Benza Ukuthanda KukaYehova
UYesu Wachitha Ixesha Nabantwana
UBULUNGISELELI beminyaka emithathu enesiqingatha bukaYesu babusiya ngasesiphelweni. Kungekudala wayeza kungena eYerusalem aze afe ngokungcungcuthekisayo. Wayesazi kakuhle ngoko kuza kwenzeka, kuba waxelela abafundi bakhe esithi: “UNyana womntu uza kunikelwa ezandleni zabantu, ibe baya kumbulala.”—Marko 9:31.
Ngokuqinisekileyo, uYesu wayefuna ukulusebenzisa ngokunengenelo kangangoko anako usuku ngalunye, iyure nganye, mzuzu ngamnye oseleyo. Abalandeli bakhe babesafuna ukuncedwa. UYesu wabona ukuba babesafuna ukuyalwa kakhulu ngokuphathelele imfuneko yokuthobeka nengozi esoloko ikho yokukhubeka. (Marko 9:35-37, 42-48) Kwakhona babesafuna ukufundiswa ngokuphathelele umtshato, uqhawulo-mtshato nokungatshati. (Mateyu 19:3-12) Esazi ukuba kungekudala uza kufa, alithandabuzeki elokuba uYesu wathetha nabafundi bakhe ngokungqalileyo nangokungxamiseka. Ixesha lalibaluleke kakhulu—nto leyo eyenza ukuba oko kwenziwa nguYesu emva koku kuphawuleke ngakumbi.
UYesu Wamkela Abantwana
Ingxelo yeBhayibhile ithi: “Abantu baqalisa ukuzisa kuye abantwana abaselula ukuze abachukumise.” Xa abafundi bakubona oku, kwangoko bakugxeka. Mhlwawumbi bacinga ukuba uYesu wayebaluleke gqitha okanye wayexakeke kakhulu ukuba azikhathaze ngabantwana. Khawufan’ ucinge indlela abothuka ngayo abafundi bakhe, xa, uYesu wathi wacaphuka! Wabaxelela esithi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum. Musani ukuzama ukubalela, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.” Wandula Yesu wongezelela esithi: “Enyanisweni ndithi kuni, Nabani na ongabamkeliyo ubukumkani bukaThixo njengomntwana oselula akasayi kuze nangayiphi na indlela angene kubo.”—Marko 10:13-15.
UYesu wabona iimpawu ezintle kubantwana. Ngokuqhelekileyo bafuna ukwazi yaye bathembekile. Bayakwamkela oko kuthethwa ngabazali babo baze babathethelele phambi kwabanye abantwana. Indlela yabo yokwamkela izinto nokufundiseka kwabo ifanele ixeliswe ngabo banomnqweno wokufumana uBukumkani bukaThixo. Njengokuba uYesu watsho, “ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.”—Thelekisa uMateyu 18:1-5.
Kodwa uYesu wayengabasebenzisi nje aba bantwana ukuze enze umzekeliso. Le ngxelo ikwenza kucace ukuba uYesu ngokunyanisekileyo wayekuthanda ukuba phakathi kwabo. UMarko uthi uYesu “wabawola aba bantwana waza waqalisa ukubasikelela, ebeka izandla zakhe phezu kwabo.” (Marko 10:16) Yingxelo kaMarko kuphela equka ingcaciso efudumeleyo yokuba uYesu “wabawola aba bantwana.”a Ngoko uYesu wenza into eyayingalindelwanga ngabantu abadala, ababezise aba bantwana ukuze uYesu “abachukumise” nje kuphela.
Yintoni eyayibalulekile kuYesu ‘ngokubabeka izandla’ abantwana? Oku akubonisi nayiphi na into yonqulo, enjengobhaptizo. Ngoxa kwezinye izihlandlo, ukubeka izandla kwakuthetha ukunyulwa, kwezinye kuthetha nje ukusikelelwa. (Genesis 48:14; IZenzo 6:6) Ngoko kusenokuba uYesu wayebasikelela aba bantwana.
Kakade ke, uMarko usebenzisa igama elinamandla ‘lokusikelela’ (ka·teu·lo·geʹo), elithetha amandla aqinisayo. Oku kuthetha ukuba uYesu wabasikelela abantwana ngokusuka entliziyweni, ngobubele nangokufudumeleyo. Licacile elokuba, abantwana wayengabagqali beluxanduva olutya ixesha.
Oko Sikufundayo
Abantwana nabantu abadala babengamoyiki uYesu okanye abathob’ isidima xa eqhubana nabo. Enye imbekiselo ithi: “Kwakumele ukuba wayesoloko encumile yaye ekuthanda ukuhleka ngovuyo.” Akumangalisi ke ngoko ukuba abantu abakubudala obahlukahlukeneyo babefumanisa kulula ukuba phakathi kwakhe. Ngokucinga ngomzekelo kaYesu, sisenokuzibuza, ‘Ngaba abanye bakufumanisa kulula ukuza kum?’ ‘Ngaba ndisoloko ndixakeke gqitha ukuba ndizixhalabise ngeengxaki nangezinto ezibaxhalabisayo abanye?’ Ukuhlakulela umdla onyanisekileyo ebantwini kuya kusishukumisela ukuba sikulungele ukubanceda, njengokuba uYesu wenzayo. Abanye baya kuwubona umdla wethu wokwenene yaye baya kutsaleleka kuthi.—IMizekeliso 11:25.
Njengokuba ingxelo kaMarko ibonisa, uYesu wayekunandipha ukuba phakathi kwabantwana. Kuyabonakala ukuba, wayechitha ixesha ebajongile xa babedlala, kuba wabhekisela kwimidlalo yabo komnye wemizekeliso yakhe. (Mateyu 11:16-19) Mhlawumbi abanye babantwana uYesu awabasikelelayo babebancinane kakhulu ukuqonda ukuba wayengubani noko wayekufundisa. Kodwa oku akuzange kumenze avakalelwe kukuba wayechitha nje ixesha lakhe. Wayechitha ixesha nabantwana kuba wayebathanda. Kunokwenzeka ukuba, uninzi lwabantwana uYesu awadibana nalo ebudeni bobulungiseleli bakhe kamva lwashukunyiselwa ukuba lusabele kuthando lwakhe ngokuba ngabafundi bakhe.
Ukuba uYesu wachitha ixesha nabantwana ebudeni beeveki zokugqibela ezibalulekileyo ebomini bakhe, ngokuqinisekileyo singazipha ixesha sinabo kwixesha lethu elixakekileyo. Ngokukhethekileyo sifanele sikhumbule abo baneentswelo ezikhethekileyo, njengamakhwenkwe namantombazana angenayise. Enyanisweni, bonke abantwana baqhuba kakuhle xa behoyiwe, yaye uYehova unqwenela ukuba sibonise kubo uthando size sibancede kangangoko sinako.—INdumiso 10:14.
[Imibhalo esemazantsi]
a Enye inguqulelo ithi uYesu “wabanga.” Enye ithi “wabafunqula.”