Amabhinqa Athembekileyo AngamaKristu—Abakhonzi Abaxabisekileyo BakaThixo
“Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuba lilize; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.”—IMIZEKELISO 31:30.
1. Yahluke njani indlela uYehova abujonga ngayo ubuhle kuleyo yehlabathi?
IHLABATHI ligxininisa kakhulu kwinkangeleko yangaphandle, ingakumbi kumabhinqa. Noko ke, yena uYehova unomdla kumntu wangaphakathi, onokuya esiba mhle njengoko ubani ekhula. (IMizekeliso 16:31) Ngenxa yoko, iBhayibhile ibongoza amabhinqa isithi: “Ukuhomba kwenu makungabi kokokulukwa kwangaphandle kweenwele nokokufakwa kwezihombo zegolide okanye ukunxitywa kwezambatho zangaphezulu, kodwa makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo ofake isivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.”—1 Petros 3:3, 4.
2, 3. Amabhinqa aba naliphi igalelo ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo ngenkulungwane yokuqala, yaye oku kwaxelwa njani kwangaphambili?
2 Loo moya uncomekayo wabonakaliswa ngamabhinqa amaninzi akhankanywe eBhayibhileni. Kwinkulungwane yokuqala, wambi kuwo aba nelungelo lokulungiselela uYesu nabapostile bakhe. (Luka 8:1-3) Kamva, amabhinqa angamaKristu aba ngabashumayeli beendaba ezilungileyo abanenzondelelo; wambi axhasa amadoda angamaKristu akhokelayo, kuquka umpostile uPawulos; wambi abonakalisa umoya okhethekileyo wokubuk’ iindwendwe, evula namakhaya awo ukuze kuqhutyelwe kuwo iintlanganiso zebandla.
3 Isibakala sokuba uYehova wayeya kusebenzisa amabhinqa ngendlela ekhethekileyo ukuzalisekisa injongo yakhe saxelwa kwangaphambili eZibhalweni. Ngokomzekelo, kuYoweli 2:28, 29 kwaxelwa kwangaphambili ukuba amadoda namabhinqa, aselula nakhulileyo, aya kwamkela umoya oyingcwele aze abe nenxaxheba ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Eso siprofeto saqala ukuzaliseka ngePentekoste yowama-33 C.E. (IZenzo 2:1-4, 16-18) Wambi amabhinqa awayethanjiswe ngomoya anikwa amandla okwenza imimangaliso, njengesiphiwo sokuprofeta. (IZenzo 21:8, 9) Ngenxa yenzondelelo yawo entsimini, lo mkhosi mkhulu wokomoya woodade abathembekileyo waba negalelo elikhulu ekusasazeni ngokukhawuleza ubuKristu ngenkulungwane yokuqala. Enyanisweni, malunga nowama-60 C.E., umpostile uPawulos wabhala esithi iindaba ezilungileyo sele zishunyayelwe “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”—Kolose 1:23.
Anconywa Ngenkalipho, Inzondelelo Nomoya Wokubuk’ Iindwendwe
4. Kwakutheni ukuze uPawulos abe nesizathu esivakalayo sokuwancoma amabhinqa aliqela ngenkulungwane yokuqala kwibandla lamaKristu?
4 Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wayeyixabisa indlela amanye kula mabhinqa amlungiselela ngayo—kanye njengokuba abaveleli abangamaKristu namhlanje beyixabisa inkonzo enikelwa ngamabhinqa anenzondelelo. Phakathi kwamabhinqa uPawulos awakhankanya ngamagama ‘nguTrifena noTrifosa, bafazi abo abasebenza nzima eNkosini, noPersi oyintanda yethu, kuba wasebenza kakhulu eNkosini.’ (Roma 16:12) UPawulos wabhala esithi uWodiya noSintike “bazama kunye [naye] kwiindaba ezilungileyo.” (Filipi 4:2, 3) UPrisila, nomyeni wakhe, uAkwila, nabo bakhonza noPawulos. Yena noAkwila, bade ‘babeka esichengeni iintamo zabo’ ngenxa kaPawulos, nto leyo eyamenza wabhala esithi: “Ingendim kuphela owenza imibulelo kubo kodwa kwanawo onke amabandla eentlanga.”—Roma 16:3, 4; IZenzo 18:2.
