Unokusithintela Isifo Sentliziyo Sokomoya
Intshatsheli yomdlali ehlabathini lonke eyayilichule neyayikhangeleka iphile qete yayoba ngoxa yayiziqeqesha yaza yafa. Igama lalo mdlali yayinguSergei Grinkov, owagqwesa kabini kwiOlimpiki waza wafumana imbasa yegolide ngokutyibiliza emkhenkceni, yaye impumelelo yakhe yabhanga xa kanye wayeqalisa ukuba yintshatsheli—xa wayeneminyaka engama-28 ubudala kuphela. Enjani yona intlekele! Yintoni eyabangela oku? Sisifo sentliziyo. Kuthiwa wafa ngequbuliso ngenxa yokuba kwakungekho nanye into eyayibonisa ukuba unesifo sentliziyo. Ukanti, abo babemxilonga bafumanisa ukuba intliziyo yakhe yayidumbile yaye imithambo edlulisela igazi yayivaleke ngci.
NGOXA kusenokubonakala ngathi abantu abaninzi bahlaselwa sisifo sentliziyo kungakhange kubekho nto ibonakalisa ukuba bayagula, abezonyango bathi oku akufane kwenzeke. Inyaniso kukuba, iimpawu noothunywashe ababangela esi sifo, njengokuphefumla nzima, ukutyeba gqitha neentlungu zesifuba ngokufuthi zidla ngokutyeshelwa. Ngenxa yoko, kwanokuba baye basinda ekufeni xa behlaselwa sisifo sentliziyo, abaninzi baba yimilwelwe engenakuzenzela nto ubomi babo bonke.
Namhlanje abezonyango bayavumelana ukuba ukuze kuthintelwe isifo sentliziyo kufuneka ubani ahlale eyiphaphele indlela atya naphila ngayo yaye axilongwe rhoqo.a Ukwenjenjalo, nokukulungela ngokunyanisekileyo ukwenza utshintsho xa kuyimfuneko, kuya kuba luncedo kakhulu ekuthinteleni imiphumo eyintlekele yokuhlaselwa sisifo sentliziyo.
Noko ke, ikho enye inkalo yentliziyo yethu efuna ingqalelo engakumbi. IBhayibhile iyasilumkisa: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” (IMizekeliso 4:23) Kakade ke, esi sibhalo ngokuyintloko sibhekisela kwintliziyo yokomfuziselo. Kufuneka sihlale siphaphile ukuze silondoloze intliziyo yethu yokoqobo, kodwa kubaluleke nangakumbi ukuhlala siphaphile xa sifuna ukukhusela intliziyo yethu yokomfuziselo nxamnye nezifo ezinokukhokelela ekufeni ngokomoya.
Ukuhlolisisa Isifo Sentliziyo Yokomfuziselo
Njengesifo sentliziyo yokoqobo, enye yezona ndlela ziqinisekileyo zokuthintela ukuhlaselwa sisifo sentliziyo yokomoya kukufunda ngoonobangela baso uze uthabathe amanyathelo athile ngokuphathelele abo nobangela. Ngoko ke, makhe sihlolisise abanye oothunywashe abasisiseko abafak’ isandla kwiingxaki zentliziyo—eyokoqobo neyokomfuziselo.
Ukutya. Kuyavunywa ukuba ukutya okungenazondlo, nangona kunencasa, kuluncedo kancinane empilweni okanye akuloncedo konke konke. Ngokufanayo, ukutya okungenazondlo engqondweni kufumaneka lula yaye kubangel’ umdla, kodwa kuyingozi kwimpilo kabani yokomoya. Kukho inkcazelo eninzi kumajelo eendaba esasazwa ngendlela yobuchule ebalaselisa isini neziyobisi ezingekho mthethweni, ugonyamelo nokusebenzisa imilingo. Ukondla ingqondo ngokutya okunjalo kuyingozi kwintliziyo yokomfuziselo. ILizwi likaThixo liyalumkisa: “Konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini. Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:16, 17.
