Unqulo Lokwenyanizo Lumanyanisa Abantu
NANGONA ngokuqhelekileyo unqulo lutyekele ekwahluleni uluntu, unqulo loThixo oyinyaniso lunamandla okumanyanisa abantu. Xa uSirayeli wayeluhlanga lukaThixo olukhethiweyo, abeeNtlanga abaninzi abanyanisekileyo batsaleleka kunqulo lokwenyaniso. Ngokomzekelo, uRute wabalahla oothixo bakwaMowabhi apho wayezalelwe khona waza wathi kuNahomi: “Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:16) Ngenkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo, abantu beeNtlanga abaninzi babengabanquli boThixo oyinyaniso. (IZenzo 13:48; 17:4) Kamva xa abapostile bakaYesu baqalisa ukuhambahamba kwiindawo ezikude beshumayela iindaba ezilungileyo, abantu abanyanisekileyo bamanyana kunqulo loThixo oyinyaniso. Umpostile uPawulos wabhala esithi: ‘Nalahla izithixo niguqukela kuThixo, ukuze nibe ngamakhoboka oThixo ophilayo noyinyaniso.’ (1 Tesalonika 1:9) Ngaba unqulo olunjalo loThixo oyinyaniso lunamandla amanyanisa ngolo hlobo namhlanje?
Abagxeki bathi kuphosakele ukuthetha “ngabanquli bokwenyaniso” okanye “uThixo wokwenyaniso.” Banokuvakalelwa ngolo hlobo kuba abawuboni umthombo enokufundwa kuwo inyaniso. Kodwa abafuna inyaniso abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo baye baqonda ukuba unqulo alungombandela wokuzikhethela. Okuphela kwalowo sifanele simnqule nguMdali wazo zonke izinto—uYehova uThixo. (ISityhilelo 4:11) UnguThixo wenyaniso, yaye unelungelo lokugqiba ngendlela amele anqulwe ngayo.
Ukusinceda siqonde oko akufunayo, uYehova uthetha nathi ngeLizwi lakhe, iBhayibhile. Phantse wonk’ ubani emhlabeni namhlanje uyakwazi ukuyifumana iBhayibhile okanye iinxalenye zayo. Ngaphezu koko, uNyana kaThixo wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, . . . niya kuyazi inyaniso.” (Yohane 8:31, 32) Ngoko ke, inyaniso inokwaziwa. Yaye izigidi zabantu abantliziyo zinyanisekileyo abaneemvelaphi zonqulo ezahlukahlukeneyo ngenzondelelo bamkela le nyaniso yaye bayamanyana kunqulo lokwenyaniso.—Mateyu 28:19, 20; ISityhilelo 7:9, 10.
Umanyano Lazwenibanzi Kwixesha Lethu!
Isiprofeto esihlab’ umxhelo kwincwadi yeBhayibhile kaZefaniya sithetha ngokumanyana kwabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Sithi: “Ngoko izizwana ndiya [uYehova uThixo] kuzinika ukuba zitshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze zonke zibize egameni likaYehova, ukuze zimkhonze ngaxhatha linye.” (Zefaniya 3:9) Hayi ukuba kuhle kwabantu abaguqukileyo abakhonza uThixo ngokumanyeneyo!
Kwakuza kwenzeka nini oku? UZefaniya 3:8 uthi: “‘Hlalani nilindele kum,’ utsho uYehova, ‘de ibe yimini yokuvuka kwam ukuba ndithimbe, kuba isigwebo sam kukuhlanganisa iintlanga, kukuba ndiqokelele ndawonye izikumkani, ukuze ndithululele kuzo isiqalekiso sam, wonke umsindo wam ovuthayo; kuba umhlaba wonke uya kuqwengwa ngumlilo wenzondelelo yam.’” Ewe, ebudeni bexesha laxa uYehova edibanisa izizwe kodwa ngaphambi kokuba umsindo wakhe uvuthe kuzo, unika abalulamileyo abasemhlabeni ithuba lokuguqukela kwintetho enyulu. Elo xesha lingoku, lokuqokelela zonke izizwe kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla eArmagedon esele isondele.—ISityhilelo 16:14, 16.
Ukuze amanyanise abantu bakhe, uYehova ubanika intetho enyulu. Le ntetho inyulu iquka ukuqonda kakuhle inyaniso yeBhayibhile ngoThixo neenjongo zakhe. Ukuthetha intetho enyulu kuquka ukuyikholelwa inyaniso, ukuyifundisa abanye, nokuphila ngokuvisisana nemithetho nemigaqo kaThixo. Kuthetha ukuzigatya ezobupolitika ezibangela ukungavisisani nokususa izimo zengqondo zokuzingca ezisentliziyweni, njengobuhlanga obubangela ukungavisisani, nto leyo eluphawu lweli hlabathi. (Yohane 17:14; IZenzo 10:34, 35) Bonke abantliziyo zinyanisekileyo abayithandayo inyaniso banokuyifunda le ntetho. Khawucinge indlela abantu abahlanu abakhankanywe kwinqaku elandulelayo—ekuqaleni ababehlukene ngonqulo—ngoku bamanyane ngayo kunqulo loThixo omnye nokuphela koyinyaniso, uYehova.
