Ukukhulisa Abantwana Kwelinye Ilizwe—Iinzima Nemivuzo
ABANTU abaninzi bafudukela kwamanye amazwe benethemba lokuqala ubomi obutsha kwenye indawo. Sithethanje iYurophu inabantu bamanye amazwe abangaphezu kwezigidi ezingama-20, yona iUnited States inabemi abazalelwe kwamanye amazwe abangaphezu kwezigidi ezingama-26, ngoxa abemi baseOstreliya abangaphezu kwama-21 ekhulwini bazalelwa kwamanye amazwe. Ezi ntsapho zingabaphambukeli zidla ngokutsala nzima zifunda ulwimi olutsha yaye zifanele ziqhelane nendlela entsha yokuphila.
Ngokuqhelekileyo, kulula ngabantwana ukufunda ulwimi lwelizwe elitsha abahlala kulo yaye baya kuqalisa ukucinga ngendlela yolwimi lwabo olutsha. Abazali bona basenokuthabatha ixesha elide ukufunda. Njengoko abantwana bekhulela kwilizwe abangaliqhelanga abazali babo, iingxaki ezibangelwa lulwimi zisenokubangela kubekho umsantsa kunxibelelwano ekungelula ukuwuphelisa.
Ulwimi olutsha aluchaphazeli kuphela nje indlela abantwana abacinga ngayo kodwa indlela yalapho yokuphila isenokuphembelela nendlela abavakalelwa ngayo. Abazali basenokukufumanisa kunzima ukuqonda indlela abantwana babo abazenza ngayo izinto. Ngoko ke, abazali abasuka kwamanye amazwe abazama ukukhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova” bajamelana neengxaki ezingaqhelekanga.—Efese 6:4.
Ucelomngeni Lokuzama Ukufikelela Ingqondo Nentliziyo
Abazali abangamaKristu banomnqweno nembopheleleko yokufundisa abantwana babo “ulwimi olusulungekileyo” lwenyaniso yeBhayibhile. (Zefaniya 3:9) Sekunjalo, ukuba abantwana banolwazi nje oluncinane lolwimi lwabazali babo yaye ukuba abazali abakwazi ukuluthetha kakuhle ulwimi oluthethwa ngabantwana babo, abazali banokuwubethelela njani umthetho kaYehova kwiintliziyo zabantwana babo? (Duteronomi 6:7) Abantwana basenokuwaqonda amazwi athethwa ngabazali babo, kodwa ukuba oko bakuthethayo akuyifikeleli intliziyo, oku kusenokubenza abantwana babe ngabantu basemzini ekhayeni labo.
UPedro noSandra bafudukela eOstreliya besuka kuMzantsi Merika, yaye bajamelene nale ngxaki ngoxa bekhulisa amakhwenkwe abo amabini akwishumi elivisayo.a UPedro uthi: “Xa sithetha ngezinto zokomoya, kubandakanyeke intliziyo neemvakalelo. Udlulisela iingcamango ezinzulu nezibalulekileyo, ngoko ufanele ube nesigama esininzi.” USandra wongezelela esithi: “Ukuba abantwana bethu abaluqondi kakuhle ulwimi lwethu, oku kunokuba nemiphumo emibi ngokomoya. Basenokungayixabisi inyaniso, bangayiqondi imigaqo ehambisana nento abayifundayo. Basenokuba zizidodo ekuqondeni kwabo izinto ezingokomoya, yaye ulwalamano lwabo noYehova lusenokuba sengozini.”
UGnanapirakasam noHelen bafudukela eJamani besuka Sri Lanka yaye ngoku banabantwana ababini. Bayavuma besithi: “Sicinga ukuba kubaluleke kakhulu ukuba abantwana bathethe ulwimi lwabo ngoxa befunda isiJamani. Kubalulekile ukuba bakwazi ukuzityand’ igila kuthi, yaye bathethe ngokuphandle.”
