Unako Ukuhlala Ucocekile Ngokuziphatha
“Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe.”—1 YOHANE 5:3.
1. Nguwuphi umahluko obonakalayo kwihambo yabantu namhlanje?
MANDULO phaya, umprofeti uMalaki waphefumlelwa ukuba axele kusengaphambili ngexesha apho ihambo yabantu bakaThixo yayiya kwahluka mpela kweyabantu abangamkhonziyo uThixo. Lo mprofeti wathi: “Nina niya kuwubona kwakhona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.” (Malaki 3:18) Eso siprofeto siyazaliseka namhlanje. Ukugcinwa kwemiyalelo kaThixo, kuquka leyo ifuna sicoceke ngokuziphatha, kulikhondo lobulumko nelifanelekileyo ebomini. Ukanti, eli khondo alisoloko lilula. Ngesizathu esihle, uYesu wathi amaKristu afanele azibhokoxe ngamandla ukuze asindiswe.—Luka 13:23, 24.
2. Ziziphi iingcinezelo zangaphandle ezenza kube nzima ukuba abanye bahlale benyulu ngokuziphatha?
2 Kutheni kunzima ukuhlala unyulu ngokuziphatha? Esinye isizathu ziingcinezelo ezivela ngaphandle. Abezolonwabo benza isini esingekho mthethweni sibonakale njengento entle kakhulu, eyolisayo, nebonisa ukuba ubani ukhulile, ngoxa beyityeshela yonke imiphumo eyintlekele yaso. (Efese 4:17-19) Inkoliso yeentlobano zesini eziboniswayo zezabantu ababini abangengomaqabane omtshato. Imifanekiso eshukumayo kunye neenkqubo zikamabonwakude zidla ngokubonisa iintlobano zesini kwimeko yolwalamano olungenazimbopheleleko. Kudla ngokungabikho thando nakuhlonelana. Abaninzi baye bachanabeka kwezo zigidimi ukususela ebuntwaneni. Ukongezelela koko, kukho ingcinezelo yoontanga enamandla yokufuna ukuhambisana nemilinganiselo yanamhlanje yokuvula zibhuqe ngokuziphatha, ibe abo bangakwenziyo oko bayagculelwa okanye bade batshabhiswe.—1 Petros 4:4.
3. Ziziphi ezinye zezizathu zokuba abaninzi ehlabathini babandakanyeke ekuziphatheni okubi?
3 Neengcinezelo zangaphakathi zenza kube nzima ukuhlala unyulu ngokuziphatha. UYehova wadala abantu baba nenkanuko yesini, ibe loo nkanuko inokuba namandla. Inkanuko inxulumene kakhulu noko sikucingayo, yaye ukuziphatha okubi kunxityelelaniswa neengcamango ezingavisisaniyo neengcamango zikaYehova. (Yakobi 1:14, 15) Ngokomzekelo, ngokutsho kohlolisiso lwakutshanje olupapashwe kwiBritish Medical Journal, abaninzi abaye baneentlobano zesini okokuqala babefuna nje ukwazi ukuba isini sinjani na. Abanye babecinga ukuba inkoliso yabantu abakubudala babo babesiba neentlobano zesini, ngoko nabo babefuna ukuphulukana nobunyulu babo. Ukanti abanye bathi bathabatheka ziimvakalelo zabo okanye “babenxilile ngelo xesha.” Ukuba sifuna ukumkholisa uThixo, simele siqiqe ngendlela eyahlukileyo. Yiyiphi indlela yokucinga eya kusinceda sihlale sicocekile ngokuziphatha?
Yeyiseka Ngokupheleleyo
4. Yintoni esimele siyenze ukuze sihlale sinyulu ngokuziphatha?
4 Ukuze sihlale sinyulu ngokuziphatha, simele siqonde ukuba ukulandela loo ndlela yokuziphatha kuyinto efanelekileyo. Oku kuvisisana namazwi kampostile uPawulos awawabhalela amaKristu aseRoma esithi: “Nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Ukuqonda ukuba, ukuba nyulu ngokuziphatha kuyinto efanelekileyo, kubandakanya okungaphezulu kunokwazi nje ukuba iLizwi likaThixo liyakugweba ukuziphatha okubi. Kubandakanya ukuqonda izizathu zokuba ukuziphatha okubi kugwetywe nendlela esingenelwa ngayo ngokukuphepha. Ezinye zezizathu zoko ziye zaxutyushwa kwinqaku elandulelayo.
