IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 9/1 iphe. 13-19
  • Kholosa NgoYehova Ngokupheleleyo Ngamaxesha Okubandezeleka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kholosa NgoYehova Ngokupheleleyo Ngamaxesha Okubandezeleka
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Uphelelwa Ngumsebenzi Okanye Ufumana Umvuzo Omncinane
  • Xa Sidandathekiswa Ziingxaki Zempilo
  • Xa Ubuthathaka Benyama Buzingisa
  • Kubalulekile Ukuthemba Abanye Ukuze Sonwabe Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Yomeleza Intembelo Yakho KuYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ungabathemba Abazalwana Noodade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 9/1 iphe. 13-19

Kholosa NgoYehova Ngokupheleleyo Ngamaxesha Okubandezeleka

“UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.”—INDUMISO 46:1.

1, 2. (a) Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba akwanelanga ukutsho nje ngomlomo ukuba sikholose ngoThixo? (b) Kutheni simele senze okungakumbi kunokutsho nje ngomlomo ukuba sikholose ngoYehova?

KULULA ukutsho ngomlomo ukuba sikholose ngoThixo. Kodwa akulula kangako ukukubonisa ngezenzo oko. Ngokomzekelo, kwimali yephepha neziingqekembe yaseUnited States kukho umbhalo othi “Sikholose NgoThixo.”a Ngowe-1956, iBhunga Lowiso-mthetho laseUnited States lawisa umthetho wokuba la mazwi abe yintetho yaseburhulumenteni kwelo lizwe. Phofu ke, abantu abaninzi—kungekuphela nje kwelo lizwe kodwa ehlabathini lonke—bakholose ngemali nangobutyebi bezinto eziphathekayo kunokukholosa ngoThixo.—Luka 12:16-21.

2 NjengamaKristu okwenyaniso, simele senze okungakumbi kunokutsho nje ngomlomo ukuba sikholose ngoYehova. Kanye njengokuba ‘ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile,’ ngoko nokuthi sikholose ngoThixo akunantsingiselo ukuba asikubonisi ngezenzo zethu. (Yakobi 2:26) Kwinqaku elingaphambili, sifunde ukuba ukukholosa kwethu ngoYehova sikubonisa ngokuthi sithandaze kuye, sifune ulwalathiso eLizwini lakhe nasentlanganweni yakhe. Ngoku makhe sihlolisise indlela esinokuwathabatha ngayo la manyathelo mathathu xa sijamelene nobunzima.

Xa Uphelelwa Ngumsebenzi Okanye Ufumana Umvuzo Omncinane

3. Ziziphi iingxaki zezoqoqosho abajamelana nazo abakhonzi bakaYehova kula “maxesha amanqam,” yaye sazi njani ukuba uThixo ukulungele ukusinceda?

3 Kula “maxesha amanqam,” nathi njengamaKristu sijamelene neengxaki zezoqoqosho ezifanayo nezabanye abantu. (2 Timoti 3:1) Ngoko, sisenokuphulukana nomsebenzi wethu ngequbuliso. Okanye sisenokunyanzeleka ukuba sisebenze iiyure ezininzi kakhulu, sisebenzela umvuzo omncinane. Oko kusenokukwenza kube nzima ‘ukulungiselela amalungu endlu yethu.’ (1 Timoti 5:8) Ngaba Oyena Thixo Uphakamileyo ukulungele ukusinceda ngamaxesha anjalo? Ngokuqinisekileyo! Kambe ke, uYehova akasikhuseli kuzo zonke iingxaki zale nkqubo yezinto. Kodwa ukuba sikholose ngaye, aya kusebenza kuthi amazwi eNdumiso 46:1 athi: “UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.” Kodwa ke, sinokubonisa njani ukuba sikholose ngoYehova ngokupheleleyo xa sinengxaki yemali?

4. Xa sinengxaki yemali, yintoni esinokuyithandazela, yaye uYehova uyijonga njani imithandazo enjalo?

4 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba sikholose ngoYehova kukuthandaza. Kodwa yintoni esinokuyithandazela? Xa sinengxaki yemali, sisenokufuna ubulumko obungakumbi. Ngoko buthandazele! ILizwi likaYehova lisiqinisekisa ngokuthi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa.” (Yakobi 1:5) Ngoko bucele kuYehova ubulumko—ubuchule bokusebenzisa ulwazi nokuqonda—ukuze ukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. UBawo wethu wasezulwini onothando uyasiqinisekisa ukuba uya kuyiphulaphula imithandazo enjalo. Usoloko ekulungele ukuwenza uthi tye umendo wabo bakholose ngaye ngentliziyo yabo yonke.—INdumiso 65:2; IMizekeliso 3:5, 6.

