enkulu kumhla wethu. Oku sinokukubona kwiimfazwe zehlabathi nakwiimfazwe ebezikho kwinkulungwane yethu, iinyikima ezibulala abantu abaninzi, ukunqongophala kokutya okubangela ukugula nokufa, nezifo ezoyikekayo—ukususela kwisifo soMbathalala sowe-1918 ukuza kufikelela kubhubhani wanamhlanje uGawulayo. Noko ke, ubukhulu becala, impendulo kaYesu yayinenzaliseko ekhokelela neyayiquka ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaRoma ngowama-70 C.E. UYesu wabalumkisa abalandeli bakhe: “Zilumkeleni; abantu baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni, ibe niya kubethwa kwizindlu zesikhungu nize nimiswe phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo.”—Marko 13:9.

Oko UYesu Wakuxela Kwangaphambili, Noko Kwenzekayo

4. Ziziphi izilumkiso eziqukiweyo kwimpendulo kaYesu?

4 UYesu akazange abaxelele ngendlela ababeza kuphathwa ngayo kuphela abafundi bakhe. Wabachazela nendlela ababefanele basabele ngayo. Ngokomzekelo: “Xa nibona into elizothe ebangela isiphanziso imi apho ingafanele ime khona (ofundayo makasebenzise ukuqonda), mabandule ke abo bakwelakwaYuda baqalise ukusabela ezintabeni.” (Marko 13:14) KuLuka 21:20 le ngxelo ithi: “Xa niyibona iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente.” Kwangqineka njani kuyinene oko kwinzaliseko yokuqala?

5. Yintoni eyenzekayo kumaYuda awayekwelakwaYuda ngowama-66 C.E.?

5 IThe International Standard Bible Encyclopedia (1982) isixelela oku: “AmaYuda aluchasa ngakumbi ulawulo lwamaRoma yaye amagosa alapho aba nogonyamelo olungakumbi, akhohlakala aza akanyaniseka ngakumbi. Imvukelo yawo yaqinisa ngoA.D. 66. . . . Imfazwe yaqalisa xa amaZealot athimba iMasada aza, ngaphantsi kukaMenahem, asinga eYerusalem. Kwangelo xesha amaYuda esixeko saseKesareya esasihlala umlawuli aphanziswa, yaye iindaba zeso siganeko zasasazeka kulo lonke elo lizwe. Iingqekembe ezintsha zazinombhalo osusela kuNyaka 1 ukusa kuNyaka 5 waloo mvukelo.”

6. Imvukelo yamaYuda yawenza asabela njani amaRoma?

6 UMkhosi wamaRoma weShumi Elinesibini owawuphethwe nguCestius Gallus waqala eSiriya, watshabalalisa elaseGalili nelakwaYuda, waza wahlasela ikomkhulu, de wafikelela kummandla ongasentla ‘weYerusalem umzi ongcwele.’ (Nehemiya 11:1; Mateyu 4:5; 5:35; 27:53) Ushwankathela okwenzekayo, umqulu othi The Roman Siege of Jerusalem uthi: “Kangangeentsuku ezintlanu amaRoma azama ukudiliza udonga, kodwa esoyisakala izihlandlo eziliqela. Ekugqibeleni abalindi, banikezela ngenxa yothotho lweentolo. Eyila oko kubizwa ngokuba yitestudo—ukuzikhusela ngokudibanisa amakhaka—amajoni amaRoma aludiliza udonga aza azama ukutshisa isango. Abalindi bangenwa luloyiko olugqithiseleyo.” AmaKristu awayekweso sixeko ayewakhumbula amazwi kaYesu yaye ayeqonda ukuba into elizothe yayimi kwindawo engcwele.a Kodwa ekubeni eso sixeko sasingqingiwe, ayenokusaba njani loo maKristu, njengoko uYesu wayecebisile?