5. Ngokuyintloko, kutheni amaKristu efanele afune ukuhlala enyulu ngokuziphatha?
5 Noko ke, enyanisweni ezona zizathu zinamandla zokuba amaKristu akuphephe ukuziphatha okubi ngokwesini zisuka kulwalamano lwethu noThixo. Siye safumanisa ukuba uyakwazi okusilungeleyo. Ukumthanda kwethu kuya kusinceda sikuthiye okubi. (INdumiso 97:10) UThixo unguMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Uyasithanda. Xa simthobela, sibonisa ukuba siyamthanda yaye siyazixabisa zonke izinto asenzele zona. (1 Yohane 5:3) Asifuni kumphoxa nokumvisa ubuhlungu uYehova ngokwaphula imiyalelo yakhe yobulungisa. (INdumiso 78:41) Asinqweneli kwenza ngendlela eya kubangela ukuba indlela yethu yokunqula engcwele neyeyobulungisa itshabhiswe. (Tito 2:5; 2 Petros 2:2) Ngokuhlala sinyulu ngokuziphatha, siyamvuyisa uMongami.—IMizekeliso 27:11.
6. Sinokuncedakala njani ngokwazisa abanye ngemilinganiselo yethu yokuziphatha?
6 Sakuba sigqibe kwelokuba sihlale sinyulu ngokuziphatha, enye into eya kusikhusela nangakumbi kukwenza oko kweyiseka kwethu kwaziwe ngabanye. Bazise abantu ukuba ungumkhonzi kaYehova uThixo yaye uzimisele ukugcina imilinganiselo yakhe ephakamileyo yokuziphatha. Bubomi bakho obo, ngumzimba wakho lowo, nguwe ke ofanele enze ukhetho. Yintoni esengozini? Lulwalamano oluxabisekileyo onalo noYihlo osezulwini. Ngoko yenze icace into yokuba ingqibelelo yakho kumba wokuziphatha ayinakuguqulwa. Yiba nelunda ngokumela uThixo ngokuphakamisa imigaqo yakhe. (INdumiso 64:10) Ungaze ube neentloni ngokuxubusha nabanye ngemilinganiselo yakho yokuziphatha. Ukuthetha kunokukunqabisa, kukukhusele kuze kukhuthaze nabanye ukuba balandele umzekelo wakho.—1 Timoti 4:12.
7. Sinokulugcina njani uzimiselo lwethu lokuhlala sinyulu ngokuziphatha?
7 Emva koko, sakuba sizimisele ukugcina imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha yaye sikwazisile ukuma kwethu, simele sithabathe amanyathelo okunamathela kuzimiselo lwethu. Enye indlela yokwenza oku kukubakhetha ngenyameko abahlobo. “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye,” itsho iBhayibhile. Nxulumana nabo banemilinganiselo yokuziphatha efana neyakho; baya kukomeleza. Esi sibhalo sikwathi: “Kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) Baphephe kangangoko unako abantu abanokulwenza buthathaka uzimiselo lwakho.—1 Korinte 15:33.
8. (a) Kutheni sifanele sondle iingqondo zethu ngezinto ezifanelekileyo? (b) Yintoni esifanele siyiphephe?
8 Ngaphezu koko, kufuneka sondle iingqondo zethu ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo. (Filipi 4:8) Oku sikwenza ngokukukhetha oko sikubukelayo nesikufundayo kunye nomculo esiwuphulaphulayo. Ukuthi uncwadi olukhuthaza ukuziphatha okubi alubi nempembelelo eyonakalisayo kufana nokuthi uncwadi olukhuthaza ukuziphatha okuhle alunampembelelo intle. Khumbula, abantu abangafezekanga banokuwela lula ekuziphatheni okubi. Ngoko iincwadi, amaphephancwadi, imifanekiso-bhanyabhanya, nomculo ovuselela inkanuko yesini uya kukhokelela kwiminqweno ephosakeleyo, ibe loo minqweno inokukhokelela esonweni. Ukuze sihlale sicocekile ngokuziphatha, simele sizalise iingqondo zethu ngobulumko bukaThixo.—Yakobi 3:17.
Amanyathelo Akhokelela Ekuziphatheni Okubi
9-11. Njengoko kubaliswa nguSolomon, ngawaphi amanyathelo awakhokelela umfana othile ekuziphatheni okubi?