5, 6. (a) Kutheni simele sifune uncedo eLizwini likaThixo xa sijamelene neengxaki zezoqoqosho? (b) Yintoni esinokuyenza ukuze singaxhalabi kakhulu xa siphelelwe ngumsebenzi?

5 Ukukhangela ulwalathiso eLizwini likaThixo kuyenye indlela yokubonisa ukuba sikholose ngoYehova. Izikhumbuzo zakhe zobulumko ezifumaneka eBhayibhileni zingqineke “zikholosekile kakhulu.” (INdumiso 93:5) Nangona yagqitywa ngaphezu kwe-1 900 eminyaka eyadlulayo, loo ncwadi iphefumlelweyo inamacebiso anokuthenjwa nokuqonda okunzulu okunokusinceda sihlangabezane neengxaki zezoqoqosho. Khawuqwalasele eminye imizekelo yobulumko obuseBhayibhileni.

6 Kude kudala ngaphambili uKumkani uSolomon osisilumko waphawula oku: “Bumnandi ubuthongo bokhonzayo, enoba udla kancinane okanye kakhulu; kodwa indyebo yesityebi ayisivumeli ukuba silale.” (INtshumayeli 5:12) Kuthabatha ixesha nemali ukulungisa, ukucoca nokukhusela izinto zethu eziphathekayo. Ngoko xa siphelelwe ngumsebenzi, sisenokusebenzisa elo thuba ekuhlolisiseni indlela esiphila ngayo, sizame ukwahlukanisa phakathi kwezinto eziyimfuneko nezingeyomfuneko. Ukuze singaxhalabi kakhulu, kusenokuba bubulumko ukwenza utshintsho oluthile. Ngokomzekelo, ngaba singakwazi kusini na ukuphila ubomi obulula, ngokuthi sifudukele kwikhaya elincinane okanye sithengise izinto eziphathekayo ezingeyomfuneko?—Mateyu 6:22.

7, 8. (a) UYesu wabonisa njani ukuba wayeyiqonda into yokuba abantu abangafezekanga badla ngokuzikhathaza ngokugqithiseleyo ngezinto eziphathekayo? (Bona kwanombhalo osemazantsi.) (b) Liliphi icebiso lobulumko awalinikelayo uYesu ngokuphathelele indlela yokuphepha ukuxhalaba?

7 KwiNtshumayelo yaseNtabeni uYesu wacebisa esithi: “[Yekani] ukuxhalela imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba.”b (Mateyu 6:25) UYesu wayesazi ukuba ngokwemvelo abantu abangafezekanga bazixhalabele iintswelo zabo. Noko ke, ‘sinokuyeka njani ukuxhalela’ izinto ezinjalo? UYesu wathi: “Qhubekani . . . nifuna kuqala ubukumkani.” Enoba sijamelana naziphi na iingxaki, simele siqhubeke sikubeka kwindawo yokuqala ukunqula uYehova ebomini bethu. Ukuba senjenjalo, zonke iintswelo zethu zemihla ngemihla “ziya kongezelelwa” kuthi nguBawo wethu wasezulwini. Ngandlel’ ithile, uya kwenza ukuba sikufumane oko sikusweleyo.—Mateyu 6:33.

8 UYesu wanikela icebiso elingakumbi esithi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo.” (Mateyu 6:34) Akubobulumko ukuzikhathaza ngokungeyomfuneko ngoko kusenokwenzeka ngomso. Omnye umphengululi wathi: “Kwiimeko ezininzi ukuxhalabela ikamva kufana nokuxhalabela ilize.” Ukuthobela icebiso leBhayibhile lokunikela ingqalelo kwezona zinto zibalulekileyo nokungaxhaleli ingomso kunokusinceda siphephe ukuxhalaba ngokungeyomfuneko.—1 Petros 5:6, 7.

