“Wabadala Bayindoda Nebhinqa”
“Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe, wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wabadala bayindoda nebhinqa.”—GENESIS 1:27, NW.
1. Inyaniso iyintsikelelo njani kumadoda nakumabhinqa angamaKristu?
HAYI indlela ekuluyolo ngayo ukuba phakathi kwabantu bakaYehova nokunxulumana namadoda namabhinqa, kuquka amakhwenkwe namantombazana, agqala ukwenza ukuthanda kukaThixo nokumhlonela njengento eza kuqala ebomini! Inyaniso ikwasikhulula kwisimo sengqondo nehambo engamkholisiyo uYehova uThixo, yaye isifundisa indlela umKristu afanele aphile ngayo. (Yohane 8:32; Kolose 3:8-10) Ngokomzekelo, kuzo zonke iindawo abantu banezithethe okanye iingcamango ezithile ngokuphathelele indlela amadoda afanele abonakalise ngayo iimpawu zobudoda, namabhinqa iimpawu zobubhinqa. Ngaba kuphelela nje ekubeni amadoda azalwa eneempawu zobudoda, ibe amabhinqa azalwa eneempawu zobubhinqa? Okanye ngaba zikho ezinye iinkalo ezimele ziqwalaselwe?
2. (a) Ifanele isekelwe entwenini imbono yethu ngeempawu zobudoda nezobubhinqa? (b) Kwenzeke ntoni kwiimbono zabantu ngeempawu zobudoda nezobubhinqa?
2 KumaKristu, iLizwi likaThixo ligunya esimele silithobele, zingakhathaliseki iimbono zobuqu, ezasekuhlaleni, okanye ezingokwesithethe esisenokuba siye sazamkela. (Mateyu 15:1-9) IBhayibhile ayinikeli zinkcukacha ngazo zonke iinkalo zeempawu zobudoda nezobubhinqa. Kunoko, ivula ithuba lokwahluka, njengoko kunjalo kwiindlela zabantu zokuphila ezahlukahlukeneyo. Ukuze abe yiloo nto uThixo wayewadale ukuba abe yiyo, amadoda amele abe neempawu zobudoda, namabhinqa abe nezobubhinqa. Ngoba? Ngenxa yokuba ngaphezu kokuba indoda nebhinqa benziwe baphelelisana ngokwasemzimbeni, babemele baphelelisane nangeempawu zobudoda nezobubhinqa. (Genesis 2:18, 23, 24; Mateyu 19:4, 5) Sekunjalo, iimbono zabantu ngokuba yindoda nokuba libhinqa ziye zagqwetheka zaza zaphazamiseka. Abaninzi bagqala iimpawu zobudoda ikukulawula ngegqudu, ukuba ngqwabalala, okanye ukusebenzisa izigalo. Kwezinye iindawo kuyinto engumnqa okanye kulihlazo ukuba indoda ilile, enokuba kusesidlangalaleni okanye kungasese. Ukanti, kwisihlwele esasikufuphi kwingcwaba likaLazaro, “zasuka zathi waxa iinyembezi kuYesu.” (Yohane 11:35) Ngokwenjenjalo uYesu wayengenzi into engafanelekanga, ekubeni wayegqibelele ngeempawu zobudoda. Namhlanje abaninzi baye banembono engalungelelananga ngeempawu zobubhinqa, becinga ukuba zikukuba nomtsalane ngokwasemzimbeni nangokwesini.
Iimpawu Zokwenene Zobudoda Nezobubhinqa
3. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwamadoda namabhinqa?
3 Ziziphi iimpawu zokwenene zobudoda nezobubhinqa? IThe World Book Encyclopedia ithi: “Inkoliso yamadoda namabhinqa ayifani kungekuphela nje ngendlela ebunjwe ngayo, kodwa nangendlela yokuziphatha nezinto enomdla kuzo. Ezinye zeendlela eyahluka ngazo zibangelwa yindlela edalwe ngayo. . . . Kodwa uninzi lweendlela eyahluka ngazo ezingenanto yakwenza nendlela ebunjwe ngayo lusekelwe kwindlela yokwenza izinto yabantu besini esithile efundwa ngubani. Abantu bazalwa bengamadoda okanye bengamabhinqa, kodwa bayayifunda indlela yokubonakalisa iimpawu zobudoda okanye zobubhinqa.” Imfuza yethu isenokubangela izinto ezininzi, kodwa ukukhulisa iimpawu ezifanelekileyo zobudoda okanye ezobubhinqa kuxhomekeke ekufundeni kwethu oko uThixo akufunayo noko sifuna ukukusukela ebomini.