Ukutya okunempilo, njengeziqhamo nemifuno eluhlaza, akubangeli mdla kangako kubantu abathanda ukutya okungenazondlo. Ngokufanayo, ukutya kokomoya okunentswane nokufanelekileyo akubangeli mdla kumntu oqhele ukondla ingqondo nentliziyo yakhe ngezinto zehlabathi. Kangangexesha elithile, unokuphila ‘ngobisi’ oluvela eLizwini likaThixo. (Hebhere 5:13) Ekuhambeni kwexesha, akakhuli ngokomoya njengoko kuyimfuneko ukuze asingathe iimbopheleleko ezisisiseko zokomoya kwibandla lamaKristu nakubulungiseleli. (Mateyu 24:14; 28:19; Hebhere 10:24, 25) Bambi abakuloo meko baye bayekelela umxakatho ngokomoya kangangokude babe ngamaNgqina apholileyo!
Enye ingozi kukuba imbonakalo yangaphandle inokukhohlisa. Ukudlulisa nje usana kunina xa ubani esenza imisebenzi yobuKristu kunokubenza bungabonakali ubuthathaka bentliziyo yokomfuziselo obubangelwa kukuzifica ngokufihlakeleyo ekusukeleni izinto eziphathekayo okanye ukuzonwabisa okubalaselisa ukuziphatha okubi, ugonyamelo okanye imilingo. Oko kutya kokomoya kungafanelekanga kunokubonakala kungeyongozi kangako kwimpilo yokomoya kabani, kodwa kunokuyingxwelerha intliziyo yokomfuziselo kanye njengoko ukutya okungenazondlo kunokuyivala imithambo edlulisela igazi kuze konakalise intliziyo yokoqobo. UYesu walumkisa nxamnye nokuvumela iminqweno engafanelekanga ukuba ingene entliziyweni kabani. Wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Ewe, ukutya kokomoya okungenasondlo kunokukhokelela ekubeni ubani abe nesifo sentliziyo sokomoya. Ukanti, kukho izizathu ezingakumbi zokuxhalaba.
Ukuziqeqesha. Kuthiwa ukuhlala nje ungenzi nto kunokuba negalelo ekuhlaselweni sisifo sentliziyo yokoqobo. Ngokufanayo, ukuhlala nje ungenzi nto ngokomoya kunokuba yingozi. Ngokomzekelo, umntu unokuba nesabelo kubulungiseleli bamaKristu kodwa enze nje uphela sonwabe, enze umgudu ongephi okanye angenzi mgudu kwaphela wokuba ‘ngumsebénzi ongenazintloni, oliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Timoti 2:15) Okanye ubani usenokuya kwezinye iintlanganiso zamaKristu kodwa angazilungiseleli kangako ukuze abe nenxaxheba kuzo. Usenokungabi nasukelo azibekele lona ngokomoya okanye angabi namnqweno okanye ihlombe ngezinto zokomoya. Ngenxa yokungenzi imisebenzi yokomoya, olo kholo wayenalo luyehla lude lufe. (Yakobi 2:26) Umpostile uPawulos wayiphawula le ngozi xa wayebhalela amaKristu angamaHebhere, lawo kubonakala ukuba amanye awo ayehleli nje engenzi nto ngokomoya. Phawula ukuba wawalumkisa ukuba oku kwakunokuwadodobalisa ngokomoya. “Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo; kodwa hlalani nibongozana umhla ngamnye, lo gama kusathiwa ‘Namhlanje,’ ukuze kungabikho nabani na kuni owenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo esono.”—Hebhere 3:12, 13.
Uxinezeleko. Omnye unobangela oyintloko wokuhlaselwa sisifo sentliziyo kukuxinezeleka ngokugqithiseleyo. Ngokufanayo, uxinezeleko okanye ‘amaxhala obomi,’ anokuba yingozi kwintliziyo yokomfuziselo, ade abangele ukuba elo xhoba liyeke ukukhonza uThixo ngokupheleleyo. Isilumkiso sikaYesu sifanelekile ngokuphathelele le nkalo: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe.” (Luka 21:34, 35) Nentliziyo yethu yokomfuziselo inokuxinezeleka gqitha ukuba sikhathazwa sisono esisenza ngokufihlakeleyo kangangexesha elide. UKumkani uDavide waba namava entlungu ebangelwa luxinezeleko olunjalo xa wathi: “Uxolo alukho emathanjeni am ngenxa yesono sam. Kuba iziphoso zam zidlule phezu kwentloko yam; njengomthwalo onzima zinzima kakhulu kum.”—INdumiso 38:3, 4.