9. Xa sinengxaki yemali, luluphi uncedo esinokulufumana kwiimpapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’?

9 Xa sinengxaki yemali, enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba sikholose ngoYehova kukufuna uncedo kwiimpapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Maxa wambi, iphephancwadi uVukani! liye lapapasha amanqaku anamacebiso aluncedo ngokuphathelele iindlela zokuhlangabezana neemeko ezinzima zoqoqosho. Inqaku elithi “Ukungasebenzi—Ziziphi Izicombululo Ezikhoyo?” elikwinkupho ka-Agasti 8, 1991, lanikela uluhlu lwamacebiso asibhozo aye anceda abaninzi bakwazi ukuzinza ngokwemali nangokweemvakalelo xa babephelelwe ngumsebenzi.c Noko ke, ukuze la macebiso asebenze kakuhle, kubalulekile ukuba nembono elungeleleneyo ngemali. Oku kwaxutyushwa kwinqaku elithi “Into Ebaluleke Ngakumbi Kunemali,” nalo elikwakule nkupho inye.—INtshumayeli 7:12.

Xa Sidandathekiswa Ziingxaki Zempilo

10. Umzekelo kaKumkani uDavide ubonisa njani ukuba kusengqiqweni ukukholosa ngoYehova xa sigula kakhulu?

10 Ngaba kusengqiqweni ukukholosa ngoYehova xa sigula kakhulu? Ngokuqinisekileyo! UYehova unovelwano ngabantu bakhe abagulayo. Ngaphezu koko, ukulungele ukunceda. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngoKumkani uDavide. Kusenokwenzeka ukuba wayegula kakhulu xa wabhala ngokunyamekela kukaThixo umntu ogulayo othe tye. Wathi: “UYehova uya kumxhasa emandlalweni wokugula; wonke umandlalo wakhe uya kuwutshintsha ngokuqinisekileyo ebudeni bokugula kwakhe.” (INdumiso 41:1, 3, 7, 8) UDavide wakholosa ngokuqinileyo ngoThixo, yaye ekugqibeleni saphela isigulo sakhe. Kodwa sinokubonisa njani ukuba sikholose ngoThixo xa sineengxaki zempilo?

11. Xa sihlaselwa kukugula, yintoni esinokuyicela kuBawo wethu wasezulwini?

11 Xa sihlaselwa kukugula, enye indlela yokubonisa ukuba sikholose ngoYehova kukumbongoza ngomthandazo ukuba asincede sinyamezele. Sisenokumcela ukuba asincede sisebenzise “ubulumko” ukuze sifune umlinganiselo wempilo ovisisana neemeko zethu. (IMizekeliso 3:21) Kwakhona sisenokumcela ukuba asincede sibe nomonde yaye asinike namandla okunyamezela ukugula esijamelene nako. Ngaphezu kwako konke, sifanele simcele uYehova ukuba asomeleze, ukuze sihlale sithembekile kuye, enoba kwenzeka ntoni na. (Filipi 4:13) Ukugcina ingqibelelo yethu kuThixo kubaluleke ngakumbi kunokulondoloza ubomi bethu. Ukuba siyayigcina ingqibelelo yethu, uMvuzi Omkhulu uya kusinika ubomi obungunaphakade nempilo egqibeleleyo.—Hebhere 11:6.

12. Yiyiphi imigaqo yeZibhalo enokusinceda senze izigqibo zobulumko ngokuphathelele unyango?

12 Ukukholosa kwethu ngoYehova kukwasishukumisela ukuba sifune ulwalathiso eLizwini lakhe iBhayibhile. Imigaqo efumaneka eZibhalweni inokusinceda senze izigqibo zobulumko ngokuphathelele unyango. Ngokomzekelo, xa sisazi ukuba iBhayibhile iyakugatya “ukusebenzelana nemimoya,” siya kuyiphepha nayiphi na inkqubo yezonyango enento yokwenza nokusebenzelana nemimoya. (Galati 5:19-21; Duteronomi 18:10-12) Nanku omnye umzekelo wobulumko obunokuthenjwa beBhayibhile: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) Ngoko xa kufuneka senze ukhetho ngokuphathelele unyango, kububulumko ukufuna inkcazelo enokuthenjwa kunokusuka nje ‘ukholwe ngamazwi onke.’ Ukuba ‘nengqondo ephilileyo’ ngolo hlobo kunokusinceda ukuba sihlole kakuhle zonke iimeko size senze isigqibo ngento esiyaziyo.—Tito 2:12.

13, 14. (a) Ngawaphi amanqaku anamacebiso aluncedo ngokuphathelele impilo aye apapashwa kumaphephancwadi IMboniselo noVukani!? (Bona ibhokisi ekwiphepha 17.) (b) Ngawaphi amacebiso aye anikelwa kuVukani! kaFebruwari 8, 2001 ngokuphathelele ukuhlangabezana nobulwelwe?

