“Ezi Zinto Zimele Zenzeke”
“UYesu wathi kubo: ‘. . . Ezi zinto zimele zenzeke, kodwa isiphelo asikabikho.’ ”—MATEYU 24:4-6.
1. Nguwuphi umbandela esifanele sibe nomdla kuwo?
NGOKUQINISEKILEYO unomdla kubomi bakho nakoko ikamva likufumbathele kona. Ufanele ube nomdla ke nakumbandela owathimba ingqalelo kaC. T. Russell emva phayaa ngowe-1877. URussell, kamva owaseka iWatch Tower Society, wabhala incwadi ethi The Object and Manner of Our Lord’s Return. Le ncwadana eyayinamaphepha angama-64 yayithetha ngokubuya kukaYesu, okanye ukuza kwakhe kwixesha elizayo. (Yohane 14:3) Ngenye imini xa babekwiNtaba yemiNquma, abapostile babuza ngoko kubuya kwakhe: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho [okanye, “wokuza,” King James Version] bakho nowokuqosheliswa kwenkqubo yezinto?”—Mateyu 24:3.
2. Kutheni kukho iimbono ezininzi ezingquzulanayo ngoko uYesu wakuxela kwangaphambili?
2 Ngaba uyayazi yaye uyayiqonda impendulo kaYesu? Ifumaneka kwiincwadi ezintathu zeVangeli. UNjingalwazi D. A. Carson uthi: “Zimbalwa izahluko zeBhayibhile eziye zabangqubanisa ngeentloko abo bazicacisayo njengoMateyu 24 kunye noMarko 13 noLuka 21 ezithetha into efanayo.” Emva koko uchaza eyakhe imbono—enye yeembono zabantu ezingquzulanayo. Kule nkulungwane idluleyo, iimbono ezininzi ezinjalo ziye zabonakalisa ukungabi nalukholo. Abo zivela kubo babemi ngelithi uYesu akazange ayithethe yonke le nto siyifunda kwiincwadi zeVangeli, ngamany’ amazwi oko wakuthethayo kwabuya kwagqwethwa kamva, okanye ke iziprofeto zakhe azizange zizaliseke—ziimbono ezixonxwe luhlalutyo oluqatha ke ezo. Omnye umhlalutyi wada wagqala incwadi yeVangeli kaMarko ‘njengentanda-bulumko yamaBhuda kaMahayana’!
3. AmaNgqina kaYehova asijonga njani isiprofeto sikaYesu?
3 Ngokwahlukileyo koko, amaNgqina kaYehova ayamkela iBhayibhile njengencwadi eyinyaniso nenokuthenjwa, kuquka oko uYesu wakuxelela abapostile bakhe abane ababekunye naye kwiNtaba yemiNquma kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokuba afe. Ukususela ngemihla kaC. T. Russell, abantu bakaThixo baye bakhanyelwa nangakumbi sisiprofeto esadluliselwa nguYesu apho. Kwiminyaka embalwa edluleyo, IMboniselo iye yakhanyisa nangakumbi ngesi siprofeto. Ngaba uye wayamkela loo nkcazelo, waza wayibona indlela ebuchaphazela ngayo ubomi bakho?a Makhe senze impinda.
Intlekele Eza Kwenzeka Kungekudala
4. Sisenokuba siyintoni isizathu sokuba abapostile babuze uYesu ngekamva?
4 Abapostile babesazi ukuba uYesu wayenguMesiya. Ngoko xa beva ethetha ngokuba uza kufa, avuswe, aze abuye, bamele ukuba bazibuza ukuba, ‘Ukuba uYesu uza kufa aze emke, uza kuzenza njani izinto ezintle ekulindeleke ukuba uMesiya azenze?’ Kwathi kusenjalo, uYesu wathetha ngokutshatyalaliswa kweYerusalem netempile yayo. Abapostile basenokuba bazibuza, ‘Kuza kwenzeka nini yaye njani oko?’ Ngelokuzama ukuziqonda ezi zinto, abapostile babuza: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso xa zonke ezi zinto zimiselwe ukufikelela ekuqoshelisweni?”—Marko 13:4; Mateyu 16:21, 27, 28; 23:37–24:2.