7. Yintoni awayenzayo amaRoma ngowama-66 C.E., xa ayeseza koyisa?

7 Umbhali-mbali uFlavius Josephus ubalisa oku: “Engaqondi ukuba iintshaba zakhe zazixhalabile kwanokuba bavakalelwa njani abo bantu, uCestius [Gallus] wasuka wawarhoxisa amadoda akhe, ephelelwa lithemba nangona wayengoyiswanga eneneni, yaye wenza into eyabonakala ingekho ngqiqweni warhoxa kweso siXeko.” (The Jewish War, II, 540 [xix, 7]) Kwakutheni ukuze anikezele uGallus? Enoba sasiyintoni na isizathu, ukunikezela kwakhe kwavulela amaKristu ithuba lokuthobela umyalelo kaYesu aze asabele ezintabeni kwindawo ekhuselekileyo.

8. Enza ntoni amaRoma kwinxalenye yesibini yedabi lawo nxamnye neYerusalem, yaye kwenzeka ntoni kwabasindayo?

8 Ukusinda kwakuxhomekeke kwintobelo. Kungadlulanga xesha lide amaRoma eza kuyiphelisa loo mvukelo. Iphulo elalingaphantsi kukaNjengele Titus lafikelela incopho xa kwangqingwa iYerusalem ukususela ngoAprili ukusa kuAgasti wama-70 C.E. Kubangel’ usizi ukufunda imbali kaJosephus engendlela abandezeleka ngayo amaYuda. Ngaphandle kwalawo awafa esilwa namaRoma, amanye amaYuda abulawa ngamanye amaYuda awayevukela, yaye indlala yakhokelela ekubeni amanye atye inyama yabantu. Ngexesha lokoyisa kwamaRoma, kwakufe amaYuda asisi-1 100 000.b Kwangama-97 000 awasindayo, wambi agwetywa aza abulawa kwangoko; amanye enziwa amakhoboka. UJosephus uthi: “Lawo ayeneminyaka engaphezu kweshumi elinesixhenxe akhonkxwa aza athunyelwa eYiputa ukuze enze imisebenzi enzima, ngoxa amaninzi uTitus wayewafaka kumabala emidlalo ukuze abulawe ngamakrele okanye ngamarhamncwa aneengcwangu.” Njengoko kwakusaqulunqwa oko kwakuya kwenziwa ngawo, amabanjwa ali-11 000 abulawa yindlala.

9. Kwakutheni ukuze amaKristu angalifumani ishwangusha elafunyanwa ngamanye amaYuda, yaye yiyiphi imibuzo ekusafuneka iphendulwe?

9 AmaKristu ayenokuba nombulelo ngokuthobela isilumkiso seNkosi nangokusaba kweso sixeko ngaphambi kokubuya komkhosi wamaRoma. Ngokwenjenjalo asinda koko uYesu wakubiza ngokuba ‘yimbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi kude kube ngelo xesha, nekungasayi kubakho injengaleyo kwakhona’ eYerusalem. (Mateyu 24:21) UYesu wongezelela ngelithi: “Enyanisweni, ngaphandle kokuba loo mihla inqunyulwe ibe mifutshane, bekungayi kubakho nyama isindayo; kodwa ngenxa yabo banyuliweyo loo mihla iya kunqunyulwa ibe mifutshane.” (Mateyu 24:22) Kwakuthetha ukuthini oko ngelo xesha, yaye kuthetha ukuthini ngoku?

10. Ngaphambili besimchaza njani uMateyu 24:22?

10 Kwixa elidluleyo kwacaciswa ukuba ‘inyama eyayiza kusinda’ yayingamaYuda awasindayo kwimbandezelo yeYerusalem ngowama-70 C.E. AmaKristu ayesabile, ngoko uThixo wayenokuwavumela amaRoma ukuba ayitshabalalise ngokukhawuleza. Ngamanye amazwi, ngenxa yesibakala sokuba “abo banyuliweyo” babephumile kummandla oyingozi, imihla yembandezelo yayinokunqunyulwa ibe mifutshane, nto leyo eyayiya kuvumela enye ‘inyama’ engamaYuda isinde. Kwakukho ingcamango yokuba loo maYuda asindayo ayefanekisela abo babeya kusinda kwimbandezelo enkulu ezayo kumhla wethu.—ISityhilelo 7:14.