Ukuzithemba ngokugqithiseleyo. Amaxhoba amaninzi esifo sentliziyo adla ngokuzithemba ngokugqithiseleyo ngempilo yawo ngaphambi nje kokuba ahlaselwe sisifo sentliziyo. Ngokufuthi, adla ngokungazikhathazi ngokufuna ukuxilongwa okanye kube yinto nje ekuqhulwa ngayo njengento engenamsebenzi kwaphela. Ngokufanayo, bambi banokuvakalelwa kukuba ekubeni sele benethuba bengamaKristu, akukho nto inokwenzeka kubo. Basenokukutyeshela ukuzixilonga ngokomoya de kwehle intlekele. Kubalulekile ukukhumbula isiluleko esihle nxamnye nokuzithemba ngokugqithiseleyo njengoko sanikelwa ngumpostile uPawulos: “Ngenxa yoko lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.” Ikhondo lobulumko kukuba siziqonde ukuba asifezekanga size sizixilonge rhoqo ngokomoya.—1 Korinte 10:12; IMizekeliso 28:14.
Musa Ukuyibetha Ngoyaba Imiqondiso Esisilumkiso
Ngesizathu esivakalayo, iZibhalo zinikela ingqalelo ekhethekileyo kwintliziyo yokomfuziselo. KuYeremiya 17:9, 10, siyafunda: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi? Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndizihlolisise izintso, ukuze ndinike ngamnye ngokweendlela zakhe, ngokwesiqhamo sezenzo zakhe.” Kodwa ngaphandle kokugocagoca intliziyo yethu, uYehova wenza nelungiselelo lokusinceda ukuze sizixilonge ngokwethu.
Esebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ usinika izikhumbuzo ngexesha elifanelekileyo. (Mateyu 24:45) Ngokomzekelo, enye yeendlela eziphambili enokusikhohlisa ngazo intliziyo yethu yokomfuziselo kukusenza siziyolise ngeengcinga ezingento zehlabathi. Ezi ngcinga kukuba nentelekelelo yento engekho ngqiqweni, ukuphupha emini, ukubhadula kwengqondo. Ezi ngcinga zinokuba yingozi kakhulu, ingakumbi ukuba zivuselela iingcinga ezingcolileyo. Ngenxa yoko, simele sizigatye ngokupheleleyo. Ukuba njengoYesu, sikuthiyile ukuchasa umthetho, siya kukuphaphela ukuba singayolisi intliziyo yethu ngeengcinga ezingento zehlabathi.—Hebhere 1:8, 9.
Ukongezelela, sinoncedo lwabadala abanothando kwibandla lamaKristu. Ngoxa ngokuqinisekileyo siyixabisa inkxalabo yabanye, ukunyamekela intliziyo yethu yokomfuziselo yimbopheleleko yomntu ngamnye. Kuxhomekeke kuthi njengabantu ngabanye ‘ukuqiniseka ngezinto zonke’ ‘nokuhlala sizivavanya enoba siselukholweni kusini na.’—1 Tesalonika 5:21; 2 Korinte 13:5.
Londoloza Intliziyo
Umgaqo weBhayibhile othi “loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona” uyasebenza nakwimpilo yentliziyo yethu yokomfuziselo. (Galati 6:7) Ngokufuthi, oko kudla ngokubonakala njengentlekele yokomoya eyenzeke ngequbuliso, kuye kufumaniseke ukuba ngumphumo wokuzanelisa ixesha elide ngokufihlakeleyo kusukelo olonakalisayo ngokomoya njengokubukela izinto ezingamanyala, ukuxhalabela izinto eziphathekayo ngokugqithiseleyo, ukuzabalazela ukuba ngosemaqhuzwini okanye ukuba negunya.
Ngoko ke, ukuze ubani akhusele intliziyo yakhe kubalulekile ukuba alumkele izinto azondla ngazo ngokomoya. Yondla ingqondo nentliziyo yakho ngeLizwi likaThixo. Kuphephe ukondla ingqondo ngokutya okungenasondlo okufumaneka lula nokunomtsalane gqitha enyameni kodwa okubangela intliziyo yethu yokomfuziselo ibe lukhuni. Esebenzisa lo mzekeliso—ufanelekileyo nosengqiqweni ngokuphathelele ezonyango—umdumisi uyasilumkisa: “Intliziyo yabo ayinamvakalelo kanye njengamanqatha.”—INdumiso 119:70.