5. Oko kwathethwa nguYesu kwazaliseka njani kwinkulungwane yokuqala?
5 UYesu waxela kwangaphambili esithi kwakuza kubakho iimfazwe, iindlala, iindyikitya zokufa, iinyikima zomhlaba, intiyo nentshutshiso ejoliswe kumaKristu, oomesiya bobuxoki, nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani kuyo yonke indawo. Kwandule ke kufike isiphelo. (Mateyu 24:4-14; Marko 13:5-13; Luka 21:8-19) UYesu wazithetha ezi zinto ebutsheni bowama-33 C.E. Kumashumi eminyaka alandelayo, abafundi bakhe ababethe qwa baphawula ukuba ezo zinto zazixelwe kwangaphambili zazisenzeka ngokubonakalayo. Ewe, imbali ibonisa ukuba loo mqondiso wawuzaliseka ngelo xesha, ukhokelela ekuphelisweni kwenkqubo yezinto yamaYuda ngamaRoma ngowama-66 ukusa kowama-70 C.E. Yayiqale phi le nto?
6. Yintoni eyenzeka phakathi kwamaRoma namaYuda ngowama-66 C.E.?
6 Ebudeni behlobo lowama-66 C.E. lakwaYuda elalibalasele ngokutshisa, amaZealot angamaYuda afunz’ esiqwini kubalindi abangamaRoma ababekwinqaba eyayikufutshane netempile eYerusalem, nto leyo eyadala izidubedube kulo lonke ilizwe. Kwincwadi ethi History of the Jews, uNjingalwazi Heinrich Graetz ubalisa esithi: “UCestius Gallus, omsebenzi wakhe, njengeRhuluneli yaseSiriya, yayikukulondoloza isidima somkhosi waseRoma, . . . akazange akwazi ukuyibukela imvukelo eyayinwenwa okomlilo wedobo phambi kwakhe kunoko wazama ukuyiphelisa. Waqokelela amajoni akhe, yaye iinkosana ezaziselumelwaneni zathumela amajoni azo ngokuzithandela.” Lo mkhosi owawunamadoda angama-30 000 wayingqinga iYerusalem. Emva kokuba ekhe azilwela, amaYuda arhoxa aza aya kuncathama emva kweendonga ezazikufutshane netempile. “Kwiintsuku ezintlanu ezalandelayo amaRoma azama ukudiliza ezo ndonga, kodwa ke kwakunyanzeleka ukuba aman’ ukurhoxa ephepha izinto ezazigityiselwa ngamaYuda. Ade akwazi ngomhla wesithandathu ukuyidiliza inxalenye yodonga olukumntla oluphambi kweTempile.”
7. Yintoni eyayinokwenza abafundi bakaYesu bajonge izinto ngendlela eyahlukileyo kwinkoliso yamaYuda?
7 Khawuthelekelele nje indlela amaYuda amele ukuba ayedideke ngayo, kuba kaloku kangangexesha elide ayecinga ukuba uThixo wayeya kuwakhusela wona nesixeko sawo esingcwele! Noko ke, abafundi bakaYesu babelunyukiswe kwangaphambili ngesihelegu esasiza kuhla eYerusalem. UYesu wayexele kwangaphambili wathi: “Kuya kuza phezu kwakho imihla yaxa iintshaba zakho ziya kwakha inqaba zikujikeleze ngezibonda ezibaziweyo yaye ziya kukurhawula zize zikuxhwalekise macala onke, ibe ziya kukuntlala emhlabeni wena nabantwana bakho abangaphakathi kuwe, kwaye aziyi kushiya litye phezu kwelitye kuwe.” (Luka 19:43, 44) Kodwa ngaba oku kwakuthetha ukufa kumaKristu awayeseYerusalem ngowama-66 C.E.?
8. Yiyiphi intlekele eyaxelwa kwangaphambili nguYesu, yaye ngoobani “abanyuliweyo” eyayiza kunqunyulwa ngenxa yabo loo mihla?