UMiguel noCarmen, abafudukela eOstreliya besuka eUruguay, bathi: “Abazali abakwimeko efana neyethu bafanele bazibhokoxe. Bamele balufunde kakuhle ulwimi olutsha ngendlela yokuba bakwazi ukuyiqonda nokuyicacisa imibandela engokomoya ngolo lwimi okanye bafundise abantwana babo balwazi kakuhle ulwimi lwabo njengabazali.”
Isigqibo Sentsapho
Eyona nto ibalulekileyo ukuze intsapho ekwelinye ilizwe ihlale iphilile ngokomoya kukwenza isigqibo ngolwimi intsapho eza kulusebenzisa ukuze ‘ifundiswe nguYehova.’ (Isaya 54:13) Ukuba kukho ibandla elikufutshane elithetha ulwimi lwayo, loo ntsapho isenokukhetha ukuxhasa elo bandla. Kwelinye icala, isenokukhetha ukuya kwibandla ekuthethwa kulo olona lwimi luthethwayo kwelo lizwe bafudukele kulo. Ziintoni eziya kubenza benze eso sigqibo?
UDemetrios noPatroulla abafudukela eNgilani besuka eCyprus nabakhulisele apho abantwana abahlanu, bachaza into eyakhokelela ukuba benze eso sigqibo: “Ekuqaleni, intsapho yethu yayisiya kwibandla elithetha isiGrike. Ngoxa oku kwakusinceda gqitha thina singabazali, yangqineka ingumqobo ekukhuleni kwabantwana bethu ngokomoya. Nangona basiqonda kancinane isiGrike, babengaziqondi izinto ezinzulu. Oku kwabonakala kuba babengenzi nkqubela ingako ngokomoya. Njengentsapho, safudukela kwibandla ekuthethwa kulo isiNgesi, yaye oku kwaba nemiphumo emihle ekhawulezileyo kubantwana bethu. Baye bomelezwa ngokomoya. Akuzange kube lula ukwenza isigqibo sokufuduka, kodwa kwimeko yethu, sangqineka sibubulumko.”
Le ntsapho isalwazi ulwimi lwayo yaye iye yavuzwa gqitha ngoku. Abantwana bayo bathi: “Ukungazi ulwimi olunye nje kuphela kuluncedo. Nangona sithetha isiNgesi, siye safumanisa ukuba ukwazi kwethu isiGrike kuye kwalomeleza ulwalamano lwentsapho yethu, ingakumbi nootatomkhulu noomakhulu. Kwakhona kuye kwasenza sanovelwano olungakumbi ngabantu abafudukela kwamanye amazwe, yaye kuye kwasenza sanentembelo yokuba sinako ukulufunda olunye ulwimi. Sithe sakuba sikhulile, intsapho yethu yafudukela kwibandla ekuthethwa kuso isiAlbania ukuze iye kunceda apho.”
UChristopher noMargarita nabo bafudukela eNgilani besuka eCyprus, yaye baye bakhulisela abantwana abathathu apho. Baye bakhetha ukuxhasa ibandla ekuthethwa kulo isiGrike. Unyana wabo, uNikos, ngoku ongumdala webandla ekuthethwa kulo isiGrike ukhumbula oku: “Sakhuthazwa ukuba siye kwibandla elalisanda kumiselwa ekuthethwa kulo isiGrike. Intsapho yakowethu yakugqala oku njengesabelo sobuthixo.”
UMargarita uthi: “Xa amakhwenkwe ayeneminyaka esixhenxe nesibhozo ubudala, abhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Njengabazali, kwakusixhalabisa ukucinga ukuba abasazi kakuhle isiGrike. Noko ke, isabelo ngasinye sasisenza sonke njengentsapho, yaye sasichitha ixesha elininzi sibanceda ekulungiseleleni iintetho zabo.”
Intombi yabo uJoanna ithi: “Ndikhumbula uTata esifundisa isiGrike ngokubhala unobumba ebhodini ekhaya, yaye kwakufuneka sibafunde ngokucokisekileyo. Abantu abaninzi bachitha iminyaka befunda ulwimi, kodwa ngoncedo lukaMama noTata, siye safunda isiGrike ngaphandle kokuchitha ixesha elininzi.”
