Unokumnceda Njani Umntwana ‘Wolahleko’?
‘Yiba nemihlali, kuba . . . ebelahlekile waza wafunyanwa.’—LUKA 15:32.
1, 2. (a) Abanye abaselula baye basabela njani ngokuphathelele inyaniso yamaKristu? (b) Abazali nabantwana banokuvakalelwa njani kwiimeko ezinjalo?
“ANDISENAMDLA enyanisweni!” Hayi indlela okothusa ngayo kubazali aboyik’ uThixo abaye bazama konke okusemandleni ukukhulisa abantwana babo ngendlela yobuKristu, ukuva umntwana wabo ethetha la mazwi! Olunye ulutsha lusuka nje ‘lukhukuliseke’ lungakhange luzivakalise iinjongo zalo. (Hebhere 2:1) Uninzi lwaba lufana nonyana wolahleko okumzekeliso kaYesu, owashiya indlu kayise waza waya kusafaza ilifa lakhe kwilizwe elikude.—Luka 15:11-16.
2 Nangona inkoliso yamaNgqina kaYehova ingenayo le ngxaki, kwabo banayo, awakho amazwi entuthuzelo anokuyiphelisa ngokupheleleyo intlungu yabo. Yaye enye into engamele ityeshelwe kukuba lowo usemtsha uye waphambuka endleleni yenyaniso naye akonwabi. Unokukhathazwa sisazela. Kumzekeliso kaYesu, unyana wolahleko ekugqibeleni ‘wabuyela ezingqondweni,’ nto leyo yavuyisa uyise. Abazali nabanye abasebandleni banokubanceda njani abantwana bolahleko ukuba ‘babuyele ezingqondweni’?—Luka 15:17.
Isizathu Sokuba Abanye Bagqibe Ekubeni Bayishiye Inyaniso
3. Ziziphi ezinye izizathu ezinokwenza umntu osemtsha agqibe kwelokuba alishiye ibandla lobuKristu?
3 Amakhulu amawaka olutsha akhonza uYehova kwibandla lobuKristu ngovuyo. Ngoko ke, kutheni olunye ulutsha lusimka? Lusenokuvakalelwa kukuba kukho nto ithile lulahlekelwa yiyo ehlabathini. (2 Timoti 4:10) Okanye lusenokubugqala bungqongqo gqitha ubuhlanti bukaYehova obukhuselayo. Ukukhathazwa sisazela, ukuba nomdla gqitha kumntu wesini esahlukileyo, okanye umnqweno wokwamkelwa ngoontanga unokubangela ukuba osemtsha akhukuliseke emke emhlambini kaYehova. Umntu osemtsha unokuyeka ukukhonza uThixo ngenxa yokuba ebona ukuhanahanisa kwabazali okanye komnye umKristu.
4. Yintoni ngokufuthi edla ngokuba ngunobangela wokuphambuka kolutsha?
4 Isimo sengqondo sokuvukela komntwana sidla ngokuba luphawu olubonakalisa ukuba buthathaka ngokomoya, imbonakaliso yoko kusentliziyweni yakhe. (IMizekeliso 15:13; Mateyu 12:34) Enoba siyintoni na isizathu esibangela ukuba umntu osemtsha aphambuke, oyena nobangela wengxaki ngokufuthi udla ngokuba kukungabi nalo ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (2 Timoti 3:7) Kunokuba lwenze nje inkwalambisa xa lunqula uYehova, kubalulekile ukuba ulutsha luhlakulele ukuba nolwalamano olusenyongweni kunye naye. Yintoni eya kulunceda ukuba lwenjenjalo?
Sondela KuThixo
5. Yintoni ebalulekileyo ukuze umntu osemtsha ahlakulele ubuhlobo obusenyongweni noThixo?
5 Umfundi uYakobi wabhala: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ukuze akwazi ukwenjenjalo, umntu osemtsha umele ancedwe ahlakulele ukulithanda iLizwi likaThixo. (INdumiso 34:8) Ekuqaleni, kuya kufuneka afumane “ubisi”—iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko. Kodwa njengoko elithanda iLizwi likaThixo aze aqalise ukuthanda “ukutya okuqinileyo”—inkcazelo yokomoya enzulu—kungekudala uya kuqola ngokomoya. (Hebhere 5:11-14; INdumiso 1:2) Omnye umntu osemtsha owavumayo ukuba wayethabatheke ziindlela zehlabathi waqalisa ukuxabisa imilinganiselo yokomoya. Yintoni eyamncedayo ukuba aguquke? Emva kokwamkela icebiso lokufunda iBhayibhile yonke, waqhubeka nocwangciso lokufunda iBhayibhile rhoqo. Ewe, ukufunda iLizwi likaThixo rhoqo kubalulekile xa ubani ehlakulela ukuba nolwalamano olusenyongweni noYehova.
