“Mbonge UYehova, Mphefumlo Wam”
“KWIINYANGA zakutshanje ubulungiseleli bam buye bangumsina-ndozele kwaye abundonwabisi,” utsho uNancy.a Kangangeminyaka engaphezu kwelishumi, ebekhonza njengovulindlela, umvakalisi wexesha elizeleyo weendaba ezilungileyo. Sekunjalo, wongezelela esithi: “Andikuthandi oku kwenzekayo kum. Ndibonakala ndihambisa isigidimi soBukumkani ngendlela enganiki mdla nengasuki ntliziyweni. Ndifanele ndenze ntoni?”
Kwakhona, phawula imeko kaKeith, ongumdala kwibandla lamaNgqina kaYehova. Hayi indlela othuka ngayo xa weva umfazi wakhe esithi: “Umele ukuba unokuthile okusengqondweni yakho. Kumthandazo osandul’ ukuwenza ngoku, ubulele ukutya, nangona ingelilo ixesha lokutya!” UKeith uyavuma esithi: “Ndiyabona ukuba imithandazo yam iye yayinto nje yesiqhelo.”
Alithandabuzeki elokuba, akufuni ukuba amazwi akho aya kuYehova uThixo abe yinto nje engenantsingiselo neyesiqhelo. Ngokwahlukileyo koko, ufuna isuke entliziyweni, ibonise owona mbulelo ungazenzisiyo. Noko ke, iimvakalelo azinxitywa zize zikhululwe njengesambatho. Zimele zizivelele ngokwazo emntwini. Ubani anganawo njani umbulelo osuka entliziyweni? INdumiso ye-103 inikela ukuqonda kulo mba.
UKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo waqamba INdumiso ye-103. Uvula ngala mazwi: “Mbonge uYehova, mphefumlo wam, ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.” (INdumiso 103:1) Enye incwadi ithi: “Igama elithi mbonge, xa libhekiselwa kuThixo lithetha ukumdumisa, lisoloko lithetha uthando olunzulu nokuba nombulelo.” Enomnqweno wokudumisa uYehova ngentliziyo enothando noxabiso, uDavide ubongoza umphefumlo wakhe—yena—‘ukubonga uYehova.’ Kodwa yintoni le ishukumisela uDavide ukuba abe nothando olunzulu ngoThixo amkhonzayo?
UDavide uhlabela mgama esithi: “Ungayilibali yonke impatho yakhe [uYehova] entle.” (INdumiso 103:2) Ukuziva unombulelo kuYehova ngokuqinisekileyo kunxulumene nokucamngca ngoxabiso ‘ngempatho yakhe entle.’ Kanye kanye yiyiphi le mpatho intle kaYehova uDavide acinga ngayo? Ukujonga indalo kaYehova uThixo, njengesibhakabhaka esizele ziinkwenkwezi ngobusuku obuzolileyo, eneneni kunokubangela ukuba intliziyo ibe nombulelo kuMdali. Amazulu aneenkwenkwezi amchukumisa ngokunzulu uDavide. (INdumiso 8:3, 4; 19:1) Noko ke, kwiNdumiso ye-103, uDavide ukhumbula enye into uYehova ayenzileyo.
UYehova “Uloxolela Bonke Ubugwenxa Babo”
Kule ndumiso, uDavide uchaza izenzo zikaThixo zenceba. Echaza esokuqala phakathi kwazo, uyacula: ‘UYehova uloxolela bonke ubugwenxa babo.’ (INdumiso 103:3) Ngokuqinisekileyo uDavide wayeyiqonda imeko yakhe yokuba nesono. Emva kokuba uNatan umprofeti waya kuye emxelela ngolwalamano lwakhe lokukrexeza noBhatshebha, uDavide wavuma esithi: “Ndonile kuwe, kuwe wedwa, ndenza okubi emehlweni akho.” (INdumiso 51:4) Ngentliziyo etyumkileyo, wabongoza esithi: “Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam! Ndixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, undihlambulule esonweni sam.” (INdumiso 51:1, 2) Hayi indlela amele ukuba wayenombulelo ngayo uDavide xa waxolelwayo! Ekubeni wayengumntu ongafezekanga, wenza ezinye izono ebomini bakhe, kodwa akazange ayeke ukuguquka, esamkela isiluleko yaye elungisa iindlela zakhe. Ukucamngca kukaDavide ngobubele uThixo awamenzela bona kuko okwamshukumisela ukuba ambonge uYehova.