Zimbi iintsapho zisenokuxhasa ibandla ekuthethwa kulo ulwimi lwazo kuba abazali bevakalelwa kukuba ukuze zikhulise ‘ukuqiqa kokomoya’ zize zenze inkqubela, zifanele zifundiswe ngolwimi lwazo. (Kolose 1:9, 10; 1 Timoti 4:13, 15) Okanye intsapho isenokubugqala ubuchule bayo bokuthetha olunye ulwimi njengento enokunceda ngayo abanye abantu abafudukele kwelinye ilizwe ukuba bafunde inyaniso.
Kwelinye icala, intsapho isenokuvakalelwa kukuba kuyinzuzo ukuya kwibandla ekuthethwa kulo ulwimi oluthethwa kwelo lizwe efudukele kulo. (Filipi 2:4; 1 Timoti 3:5) Emva kokuba intsapho iye yawuxovula lo mbandela, yintloko-ntsapho efanele yenze isigqibo emva kokucingisisa nzulu. (Roma 14:4; 1 Korinte 11:3; Filipi 4:6, 7) Ngawaphi amacebiso asenokunceda ezi ntsapho?
Amacebiso Aluncedo
UPedro noSandra, abakhankanywe ngaphambilana, bathi: “Sibeke umthetho wokuba kuthethwe iSpanish kuphela ekhaya ukuze siqiniseke ukuba ulwimi lwethu asilulibali. Kunzima ukwenjenjalo, ekubeni amakhwenkwe ethu esazi ukuba siyasiva isiNgesi. Ukuba besingawubekanga lo mthetho, basenokusilibala ngokukhawuleza iSpanish.”
UMiguel noCarmen, nabo abacatshulwe ngaphambilana, bathi: “Ukuba abazali baqhuba isifundo sentsapho baze suku ngalunye bahlolisise itekisi yosuku ngolwimi lwabo, baya kwandula ke abantwana bafunde kungekuphela nje izinto ezilula zolwimi lwabo—baya kufunda ukucacisa izinto ezingokomoya ngolo lwimi.”
Kwakhona uMiguel ucebisa esithi: “Kwenzeni kube mnandi ukushumayela. Intsimi yethu igubungela inxalenye enkulu yesixeko esikhulu, yaye sichitha ixesha elininzi sihamba ngemoto sisiya kubantu abathetha ulwimi lwethu. Sisebenzisa elo xesha sidlala imidlalo yeBhayibhile yaye sithetha ngezinto ezibalulekileyo. Ndizama ukuceba ngaphambi kokuba siye kushumayela ukuze ndenze amabuyelo anentsingiselo. Oku kundenza ndiqiniseke ukuba, ekupheleni kwemini, abantwana baye banencoko eyakhayo ubuncinane usuku lonke.”
Ukuhlangabezana Nendlela Eyahlukileyo Yokuphila
ILizwi likaThixo likhuthaza ulutsha lisithi: “Yiphulaphule, nyana wam, ingqeqesho kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.” (IMizekeliso 1:8) Noko ke, kusenokuvela iingxaki xa indlela utata aqeqesha ngayo ‘nomthetho’ kamama uphenjelelwa yindlela yokuphila eyahlukileyo kunaleyo abantwana abakuyo.
Kakade ke, yintloko-ntsapho nganye efanele igqibe ngendlela eyongamela ngayo indlu yayo, yaye ayifanele iphenjelelwe ngokungeyomfuneko zezinye iintsapho. (Galati 6:4, 5) Sekunjalo, xa abazali nabantwana benxibelelana kakuhle oko kusenokwenza kube lula ukwamkela amasiko amatsha.
Noko ke, amasiko okanye izithethe ezininzi eziqhelekileyo kumazwe ahambele phambili ngempucuko ayingozi ngokomoya kumaKristu. Ukuziphatha okubi ngokwesini, ukubawa, ukuvukela kudla ngokukhuthazwa ngomculo odumileyo nolonwabo. (Roma 1:26-32) Abazali abangamaKristu abanakuyityeshela imbopheleleko yabo yokulawula umculo nendlela yokuzonwabisa ekhethwa ngabantwana babo kuba nje abazali bengalwazi kakuhle ulwimi. Bafanele bamise imigaqo engqongqo. Sekunjalo, oku kusenokubangela enye ingxaki.