6, 7. Abazali banokubanceda njani abantwana babo ukuba bahlakulele ukulithanda iLizwi likaThixo?
6 Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abazali babancede abantwana babo bahlakulele ukulithanda iLizwi likaThixo! Nangona isifundo sentsapho sasiqhutywa rhoqo, enye intwazana ekwishumi elivisayo yayinxulumana nolutsha oluziinjubaqa. Ngokuphathelele isifundo sentsapho yakowayo, ithi: “Xa uTata ebuza imibuzo, ndandiye ndifunde iimpendulo, ndingakhange ndimjonge nokumjonga ebusweni.” Kunokuba bagubungele umbandela abawufundisisayo kwisifundo sentsapho, abazali abalumkileyo basebenzisa ubugcisa bokufundisa. (2 Timoti 4:2) Ukuze umntu osemtsha asinandiphe isifundo, umele azive ebandakanyekile. Kutheni ungabuzi uluvo lwakhe ukuze achaze indlela avakalelwa ngayo ngombandela? Mkhuthaze oselula ukuba akusebenzise ngokobuqu oko kufundisiswa kuloo mbandela.a
7 Ngaphezu koko, ingxubusho yeZibhalo mayenziwe ngendlela edlamkileyo. Xa kufanelekile, abaselula mabenze umdlalo balinganise iziganeko eziseBhayibhileni. Bancede babe nombono wendawo nenkangeleko yelizwe ezenzeka kulo iziganeko ekuxutyushwa ngazo. Ukusebenzisa iimaphu nezicangca kunokuba luncedo. Ewe, ngokusebenzisa nje ingqondo, isifundo sentsapho sinokuqhutywa ngendlela edlamkileyo nangeendlela ezahlukahlukeneyo. Nabazali bafanele bahlolisise ulwalamano lwabo noYehova. Njengoko nabo besondela kuYehova, banokubanceda nabantwana babo basondele kuye.—Duteronomi 6:5-7.
8. Umthandazo umnceda njani ubani asondele kuThixo?
8 Umthandazo unceda ubani ukuba asondele kuThixo. Intwazana eyayiqalisa iminyaka yeshumi elivisayo yayikhathazekile ngenxa yokuba yayingakwazi ukukhetha phakathi kwendlela yobuKristu nonxulumano lwayo nabahlobo bayo ababenganazinkolelo zifana nezayo. (Yakobi 4:4) Yenza ntoni ngaloo nto? Iyavuma: “Okokuqala, ndathandaza kuYehova ndamxelela ngendlela endandivakalelwa ngayo.” Yafikelela kwisigqibo sokuba umthandazo wayo wawuphendulwe xa ekugqibeleni yafumana umhlobo ebandleni lobuKristu eyayinokukwazi ukuzityand’ igila kuye. Ivakalelwa kukuba yalathiswa nguYehova, yaqalisa ukuzenzela ubuhlobo noThixo. Abazali banokunceda abantwana babo ngokuphucula imithandazo yabo. Xa bethandaza njengentsapho, abazali banokuzityand’ igila ukuze abantwana babone iqhina eliphakathi kwabazali noYehova.
Yiba Nomonde Kodwa Ube Ngqongqo
9, 10. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguYehova ngokuzeka kade umsindo kumaSirayeli awayephambuka?
9 Xa oselula eqalisa ukuphambuka, usenokuzama ukuzenza ikheswa aze ayichase nayiphi na imigudu yabazali bakhe yokufuna ukuxubusha kunye naye imibandela yokomoya. Yintoni enokwenziwa ngabazali xa bejamelene neso silingo? Phawula oko kwenziwa nguYehova kuSirayeli wamandulo. Wanyamezela amaSirayeli ‘awayentamo-lukhuni’ iminyaka engaphezu kwama-900 ngaphambi kokuba awagatye ngenxa yelo khondo lawo litenxileyo. (Eksodus 34:9; 2 Kronike 36:17-21; Roma 10:21) Nangona ‘ayemvavanya’ ngokuphindaphindiweyo uYehova, “wayenenceba” kuwo. “Izihlandlo ezininzi wayewubuyisa umsindo wakhe, yaye wayengawuvuseleli umsindo wakhe.” (INdumiso 78:38-42) UThixo wayeqhubana nawo kakuhle. Abazali abanothando baxelisa uYehova yaye baba nomonde xa umntwana engasabeli ngokukhawuleza kwimigudu yabo yokumnceda.