11. Kutheni kubonakala ngathi inkcazelo kaMateyu 24:22 ifanele iphinde ihlolisiswe?

11 Kodwa ngaba loo nkcazelo iyavisisana noko kwenzekayo ngowama-70 C.E.? UYesu wathi ‘inyama’ engabantu yayiza ‘kusinda’ kuloo mbandezelo. Ngaba ubuya kusebenzisa igama ‘ukusinda’ xa uthetha ngama-97 000 asindayo, ekubeni amawaka kuwo abulawa yindlala okanye abulawa kumabala emidlalo kamva? UJosephus uthi ngelinye lamabala emidlalo, elaliseKesareya: “Inani labo bafa besilwa namarhamncwa asendle okanye besilwa kunye okanye betshiswa ngomlilo lalingaphaya kwama-2 500.” Nangona bengazange bafele edabini, ngokuqinisekileyo abazange ‘basinde.’ Yaye ngaba uYesu wayenokubafanisa nabasindi abavuyayo ‘bembandezelo enkulu’ ezayo?

Inyama Eya Kusinda—Njani?

12. Yayingoobani “abo banyuliweyo” benkulungwane yokuqala awayenomdla kubo uThixo?

12 Ngowama-70 C.E., uThixo wayengasawajongi njengabantu bakhe abanyuliweyo amaYuda okwemvelo. UYesu wabonisa ukuba uThixo wayelulahlile olo hlanga yaye wayeza kusiyeka sibhangiswe isixeko salo esilikomkhulu, itempile nenkqubo yalo yonqulo. (Mateyu 23:37–24:2) UThixo wanyula uhlanga olutsha, uSirayeli wokomoya. (IZenzo 15:14; Roma 2:28, 29; Galati 6:16) Lwaluyilwe ngamadoda nabafazi abakhethwe kuzo zonke iintlanga baza bathanjiswa ngomoya oyingcwele. (Mateyu 22:14; Yohane 15:19; IZenzo 10:1, 2, 34, 35, 44, 45) Kwiminyaka ethile ngaphambi kwentlaselo kaCestius Gallus, uPetros wabhalela “abo banyuliweyo ngokokwazi kwangaphambili kukaThixo uBawo, ngokungcwaliswa ngomoya.” Abo babethanjiswe ngomoya ‘babesisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele.’ (1 Petros 1:1, 2; 2:9) UThixo wayeza kubathabathela ezulwini abo banyuliweyo ukuze balawule kunye noYesu.—Kolose 1:1, 2; 3:12; Tito 1:1; ISityhilelo 17:14.

13. Amazwi kaYesu akuMateyu 24:22 asenokuba ayethetha ukuthini?

13 Ukubazi abo banyuliweyo kuza kusinceda, kuba uYesu waxela kwangaphambili ukuba imihla yembandezelo yayiza kunqunyulwa ibe mifutshane “ngenxa yabo banyuliweyo.”c (Marko 2:27; Yohane 12:30; 1 Korinte 8:11; 9:10, 23; 11:9; 2 Timoti 2:10; ISityhilelo 2:3) Ngaba ikho into eyaba yingenelo okanye eyenzeka ‘ngenxa’ yamaKristu angabo banyuliweyo ababevaleleke eYerusalem?

14. ‘Inyama’ yasinda njani xa umkhosi wamaRoma wasuka warhoxa eYerusalem ngowama-66 C.E.?

14 Khumbula ukuba ngowama-66 C.E., amaRoma angena kwelo lizwe, afikelela kummandla ongasentla weYerusalem, aza aqalisa ukuludiliza olo donga. UJosephus uthi: “Ukuba wayeqhubekile nongqingo lweso siXeko ithutyana elingakumbi ngewayesoyise kwangoko.” Khawuzibuze, ‘Kwakutheni ukuze umkhosi wamaRoma onamandla usuke uyeke ukuhlasela uze ‘wenze into engekho ngqiqweni’ ngokunikezela?’ URupert Furneaux, ingcali ekuchazeni imbali yezomkhosi, uthi: “Akakho umbhali-mbali oye waphumelela ekuchazeni isizathu sesigqibo sikaGallus esingaqondakaliyo nesabangela intlekele.” Enoba sasiyintoni na isizathu, umphumo yaba kukuba imbandezelo inqunyulwe ibe mfutshane. AmaRoma anikezela, aza amaYuda awahlasela njengoko esimka. Kuthekani ngamaKristu athanjisiweyo ‘angabo banyuliweyo’ awayevalelekile? Ukuphela kolo ngqingo kwawenza asinda ekufeni okwakulindelekile ebudeni bembandezelo. Ngoko, loo maKristu awangenelwayo ekunqunyulweni kwembandezelo ibe mfutshane ngowama-66 C.E. aba ‘yinyama’ eyayiza kusinda ngokutsho kukaMateyu 24:22.