5, 6. UPrisila wababekela yiphi imizekelo oodade namhlanje?
5 Yintoni eyabangela ukuba uPrisila abe nenzondelelo nenkalipho? Impendulo ifumaneka kwiZenzo 18:24-26, apho sifunda ukuba wayexhasa umyeni wakhe ekuncedeni uApolo, isithethi esiliciko, ukuze ancedwe ahambisane neenyaniso ezazityhiliwe. Kuyabonakala ke ngoko ukuba uPrisila wayengumfundi okhutheleyo weLizwi likaThixo neemfundiso zabapostile. Ngenxa yoko, waba neempawu ezintle ezamenza waxabiseka kuThixo nakumyeni wakhe waza walilungu elixabisekileyo lebandla lokuqala. Baxabiseke ngokufanayo oodade abaninzi abangamaKristu abazibhokoxayo ekufundeni iBhayibhile nabazondla ngokutya kokomoya okulungiselelwa nguYehova esebenzisa ‘igosa elithembekileyo.’—Luka 12:42.
6 UAkwila noPrisila babenomoya okhethekileyo wokubuk’ iindwendwe. UPawulos wahlala emzini wabo ngoxa wayesebenza nabo kwishishini labo lokwenza iintente eKorinte. (IZenzo 18:1-3) Xa esi sibini safudukela e-Efese yaye kamva eRoma, saqhubeka sibonakalisa umoya wobuKristu wokubuk’ iindwendwe, sivula nekhaya laso ukuze kuqhutyelwe kulo iintlanganiso zebandla. (IZenzo 18:18, 19; 1 Korinte 16:8, 19) UNimfa noMariya unina kaYohane Marko nabo bavula amakhaya abo ukuze kuqhutywe iintlanganiso zebandla.—IZenzo 12:12; Kolose 4:15.
Axabiseke Gqitha Namhlanje
7, 8. Yiyiphi ingxelo encomekayo yenkonzo engcwele anayo amabhinqa amaninzi angamaKristu namhlanje, yaye yintoni anokuqiniseka ngayo?
7 Njengokuba kwakunjalo ngenkulungwane yokuqala, amabhinqa athembekileyo angamaKristu namhlanje anendima ebalulekileyo ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo, ingakumbi kumsebenzi wokushumayela. Yaye aba dade bazakhela ingxelo entle. Khawucinge ngomzekelo kaGwen, owakhonza uYehova ngokuthembeka kangangeminyaka engaphezu kwengama-50 de wafa ngowama-2002. Umyeni wakhe uthi: “Indlela uGwen ebekhuthele ngayo kumsebenzi wokushumayela ayinakulibaleka kwisixeko sethu. Kuye, nabani na wayenokulwamkela uthando lukaYehova nezithembiso zakhe. Indlela awayenyaniseke ngayo kuThixo, kwintlangano yakhe nakwintsapho yethu—singasathethi ke ngokhuthazo lwakhe lothando xa sidangele—iye yalukhuthazo olukhulu kum nakubantwana bethu ebudeni bobomi bethu obabuxakekile nobabumyoli. Simkhumbula gqitha.” UGwen nomyeni wakhe babeneminyaka engama-61 betshatile.
8 Amabhinqa angamaKristu angamashumi amawaka, atshatileyo nangatshatanga, angoovulindlela nabavangeli basemazweni, anelisekile zizinto ezisisiseko zobomi njengoko esasaza isigidimi soBukumkani kwiintsimi ezahlukahlukeneyo njengezixeko ezikhulu neendawo ezikwanti. (IZenzo 1:8) Amaninzi aye akuncama ukuba namakhaya okanye abantwana ukuze akhonze uYehova ngokuzele ngakumbi. Amanye abaxhasa ngokuthembeka abayeni bawo abangabaveleli abahambahambayo, ngoxa abanye oodade abaninzi besebenza kumakhaya aseBheteli ehlabathini lonke. Ngokungathandabuzekiyo, la mabhinqa azincamayo aphakathi ‘kwezinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga’ ezizalisa indlu kaYehova ngozuko.—Hagayi 2:7.
9, 10. Amanye amalungu entsapho aluvakalise njani uxabiso ngomzekelo omhle wabafazi nomama abangamaKristu?