4. Ityhila ntoni iBhayibhile ngendima yendoda neyebhinqa?
4 Imbali yeBhayibhile ibonisa ukuba indima ka-Adam yayikukunikela ukhokelo njengentloko yomfazi nabantwana bakhe. Kwakhona kwakufuneka athobele uThixo ngokuzalisa umhlaba, awoyise, yaye alawule zonke izidalwa ezisemhlabeni. (Genesis 1:28) Indima kaEva entsatsheni yayikukuba ‘ngumncedi nomphelelisi’ kuAdam, athobele ubuntloko bakhe, esebenzisana naye ekuzalisekiseni injongo eyavakaliswa nguThixo ngabo.—Genesis 2:18; 1 Korinte 11:3.
5. Lonakala njani ulwalamano phakathi kwendoda nebhinqa?
5 Kodwa uAdam akazange ayiphumeze imbopheleleko yakhe, ibe uEva wasebenzisa iimpawu zakhe zobubhinqa ukuze ahende uAdam ukuba amthelele ekuvukeleni uThixo. (Genesis 3:6) Ngokwenza oko wayesazi ukuba kuphosakele, uAdam wasilela ukubonakalisa iimpawu zokwenene zobudoda. Ngobuthathaka wakhetha ukwamkela oko kwakuthethwa liqabane lakhe elalikhohlisiwe kunokwamkela oko uYise noMdali wakhe wayekuthethile. (Genesis 2:16, 17) Kungekudala eso sibini sokuqala safumana oko uThixo wayekubone kwangaphambili ukuba kwakuza kuba ngumphumo wokungathobeli. UAdam, ngaphambili owayechaze umfazi wakhe ngamazwi amyoli, nabumbongo, ngoku wathetha ngokungakhathali ngaye esithi ‘lo mfazi ondinike yena.’ Ngoku ukungafezeki kwakhe konakalisa kwaza kwamenza wazisebenzisa kakubi iimpawu zakhe zobudoda, nto leyo eyabangela ukuba ‘amlawule umfazi wakhe.’ Kwelinye icala, “inkanuko” kaEva yayiza kuba sendodeni yakhe, mhlawumbi ngendlela ebaxiweyo okanye engalungelelananga.—Genesis 3:12, 16.
6, 7. (a) Kukuphi ukugqwethwa kweempawu zobudoda okwakhulayo ngaphambi koMkhukula? (b) Yintoni esinokuyifunda kwimeko yangaphambi koMkhukula?
6 Ukusetyenziswa kakubi kweempawu zobudoda nezobubhinqa kwakugqwesile ngaphambi koMkhukula. Iingelosi ezashiya isikhundla sazo santlandlolo sasezulwini zambatha imizimba yabantu ukuze zibe neentlobano zesini namabhinqa. (Genesis 6:1, 2) Le ngxelo ikhankanya amadoda kuphela kwinzala eyavela kwezo ntlobano zesini zingezozamvelo. Ibe kubonakala ukuba loo nzala yayingamabhastile, ingakwazi ukuvelisa inzala. Yayisaziwa ngokuba ziingxilimbela, iiNefili, okanye abaWisi, ekubeni yayibawisa phantsi abanye abantu. (Genesis 6:4; umbhalo osemazantsi weNW) Kubonakala ukuba yayinogonyamelo, ikhohlakele, ingenamfesane.