8 Xa wayephendula abapostile kwiNtaba yemiNquma, uYesu waxela kwangaphambili esithi: “Loo mihla iya kuba yimihla yembandezelo ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwendalo awayidalayo uThixo de kwalelo xesha, kwaye ayisayi kubakho kwakhona. Enyanisweni, ngaphandle kokuba uYehova ayinqumle ibe mifutshane loo mihla, bekungayi kubakho nyama isindayo. Kodwa ngenxa yabanyuliweyo abo aye wabanyula uyinqumle yaba mifutshane loo mihla.” (Marko 13:19, 20; Mateyu 24:21, 22) Ngoko loo mihla yayiza kunqunyulwa ibe mifutshane baze “abanyuliweyo” basindiswe. Yayingoobani abo? Ngokuqinisekileyo yayingengawo amaYuda anemvukelo awayesithi anqula uYehova ngoxa engazange amamkele uNyana wakhe. (Yohane 19:1-7; IZenzo 2:22, 23, 36) Ngelo xesha abanyuliweyo bokwenene yayingamaYuda nababengengomaYuda ababenokholo kuYesu njengoMesiya noMsindisi. NguThixo owayebanyulile, ibe ngePentekoste yowama-33 C.E., wabenza baluhlanga lokomoya olutsha, “uSirayeli kaThixo.”—Galati 6:16; Luka 18:7; IZenzo 10:34-45; 1 Petros 2:9.
9, 10. ‘Yanqunyulwa’ njani imihla yohlaselo lwamaRoma, ibe waba yintoni umphumo?
9 Ngaba loo mihla ‘yanqunyulwa yaba mifutshane’ baza abathanjiswa abanyuliweyo ababeseYerusalem basindiswa? UNjingalwazi Graetz uthi: “[UCestius Gallus] wakubona kungebobulumko ukufane abambane ngezixhanti nala madela-kufa awayesitsha ziintambo aze aziqhwayele iphulo elaliza kuthabatha ixesha elide, ekubeni kwakusele kumbovu ukuba zigaleleke iimvula zentwasahlobo . . . ibe loo nto yayiza kubangela ukuba umkhosi ungafumani izinto zokuwuxhasa. Mhlawumbi kungenxa yaloo nto awacinga ukuba makayiyeke yonke loo nto.” Enoba wayecinga ntoni na uCestius Gallus, imikhosi yaseRoma yona yarhoxa kweso sixeko, ibe yabulawa kanobom ngamaYuda awayeyisukela.
10 Oko kurhoxa kwamaRoma ngokungalindelekanga kwavula ithuba lokuba ‘inyama’—abafundi bakaYesu ababesemsini kanye eYerusalem—isindiswe. Imbali ibonisa ukuba lathi lakuvuleka eli thuba, amaKristu aphum’ aphela kuloo mmandla. Obunjani bona ubungqina bokuba uThixo uyakwazi ukuliqonda kwangaphambili ikamva labanquli bakhe aze aqiniseke ukuba bayasinda! Kodwa ke kuthekani ngamaYuda awayengengomakholwa awasala eYerusalem nakwelakwaYuda?
Abo Babephila Ngoko Babeza Kuzibonela
11. Yintoni eyathethwa nguYesu ‘ngesi sizukulwana’?
11 AmaYuda amaninzi ayevakalelwa kukuba inkqubo yawo yonqulo, esazulu sayo sasiyitempile, yayiya kuhlal’ ikho. Kodwa uYesu wathi: “Fundani kuwo umkhiwane le ngongoma . . . : Kwakamsinya nje lakuba isetyana lawo lithamba lize livelise amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokunjalo nani, xa nibona zonke ezi zinto, yazini ukuba ukufuphi eminyango. Inene ndithi kuni asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nomhlaba, kodwa amazwi am akayi kuze adlule.”—Mateyu 24:32-35.
12, 13. Abafundi basenokuba baliqonda njani ibinzana elasetyenziswa nguYesu elithi “esi sizukulwana”?
12 Kwiminyaka engaphambi nje kowama-66 C.E., amaKristu amele ukuba ayeyibonile inzaliseko enkulu yeziganeko ezininzi ezazitshayelela umqondiso oyintlanganisela—iimfazwe, iindlala, kwanokushunyayelwa ngokubanzi kweendaba ezilungileyo zoBukumkani. (IZenzo 11:28; Kolose 1:23) Noko ke, sasiza kufika nini eso siphelo? Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi: ‘Asisayi kudlula esi sizukulwana [ige·ne·aʹ ngesiGrike]’? UYesu wayedla ngokubiza izihlwele ezichasayo zamaYuda ezaziphila ngelo xesha, kuquka neenkokeli zonqulo, ngokuthi ‘sisizukulwana esingendawo, nesikrexezayo.’ (Mateyu 11:16; 12:39, 45; 16:4; 17:17; 23:36) Ngoko xa waphinda wathetha ebhekisa ‘kwesi sizukulwana’ kwiNtaba yemiNquma, kuyabonakala ukuba wayengathethi ngalo lonke uhlanga lwamaYuda ukutyhubela imbali; engazange kananjalo abhekise kubalandeli bakhe nangona ‘babesisizwe esinyuliweyo.’ (1 Petros 2:9) Kananjalo uYesu wayengathi “esi sizukulwana” sasilixesha elimiselweyo.