9 Ngokufuthi abakho amanyathelo abonakalayo akhokelela ekuziphatheni okubi. Inyathelo ngalinye lenza kube nzima ukubuya umva. Phawula indlela oku okuchazwa ngayo kwiMizekeliso 7:6-23. USolomon ubona “umfana oswele intliziyo,” okanye uswele intshukumisa elungileyo. Lo mfana ‘udlula esitratweni esikufuphi nembombo [kanongogo], aze ahambe ngendlela ngasendlwini yakhe, ngorhatya, ngokuhlwa kwemini, ekusondeleni kobusuku nesithokothoko.’ Nantso ke impazamo yakhe yokuqala. Ngeeyure zangorhatya, “intliziyo” yakhe iye yamkhokelela, kungekhona kuso nasiphi na isitrato, kodwa kweso aziyo ukuba kudla ngokubakho unongogo kuso.
10 Xa siqhubeka sifunda oku: “Khangela! kwakukho umfazi esiya kumhlangabeza, enesambatho sikanongogo nentliziyo enobuqhokolo.” Ngoku le ndedeba iyambona! Ibinokusuka ijike igoduke, kodwa ke ngoku kunzima kunokuba bekunokuba njalo ngaphambili, ngokukodwa ekubeni ibuthathaka ngokuziphatha. Lo nongogo uyayitsibela aze ayange. Ekubeni ngoku ivumile ukwangiwa, iyaphulaphula njengoko eyicenga ngelihendayo: “Imibingelelo yobudlelane ibiphezu kwam,” itsho le ntokazi. “Namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam.” Imibingelelo yobudlelane yayiquka inyama, umgubo, ioli kunye newayini. (Levitikus 19:5, 6; 22:21; Numeri 15:8-10) Ngokuyikhankanya, usenokuba wayeyibonisa ukuba ungumntu wokomoya yaye, kwangaxeshanye, usenokuba wayeyazisa ukuba kwakukuninzi ukutya neziselo ezimnandi endlwini yakhe. Uyayicenga esithi: “Yiza ke, sizanelise ngothando kude kuse; masiziyolise ngezincokoliso zothando.”
11 Akunzimanga ukuwuqonda umphumo. “Wamlukuhla ngokuguda kwemilebe yakhe.” Nantso ke imlandela isiya ekhayeni lakhe “njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni” ‘nanjengentaka ingxamela esibatheni.’ USolomon uqukumbela ngala mazwi abuyisa ingqondo: “Ingazi ukuba oko kuchaphazela kanye umphefumlo wayo.” Umphefumlo, okanye ubomi bayo, bubandakanyekile kuba “uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.” (Hebhere 13:4) Esinjani ukuba namandla isifundo kumadoda nakumabhinqa! Sifanele sikuphephe kwaukuthabatha amanyathelo okuqala endlela eya kukhokelela ekubeni singamkholisi uThixo.
12. (a) Lithetha ntoni ibinzana elithi “oswele intliziyo”? (b) Sinokomelela njani ngokuziphatha?
12 Phawula ukuba lo mfana kuthethwa ngaye ‘wayeswele intliziyo.’ Eli binzana lisixelela ukuba iingcamango, iminqweno, izinto azithandayo, iimvakalelo kunye nosukelo lwakhe ebomini zazingavisisani noko uThixo akholiswa kuko. Ukuba buthathaka kwakhe ngokuziphatha kwaba nemiphumo eyintlekele. Kule “mihla yokugqibela” yamanqam, kufuneka umgudu ukuze somelele ngokuziphatha. (2 Timoti 3:1) UThixo wenze ilungiselelo lokusinceda. Ulungiselele iintlanganiso zebandla lamaKristu ukuze asikhuthaze njengoko sihamba emendweni olungileyo nokuze asidibanise nabanye abanosukelo olufana nolwethu. (Hebhere 10:24, 25) Kukho abadala bebandla abasalusayo nabasifundisa iindlela zobulungisa. (Efese 4:11, 12) SineLizwi likaThixo, iBhayibhile, elisalathisayo lize lisikhokele. (2 Timoti 3:16) Yaye ngalo lonke ixesha, sivulekelwe lithuba lokuthandaza sicele ukuba umoya kaThixo usincede.—Mateyu 26:41.
Ukufunda Kwizono ZikaDavide
13, 14. UKumkani uDavide wabandakanyeka njani kwisono esinzulu?
13 Noko ke, okulusizi kukuba kwanabakhonzi ababalaseleyo bakaThixo baye babandakanyeka ekuziphatheni okubi ngokwesini. Omnye wabo yayinguKumkani uDavide, owayekhonze uYehova ngokuthembeka kangangamashumi eminyaka. Alithandabuzeki elokuba wayemthanda gqitha uThixo. Ukanti, wangena nzulu ekhondweni lesono. Njengakumfana ochazwe nguSolomon, ayekho amanyathelo awakhokelela kwisono sikaDavide aza asiphelelisa.