7 Kuyacaca ukuba, ubuhle bomzimba, ukumila, ubungakanani bomzimba okanye amandla azinakuthi zizodwa zibonakalise iimpawu ezamkelekileyo zobudoda nezobubhinqa. Kusenokwenzeka ukuba iingelosi ezambatha imizimba yenyama zaziziinzwana. Yaye amaNefili ayezizigantsontso yaye enezoso, kodwa isimo sengqondo sawo sasigqwethekile. Iingelosi ezingathobeliyo kunye nenzala yazo zazalisa umhlaba ngokuziphatha okubi ngokwesini nogonyamelo. Ngenxa yoko, uYehova waliphelisa elo hlabathi. (Genesis 6:5-7) Noko ke, uMkhukula awuzange uyiphelise impembelelo yeedemon, ungazange kananjalo uwushenxise umphumo wesono sika-Adam. Ukubonakalisa iimpawu zobudoda nezobubhinqa ngokungafanelekanga kwaphinda kwabonakala emva koNogumbe, ibe kukho imizekelo eBhayibhileni, elungileyo nengalunganga, esinokufunda kuyo.
8. Nguwuphi umzekelo omhle weempawu zobudoda ezifanelekileyo owamiselwa nguYosefu?
8 UYosefu nomfazi kaPotifare babonisa umahluko omkhulu ophakathi kweempawu ezifanelekileyo zobudoda neempawu zobubhinqa ezikhuthazwa lihlabathi. Umfazi kaPotifare, ekubeni wayethabathekile yile nzwana inguYosefu, wazama ukuyirhwebesha. Ngelo xesha, kwakungekho mthetho kaThixo ubhaliweyo owawuthintela ukuhenyuza okanye umbulo. Kodwa, uYosefu wasaba kuloo mfazi wayeziphethe kakubi waza wazingqina eyindoda yokwenene kuThixo, indoda ebonakalisa iimpawu zobudoda ezamkelekileyo kuThixo.—Genesis 39:7-9, 12.
9, 10. (a) UKumkanikazi uVashti wazisebenzisa kakubi njani iimpawu zakhe zobubhinqa? (b) Nguwuphi umzekelo omhle weempawu zobubhinqa esawumiselwa nguEstere?
9 UEstere noKumkanikazi uVashti bamisela umzekelo obalaseleyo kumabhinqa. Kubonakala ukuba uVashti wayecinga ukuba wayemhle gqitha kangangokuba uKumkani uAhaswerosi wayeya kusoloko evumelana neminqweno yakhe. Kodwa ubuhle bakhe babufana nobekhiwane. Wayengenabulali yaye engabonakalisi zimpawu zabubhinqa, kuba wasilela ukubonakalisa ukuthobela umyeni wakhe owayengukumkani. Ukumkani wamala waza wakhetha umfazi oneempawu zokwenene zobubhinqa, enyanisweni, owayesoyika uYehova ukuze abe ngukumkanikazi wakhe.—Estere 1:10-12; 2:15-17.
10 UEstere ungumzekelo omhle kubafazi abangamaKristu. ‘Wayemile kakuhle, emhle nasebusweni,’ kodwa wabonakalisa isihombo ‘somntu ofihlakeleyo wentliziyo kwisivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali.’ (Estere 2:7; 1 Petros 3:4) Akazange ajonge isihombo sangaphandle njengento ephambili. UEstere wabonakalisa ubuchule nokuzeyisa, ethobela umyeni wakhe uAhaswerosi, kwanaxa ubomi babantu bakowabo babusengozini. UEstere wayethula xa kwakububulumko ukwenjenjalo kodwa athethe ngokungenaloyiko xa kuyimfuneko yaye ilixesha elifanelekileyo lokwenjenjalo. (Estere 2:10; 7:3-6) Wasamkela isiluleko somza wakhe oqolileyo uMordekayi. (Estere 4:12-16) Wabonakalisa uthando nokunyaniseka kubantu bakowabo.
Inkangeleko Yangaphandle
11. Yintoni esifanele siyikhumbule ngokuphathelele inkangeleko yangaphandle?
11 Siyintoni isikhokelo sokufumana iimpawu ezifanelekileyo zobubhinqa? Omnye umama wathi: “Bubuxoki ubuhle, ngamampunge ubunzwakazi; ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa.” (IMizekeliso 31:30) Ngoko uloyiko lokuhlonela uThixo lubalulekile, yaye ububele obunothando, intetho emyoli, ukuthozama nokuthobeka kwindlela alusebenzisa ngayo ulwimi lwakhe kufak’ isandla ngakumbi kwiimpawu zobubhinqa kunokuba busenza ubuhle.—IMizekeliso 31:26.