13 Kunoko, uYesu wayecinga ngamaYuda elo xesha awayechasa awayeza kuyibona inzaliseko yomqondiso awawunikelayo. Ethetha ngebinzana elithi “esi sizukulwana” kuLuka 21:32, uNjingalwazi Joel B. Green uthi: “Kwincwadi yeSithathu yeVangeli ibinzana elithi ‘esi sizukulwana’ (namanye afana nalo) belikade lithetha abantu abathile abangavisisaniyo nenjongo kaThixo. . . . [Libhekisela] koontamo-lukhuni abayinikel’ umva injongo kaThixo.”b
14. Yintoni eyafikela eso “sizukulwana,” kodwa kutheni kwenzeka okwahlukileyo kumaKristu?
14 Nesizukulwana esingendawo sabachasi abangamaYuda ababewubona umqondiso uzaliseka sasiza kutshatyalaliswa. (Mateyu 24:6, 13, 14) Ibe kwenzeka loo nto kanye! Ngowama-70 C.E., imikhosi yamaRoma yabuya ikhokelwa nguTitus, unyana woMlawuli uVespasian. Intlungu eyafunyanwa ngamaYuda awayephinde avingcelwa kweso sixeko ayikholeleki.c UFlavius Josephus owazibonela ngamehlo akhe ubika ukuba athi amaRoma esibhangisa eso sixeko, abe amaYuda anokuba sisi-1 100 000 sele efile aza ali-100 000 athinjwa, ibe inkoliso yawo kungekudala yabulawa liphango okanye yafela kumabala emidlalo aseRoma. Kuyinyaniso ukuba, imbandezelo eyayiphakathi kowama-66 nowama-70 C.E. yayiyeyona inkulu kwezakha zayifikela okanye ezaziseza kuyifikela iYerusalem kunye nenkqubo yamaYuda. Hayi indlela izinto ezazahluke ngayo kumaKristu awayethobele isiprofeto esisisilumkiso sikaYesu aza ayishiya iYerusalem emva kokumka kwemikhosi yamaRoma ngowama-66 C.E.! Abathanjiswa abangamaKristu “abanyuliweyo” ‘basinda,’ okanye bagcinwa bekhuselekile, ngowama-70 C.E.—Mateyu 24:16, 22.
Enye Inzaliseko Esezayo
15. Yintoni esenza siqiniseke ukuba isiprofeto sikaYesu sasiza kuba nenzaliseko enkulu emva kowama-70 C.E.?
15 Noko ke, kwakungaphelelanga apho. Ngaphambilana, uYesu wayebonisile ukuba emva kokutshatyalaliswa kweso sixeko, wayeza kuza egameni likaYehova. (Mateyu 23:38, 39; 24:2) Emva koko wakucacisa nangakumbi oku kwisiprofeto awasidlulisela kwiNtaba yemiNquma. Emva kokuba ethethe ‘ngembandezelo enkulu’ ezayo, wachaza ukuba emva koko kwakuya kuvela ooKristu bobuxoki, ibe iYerusalem yayiza kunyathelwa ziintlanga ixesha elide. (Mateyu 24:21, 23-28; Luka 21:24) Ngaba kwakuseza enye inzaliseko engaphezulu? Izibakala ziyavuma. Xa sithelekisa ISityhilelo 6:2-8 (esabhalwa emva kwembandezelo yaseYerusalem ngowama-70 C.E.) noMateyu 24:6-8 kunye noLuka 21:10, 11, sifumanisa ukuba iimfazwe, ukunqongophala kokutya kunye noobhubhani zaziseza kufika ngomlinganiselo omkhulu. Le nzaliseko inkudlwana yamazwi kaYesu ibiqhubeka ukususela kwiMfazwe Yehlabathi I eqhambuke ngowe-1914.
16-18. Yintoni esisalindele ukuba yenzeke?