10 Ukuzeka kade umsindo, okanye ukuba nomonde, kubonisa ukungavumi ukulahl’ ithemba lokuba olo lwalamano lunokuphinda lulunge. UYehova wamisela umzekelo wokuzeka kade umsindo. Wathabatha inyathelo lokuqala ngokuthumela abathunywa bakhe kumaSirayeli “kaninzi-ninzi.” UYehova “waba nemfesane ngabantu bakhe,” nangona ‘babeqhubeka bebagculela abathunywa bakaThixo oyinyaniso bewadelela namazwi akhe.’ (2 Kronike 36:15, 16) Wawabongoza amaSirayeli, esithi: “Khanincede nibuye, wonk’ ubani endleleni yakhe embi.” (Yeremiya 25:4, 5) Ukanti, uYehova akazange alalanise kwimigaqo yakhe yobulungisa. AmaSirayeli ayalelwa ukuba ‘abuyele’ kuThixo nakwiindlela zakhe.
11. Abazali banokuzeka kade umsindo kodwa babe ngqongqo njani xa benceda umntwana ophambukayo?
11 Abazali banokuxelisa uYehova ngokuzeka kade umsindo bangalahl’ ithemba ngokukhawuleza ngenxa yomntwana onxaxhayo. Kunokuba baphelelwe lithemba banokuthabatha amanyathelo okuqala okugcina unxibelelwano luvulekile okanye baluvuselele. Ngoxa benamathele kwimigaqo yobulungisa, banokumcenga “kaninzi-ninzi” loo mntwana ukuba abuyele endleleni yenyaniso.
Xa Umntwana Esuswa Kubudlelane
12. Yiyiphi imbopheleleko abanayo abazali ngomntwana ohlala nabo ogxothiweyo ebandleni?
12 Kuthekani ukuba umntwana ohlala nabazali bakhe ubandakanyeka kwisono esinzulu aze ngenxa yokungaguquki agxothwe ebandleni? Ekubeni loo mntwana ehlala nabazali bakhe, basenembopheleleko yokumfundisa nokumqeqesha ngokuvisisana neLizwi likaThixo. Kunokwenziwa njani oku?—IMizekeliso 6:20-22; 29:17.
13. Abazali banokuzama njani ukufikelela intliziyo yomntwana wabo onxaxhayo?
13 Mhlawumbi—eneneni, kunokuba bhetele—ukuba loo mntwana unokufundiswa aze aqeqeshwe kwisifundo seBhayibhile sangasese. Umzali umele akhangele ngaphaya kweso simo sengqondo sokuqaqadeka komntwana wakhe aze azame ukubona oko kusentliziyweni yakhe. Uyintoni kanye kanye oyena nobangela woko kugula kwakhe ngokomoya? (IMizekeliso 20:5) Ngaba unotyekelo oluthile oluhle olunokubangela intliziyo yakhe ifikeleleke? Ziziphi izibhalo ezinokusetyenziswa ngokuphumelelayo? Umpostile uPawulos uyasiqinisekisa: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Hebhere 4:12) Ewe, abazali banokwenza okungakumbi kunokumxelela nje umntwana ukuba angaphindi abandakanyeke kwizenzo eziphosakeleyo. Basenokuqalisa ukuzama ukumnyanga baze bamnyamekele ngokuqhubekayo.
14. Liliphi inyathelo lokuqala umntwana onxaxhayo afanele alithabathe ukuze ahlaziye ulwalamano lwakhe noYehova, yaye abazali banokumnceda njani ukuba athabathe elo nyathelo?