12, 13. (a) Yintoni engathandekiyo ebalaseleyo kwintetho yabaninzi? (b) Yintoni intsingiselo yeMizekeliso 11:22?
12 Okulusizi kukuba, amadoda namabhinqa amaninzi akawuvuli ngobulumko umlomo wawo, yaye engasebenzisi ububele obunothando xa ethetha. Intetho yawo irhabaxa, iyakwekwa, ikrwada yaye ayibonakalisi lwazelelelo. Amanye amadoda acinga ukuba ukuthetha izinto ezingcolileyo kuluphawu lobudoda, ibe amanye amabhinqa ngobuyatha ayawaxelisa. Ukanti, ukuba ibhinqa lihle kodwa alinabulumko yaye lithanda ukuxambulisana, liyakwekwa okanye liyazingca, ngaba ngokwenene lingalihle ngokwentsingiselo yelo gama, lineempawu zokwenene zobubhinqa? “Likhonkco legolide ethatheni lehagu inzwakazi eswele izimvo [ubulumko, NW].”—IMizekeliso 11:22.
13 Ubuhle xa bukunye nentetho engacocekanga, ukukwekwa, okanye ukuswela ubulumko buya kungqubana nazo naziphi na iimpawu zembonakalo yobubhinqa ubani anokuzibonakalisa. Enyanisweni, ihambo enjalo yokungahloneli uThixo inokude imenze ngxathu umntu onomtsalane ngokwenkangeleko. Masiqonde kakuhle ukuba inkangeleko engokomzimba yendoda okanye ibhinqa ayinakukuthethelela ukugqabhuka komsindo, ukungxola, okanye ukuthuka. Onke amaKristu anako yaye amele azenze abe nomtsalane kuThixo nakwabanye abantu ngentetho nehambo yawo esekelwe eBhayibhileni.—Efese 4:31.
14. Hlobo luni lwesihombo olunconyelwa kweyoku-1 kaPetros 3:3-5, ibe uvakalelwa njani ngaso?
14 Ngoxa iimpawu ezifanelekileyo zobudoda nezobubhinqa zisekelwe kwiimpawu zokomoya, inkangeleko yethu engokomzimba, kuquka impahla esiyinxibayo nendlela esiyinxiba ngayo, ithetha okuthile ngathi. Ngokuqinisekileyo umpostile uPetros wayecinga ngeendlela zokunxiba nezokuzilungisa zenkulungwane yokuqala, xa waluleka abafazi abangamaKristu esithi: “Ukuhomba kwenu makungabi kokokulukwa kwangaphandle kweenwele nokokufakwa kwezihombo zegolide okanye ukunxitywa kwezambatho zangaphandle, kodwa mayibe ngumntu ofihlakeleyo wentliziyo kwisivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali, wexabiso elikhulu emehlweni kaThixo. Kuba kanjalo, nangaphambili abafazi abangcwele ababethembele kuThixo babezihombisa, bezithoba kumadoda abo.”—1 Petros 3:3-5.
15. Yintoni abafazi abangamaKristu abafanele bazabalazele ukuyibonakalisa kwindlela abanxiba ngayo?
15 Kweyoku-1 kaTimoti 2:9, 10, sifumana la magqabaza kaPawulos alandelayo ngendlela yokunxiba yabafazi: “Ndinqwenela ukuba abafazi bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo . . . ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo, oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.” Apha wayebethelela imfuneko yokunxiba ngendlela ethozamileyo nelungeleleneyo ebonisa ukuphila kwengqondo.
16, 17. (a) Isinxibo siye sasetyenziswa kakubi njani ngamadoda namabhinqa amaninzi namhlanje? (b) Ngenxa yecebiso elinikelwe kwiDuteronomi 22:5 sisiphi isigqibo esifanele sifikelele kuso?