Likufumbathele Ntoni Ikamva Lakho?

15. Kutheni sinokuthi sifanele sibe nomdla ngokukodwa kuMateyu isahluko 24 namhlanje?

15 Omnye umntu usenokubuza, ‘Kutheni ndifanele ndibe nomdla ngokukodwa kule nkcazelo icacileyo yamazwi kaYesu?’ Kaloku, kukho izizathu ezininzi zokugqiba kwelokuba isiprofeto sikaYesu sasiza kuba nenzaliseko enkulu ngakumbi, engaphezulu kuleyo yakhokelela kowama-70 C.E.d (Thelekisa uMateyu 24:7; Luka 21:10, 11; ISityhilelo 6:2-8.) Kangangamashumi eminyaka, amaNgqina kaYehova ebeshumayela ukuba inzaliseko enkulu esiyibonayo namhlanje ibonisa ukuba “imbandezelo enkulu” ngakumbi isemnyango. Xa ifikile, aya kuzaliseka njani amazwi esiprofeto akuMateyu 24:22?

16. Sisiphi isibakala esikhuthazayo esisifumana kwiSityhilelo ngembandezelo enkulu ezayo?

16 Malunga namashumi amabini eminyaka emva kwembandezelo yaseYerusalem, umpostile uYohane wabhala incwadi yeSityhilelo. Yangqina ukuba kuseza kubakho imbandezelo enkulu. Yaye, ekubeni sinomdla koko kusichaphazelayo, kusenokusithuthuzela ukwazi ukuba isiprofeto seSityhilelo siyasiqinisekisa ukuba bakho abantu abaya kusinda kule mbandezelo inkulu izayo. Kwangaphambili uYohane wathetha ‘ngesihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi.’ Bangoobani aba? Ilizwi elivela ezulwini liyaphendula: “Aba ngabo baphuma embandezelweni enkulu.” (ISityhilelo 7:9, 14) Ewe, baya kusinda! ISityhilelo sikwasenza siyiqonde indlela eziya kwenzeka ngayo izinto kwimbandezelo enkulu ezayo nendlela aya kuzaliseka ngayo uMateyu 24:22.

17. Iya kuquka ntoni inxalenye yokuqala yembandezelo enkulu?

17 Inxalenye yokuqala yale mbandezelo iya kuba kukuhlaselwa kwehenyukazi lokomfuziselo ekuthiwa ‘yiBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhilelo 14:8; 17:1, 2) Lifuzisela ubukhosi behlabathi lonke bonqulo lobuxoki, iNgqobhoko iyeyona inetyala kubo. Ngokwamazwi eSityhilelo 17:16-18, uThixo uya kukubeka ezintliziyweni zabezobupolitika ukuba balihlasele eli henyukazi lokomfuziselo.e Cinga nje ngendlela okuya kubonakala ngayo oko kubathanjiswa bakaThixo ‘abanyuliweyo’ nakwizinxulumani zabo, “isihlwele esikhulu.” Njengoko intshabalalo yonqulo iqhubeka, kusenokubonakala ngathi loo ntlaselo iya kutshayela zonke iintlangano zonqulo, kuquka abantu bakaYehova.