9 Phofu ke, amabhinqa angamaKristu amaninzi aneembopheleleko zentsapho afanele azinyamekele, kodwa sekunjalo, azibeka kwindawo yokuqala izinto zoBukumkani. (Mateyu 6:33) Omnye udade onguvulindlela ongatshatanga wabhala: “Ngenxa yokholo lwakhe olungagungqiyo nomzekelo omhle, umama wandinceda gqitha ndanguvulindlela othe ngxi. Enyanisweni, wayelelona qabane lam liphambili kwinkonzo yobuvulindlela.” Enye indoda ithi ngomfazi wayo, umama wamantombazana amahlanu akhulileyo: “Ikhaya lethu lalisoloko licocekile yaye libukeka. UBonnie wayeligcina lingenabunewunewu nabuxhakaxhaka ukuze intsapho yethu inikele ingqalelo kwizinto zokomoya. Ukuyisebenzisa kwakhe ngenyameko imali yethu kwandenza ndakwazi ukwenza umsebenzi wesingxungxo kangangeminyaka engama-32, nto leyo eyandenza ndakwazi ukunikela ixesha elingakumbi kwintsapho yethu nakwizinto zokomoya. Kwakhona umfazi wam uye wafundisa abantwana bethu ukubaluleka kokuzibhokoxa emsebenzini. Ndimncoma ngokwenene.” Namhlanje bobabini indoda nomfazi basebenza kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova.
10 Enye indoda ithi ngomfazi wayo, umama wabantwana abakhulileyo: “Ezona mpawu ndizithandayo gqitha kuSusan luthando olunzulu analo ngoThixo nabantu, ulwazelelelo, uvelwano nokuthembeka kwakhe. Ebesoloko ebambelele kwingcamango yokuba sifanele sinikele kuYehova okona kubalulekileyo—umgaqo awusebenzisa kuye njengomkhonzi kaThixo nomama.” Ngenxa yokuxhaswa ngumfazi wayo, le ndoda iye yakwazi ukwamkela amalungelo aliqela okomoya, kuquka ukuba ngumdala, uvulindlela, umveleli ojikelezayo olibambela nelungu leKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele. Hayi indlela axabiseke ngayo loo mabhinqa kubayeni bawo, kwamanye amaKristu, yaye nangaphezu kwako konke, kuYehova!—IMizekeliso 31:28, 30.
Amabhinqa Axabisekileyo Angenabayeni
11. (a) UYehova uyibonakalise njani inkxalabo anayo ngabafazi abathembekileyo, ingakumbi abahlolokazi? (b) Abahlolokazi abangamaKristu nabanye oodade abathembekileyo abangenabayeni banokuqiniseka ngantoni?
11 Kumaxesha amaninzi uYehova uye wayivakalisa inkxalabo anayo ngempilo-ntle yabahlolokazi. (Duteronomi 27:19; INdumiso 68:5; Isaya 10:1, 2) Akatshintshanga. Nangoku usenomdla onzulu kungekuphela nje kubahlolokazi kodwa kwakhona nakoomama abangenabayeni nakumabhinqa akhetha ukungatshati okanye angekafumani bayeni bafanelekayo bangamaKristu. (Malaki 3:6; Yakobi 1:27) Ukuba uphakathi kwabo bakhonza uYehova ngokuthembeka bengaxhaswa ngamaqabane angamaKristu, unokuqiniseka ukuba uxabisekile emehlweni kaThixo.
12. (a) Bambi oodade abangamaKristu bakubonakalisa njani ukunyaniseka kwabo kuYehova? (b) Ziziphi iimvakalelo abajamelene nazo abanye oodade?
12 Ngokomzekelo, khawucinge ngoodade abangamaKristu abangatshatanga ngenxa yokuwuthobela ngokuthembeka umyalelo kaYehova wokutshata “kuphela eNkosini.” (1 Korinte 7:39; IMizekeliso 3:1) ILizwi likaThixo libaqinisekisa lisithi: “Kulowo unyanisekileyo [uYehova] uya kwenza ngokunyaniseka.” (2 Samuweli 22:26) Kanti, ukuhlala bengatshatanga kunzima kwabaninzi. Omnye udade uthi: “Ndazimisela ukutshata kuphela eNkosini, kodwa ndiye ndalila amaxesha amaninzi xa ndibukele abahlobo bam betshata namadoda angamaKristu afanelekileyo ngoxa mna ndingekayifumani.” Kanti omnye uthi: “Bendikhonza uYehova kangangeminyaka engama-25. Ndizimisele ukuhlala ndinyanisekile kuye, kodwa ubulolo buyandithwaxa.” Wongezelela esithi: “Oodade abanjengam bakufuna gqitha ukukhuthazwa.” Sinokubanceda njani abo banyanisekileyo?