16 Kwindoda okanye ibhinqa, inkwenkwe okanye intombazana, ukwenza into okanye ukunxiba ngendlela evuselela inkanuko yesini akuyi kuziphuhlisa iimpawu zokwenene zobudoda okanye zobubhinqa, ibe ngokuqinisekileyo akubonakalisi ntlonelo kuThixo. Uninzi lwabantu ehlabathini lude lugabadele ngokubonisa iimpawu zesini samadoda okanye samabhinqa kwindlela olunxiba noluziphatha ngayo. Abanye bawenza ungacaci umahluko ophakathi kwezini beneenjongo zokuziphatha kakubi. Hayi indlela esinombulelo ngayo thina maKristu kuba iBhayibhile ityhila indlela uThixo acinga ngayo! UYehova wavakalisa oku kuSirayeli wamandulo: “Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.”—Duteronomi 22:5.
17 Ngokuphathelele lo mba, uya kukuvuyela ukuphinda ufunde oko kwathethwa yiMboniselo ka-Agasti 15, 1988, kwiphepha 17: “Umbandela asingowokuba uhlobo oluthile lusefashonini ngokugqithiseleyo kodwa ngowokuba ngaba lumfanele kusini na ubani ozibiza ngokuba ungumlungiseleli kaThixo. (Roma 12:2; 2 Korinte 6:3) Ukunxiba impahla engandilisekanga okanye ethe nca emzimbeni kunokusenza singaxabiseki isigidimi sethu. Uhlobo lwempahla oluthi ngokucacileyo nangokunenjongo luwenze amadoda afane namanenekazi okanye amanenekazi afane namadoda ngokuqinisekileyo alufanelekanga. (Thelekisa iDuteronomi 22:5.) Kambe ke, amasiko asekuhlaleni asenokwahlukahlukana, ngenxa yemozulu, uhlobo lomsebenzi, njalo njalo, ngendlela yokuba ibandla lamaKristu lingamisi imithetho engqongqo equka ubuzalwana bazwenibanzi.”
18. Ngawaphi amanyathelo esisenokuwathabatha xa sisebenzisa isiluleko seBhayibhile esiphathelele indlela yokunxiba neyokuzilungisa?
18 Esinjani ukulungelelana nokufaneleka isiluleko! Okulusizi kukuba, amanye amaKristu, angamadoda nangamabhinqa, amfamekiswa siso nasiphi na isinxibo okanye indlela yokuzilungisa ekhuthazwa lihlabathi engakhange acinge ngendlela eya kumchaphazela ngayo uYehova nebandla lamaKristu. Ngamnye wethu usenokuzicikida ukuze abone enoba uye waphenjelelwa yindlela yokucinga yehlabathi kusini na. Okanye sisenokuya kumzalwana okanye udade esimhlonelayo nonamava size simcele ukuba asixelele iindawo esinokuphucula kuzo kwindlela esinxiba ngayo size silithabathe nzulu elo cebiso.
Amadoda Namabhinqa AngamaKristu—Amadoda Namabhinqa Okwenene
19. Yiyiphi impembelelo engathandekiyo esifanele siyilwe?
19 Uthixo weli hlabathi nguSathana, ibe impembelelo yakhe inokubonwa ngokuphixana kweempawu zobudoda nezobubhinqa, ibe oko kuphixana kudlulela ngaphaya kwesinxibo. (2 Korinte 4:4) Kwamanye amazwe abafazi abaninzi bakhuphisana namadoda ngobuntloko, beyityeshela imigaqo yeBhayibhile. Kwelinye icala, amadoda amaninzi aye azithi tyaa iimbopheleleko zawo zobuntloko, njengoko uAdam wenzayo. Kukho abo bade baguqule indima yabo engokwemvelo yesini baze bathabathe enye. (Roma 1:26, 27) IBhayibhile ayithethi ngendlela eyenye yokuphila eyamkelekileyo kuThixo. Ibe nabani na owathi, ngaphambi kokuba ngumKristu, akayazi indima yakhe okanye akazazi ukuba ungowasiphi na isini unokuba nentembelo yokuba kuya kuba yingenelo ehlala ihleli ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo, imilinganiselo ngokuqinisekileyo eya kuxatyiswa ngabo bonke abantu abafikelela imfezeko.