13 Kwakhona sinokubonisa ukuba sikholose ngoYehova ngokuthi sihlolisise iimpapasho zekhoboka elithembekileyo. Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! aye maxa wambi apapasha amanqaku anamacebiso aluncedo ngokuphathelele iingxaki ezahlukahlukeneyo zempilo nezifo.d Kwakhona la maphephancwadi aye apapasha namanqaku athetha ngabantu abaye bahlangabezana ngokuphumelelayo nezigulo kwaneziphene ezahlukahlukeneyo. Ukongezelela, amanye amanqaku aye anikela amacebiso eZibhalo namanye amacebiso aluncedo ngokuphathelele indlela yokuhlangabezana neengxaki zempilo.

14 Ngokomzekelo, inkupho kaVukani! kaFebruwari 8, 2001 yayinomxholo othi “Intuthuzelo Kwabagulayo.” Amanqaku ayo ayebalaselisa imigaqo yeBhayibhile eluncedo kwanenkcazelo efunyenwe kubantu abanolwazi abaye bahlangabezana nobulwelwe kangangeminyaka emininzi. Inqaku elithi “Unokuphumelela Nokuba Uyagula—Njani?” lacebisa lathi: Funda kangangoko unako ngesigulo onaso. (IMizekeliso 24:5) Zibekele usukelo, kuquka usukelo lokunceda abanye, kodwa umele uqonde ukuba usenokungakwazi ukufikelela usukelo abanokulufikelela abanye. (IZenzo 20:35; Galati 6:4) Musa ukuzenza ikheswa. (IMizekeliso 18:1) Benze bazive bekhululekile abanye xa bekutyelele. (IMizekeliso 17:22) Ngaphezu kwako konke, hlala unolwalamano oluqinileyo noYehova kunye nebandla. (Nahum 1:7; Roma 1:11, 12) Asiluvuyeli kusini na ulwalathiso olunokuthenjwa asinika lona uYehova ngentlangano yakhe?

Xa Ubuthathaka Benyama Buzingisa

15. Wakwazi njani umpostile uPawulos ukuphumelela ekulweni nobuthathaka benyama engafezekanga, yaye yintoni nathi esinokuqiniseka ngayo?

15 Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Kwinyama yam, akuhlali nto ilungileyo.” (Roma 7:18) UPawulos wayeyazi ngokusuka kumava akhe obuqu indlela ekunokuba nzima ngayo ukulwa neminqweno kwanobuthathaka benyama engafezekanga. Kodwa uPawulos wayenentembelo yokuba wayenako ukuphumelela. (1 Korinte 9:26, 27) Njani? Ngokuthi akholose ngokupheleleyo ngoYehova. Kungenxa yoko le nto uPawulos wakwazi ukuthi: “Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa? Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:24, 25) Kuthekani ngathi? Nathi sinabo ubuthathaka benyama. Njengoko sisilwa nobuthathaka bethu, kulula ukuphelelwa lithemba, siqinisekile ukuba asinakuze siphumelele. Kodwa uYehova uya kusinceda, ukuba nathi njengoPawulos, sithembela Ngaye kungekhona ngamandla ethu.

16. Xa ubuthathaka benyama buzingisa, yintoni esifanele siyithandazele, yaye sifanele senze ntoni xa siwela kobo buthathaka kwakhona?

16 Xa ubuthathaka benyama buzingisa, sinokubonisa ukuba sikholose ngoYehova ngokuthi sithandaze kuye. Sifanele simcele, side simbongoze uYehova ukuba asinike umoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:9-13) Sinokucela ngokukhethekileyo uphawu lokuzeyisa, oluyinxalenye yesiqhamo somoya kaThixo. (Galati 5:22, 23) Sifanele senze ntoni xa siwela kobo buthathaka kwakhona emva kwethuba elithile? Asimele sinikezele nokuba sekumnyam’ entla. Masingaze sidinwe kukuthandaza ngokuthobekileyo kuThixo wethu onenceba, sicele uxolo noncedo. UYehova akasayi kuze ayigatye intliziyo “eyaphukileyo netyumkileyo” ngenxa yokukhathazwa sisazela. (INdumiso 51:17) Ukuba siyaguquka size simbongoze ngokunyanisekileyo, uYehova uya kusinceda ukuba sizixhathise izilingo.—Filipi 4:6, 7.

17. (a) Kutheni kuluncedo nje ukucamngca ngendlela uYehova avakalelwa ngayo ngobuthathaka esilwa nabo? (b) Yiyiphi imibhalo esinokuyigcina ngentloko ukuba silwa nobuthathaka bokucaphuka msinya? bokungalubambi ulwimi lwethu? bokuthanda uhlobo lokuzonwabisa olungafanelekanga?

