Ngaba Ngokwenene Ikho Into Enokumanyanisa Abantu?
ENOBA yintoni oyikholelwayo, kusenokwenzeka ukuba uyavuma ukuba kumele ukuba kukho abantu abathanda inyaniso phantse kuzo zonke iinkonzo. Abantu abayixabisa kakhulu inyaniso nabathanda ukuyifuna banokufunyanwa phakathi kwamaHindu, kwamaKatolika, kwamaYuda nakwabanye bezinye iinkonzo. Sekunjalo, unqulo lubonakala lusahlula uluntu. Abanye basebenzisa unqulo ekwenzeni ubungendawo. Ngaba kuya kuze kwenzeke ukuba abantu abanyanisekileyo abakuzo zonke iinkonzo nabathanda okulungileyo nenyaniso bamanyane? Ngaba banokumanyaniselwa injongo enye?
Hayi indlela ekuphazamisa ngayo ukubona ukuba unqulo luya lusiba ngunobangela weyantlukwano! Phawula enye yezi ngxabano. AmaHindu alwa namaBhuda eSri Lanka. AmaProtestanti, amaKatolika namaYuda aye aphalaza igazi kwiingwxabangxwaba ezahlukahlukeneyo. “AmaKristu” alwa namaSilamsi, eChechnya, eIndonesia naseKosovo. Yaye ngoMatshi 2000, ingxwabangxwaba eyayibandakanya unqulo yabulala abantu baseNigeria abangama-300. Eneneni, intiyo yobuhlanga ibangele ukuba ezi ngxabano zibe mbi nangakumbi.
Ngokufuthi, abantu abanyanisekileyo bakhwankqiswa bubungendawo obenziwa egameni lonqulo. Ngokomzekelo, abantu abaninzi abahamba icawa bayothuswa kukubona abefundisi abaye baxhaphaza abantwana ngokwesini besamkelwa ngokusemthethweni kwezinye iicawa. Amanye amakholwa aneentloni gqitha yiyantlukwano ekhoyo kumahlelo azibiza ngobuKristu kwimibandela enjengobufanasini nokuqhomfa. Kucacile ukuba, unqulo alulumanyanisi uluntu. Sekunjalo, kukho abantu abayithanda ngokunyanisekileyo inyaniso ezicaweni ezininzi, njengoko amava alandelayo ebonisa.
Babeyilangazelela Inyaniso
UFidelia wayengumnquli onyanisekileyo nozinikeleyo kwiCawa yamaKatolika yaseSan Francisco eLa Paz, eBolivia. Wayequbuda phambi komfanekiso kaMariya aze abeke awona makhandlela anexabiso eliphezulu anokuwathenga ngaphambi komnqamlezo. Veki nganye, wayenikela ngokutya okuninzi kubefundisi ukuze babele amahlwempu. Noko ke, iintsana ezintlanu zikaFidelia zafa ngaphambi kokuba zibhaptizwe. Xa umfundisi wamxelela ukuba bonke babebandezeleka ebumnyameni baseLimbo, uFidelia wazibuza, ‘Ukuba uThixo uluthando, kunokwenzeka njani oko?’
UTara, yena ongugqirha, wakhuliswa njengomHindu eKathmandu, eNepal. Elandela amasiko ookhokho bakhe ekudala ekho kangangeenkulungwane, wayekhonza izithixo zakhe kwiitempile zamaHindu kwaye enezithixo ekhayeni lakhe. Kodwa uTara wayedidekile yimibuzo efana nale: Kutheni kukho ukubandezeleka kangaka nje? Kutheni abantu besifa? Wayengafumani iimpendulo ezanelisayo kunqulo lwakhe.
Kwelinye icala, uPanya wakhuliswa njengomBhuda kwikhaya elisecaleni komjelo eBangkok, eThailand. Wafundiswa ukuba ukubandezeleka komntu kubangelwa zizenzo awazenzayo kubomi bakhe obudlulileyo yaye ubani unokukhululeka kubo ngokuyeka yonke iminqweno yakhe. Njengamanye amaBhuda anyanisekileyo, wafundiswa ukuba abuhlonele ngokunzulu ubulumko beemonki ezinezambatho ezimthubi ezazisiza kuqokelela amalizo ekhayeni lakhe ntseni nganye. Wayecamngca yaye wayeqokelela imifanekiso kaBhuda ekholelwa ekubeni yayimkhusela. Emva kokubandakanyeka kwingozi enkulu eyamshiya efe amalungu omzimba ukususela esinqeni ukusa ezantsi, uPanya watyelela amakhaya oonongendi obuBhuda, ngokunyanisekileyo enethemba lokuphiliswa ngokungummangaliso. Akazange aphiliswe okanye afumane ukukhanya kokomoya. Kunoko, waba sengozini yokunxibelelana nemimoya waza wathi zwabha kuyo.
UVirgil wazalelwa eUnited States waza walilungu leeBlack Muslims ekholeji. Wayesasaza ngenzondelelo uncwadi lwazo, olwalusithi umntu omhlophe nguMtyholi. Zazicinga ukuba oko kwakusisizathu sokuba abantu abamhlophe benze izenzo ezininzi ezimbi kubantu abamnyama. Nangona wayenyanisekile kwiinkolelo zakhe, uVirgil wayephazanyiswa yile mibuzo: Kunokwenzeka njani ukuba bonke abantu abamhlophe babe babi? Yaye yintoni eyayibangela ukuba kushunyayelwe gqitha ngemali?
Nangona uCharo wakhulela kuMzantsi Merika ozele ngamaKatolika, wayengumProtestanti onyanisekileyo. Wayekholiswa kukuba wayengeyonxalenye yonqulo-zithixo olwalumngqongile. UCharo wayekunandipha ukuya ecaweni iCawa nganye kwinkonzo eyayishushu, apho wayekhwaza aze athi “Haleluya!” aze avume iingoma zonqulo kuze emva koko kungqungqwe. Ngokunyanisekileyo uCharo wayekholelwa ukuba wayesindisiwe yaye wayezelwe ngokutsha. Wayehlawula inxalenye yeshumi yomvuzo wakhe ecaweni, yaye xa umvangeli kamabonwakude amthandayo ecela iminikelo, wayemthumelela imali ukuze ithunyelwe kubantwana baseAfrika. Noko ke, xa wabuza umfundisi wakhe ngesizathu sokuba uThixo wothando ethuthumbisa imiphemfumlo esihogweni, waqonda ukuba akanayo impendulo enentsingiselo. Kamva, wafumanisa ukuba iminikelo yakhe yayingasetyenziselwa ukunceda abantwana baseAfrika.
Nangona beneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, aba bantu bahlanu babenento enye abafana ngayo. Babeyithanda inyaniso yaye ngokunyanisekileyo babefuna iimpendulo eziyinyaniso kwimibuzo yabo. Kodwa ngaba ngokwenene banokumanyana kunqulo lokwenyaniso? Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula loo mbuzo.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngaba kunokwenzeka ukuba abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo bamanyane ngokwenene?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
G.P.O., Jerusalem