Aliyonyaniso na elokuba nathi sinesono? (Roma 5:12) Kwanompostile uPawulos wathi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa ngokunxamnye nomthetho wengqondo yam yaye undikhokelela ndithinjiwe kumthetho wesono osemalungwini am. Athi ke mna mntu uludwayi! Ngubani na oya kundihlangula kumzimba ova oku kufa?” (Roma 7:22-24) Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba uYehova engagcini ngxelo yeziphoso zethu! Uyakuvuyela ukuzilibala xa siguquka size sicele uxolo.
UDavide uyazikhumbuza esithi: “[UYehova] ulophilisa zonke izifo zakho.” (INdumiso 103:3) Ekubeni ukuphilisa kusisenzo sokuhlaziya, kuthetha okungaphezulu kunokuxolela isenzo sobubi. Kubandakanya ukususa “izifo”—imiphumo emibi yeendlela zethu eziphambukileyo. Kwihlabathi lakhe elitsha, eneneni uYehova uya kuphelisa imiphumo esemzimbeni emibi yesono, njengokugula nokufa. (Isaya 25:8; ISityhilelo 21:1-4) Noko ke, kwananamhlanje, uThixo uyasiphilisa kwizifo zokomoya. Kwabanye, ezi ziquka isazela esibi nolwalamano lwabo olungeluhle naye. ‘Ungakulibali’ oko uYehova asele esenzele kona thina ngabanye.
“Ulokhulula Ubomi Bakho”
UDavide uyacula: “[UYehova] ulokhulula ubomi bakho esihogweni.” (INdumiso 103:4) ‘Isihogo’ lingcwaba eliqhelekileyo loluntu—iShiyol, okanye iHadesi. Kwanangaphambi kokuba abe ngukumkani wakwaSirayeli, uDavide wayejamelene nokufa. Ngokomzekelo, uKumkani uSawule wakwaSirayeli wayemthiye kangangokuba afune ukumbulala uDavide waza wazama ukumbulala izihlandlo ezahlukahlukeneyo. (1 Samuweli 18:9-29; 19:10; 23:6-29) NamaFilisti ayefuna ukuba uDavide afe. (1 Samuweli 21:10-15) Kodwa ngalo lonke ixesha, uYehova wamsindisa “esihogweni.” Hayi indlela amele ukuba wayevakalelwa ngayo uDavide xa ekhumbula ezi zenzo zikaYehova!
Kuthekani ngawe? Ngaba uYehova uye wakomeleza ngamaxesha okudandatheka nokulahlekelwa? Okanye wazi iimeko xa wasindisa ubomi bamaNgqina akhe athembekileyo kwiShiyol kumaxesha ethu? Mhlawumbi uye wachukunyiswa kukufunda iingxelo zezenzo zokuhlangulwa kumaphepha eli phephancwadi. Kutheni ungaziphi ixesha lokucingisisa nzulu ngezi zenzo zoThixo oyinyaniso? Yaye, kakade ke, sonke sinesizathu sokumbulela uYehova ngethemba lovuko.—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.
UYehova usinika ubomi noko kwenza busonwabise buze bube nentsingiselo. Umdumisi uthi uThixo ‘ukuthi jize ngenceba nemfesane.’ (INdumiso 103:4) Xa sijamelene nobunzima, uYehova akasilahli kodwa uyasinceda ngentlangano yakhe ebonakalayo nangabadala abamiselweyo, okanye abalusi, ebandleni. Uncedo olunjalo lusenza sikwazi ukuhlangabezana nemeko elingayo ngaphandle kokuphelelwa kukuzihlonela nesidima. Abalusi abangamaKristu bazinyamekela ngokwenene izimvu. Bakhuthaza abagulayo nabadandathekileyo yaye benza konke okusemandleni abo ukubuyisela abo baye bawela esonweni. (Isaya 32:1, 2; 1 Petros 5:2, 3; Yude 22, 23) Umoya kaYehova ushukumisela aba balusi ukuba babe nemfesane baze bawuthande umhlambi. ‘Inceba nemfesane’ yakhe ngokwenene zinjengesitshaba esihomba ngaso kwaye kusinika isidima! Masimbonge uYehova negama lakhe elingcwele, singaze sizilibale izenzo zakhe.