17 Kwakhona sinokubonisa ukuba sikholose ngoYehova ngokuthi sifune uncedo eLizwini lakhe. Ngokukhangela kwisalatha-magama seBhayibhile okanye kwisalathisi seMboniselo noVukani! sinokufumana impendulo yombuzo othi, ‘UYehova uvakalelwa njani ngobuthathaka endinabo?’ Ukucamngca ngendlela uYehova avakalelwa ngayo kunokuwuqinisa umnqweno wethu wokufuna ukumkholisa. Ngaloo ndlela, sisenokuvakalelwa njengaye, sikuthiye oko akuthiyileyo. (INdumiso 97:10) Abanye bakufumanise kuluncedo ukugcina ngentloko iindinyana zeBhayibhile ezithetha ngobuthathaka abanabo. Ngaba sinobuthathaka bokucaphuka msinya? Ngoko sisenokugcina ngentloko iindinyana ezinjengeMizekeliso 14:17 neyabase-Efese 4:31. Ngaba sikufumanisa kunzima ukubamba ulwimi lwethu? Sisenokugcina ngentloko iindinyana ezinjengeMizekeliso 12:18 neyabase-Efese 4:29. Ngaba sithanda uhlobo lokuzonwabisa olungafanelekanga? Sisenokuzama ukukhumbula iindinyana ezinjengeyabase-Efese 5:3 neyabaseKolose 3:5.

18. Kutheni singafanele sibe neentloni zokucela uncedo lwabadala ekulweni ubuthathaka bethu?

18 Enye indlela yokubonisa ukuba sithembele ngoYehova kukufuna uncedo lwabadala bebandla abamiselwe ngomoya. (IZenzo 20:28) Ngapha koko, ezi ‘zipho zingabantu’ zililungiselelo likaYehova alenze ngoKristu ukuze akhusele yaye anyamekele izimvu zakhe. (Efese 4:7, 8, 11-14) Enyanisweni, akukho lula ukucela uncedo ekuhlangabezaneni nobuthathaka bethu. Sisenokuba neentloni, sisoyikela ukuba siza kungathandwa ngabadala. Kodwa ngokungathandabuzekiyo la madoda akhulileyo ngokomoya aya kusihlonela ngokuba nenkalipho yokucela uncedo. Ngaphezu koko, abadala bazabaleza ukubonisa iimpawu zikaYehova ekwaluseni umhlambi. Isiluleko sabo esithuthuzelayo nesiluncedo, nolwalathiso lwabo oluvela eLizwini likaThixo lusenokuba koko kanye sikufunayo ukuze sizuze amandla okoyisa ubuthathaka bethu.—Yakobi 5:14-16.

19. (a) Yiyiphi indlela uSathana afuna ukuzisebenzisa ngayo iimeko eziphuthileyo esiphila phantsi kwazo? (b) Kubandakanya ntoni ukukholosa, yaye yintoni esifanele sizimisele ngamandla ukuyenza?

19 Ungaze ulibale ukuba uSathana uyazi ukuba ixesha lakhe lifutshane. (ISityhilelo 12:12) Ufuna ukusebenzisa iimeko eziphuthileyo esiphila phantsi kwazo ukuze asidimaze side sinikezele. Kwanga singathembela ngokupheleleyo kumazwi akwabaseRoma 8:35-39: “Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Ngaba yimbandezelo okanye yinkxwaleko okanye yintshutshiso okanye kukulamba okanye bubuze okanye yingozi okanye likrele? . . . Ngokwahlukileyo koko, kuzo zonke ezi zinto siphumelela soyise ngokupheleleyo ngaye lowo wasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa nabomi nazingelosi narhulumente nazinto zilapha ngoku nazinto zizayo namandla nakuphakama nabunzulu naso nasiphi na esinye isidalwa aziyi kuba nako ukusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.” Olunjani lona ukhuthazo lokuba sikholose ngoYehova! Kodwa ke, ukukholosa okunjalo akuyomvakalelo nje kuphela. Kunoko, kukukholosa okubandakanya izigqibo esizenzayo kubomi bethu bemihla ngemihla. Ngoko masizimisele ngamandla ukukholosa ngokupheleleyo ngoYehova ebudeni bamaxesha okubandezeleka.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kwileta yomhla kaNovemba 20, 1861, eyabhalelwa iZiko Elenza Imali Eziingqekembe laseUnited States, uSosiba Wezemali, uSalmon P. Chase wabhala wathi: “Alikho ilizwe elinokomelela ngaphandle kwamandla kaThixo, okanye elinokukhuseleka ngaphandle kokukhuselwa Nguye. Ukukholosa kwesizwe sethu ngoThixo kufanele kuboniswe kwiingqekembe zemali zelizwe lethu.” Ngenxa yoko, amazwi athi “Sikholose NgoThixo” abonakala okokuqala kwiingqekembe zemali zaseUnited States ngowe-1864.