16 Ngoku amaNgqina kaYehova sele enamashumi eminyaka efundisa ukuba inzaliseko yangoku yomqondiso ingqina ukuba kukho “imbandezelo enkulu” esezayo. Esi “sizukulwana” singendawo sikhoyo siza kuyibona loo mbandezelo. Kuyabonakala ukuba nangesi isihlandlo kuza kubakho intshayelelo (ukuhlaselwa kwalo lonke unqulo lobuxoki), kanye njengokuba uhlaselo lukaGallus lowama-66 C.E. lwaba sisiqalo sembandezelo eYerusalem.d Kuya kuthi ke, emva kwethuba elingachazwanga ukuba loba lide kangakanani na, kufike isiphelo—intshabalalo efana neyowama-70 C.E., kodwa egubungela ihlabathi liphela.
17 Ethetha ngembandezelo eza kufika kungekudala, uYesu wathi: “Ngoko nangoko emva kwembandezelo yaloo mihla [yokutshatyalaliswa konqulo lobuxoki] ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukhanya kwayo, ibe kuya kuwa iinkwenkwezi ezulwini, namandla amazulu aya kugungqiswa. Uya kwandula ke umqondiso woNyana womntu ubonakale ezulwini, zandule zonke izizwe zomhlaba zimbambazele zisenza isijwili, ibe ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini ezulu enamandla nozuko olukhulu.”—Mateyu 24:29, 30.
18 Ngenxa yoko, uYesu uthi “emva kwembandezelo yaloo mihla,” kuya kwenzeka isiganeko esithile esibhakabhakeni. (Thelekisa uYoweli 2:28-32; 3:15.) Eso siganeko siya kubamangalisa size sibothuse abantu abangathobeliyo, kangangokuba baya ‘kumbambazela besenza isijwili.’ Abaninzi baya ‘kufa isiqaqa ngenxa yoloyiko nolindelo lwezinto ezifikela umhlaba omiweyo.’ Kodwa oko akuyi kwenzeka kumaKristu! Aya ‘kuphakamisa iintloko zawo, ngenxa yokuba intlangulo yawo isondela.’—Luka 21:25, 26, 28.
Umgwebo Ukufuphi!
19. Sinokulazi njani ixesha oya kuzaliseka ngalo umzekeliso wezimvu neebhokhwe?
19 Phawula ukuba uMateyu 24:29-31 uxela kwangaphambili ukuba (1) uNyana womntu uyeza, (2) uza enozuko olukhulu, (3) uza kuphelekwa ziingelosi, yaye (4) zonke izizwe zomhlaba ziza kumbona. UYesu uyaziphinda ezi nkalo kumzekeliso wezimvu neebhokhwe. (Mateyu 25:31-46) Ngenxa yoko, sinokufikelela kwisigqibo sokuba lo mzekeliso ubhekisela kwixesha, emva kokuqhambuka kwembandezelo, xa uYesu eza kuza neengelosi aze ahlale kwitrone yakhe ukuze agwebe. (Yohane 5:22; IZenzo 17:31; thelekisa eyoku-1 yooKumkani 7:7; Daniyeli 7:10, 13, 14, 22, 26; Mateyu 19:28.) Ngoobani abaza kugwetywa, yaye uya kuba yintoni umphumo? Lo mzekeliso ubonisa ukuba uYesu uza kunikela ingqalelo kuzo zonke iintlanga, ngokungathi zihlanganisene kanye phambi kwetrone yakhe yasezulwini.
20, 21. (a) Yintoni eza kwenzeka kwizimvu ekuthethwe ngazo kumzekeliso kaYesu? (b) Yintoni eza kwenzeka kwizimvu kwixesha elizayo?
20 Amadoda namabhinqa anjengezimvu aza kumiswa kwicala lasekunene likaYesu nto leyo ebonisa ukuba uyakholiswa ngawo. Ngoba? Ngenxa yokuba esebenzise onke amathuba avelayo ukuze enze okulungileyo kubazalwana bakhe—amaKristu athanjisiweyo, aza kulawula noKristu kuBukumkani basezulwini. (Daniyeli 7:27; Hebhere 2:9–3:1) Ngokuvisisana nalo mzekeliso, izigidi zamaKristu anjengezimvu ziye zabamkela zaza zabaxhasa abazalwana bokomoya bakaYesu. Ngenxa yoko, “isihlwele esikhulu” sinethemba elisekelwe eBhayibhileni lokusinda ‘kwimbandezelo enkulu,’ size emva koko siphile ngonaphakade eParadesi, kummandla wasemhlabeni woBukumkani bukaThixo.—ISityhilelo 7:9, 14; 21:3, 4; Yohane 10:16.