Eqhubeka eziyala, umdumisi uDavide uyacula: “Lo [uYehova] uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo, buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.” (INdumiso 103:5) UYehova unika ubomi obanelisayo nobonwabisayo. Ewe, kanye ulwazi ngenyaniso bubutyebi obungenakuthelekiswa nanto nomthombo wolona lonwabo! Yaye khawucinge ngendlela owanelisa ngayo umsebenzi uYehova asinike wona, wokushumayela nokwenza abafundi. Hayi indlela okuvuyisa ngayo ukufumana othile onomdla wokufunda ngoThixo oyinyaniso nokumnceda lowo ukuba azi uYehova aze ambonge! Kanti, enoba nabani na kwindawo esihlala kuyo uyaphulaphula kusini na okanye akunjalo, kulilungelo elikhulu ukuba nesabelo kumsebenzi onento yokwenza nokungcwalisa igama likaYehova nokuthethelelwa kolongamo lwakhe.
Ngoxa sizingisa kumsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo, ngubani ongadinwayo okanye atyhafe? Kodwa uYehova uqhubeka ewahlaziya amandla abakhonzi bakhe, ebenza babe ‘njengeenkozi’ ezinamaphiko omeleleyo eziphaphazela ziye kwiindawo eziphezulu esibhakabhakeni. Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba uBawo wethu onothando osezulwini esinika “amandla” angako ukuze siqhubeke nobulungiseleli bethu ngokuthembekileyo suku ngalunye!—Isaya 40:29-31.
Ngokomzekelo: UClara wenza umsebenzi wokuziphilisa wexesha elizeleyo kwaye kwakhona uchitha iiyure ezinokuba ngama-50 nyanga nganye kubulungiseleli basentsimini. Uthi: “Maxa wambi ndiziva ndidiniwe, yaye ndiyazinyanzela ukuba ndiye kwinkonzo yasentsimini kuphela ngenxa yokuba ndenze amalungiselelo okusebenza nothile. Kodwa xa sele ndiphumile, ndisoloko ndiziva ndihlaziyekile.” Nawe kusenokwenzeka ukuba uye uhlaziyeke ngenxa yokuxhaswa nguThixookay for Xhosa kubulungiseleli bamaKristu. Kwanga ungachukumiseka ukuba uthi, njengokuba uDavide watshoyo kumazwi akhe okuqala kwindumiso: “Mbonge uYehova, mphefumlo wam, ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.”
UYehova Uyabahlangula Abantu Bakhe
Kwakhona umdumisi uyacula: “NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa, nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke; umazisi weendlela zakhe kuMoses, wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.” (INdumiso 103:6, 7) Kusenokwenzeka ukuba, uDavide ucinga ‘ngokucudiswa’ kwamaSirayeli ngamaYiputa ngamaxesha kaMoses. Ukucamngca ngendlela uYehova awamhlangula ngayo uMoses kumele ukuba kwamshukumisela ekubeni nombulelo osuka entliziyweni uDavide.