14 Ngelo xesha uDavide wayeyindoda eliqina, mhlawumbi esandul’ ukungena kwiminyaka yama-50. Xa wayeseluphahleni lwendlu yakhe, wabona uBhatshebha owayemhle kunene ehlamba umzimba. Wabuzisa ngaye waza wamazi ukuba ungubani na. Wafumanisa ukuba umyeni wakhe, u-Uriya, wayesedabini eRabha, isixeko sama-Amoni. UDavide wayalela ukuba aziswe ebhotweni lakhe waza waba neentlobano naye. Kamva yaqin’ inqawa—lo mfazi wafumanisa ukuba umithiswe nguDavide. Enethemba lokuba u-Uriya wayeza kuchitha ubusuku nomkakhe, uDavide wambiza ukuba abuye emfazweni. Ngaloo ndlela, kwakuza kuba ngathi ngu-Uriya uyise womntwana kaBhatshebha. Kodwa u-Uriya akazange aye endlwini yakhe. Sele edyuduzela efuna ukufihla isono sakhe, uDavide wathumela u-Uriya eRabha eneleta eya kumphathi womkhosi ethi u-Uriya ufanele abekwe kwindawo aza kubulawa kuyo. Ngaloo ndlela u-Uriya waba uphulukana nobomi bakhe, yaye uDavide wamtshata loo mhlolokazi ngaphambi kokuba abantu bazi ukuba umithi.—2 Samuweli 11:1-27.
15. (a) Sabhencwa njani isono sikaDavide? (b) Wasabela njani uDavide akukhalinyelwa ngobuchule nguNatan?
15 Kuyabonakala ukuba iyelenqe likaDavide lokufihla isono sakhe laphumelela. Kwadlula iinyanga. Umntwana—oyinkwenkwe—wazalwa. Ukuba uDavide wayecinga ngesi siganeko xa wayebhala iNdumiso 32, kucacile ukuba isazela sakhe sasimngcungcuthekisa. (INdumiso 32:3-5) Noko ke, isono sakhe sasingafihlakalanga kuThixo. IBhayibhile ithi: “Loo nto wayenzayo uDavide yabonakala imbi emehlweni kaYehova.” (2 Samuweli 11:27) UYehova wathumela umprofeti uNatan, owamcondobisa ngobuchule uDavide ngoko wayekwenzile. Ngoko nangoko uDavide wasivuma isono sakhe waza wacela uxolo kuYehova. Ukuguquka kwakhe ngokunyaniseka kwamenza waxolelwa nguThixo. (2 Samuweli 12:1-13) UDavide akazange akucaphukele ukukhalinyelwa. Kunoko, waba nesimo sengqondo esichazwe kwiNdumiso 141:5, ethi: “Ukuba ilungisa lingandibetha, bekuya kuba bububele bothando obo; yaye ukuba lingandohlwaya, bekuya kuba yioli oko entloko, nto leyo intloko yam ibingayi kufuna ukuyala.”
16. Sisiphi isilumkiso nesiluleko esinikelwa nguSolomon ngokuphathelele ukunxaxha?
16 USolomon, unyana wesibini kaDavide noBhatshebha, usenokuba wacinga ngeli shwangusha elehla kubomi bukayise. Kamva wabhala: “Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.” (IMizekeliso 28:13) Ukuba siwela esonweni esinzulu, sifanele sisithobele esi siluleko siphefumlelweyo, esisisilumkiso kunye necebiso. Sifanele sisivume kuYehova size siye kucela uncedo kubadala bebandla. Imbopheleleko ebalulekileyo yabadala kukunceda ekulungiseni abo baye bawela ekwenzeni ububi.—Yakobi 5:14, 15.
Ukunyamezela Imiphumo Yesono
17. Nangona uYehova ezixolela izono, yintoni angasikhuseli kuyo?
17 UYehova wamxolela uDavide. Ngoba? Kaloku uDavide wayengumgcini wengqibelelo, wayenenceba kwabanye yaye inguquko yakhe yayiyeyokwenene. Noko ke, uDavide akazange akhuselwe kwimiphumo eyintlekele eyalandelayo. (2 Samuweli 12:9-14) Kunjalo ke nanamhlanje. Nangona uYehova engabaziseli ububi abo baguqukayo, akabakhuseli kwimiphumo eqhelekileyo yezenzo zabo eziphosakeleyo. (Galati 6:7) Eminye yemiphumo yokuziphatha okubi ngokwesini isenokuba luqhawulo-mtshato, ukumitha okungafunwayo, isifo esosulelwa ngeentlobano zesini, ukungathenjwa nokungahlonelwa.