20. AmaGalati 5:22, 23 afanele abe nawuphi umphumo kwimbono yethu ngeempawu zobudoda nezobubhinqa?
20 IZibhalo zibonisa ukuba amadoda nabafazi abangamaKristu kufuneka bahlakulele baze babonakalise iziqhamo zomoya kaThixo—uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) UThixo, ngobulumko bakhe obubalaseleyo, wenza amadoda akwazi ukuphuhlisa iimpawu zawo zobudoda, namabhinqa akwazi ukuphuhlisa ezobubhinqa, ngokuhlakulela ezo mpawu. Kulula ukuhlonela indoda ebonakalisa iziqhamo zomoya, nomfazi owenjenjalo kulula ukumthanda.
21, 22. (a) Yiyiphi indlela yokuphila eyamiselwa nguYesu njengomzekelo? (b) UYesu wazibonakalisa njani iimpawu zakhe zobudoda?
21 Oyena mntu ubalaseleyo wakha waphila nguYesu Kristu, ibe amaKristu afanele axelise indlela awayephila ngayo. (1 Petros 2:21-23) Njengoko uYesu wenzayo, amadoda namabhinqa afanele azingqine enyanisekile kuThixo kwaye alithobele iLizwi Lakhe. UYesu wabonakalisa iimpawu ezintle gqitha zothando, ukuthantamisa nenceba. NjengamaKristu okwenyaniso, kulindeleke ukuba simxelise ukuze sizingqine singabafundi bakhe.—Yohane 13:35.
22 UYesu Kristu wayeyindoda yokwenene, ibe sinokuzibona iimpawu zakhe zobudoda njengoko sifundisisa ngengxelo yobomi bakhe ebhalwe eZibhalweni. Akazange atshate, kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba wayeluvuyela unxulumano olulungeleleneyo namabhinqa. (Luka 10:38, 39) Ulwalamano lwakhe namadoda namabhinqa lwalusoloko lunyulu yaye lubekekile. Ungumzekelo ogqibeleleyo weempawu zobudoda. Akazange avumele namnye—indoda, ibhinqa, okanye ingelosi engathobeliyo—ukuba amhluthe iimpawu zakhe zobudoda bokuhlonela uThixo nokuthembeka kuYehova. Akazange aphozise maseko ekwamkeleni iimbopheleleko zakhe, ibe oko wakwenza engakrikrizi.—Mateyu 26:39.
23. Ngokuphathelele indima yabantu bezini ezahlukeneyo, amaKristu okwenyaniso asikeleleke njani ngokukhethekileyo?
23 Hayi indlela okuvuyisa ngayo ukuba phakathi kwabantu bakaYehova nokunxulumana namadoda namabhinqa, kunye namakhwenkwe namantombazana, agqala ukuthanda nokuhlonela uYehova uThixo njengento eza kuqala ebomini! Asicinezelekanga ngenxa yokuthobela iLizwi likaThixo. Kunoko, sikhululekile kweli hlabathi nakwiindlela zalo ezibusingela phantsi ubuhle, injongo neendima zabantu bezini ezahlukeneyo. Sinokufumana ulonwabo lokwenene olubangelwa kukuzalisekisa indima esiyinikwe nguThixo ebomini, enoba singamadoda okanye singamabhinqa. Ewe, hayi indlela esinombulelo ngayo kuYehova uThixo, uMdali, ngawo onke amalungiselelo othando asenzele wona nangokusidala saba ngamadoda namabhinqa!
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Ziziphi iindima ezifanelekileyo zamadoda namabhinqa ezichazwa yiBhayibhile?
◻ Iimpawu zobudoda zagqwetheka njani ngaphambi koMkhukula, ibe zikunye nezobubhinqa ziye zagqwetheka njani kwimihla yethu?
◻ Liliphi icebiso leBhayibhile eliphathelele inkangeleko ofuna ukulisebenzisa?
◻ Amadoda namabhinqa angamaKristu anokuzingqina njani engamadoda namabhinqa okwenene?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Nangona wayemhle, uEstere ukhunjulwa ngokukhethekileyo ngenxa yokuthozama nangomoya wakhe wokululama nobulali
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Nikela ingqalelo esengqiqweni kwindlela yokuzilungisa ngoxa ugxininisa kakhulu kubuhle bangaphakathi