Bamanyene Kunqulo Lokwenyaniso
Xa uFidelia, umRoma Katolika onenzondelelo, wathengela intombi yakhe iBhayibhile ukwenzela umsebenzi wayo wesikolo, wacela umfundisi wakhe ukuba amcacisele kuyo ukuba kwenzeka ntoni kubantwana bakhe abahlanu abafileyo. Uthi: “Hayi indlela endaphoxeka ngayo!” Xa watyelelwa ngamaNgqina kaYehova, wawabuza umbuzo ofanayo. Xa efunda eBhayibhileni yakhe ngenyaniso engemeko yabafileyo, wabona indlela icawa eye yamkhohlisa ngayo. Wafunda ukuba abafileyo abazi nto yaye ngoko ke ababandezeleki eLimbo okanye kwenye indawo. (INdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5) UFidelia walahla yonke imifanekiso yakhe yonqulo, wayishiya icawa waza waqalisa ukufundisisa iBhayibhile. (1 Yohane 5:21) Kwiminyaka elishumi edluleyo, uye wanandipha ukufundisa abanye inyaniso yeZibhalo.
UTara ovela eKathmandu wafudukela kwilizwe apho kwakukho iitempile ezimbalwa zamaHindu. Ngoko ke, watyelela icawa yamaWesile enethemba lokwanelisa iimfuno zakhe. Kodwa akazange afumane mpendulo kumbuzo wakhe ngokubandezeleka koluntu. Andula ke amaNgqina kaYehova aqhagamshelana naye aza acela ukufundisisa naye iBhayibhile. UTara uthi: “Ndaqonda ukuba uThixo wothando akanakuba ubekek’ ityala ngako konke ukubandezeleka emhlabeni . . . Ndavuyiswa lithemba lehlabathi elitsha elinoxolo nemvisiswano.” (ISityhilelo 21:3, 4) UTara wayilahla imifanekiso yakhe yobuHindu, wayeka ukulandela amasiko onqulo lwelizwe lakhe, waza wafumana ulonwabo lokwenene ekuncedeni ekwaneliseni iimfuno zabanye zokomoya njengeNgqina likaYehova.
UPanya, umBhuda, wayengumxeli-mathamsanqa xa amaNgqina kaYehova amtyelela okokuqala eBangkok, ngoko iziprofeto zeBhayibhile zamchulumancisa. UPanya uthi: “Xa ndafunda ngesizathu sokuba iimeko ezikhoyo zahlukile kwinjongo yantlandlolo yoMdali nendlela aye walungiselela ngayo ukuphelisa umonakalo obangelwa ngabo bacekisa yena nolongamo lwakhe, kwakungathi kususwe isigqubuthelo emehlweni am. Yonke into engesigidimi seBhayibhile yayivisisana. Ndamthanda uYehova njengomntu; oku kwandiphembelela ukuba ndenze oko ndikwaziyo ukuba kulungile. Ndandinqwenela ukunceda abanye babone umahluko phakathi kobulumko bomntu nobulumko bukaThixo. Ubulumko bokwenyaniso bubuguqule ngokwenene ubomi bam.”
Ekuhambeni kwexesha, uVirgil waqalisa ukuba namathandabuzo anzulu ngeenkolelo zakhe zonqulo. Kunokuba athandaze kuThixo acele indlela yokunceda abantu abamnyama noko akugqala njengentlangano yocalucalulo ebonakala ivelisa intiyo ngabantu abamhlophe, wathandazela inyaniso, enoba yayiyintoni na, naphi na apho yayinokufumaneka khona. UVirgil ukhumbula oku: “Ukuvuka kwam ngosuku olulandelayo emva kokuba ndithandaze ngokunyanisekileyo kuThixo, ndafumana iphephancwadi IMboniselo endlwini. . . . Imele ukuba yayifakwe phantsi komnyango.” Kungekudala wazibhokoxa ekufundisiseni iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Uhlabela mgama esithi: “Okwesihlandlo sokuqala ebomini bam, ndaziva ndanelisekile. . . . Ndaqalisa ukuba nethemba.” Kungekudala uVirgil wamanyana nabo banceda abantu ngethemba lokwenyaniso njengoko kuboniswe kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.
UCharo ovela eLatin America wachukumiseka xa iNgqina eligama linguGladys labona ukuba wayenengxaki nabantwana bakhe abancinane laza laqalisa ukumnceda ngokumsa evenkileni. Ekuhambeni kwexesha, uCharo wavuma ukufundisisa iBhayibhile noGladys. Xa uCharo wafunda kwiBhayibhile yakhe ukuba asingabo bonke abantu abalungileyo abaya ezulwini kodwa uYehova uya kusikelela uluntu emhlabeni ngobomi obungunaphakade, wothuka. (INdumiso 37:11, 29) UCharo naye ebesabelana ngeli themba nabanye kwiminyaka eli-15 edluleyo.
Khawube nomfanekiso-ngqondweni wehlabathi lonke linabantu abanyanisekileyo abamanyene kunqulo lukaYehova, okuphela koThixo oyinyaniso! Oku akulophupha nje. Koko uYehova akuthembisileyo. Ngomprofeti wakhe uZefaniya, uThixo wavakalisa: “Ngokuqinisekileyo ndiya kushiya phakathi kwakho isizwana esithobekileyo nesisweleyo, yaye okunene siya kusabela egameni likaYehova. . . . Abayi kwenza ntswela-bulungisa, bengayi kuthetha buxoki, kungayi kufunwa lulwimi lwenkohliso emilonyeni yabo; . . . kwaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.” (Zefaniya 3:12, 13) Ukuba unomdla kwesi sithembiso, nikela ingqalelo kwisilumkiso seBhayibhile: “Funani uYehova, nonke balulamileyo bomhlaba, baqhelisele isigwebo Sakhe. Funani ubulungisa, funani ululamo. Mhlawumbi niya kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.”—Zefaniya 2:3.