Ukuba kukho izinto eziphosakeleyo ekudala uzenza emfihlekweni, zabalazela ukuziyeka kungenjalo ziya kuvala imithambo yakho yokomfuziselo. Ukuba ihlabathi liqalisa ukubonakala linomtsalane yaye libonakala lizaliswe ziziyolo nolonwabo oluninzi, camngca ngesiluleko sobulumko esanikelwa ngumpostile uPawulos. Wabhala: “Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha eliseleyo lifinyele. Ukususela ngoku . . . nabo balisebenzisayo eli hlabathi [mababe] njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo; kuba imeko yeli hlabathi iyatshintsha.” (1 Korinte 7:29-31) Yaye, ukuba ubutyebi bezinto eziphathekayo buqalisa ukuba nomtsalane, nikela ingqalelo kumazwi kaYobhi athi: “Ukuba bendithembele kwigolide, okanye kwigolide bendithe, ‘Ndikholose ngawe!’ nako oko bekuya kuba sisiphoso esifanele sinikelwe ingqalelo ngabagwebi, kuba bendiya kuba ndimkhanyele uThixo oyinyaniso ophezulu.”—Yobhi 31:24, 28; INdumiso 62:10; 1 Timoti 6:9, 10.
Ibonisa ubunzulu bomkhwa wokutyeshela isiluleko esisekelwe eBhayibhileni, iBhayibhile iyasilumkisa: “Umntu owohlwaywa ngokuphindaphindiweyo kodwa ayenze lukhuni intamo yakhe uya kwaphulwa ngequbuliso, aze angaphiliswa.” (IMizekeliso 29:1) Ngokwahlukileyo koko, xa siyinyamekela kakuhle intliziyo yethu yokomfuziselo, sinokufumana uyolo noxolo lwengqondo ngenxa yokuphila ubomi obulula nobulungeleleneyo. Le yindlela ebisoloko inconyelwa kubuKristu bokwenyaniso. Umpostile uPawulos wabhala: “Phofu ke, iyinene yona into yokuba, uzinikelo lobuthixo kunye nokwanela, kuyinzuzo enkulu. Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto. Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.”—1 Timoti 6:6-8.
Ewe, ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo kuya kuqinisekisa ukuba sizuza intliziyo yokomfuziselo ephilileyo neyomeleleyo. Ngokulumkela oko sizondla ngako ngokomoya, siya kuvala onke amathuba okuba iindlela zokucinga zeli hlabathi eziyingozi, zisonakalise okanye zisenzakalise ngokomoya. Ngaphezu kwako konke, ngokwamkela amalungiselelo kaYehova asilungiselela wona ngentlangano yakhe, ngamana singahlala siyixilonga intliziyo yethu yokomfuziselo. Ukwenjenjalo ngenkuthalo kuya kusinceda kakhulu ukuze siphephe imiphumo ebuhlungu yokuhlaselwa sisifo sentliziyo yokomoya.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, nceda ubone amanqaku axubusha ngesifo sentliziyo noko kunokwenziwa ngaso kwinkupho kaVukani!, kaDisemba 8, 1996, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]
UKUTYA KOKOMOYA OKUNGAFANELEKANGA KUNOKUYENZAKALISA INTLIZIYO YOKOMFUZISELO NGENDLELA UKUTYA OKUNGENASONDLO OKUNOKUYIVALA NGAYO IMITHAMBO EDLULISELA IGAZI KUZE KWENZAKALISE INTLIZIYO YETHU YOKOMFUZISELO
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]
UKUHLALA NJE UNGENZI NTO NGOKOMOYA KUNOKUBA NEMIPHUMO EYINGOZI
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
‘AMAXHALA OBOMI’ ANOKUBA YINGOZI KWINTLIZIYO YOKOMFUZISELO
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ukutyeshela impilo yethu yokomoya kunokukhokelela kwintlungu engathethekiyo
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Ukuhlakulela imikhwa efanelekileyo ngokomoya kuyayilondoloza intliziyo yokomfuziselo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
AP Photo/David Longstreath