Intuthuzelo Ngamaxesha Eentlekele
AKUKHO nto ithuthuzelayo kwiindaba zanamhlanje. Omnye umntu wabhala: “Izinto ezenzekayo kule mihla zihlasimlis’ umzimba kangangokuba sidla ngokungaqiniseki enoba siyafuna kusini na ukuzibukela iindaba zentsimbi yesithandathu.” Ihlabathi lizaliswe ziimfazwe, bubugrogrisi, ukubandezeleka, ulwaphulo-mthetho nezifo—ububi obunokusehlela sonke kungekudala ukuba oko akukenzeki.
IBhayibhile yaprofeta ngokuchanileyo ngale meko. Echaza imihla yethu, uYesu wathi kuya kubakho iimfazwe ezinkulu, iindyikitya zokufa, indlala neenyikima. (Luka 21:10, 11) Ngokufanayo, umpostile uPawulos wabhala ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ xa abantu baya kuba ziindlobongela, abathandi bemali nabangathandi kulunga. Elo xesha walibiza ngokuthi ‘yimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1-5.
Ngaloo ndlela, xa iindaba zichaza imeko yehlabathi, zingqina oko kwaprofetwa yiBhayibhile. Kodwa leyo kuphela kwento ezifana ngayo. IBhayibhile ithetha ngenye inkalo iindaba ezingathethi ngayo. NgeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, sinokuqonda kungekuphela nje isizathu sokuba kukho ububi obuninzi kangaka kodwa noko kuya kwenzeka kwixesha elizayo.
Indlela UThixo Abujonga Ngayo Ububi
IBhayibhile ichaza indlela uThixo azijonga ngayo iimeko ezinxunguphalisayo zomhla wethu. Nangona wazibona kusengaphambili iingxaki ezikhoyo namhlanje, akazithandi yaye akanakuzinyamezela ngonaphakade. Umpostile uYohane wabhala: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) UYehova ubakhathalele kakhulu abantu yaye ubuthiyile bonke ububi. Kufanelekile ke ngoko ukufuna intuthuzelo kuThixo, ekubeni elungile yaye enemfesane namandla yaye ekufuna ukuphelisa ububi emhlabeni. Umdumisi wabhala: “[UKumkani wasezulwini omiselwe nguThixo] uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo. Negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.”—INdumiso 72:12-14.
Ngaba unovelwano ngababandezelekileyo? Mhlawumbi unalo. Uvelwano luphawu uYehova alutyale kuthi, kuba sadalwa ngokomfanekiselo wakhe. (Genesis 1:26, 27) Ngoko ke, sisenokuba nentembelo yokuba uYehova unovelwano ngabantu ababandezelekileyo. UYesu, owayemazi ngokunzulu uYehova kunaye nabani na omnye, wafundisa ukuba uYehova unomdla gqitha kuthi yaye unemfesane.—Mateyu 10:29, 31.
Indalo ngokwayo iyangqina ukuba uThixo ubakhathalele abantu. UYesu wathi uThixo ‘ulenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula uyinisa kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.’ (Mateyu 5:45) Umpostile uPawulos wathi kubantu besixeko saseListra: ‘UThixo akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.’—IZenzo 14:17.
Ngubani Onetyala?
Ngokuphawulekayo uPawulos waphinda wathi kubantu baseListra: “Kwizizukulwana ezidluleyo [uThixo] wazivumela zonke iintlanga ukuba zihambe ngeendlela zazo.” Ngenxa yoko, iintlanga—okanye abantu ngokwabo babekek’ ityala ngeengxaki ezininzi abakuzo. UThixo akanatyala.—IZenzo 14:16.
Kutheni uYehova evumele izinto ezimbi zenzeke? Ngaba ikho into aya kuyenza ngaloo nto? Impendulo yale mibuzo inokufumaneka kwiLizwi likaThixo kuphela. Oku kungenxa yokuba impendulo ibandakanya omnye umntu ongumoya nembambano awayivelisayo kummandla ongabonakaliyo womoya.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Abantu banovelwano. Ngaba ucinga ukuba yena uThixo akanaluvelwano ngabantu ababandezelekileyo?
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 2]
COVER: Tank: UN PHOTO 158181/J. Isaac; earthquake: San Hong R-C Picture Company
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 3]
Ngasentla ekhohlo, Croatia: UN PHOTO 159208/S. Whitehouse; starving child: UN PHOTO 146150 BY O. MONSEN