18. Kutheni kusenokubonakala ngathi akuyi kubakho “nyama” iya kusinda kwinxalenye yokuqala yembandezelo enkulu?

18 Amazwi kaYesu afumaneka kuMateyu 24:22 aya kuzaliseka ngomlinganiselo omkhulu ngelo xesha. Njengoko abanyuliweyo ababeseYerusalem babebonakala ngathi basengozini, abakhonzi bakaYehova basenokubonakala besengozini yokutshatyalaliswa ebudeni bokuhlaselwa konqulo, kubonakale ngathi loo ntlaselo iya kutshayela yonke ‘inyama’ engabantu bakaThixo. Sekunjalo, masikhumbule okwenzekayo emva phayaa ngowama-66 C.E. Imbandezelo eyayibangelwa ngamaRoma yanqunyulwa yamfutshane, nto leyo eyanika abathanjiswa bakaThixo abanyuliweyo ithuba elaneleyo lokusaba nokuze basinde. Ngaloo ndlela, sinokuqiniseka ukuba ukutshatyalaliswa konqulo akuyi kuvunyelwa ukuba kubhangise ibandla labanquli bokwenyaniso elisemhlabeni wonke. Kuya kwenzeka ngokukhawuleza, kube ngathi ‘kungamini-nye.’ Noko ke, ngandlel’ ithile loo ntlaselo iya kunqunyulwa ibe mfutshane, ayisayi kuziphumeza ngokupheleleyo iinjongo zayo, ukuze abantu bakaThixo ‘basinde.’—ISityhilelo 18:8.

19. (a) Emva kwenxalenye yokuqala yembandezelo enkulu, yintoni eya kubonakala? (b) Kuya kukhokelela entwenini oko?

19 Ezinye iinxalenye zentlangano kaSathana uMtyholi yasemhlabeni ziya kuqhubeka zikho okwethutyana, zikhalela isithandane sazo esidala sonqulo. (ISityhilelo 18:9-19) Ebudeni boku, ziya kuphawula ukuba abakhonzi bokwenyaniso bakaThixo basekho, ‘bahleli bekholosile bonke bephela, bahleli bengenazindonga’ yaye bebonakala bezizisulu. Hayi indlela eziya kumangaliseka ngayo! Xa kubonakala ngathi zihlasela abakhonzi bakhe, uThixo uya kuphakama ukuze agwebe iintshaba zakhe kwinxalenye yokugqibela yembandezelo enkulu.—Hezekile 38:10-12, 14, 18-23.

20. Kutheni inxalenye yesibini yembandezelo enkulu ingayi kubabeka engozini abantu bakaThixo?

20 Le nxalenye yesibini yembandezelo enkulu iya kufana noko kwenzeka kwiYerusalem nakubemi bayo xa amaRoma ayehlasela okwesibini ngowama-70 C.E. Iya kungqineka ‘iyimbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube [ngelo xesha], nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.’ (Mateyu 24:21) Noko ke, sinokuqiniseka ukuba abanyuliweyo bakaThixo nezinxulumani zabo abasayi kuba kwindawo eyingozi, babe sesichengeni sokubulawa. Hayi, abayi kusabela kwindawo yokoqobo ethile. AmaKristu enkulungwane yokuqala awayeseYerusalem ayenokusaba kweso sixeko ngokuya kummandla osezintabeni, njengakwiPella engaphesheya kweYordan. Noko ke, kwixesha elizayo amaNgqina kaThixo athembekileyo aya kuba esemhlabeni wonke, ngoko ukukhuseleka nokusinda akuyi kuxhomekeka kwindawo akuyo.

21. Ngoobani abaya kube besilwa kwidabi lokugqibela, yaye uya kuba yintoni umphumo?

21 Loo ntshabalalo ayisayi kubangelwa yimikhosi yamaRoma okanye omnye uthunywashe wabantu. Kunoko, incwadi yeSityhilelo ithi imikhosi eya kuphumeza loo mgwebo ivela ezulwini. Ewe, loo nxalenye yokugqibela yembandezelo enkulu, ayisayi kuphunyezwa yimikhosi yabantu, kodwa iya kuphunyezwa “nguLizwi likaThixo,” uKumkani uYesu Kristu, encediswa ‘yimikhosi esezulwini,’ kuquka amaKristu athanjisiweyo avusiweyo. “UKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi” iya kuphumeza umgwebo omkhulu ngakumbi kunowaphunyezwa ngamaRoma ngowama-70 C.E. Uya kutshabalalisa bonke abantu abachasene noThixo—ookumkani, abaphathi-mikhosi, abakhululekileyo namakhoboka, abancinane nabakhulu. Neentlangano zabantu ezikwihlabathi likaSathana ziya kufikelela esiphelweni.—ISityhilelo 2:26, 27; 17:14; 19:11-21; 1 Yohane 5:19.