18. (a) UPawulos wathi ibandla laseKorinte maliqhubane njani nothile owayeziphatha kakubi ngokwesini? (b) UYehova ulubonakalisa njani uthando nenceba kuboni?
18 Xa siye senza isiphoso esinzulu, kulula ukuba sityhafe xa sibhuqwa yimiphumo yeempazamo esizenzileyo. Noko ke, asifanele sivumele nantoni na ukuba isithintele ekuguqukeni nasekuxolelanisweni noThixo. Ebudeni benkulungwane yokuqala, uPawulos wabhalela abaseKorinte esithi mabashenxise ebandleni indoda ethile eyayisenza umbulo. (1 Korinte 5:1, 13) Emva kokuba loo ndoda iguquke ngokunyaniseka, uPawulos wayalela ibandla esithi: ‘Nifanele nimxolele ngobubele nize nimthuthuzele yaye niluqinisekise uthando lwenu ngaye.’ (2 Korinte 2:5-8) Kwesi siluleko siphefumlelweyo, sibona uthando nenceba kaYehova kuboni abaguqukayo. Iingelosi ezulwini ziyavuya xa umoni eguquka.—Luka 15:10.
19. Ukudana okufanelekileyo okubangelwa likhondo eliphosakeleyo kunokukhokelela kwiziphi iingenelo?
19 Nangona sidana ngenxa yekhondo eliphosakeleyo, ukuzisola kwethu kunokusinceda ‘sizilinde ukuba singaguqukeli koko kwenzakalisayo.’ (Yobhi 36:21) Okunene, imiphumo ekrakra yesono ifanele isinqande singaphindi esezolo. Ngaphezu koko, uDavide wasebenzisa amava abuhlungu awawafumana kwihambo yakhe yesono ukuze aluleke abanye. Wathi: “Abanxaxhi ndiya kubafundisa iindlela zakho, ukuze aboni babuyele kuwe.”—INdumiso 51:13.
Uyolo Lubangelwa Kukukhonza UYehova
20. Ziziphi iingenelo ezibakho ngenxa yokuthobela iimfuno zikaThixo zobulungisa?
20 UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!” (Luka 11:28) Ukuthobela iimfuno ezibubulungisa zikaThixo kuzisa uyolo ngoku nakwikamva elingenasiphelo. Ukuba siye sahlala sicocekile ngokuziphatha, ngamana singaqhubeka sikwelo khondo ngokusebenzisa onke amalungiselelo uYehova awenzileyo ukuze asincede. Ukuba siye sawela ekuziphatheni okubi, masikhuthazeke kukwazi ukuba uYehova ukulungele ukuxolela abo baguquka ngokwenene, yaye masizame ukuba iliso lethu lingaphandlwa kabini.—Isaya 55:7.
21. Kukusebenzisa siphi isiluleko esivela kumpostile uPetros okunokusinceda sihlale sicocekile ngokuziphatha?
21 Kungekudala eli hlabathi lingenabulungisa liza kudlula, kunye nezimo zengqondo noqheliselo lwalo lokuziphatha okubi. Ngokuzigcina sinyulu ngokuziphatha, siya kungenelwa ngoku nangonaphakade. Umpostile uPetros wabhala: “Zintanda, ekubeni nilindele ezi zinto, yenzani unako-nako ukuze ekugqibeleni anifumane ningenabala, ningenasiphako yaye niseluxolweni. . . . Ekubeni ninolu lwazi kwangaphambili, zilindeni ukuze ningawexulwa nani ngabantu abadelela umthetho nize niwe ekuqineni kwenu.”—2 Petros 3:14, 17.
Ngaba Unokuchaza?
• Kutheni kusenokuba nzima ukuhlala ucocekile ngokuziphatha?
• Ziziphi ezinye zeendlela zokusinceda kuzimiselo lwethu lokulandela imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha?
• Sisiphi isifundo esinokusifunda kwizono zomfana okhankanywe nguSolomon?
• Umzekelo kaDavide usifundisa ntoni ngokuguquka?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Kuyakukhusela ukuxelela abanye ngokuma kwakho kwimicimbi yokuziphatha
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Ngenxa yokuba uDavide waguquka ngokunyaniseka, uYehova wamxolela