14 Umntwana onxaxhayo kufuneka ahlaziye ulwalamano lwakhe noYehova. Inyathelo lokuqala ekufuneka alithabathe ‘kukuguquka, ajike.’ (IZenzo 3:19; Isaya 55:6, 7) Ukuze bancede umntwana osekhayeni labo aguquke, abazali bamele ‘banyamezele ububi, bamyalele ngobulali’ umntwana wabo ongenalutyekelo luhle. (2 Timoti 2:24-26) Kufuneka ‘bamohlwaye’ ngokwengqiqo yeBhayibhile. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘yohlwaya’ lisenokuguqulelwa nangokuthi ‘nika ubungqina obeyisayo.’ (ISityhilelo 3:19; Yohane 16:8) Ngoko ke, ukohlwaya kuquka ukubonisa ubungqina obaneleyo ukuze umntwana eyiseke ukuba ikhondo alithabathileyo lisisono. Kuyavunywa ukuba ukwenjenjalo akulula. Xa kunokwenzeka, abazali basenokuchukumisa intliziyo yakhe, besebenzisa zonke iindlela ezifanelekileyo ngokweZibhalo ukuze bamenze eyiseke. Bafanele bazame ukumnceda aqonde imfuneko ‘yokuthiya okubi, aze athande okulungileyo.’ (Amosi 5:15) Usenokubuyela ‘ezingqondweni, aphume emgibeni abanjiswe kuwo nguMtyholi.’
15. Umthandazo unayiphi indima ekuhlaziyeni ulwalamano lwalowo unxaxhayo noYehova?
15 Ukuze ubani ahlaziye ulwalamano lwakhe noYehova, umele athandaze. Kakade ke, akukho bani ofanele ‘acelele’ umntu owayekhe wanxulumana nebandla lobuKristu, owenza isono sangabom, nongaguqukiyo. (1 Yohane 5:16, 17; Yeremiya 7:16-20; Hebhere 10:26, 27) Ukanti, abazali banokucela uYehova ukuba abanike ubulumko bokuhlangabezana naloo meko. (Yakobi 1:5) Ukuba umntu oselula osusiweyo kubudlelane ubonisa ubungqina bokuba uguqukile kodwa engenayo ‘inkululeko yokuthetha noThixo,’ abazali basenokuthandazela ukuba, xa uThixo ebona kufanelekile ukumxolela loo mntwana esonweni sakhe, mayenzeke intando Yakhe. (1 Yohane 3:21) Ukuva loo mithandazo kunokumnceda loo mntwana abone ukuba uYehova nguThixo onenceba.b—Eksodus 34:6, 7; Yakobi 5:16.
16. Sinokuwanceda njani amalungu entsapho enomntwana oye wasuswa kubudlelane?
16 Xa umntu oselula obhaptiziweyo esuswa kubudlelane, kulindeleke ukuba amalungu ebandla ‘ayeke ukunxulumana’ naye. (1 Korinte 5:11; 2 Yohane 10, 11) Ekugqibeleni, oku kusenokumnceda ukuba ‘abuyele ezingqondweni’ aze abuyele kubuhlanti bukaThixo obukhuselayo. (Luka 15:17) Noko ke, enoba uyabuyela okanye akunjalo, amalungu ebandla anokuyikhuthaza intsapho enomntwana osusiweyo. Sonke sinokukhangela amathuba okubonisa ‘uvelwano’ size sibe ‘nemfesane’ kubo.—1 Petros 3:8, 9.
Indlela Abanye Abanokunceda Ngayo
17. Yintoni amalungu ebandla afanele asoloko eyikhumbula xa ezama ukunceda umntwana onxaxhayo?
17 Kuthekani ngoselula ongasuswanga kubudlelane bebandla lobuKristu kodwa oye waba buthathaka elukholweni? Umpostile uPawulos wabhala: “Ukuba ilungu elinye liyabandezeleka, onke amanye amalungu abandezeleka kunye [nalo].” (1 Korinte 12:26) Abanye banokubonakalisa umdla kulowo oselula. Kakade ke, kufuneka kulunyukwe, ekubeni oselula ogulayo ngokomoya esenokuba nempembelelo embi kwabanye abaselula. (Galati 5:7-9) Kwelinye ibandla, abanye abantu abadala ababeneentshukumisa ezintle nababefuna ukunceda olunye ulutsha olwaba buthathaka ngokomoya, balumemela ezimbuthweni ukuze badlale ndawonye umculo othandwayo. Nangona olo lutsha lwasamkela ngokukhawuleza eso simemo lwaza lwazinandipha ezo zihlandlo, ekugqibeleni, impembelelo eyayilapho yakhokelela ekubeni luyeke ukunxulumana nebandla. (1 Korinte 15:33; Yude 22, 23) Eyona nto inokunceda umntwana ogulayo ngokomoya, asizombutho zokuzonwabisa ezingenayo impembelelo yokomoya, kodwa lunxulumano olumnceda ahlakulele uthando lwezinto zokomoya.c