b Ukuxhalaba ekubhekiselwa kuko apha kuthetha “ukukhathazeka, ngokokude uphelelwe lulonwabo.” Inguqulelo ethi “musani ukuxhalaba” okanye “musani ukukhathazeka” idlulisela ingcamango yokuba sifanele singaqalisi ukuxhalaba okanye ukukhathazeka. Noko ke, enye incwadi yeembekiselo ithi: “Esi senzi sesiGrike sikwimo yokuyalela, siyalela ukuba kuyekwe into ebisele iqhubeka isenziwa.”

c La macebiso asibhozo ngala: (1) Musa ukutatazela; (2) cinga kakuhle; (3) zimisele ukwamkela iintlobo ezintsha zomsebenzi; (4) phila ngokwamandla akho—kungekhona awomnye umntu; (5) kulumkele ukuthenga ngetyala; (6) gcina intsapho yakho imanyene; (7) londoloza ukuzixabisa kwakho; nelithi (8) yenza uqingqo-mali.

d La maphephancwadi eBhayibhile akancomeli okanye akhuthaze naluphi na uhlobo lwezonyango, kuba oko kulukhetho lobuqu. Ngoko ke, amanqaku axubusha ngohlobo oluthile lwesigulo alungiselelwe ngenjongo yokunika abafundi inkcazelo efumanekayo ngelo xesha.

Uyakhumbula Na?

• Xa sijamelene neengxaki zezoqoqosho, sinokubonisa njani ukuba sikholose ngoYehova?

• Sinokubonisa njani ukuba sikholose ngoThixo xa sidandathekiswa ziingxaki zempilo?

• Xa ubuthathaka benyama buzingisa, sinokubonisa njani ukuba sithembele ngokupheleleyo ngoYehova?

[Ibhokisi ekwiphepha 17]

Ngaba Usawakhumbula La Manqaku?

Xa sidandathekiswa yimpilo enkenenkene, kuyakhuthaza ukufunda ngabanye abaye bahlangabezana ngokuphumelelayo neengxaki zempilo okanye iziphene. Apha ngezantsi kukho amanqaku athile aye apapashwa kumaphephancwadi IMboniselo noVukani!

“Ukuhlangabezana Nobuthathaka Bam” elithetha ngokuhlangabezana neengcamango eziphosakeleyo nokudandatheka.—IMboniselo kaMeyi 1, 1990.

“Ukunceda Abanye Kunciphisa Ukubandezeleka.”—IMboniselo kaJulayi 1, 2003.

“Imbumbulu Yaguqula Ubomi Bam” elixubusha ngokuhlangabezana nokuba ngumlwelwe.—UVukani! kaNovemba 8, 1995.

“Anikwazi Oko Ubomi Benu Buya Kuba Kuko Ngomso” elixubusha ngokuhlangabezana nokuphazamiseka kwengqondo.—IMboniselo kaDisemba 1, 2000.

“Indlela ULoida Awahlukana Ngayo Nokuba Sisimumu” elixubusha ngokuhlangabezana nokuba nedumbe ebuchotsheni.—UVukani! kaMeyi 8, 2000.

“Abantu Abayimilwelwe Abakwaziyo Ukushumayela.”—IMboniselo kaNovemba 15, 1986.

“Ukuba Nombulelo Ngenkxaso KaYehova Engapheliyo.”—IMboniselo kaJuni 1, 1993.

“Ndakwazi Ukumelana Nokudandatheka Kwasemva Kokubeleka.”—UVukani! ka-Agasti 8, 2002.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Xa siphelelwe ngumsebenzi, kunokuba bubulumko ukuhlolisisa indlela esiphila ngayo

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Ibali likaLoida libonisa indlela ukukholosa ngoYehova okunokusinceda ngayo ukuba sinyamezele. (Bona ibhokisi ekwiphepha 17)

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Asimele sibe neentloni zokucela uncedo ekulweni nobuthathaka bethu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share