22. Kungayiphi enye ingqiqo eya kuthi isinde ngayo ‘inyama’?

22 Khumbula ukuba ‘inyama’ yentsalela ethanjisiweyo ‘neyesihlwele esikhulu,’ iya kuba sele isindisiwe ekubhangisweni kweBhabhiloni Enkulu ngephanyazo kwinxalenye yokuqala yaloo mbandezelo. Ngokufanayo, nakwinxalenye yokugqibela yaloo mbandezelo, ‘inyama’ esabele ngakwicala likaYehova iya kusindiswa. Hayi indlela ekuya kwahluka ngayo oku koko kwenzekayo kamva kumaYuda anemvukelo ngowama-70 C.E.!

23. ‘Inyama’ eya kusinda inokukhangela phambili entwenini?

23 Ucinga ngoko kunokwenzeka kuwe nakwabo ubathandayo kwixesha elizayo, phawula isithembiso esikwiSityhilelo 7:16, 17: “Abasayi kulamba yaye bengayi kunxanwa kwakhona, nelanga aliyi kubagqatsa okanye nayiphi na ingqatsini, ngenxa yokuba iMvana, ephakathi kwetrone, iya kubalusa, kwaye iya kubakhokelela emithonjeni yamanzi obomi. Yaye uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.” Ngokuqinisekileyo, oko ‘kukusindiswa’ ngengqiqo emangalisayo nehlala ihleli ngokwenene.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona IMboniselo kaJuni 1, 1996, iphepha 14-19.

b UJosephus uthi: “Ekungeneni kukaTitus kweso sixeko, wakhwankqiswa kukunqabiseka kwaso . . . Wavakalisa oku: ‘UThixo ebengakwicala lethu; nguThixo owathobileyo amaYuda kwezi nqaba; kuba yintoni ebinokwenziwa zizandla nezixhobo zomntu kwiinqaba ezinje ukomelela?’”

c Okubangel’ umdla kukuba kwinguqulelo yakhe kaMateyu 24:22, uShem-Tob usebenzisa igama lesiHebhere elithi ʽa·vurʹ, elineentsingiselo ezilandelayo “ngenxa, ukuze.”—Bona inqaku elandulelayo, iphepha 13.

d Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1994, iphepha 11 nele-12, nesicangca esikwiphepha 14 nele-15, esiqulethe impendulo kaYesu engokwesiprofeto efumaneka kuMateyu isahluko 24, uMarko isahluko 13 noLuka isahluko 21.

e Bona ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 235-58, epapashwe ngowe-1988 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

Ubuya Kuphendula Uthini?

◻ Ziziphi iinxalenye ezimbini zokuhlaselwa kweYerusalem ngumkhosi wamaRoma?

◻ Kutheni kungenakwenzeka ukuba amaYuda angama-97 000 awasinda ngowama-70 C.E. abe ayila ‘inyama’ ekhankanywe kuMateyu 24:22?

◻ Yanqunyulwa njani yaba mifutshane imihla yokubandezelwa kweYerusalem, yaye ngoko ‘inyama’ yasindiswa njani?

◻ Kwimbandezelo enkulu ezayo, imihla iya kunqunyulwa njani ibe mifutshane ukuze kubekho ‘inyama’ esindayo?

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Ingqekembe yamaYuda eyenziwa emva kwemvukelo. Umbhalo wesiHebhere uthi “Unyaka wesibini,” okuthetha owama-67 C.E., unyaka wesibini wokuziphatha

[Inkcazelo]

Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Ingqekembe yamaRoma eyenziwa ngowama-71 C.E. Ngasekhohlo ngumRoma oxhobileyo; ekunene libhinqa elingumYuda nelisentlungwini. Amagama athi “IVDAEA CAPTA” athetha ukuthi “ElakwaYuda Elithinjiweyo”

[Inkcazelo]

Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share