18. Sinokusixelisa njani isimo sengqondo sikayise wonyana wolahleko okumzekeliso kaYesu?
18 Xa umntu oselula oye washiya ibandla ebuyela kwiHolo YoBukumkani okanye esiya endibanweni, cinga ngendlela anokuba uvakalelwa ngayo. Ngaba asifanele sibonakalise isimo sengqondo sokumamkela esifana nesikayise wonyana wolahleko okumzekeliso kaYesu? (Luka 15:18-20, 25-32) Omnye okwishumi elivisayo owayeshiye ibandla lobuKristu waza kamva waya kwindibano yesithili wathi: “Ndandicinga ukuba wonke umntu wayengayi kundikhathalela, kodwa abazalwana noodade beza kum baza bandamkela. Ndachukumiseka ngokunzulu.” Waqalisa ukufundisisa iBhayibhile kwakhona yaye kamva wabhaptizwa.
Musa Ukunikezela
19, 20. Kutheni sifanele sihlale sinesimo sengqondo esingqalileyo ngokuphathelele umntwana wolahleko?
19 Ukuze sincede umntwana ‘wolahleko’ ‘abuyele ezingqondweni’ kufuneka sibe nomonde yaye oko kunokuba lucelomngeni kubazali nakwabanye. Kodwa musa ukunikezela. “UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) IZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba uYehova ufuna abantu baguquke baze baphile. Eneneni, uye wathabatha inyathelo lokuqala ekwenzeni amalungiselelo okuxolelanisa abantu kunye naye. (2 Korinte 5:18, 19) Umonde wakhe uye wabangela ukuba izigidi zabantu zibuyele ezingqondweni.—Isaya 2:2, 3.
20 Ngoko, ngaba abazali abamele basebenzise zonke iindlela ezichazwe eZibhalweni ukuze bancede umntwana wabo wolahleko abuyele ezingqondweni? Uxelisa uYehova, yiba ngozeka kade umsindo njengoko uthabatha amanyathelo angqalileyo okunceda umntwana wakho abuyele kuYehova. Namathela kwimilinganiselo yeBhayibhile ngokungqongqo, uze uzame ukubonakalisa iimpawu zikaYehova, uthando, okusesikweni nobulumko ngoxa uthandaza kuye ukuba akuncede. Kanye njengokuba abavukeli abaqaqadekileyo beye basabela kwisimemo sikaYehova sothando sokuba babuye, unyana okanye intombi yakho yolahleko isenokubuyela kubuhlanti bukaThixo obukhuselayo.—Luka 15:6, 7.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane amacebiso angakumbi ngendlela ephumelelayo yokufundisa abaselula , bona IMboniselo, kaJulayi 1, 1999, iphepha 13-17.
b Imithandazo enjalo ayiyi kwenziwa esidlangalaleni kwiintlanganiso zebandla, kucelelwe umntwana osusiweyo kubudlelane, njengoko kusenokwenzeka ukuba abanye abayazi imeko yaloo mntu ususiweyo kubudlelane.—Bona IMboniselo, kaOktobha 15, 1979, iphepha 31.
c Ukuze ufumane amacebiso angqalileyo, bona uVukani! (wesiNgesi) kaJuni 22, 1972, iphepha 13-16; nokaOktobha 8, 1996, iphepha 28-30.
Ngaba Usakhumbula?
• Usenokuba uyintoni oyena nobangela wokuba ulutsha lushiye ibandla?
• Banokuncedwa njani abaselula bahlakulele ukuba nolwalamano lobuqu noYehova?
• Kutheni abazali kufuneka bazeke kade umsindo kodwa babe ngqongqo xa benceda umntwana wolahleko?
• Abo basebandleni banokumnceda njani umntwana wolahleko ukuba abuye?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Umthandazo wabazali osuk’ entliziyweni unokubanceda abantwana babo babone ulwalamano lobuqu olukhoyo phakathi kwabazali babo noYehova
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukufunda iLizwi likaThixo kubalulekile ukuze sihlakulele ulwalamano olusenyongweni noYehova
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Mamkele umntwana wolahleko xa ‘ebuyela ezingqondweni’
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Thabatha amanyathelo angqalileyo okunceda umntwana wakho abuyele kuYehova