21 Hayi indlela izinto eziya kwahluka ngayo kwiibhokhwe! Zichazwa kuMateyu 24:30 ‘njengezimbambazelayo zisenza isijwili’ xa uYesu esiza. Zifanele ke phofu, kuba ziya kube zidume ngokuchasa iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ngokuchasa abafundi bakaYesu nangokukhetha ukulandela eli hlabathi lidlulayo. (Mateyu 10:16-18; 1 Yohane 2:15-17) NguYesu—kungekhona abafundi bakhe abasemhlabeni—ogqiba ngabo baziibhokhwe. Xa ethetha ngabo uthi: “Aba baya kumka baye kunqunyulo lukanaphakade.”—Mateyu 25:46.
22. Yiyiphi inxalenye yesiprofeto sikaYesu esifanele siyiqwalasele ngokubhekele phaya?
22 Ibibangel’ imincili inkqubela yethu kwindlela esisiqonda ngayo isiprofeto esikuMateyu isahluko 24 nesama-25. Noko ke, ikho inxalenye yesiprofeto sikaYesu efuna siyinikele ingqalelo ngokubhekele phaya—‘into elizothe ebangela isiphanziso emi kwindawo engcwele.’ UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba basebenzise ukuqonda xa befika kulo mba baze balungele ukuthabatha amanyathelo. (Mateyu 24:15, 16) Yintoni le “nto elizothe”? Ima nini kwindawo engcwele? Yaye achaphazeleka njani amathemba ethu angoku nawexesha elizayo? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngalo mba.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona amanqaku afundwayo enkupho yeMboniselo kaFebruwari 15, 1994; nekaOktobha 15 noNovemba 1, 1995; neka-Agasti 15, 1996.
b Umphengululi waseBritani uG. R. Beasley-Murray uthi: “Ibinzana elithi ‘esi sizukulwana’ lifanele lingabi yingxaki kwabo balicacisayo. Ngoxa kuvunywa ukuba igama elithi genea kwisiGrike sangaphambili lalithetha ukuzalwa, umlibo nesizwe esithile, . . . [kwiSeptuagint yesiGrike] lidla ngokuguqulelwa ngegama lesiHebhere elithi dôr, elithetha ixesha, ixesha lokuphila kwabantu, okanye isizukulwana esiphila ngelo xesha. . . . Kumazwi ekuthiwa athethwa nguYesu eli binzana libonakala lineengcamango ezimbini: kwenye libhekisela kubantu ababephila ngexesha lakhe, ngoxa kwenye lisoloko lisetyenziswa ngenjongo ecacileyo yokugxeka.”
c Kwincwadi ethi History of the Jews, uNjingalwazi Graetz uthi maxa wambi amaRoma ayebethelela amabanjwa angama-500 ngosuku kwizibonda zentuthumbo. Amanye amaYuda awayethinjiwe anqunyulwa izandla aza abuyiselwa esixekweni. Zazinjani iimeko apho? “Ixabiso lemali lalihlile, kuba yayingakwazi ukuthenga isonka. Amadoda ayebambana ngezihlwitha ezitratweni ebangisana ngokona kutya kulizothe nokucekisekayo, intwana yesitroyi, isiqa sofele, okanye iinyama zangaphakathi ezazilahlelwa ezinjeni. . . . Inani elalisanda lezidumbu eziqungquluzileyo labangela ukuba umoya otshisayo wehlobo uthwale izifo, ibe abemi bangenwa zizifo, babhuqwa yindlala, baza badliwa nalikrele.”
d Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngayo le nkalo yembandezelo esezayo.
Ngaba Uyakhumbula?
◻ Wazaliseka njani uMateyu 24:4-14 ngenkulungwane yokuqala?
◻ Ngexesha labapostile, yanqunyulwa njani imihla yaye yasindiswa njani inyama, njengoko kuchazwe kwangaphambili kuMateyu 24:21, 22?
◻ Sabonakala ngantoni ‘isizukulwana’ esichazwe kuMateyu 24:34?
◻ Sazi njani ukuba isiprofeto esanikelwa kwiNtaba yemiNquma sasiseza kuba nenye inzaliseko enkulu?
◻ Uza kuzaliseka nini yaye njani umzekeliso wezimvu neebhokhwe?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Iinkcukacha ezikwiLitye likaTitus eRoma, zibonisa amaxhoba awafunyanwa xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem
[Inkcazelo]
Soprintendenza Archeologica di Roma