UCarmen uthi: “Sidla ngokungawaqondi kakuhle amazwi eengoma eziphulaphulwa ngabantwana bethu. Loo ngoma isenokuvakala inesingqi esimnandi, kodwa ukuba amazwi asenokuthetha izinto ezimbini ezahlukahlukeneyo okanye ukuba kusetyenziswe intetho yasesitratweni enokuthanani nokuziphatha okubi, kwazi bani.” Baye bayisingatha njani le ngxaki? UMiguel uthi: “Sichitha ixesha elininzi sifundisa abantwana bethu ngengozi yomculo othetha ngokuziphatha okubi, yaye siyazama ukubanceda bakhethe umculo onokwamkelwa nguYehova.” Ewe, kufuneka sibe ngabantu abaphaphileyo nabasengqiqweni ukuze sihlangabezane nale ndlela ihlukileyo yokuphila.—Duteronomi 11:18, 19; Filipi 4:5.
Ukuzuza Umvuzo
Ukukhulisa abantwana kwelinye ilizwe kufuna ixesha nomgudu ongakumbi. Ngokuqinisekileyo oko kunjalo. Kodwa abazali nabantwana banokuzuza umvuzo omkhulu ngenxa yomgudu wabo.
UAzzam nomfazi wakhe, uSara, bafudukela eJamani, besuka eTurkey apho bakhulisela khona abantwana babo abathathu. Ngoku unyana wabo omdala usebenza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eSelters, eJamani. UAzzam uthi: “Abantwana bazuza gqitha kuba bakhulisa iimpawu ezintle kuzo zombini iindlela zokuphila.”
UAntonio noLutonadio bafudukela eJamani besuka eAngola yaye bakhulisela abantwana abasithoba apho. Le ntsapho ithetha isiLingala, isiFrentshi nesiJamani. UAntonio uthi: “Ukukwazi ukuthetha iilwimi ezahlukahlukeneyo kunceda intsapho yethu ikwazi ukushumayela kubantu abasuka kumazwe amaninzi. Oku kuyasivuyisa ngokwenene.”
Abantwana ababini besibini saseJapan esafudukela eNgilani bavakalelwa ukuba banelungelo elikhulu kuba besazi isiJapan nesiNgesi. Aba baselula bathi: “Ukwazi iilwimi ezimbini kwasinceda ukuba sifumane umsebenzi. Siye sazuza gqitha kwiindibano ezinkulu zesiNgesi. Kwangaxeshanye, sinelungelo lokunceda kwibandla elithetha isiJapan, apho kukho intswelo enkulu.”
Unokuphumelela
Ukukhulisa abantwana ngoxa uhlala phakathi kwabantu abanendlela yokuphila eyahlukileyo kulucelomngeni abaye bajamelana nalo abantu bakaThixo ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Abazali bakaMoses baphumelela, nangona wakhuliselwa eYiputa. (Eksodus 2:9, 10) Iqela lamaYuda elalithinjelwe eBhabhiloni lakhulisa abantwana ababekulungele ukubuyela eYerusalem ukuze baphinde bamisele unqulo lokwenyaniso.—Ezra 2:1, 2, 64-70.
Ngokufanayo namhlanje, abazali abangamaKristu banokuphumelela. Banokufumana umvuzo wokuva abantwana babo bethetha into efanayo neyathethwa ngabantwana besinye isibini, ababesithi: “Siyintsapho emanyeneyo ngenxa yothando lukaTata noMama, esiye sanonxibelelwano oluhle nabo. Siyavuya kuba siyinxalenye yentsapho yomhlaba wonke ekhonza uYehova.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama aguquliwe.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ukuthetha kuphela ulwimi lwenu ekhaya kwenza abantwana benu balwazi olo lwimi
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ulwimi olunye lugcina ulwalamano phakathi koomakhulu nootatomkhulu kunye nabazukulwana
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ukufundisisa iBhayibhile nabantwana bakho kuya kubanceda bakhulise ‘ukuqiqa kokomoya’