Sinokushukunyiselwa ukuba sibe nombulelo ofanayo ngokukhangela iindlela uThixo awaqhubana ngazo namaSirayeli. Kodwa asifanele sikutyeshele ukuphonononga amava abakhonzi bakaYehova bale mihla, njengabo bachazwe kwisahluko 29 nesama-30 kwincwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo. Ezi ngxelo zikule ncwadi nakwezinye iimpapasho zeWatch Tower Society zisenza sibone indlela uYehova abanceda ngayo abantu kule mihla njengokunyamezela ukufakwa entolongweni, ukuhlaselwa ngamahlokondiba, ukuvalwa komsebenzi wabo, iinkampu zoxinaniso nakwezomsebenzi onzima. Kuye kwakho izilingo kwiindawo ezidlavulwe ziimfazwe, njengeBurundi, iLiberia, iRwanda neyayisakwaziwa njengeYugoslavia. Nanini na kukho intshutshiso, isandla sikaYehova besisoloko siqinisa abakhonzi bakhe abathembekileyo. Ukucamngca ngezi zenzo zoThixo wethu omkhulu, uYehova, kungasenzela oko kwenzeka kuDavide xa wayecinga ngokusindiswa eYiputa.
Kwakhona cinga ngendlela uYehova asihlangula ngayo kuxanduva lwesono. Uye wanikela ‘ngegazi likaKristu’ ukuze ‘ahlambulule izazela zethu kwimisebenzi efileyo.’ (Hebhere 9:14) Xa siguquka kwizono zethu size sicele ukuxolelwa ngegazi elanikelwa nguKristu, uThixo uzibekela kude lee nathi izikreqo zethu—“kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga”—aze asibuyisele kwinkoliseko yakhe. Yaye cinga ngamalungiselelo kaYehova ngeentlanganiso zamaKristu, ubudlelane obakhayo, abalusi ebandleni, neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni esizifumana ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Ngaba zonke ezi zenzo zikaYehova azisincedi ukuqinisa ulwalamano lwethu naye? UDavide uthi: “Unemfesane enobabalo uYehova, uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. . . . Akenzi kuthi ngokwezono zethu, akasiphathi ngokobugwenxa bethu.” (INdumiso 103:8-14) Ukucamngca ngenyameko kaYehova enothando ngokuqinisekileyo kungasishukumisela ekubeni simzukise size sidumise igama lakhe elingcwele.
“Mbongeni UYehova, Nonke Zenzo Zakhe”
Xa sithelekisa uYehova ongafiyo, “uThixo ongunaphakade,” ‘nemihla’ ‘yomntu ofayo’ ngokwenene mifutshane—“njengotyani.” Kodwa uDavide ubonakalisa uxabiso esithi: “Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana; kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe, kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.” (Genesis 21:33; INdumiso 103:15-18, NW) UYehova akabalibali abo bamoyikayo. Ngexesha elifanelekileyo, uya kubanika ubomi obungunaphakade.—Yohane 3:16; 17:3.
Echaza uxabiso lwakhe ngobukumkani bukaYehova, uDavide uthi: “UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, ubukumkani bakhe bulawula into yonke.” (INdumiso 103:19) Nangona ubukumkani bukaYehova baboniswa ngokubonakalayo kubukumkani bakwaSirayeli, eneneni itrone yakhe isezulwini. Ngenxa yokuba eDale yonke into, uYehova unguMlawuli Owongamileyo wendalo iphela yaye wenza ukuthanda kwakhe ezulwini nasemhlabeni ngokweenjongo zakhe.
UDavide wabongoza neengelosi zezulu. Ucula esithi: “Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, ephulaphula isandi selizwi lakhe. Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe. Mbongeni uYehova, nonke zenzo zakhe, ezindaweni zonke zobukumkani bakhe. Mbonge uYehova, mphefumlo wam.” (INdumiso 103:20-22) Ngaba ukucinga ngezenzo zikaYehova zemfesane akufanele kusishukumisele ukuba nathi simbonge? Ngokuqinisekileyo kunjalo! Yaye sinokuqiniseka ukuba ukumdumisa kwethu uThixo kuyaqukwa phakathi kweendumiso zeengelosi ezilungileyo. Kwanga singamdumisa ngentliziyo yethu yonke uBawo wethu osemazulwini, sisoloko sithetha kakuhle ngaye. Eneneni, masicingisise nzulu ngamazwi kaDavide athi, “Mbonge uYehova, mphefumlo wam.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Wambi amagama aguquliwe.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UDavide wacamngca ngezenzo zemfesane zikaYehova. Ngaba wenjenjalo nawe?