13. (a) Yintoni esiyifundayo kumzekelo owamiselwa ngabo babetyelela intombi kaYifeta? (b) Ziziphi ezinye iindlela ezongezelelekileyo esinokubonakalisa ngazo ukuba sibaxhalabele oodade abangatshatanga ebandleni lethu?
13 Enye indlela inokubonwa kumzekelo wamandulo. Xa intombi kaYifeta yaliyeka ilungelo layo lokuba nomyeni, abantu baqonda ukuba oku yayikukuzincama. Kwenziwa ntoni ukuyikhuthaza? “Unyaka nonyaka iintombi zakwaSirayeli zazisiya kwintombi kaYifeta umGiliyadi, ukuze ziyincome iintsuku ezine ngonyaka.” (ABagwebi 11:30-40) Ngokufanayo, sifanele sibancome oodade abangatshatanga abawuthobela ngokunyaniseka umthetho kaThixo.a Yiyiphi enye indlela esinokubonakalisa ngayo inkxalabo esinayo? Emithandazweni yethu sifanele simbongoze uYehova ukuba abaxhase oodade abanjalo nabathembekileyo ukuze bahlale benyanisekile kwinkonzo yabo. Bafanele baqinisekiswe ukuba bayathandwa yaye baxatyiswa gqitha nguYehova nalibandla lamaKristu liphela.—INdumiso 37:28.
Indlela Abazali Abangatshatanga Abaphumelela Ngayo
14, 15. (a) Kutheni oomama abangatshatanga abangamaKristu bafanele bacele uncedo kuYehova? (b) Abazali abangatshatanga banokwenza njani ngokuvisisana nemithandazo yabo?
14 Amabhinqa angamaKristu angabazali abangatshatanga nawo ajamelene neengxaki ezininzi. Noko ke, anokucela uncedo kuYehova ukuze akhulise abantwana bawo ngokuvumelana nemigaqo yeBhayibhile. Liyinyaniso elokuba, ukuba ungumzali ongatshatanga akunakukwazi ukuba ngumama notata ngokupheleleyo. Sekunjalo, uYehova uya kukunceda ukwazi ukusingatha iimbopheleleko zakho ezininzi ukuba uthandaza kuye unokholo. Ukuzekelisa: Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho uvela evenkileni usindwa yimpahla. Ukuba bekukho into yokukhwela ekufuphi, ngaba ubuya kuxhakazela naloo mpahla umgama omde? Ngokuqinisekileyo ubungayi kwenjenjalo! Ngokufanayo ke, musa ukuzama ukuzithwalisa iinkxwaleko uwedwa xa unokucela uYehova ukuba akuncede. Enyanisweni, uyakukhuthaza ukuba ucele uncedo kuye. INdumiso 68:19 ithi: “Makabongwe uYehova osithwalela umthwalo mihla le.” Ngokufanayo, eyoku-1 kaPetros 5:7 ikukhuthaza ukuba uphose lonke ixhala lakho kuYehova, ‘kuba ukukhathalele.’ Ngoko ke xa ucinezelwa ziingxaki namaxhala, waphosele kuYihlo wasezulwini, ukwenze oko ‘ngokuqhubekayo.’—1 Tesalonika 5:17; INdumiso 18:6; 55:22.
15 Ngokomzekelo, ukuba ungumama, alithandabuzeki elokuba ukhathazekile yimpembelelo oontanga abanayo kubantwana bakho esikolweni okanye ziimvavanyo abajamelana nazo ukuze bagcine ingqibelelo. (1 Korinte 15:33) Ezi zinto zifanele zikuxhalabise. Kodwa zikwazizinto ofanele uzithandazele. Phofu ke, kutheni ungathandazi ngezo zinto nabantwana bakho ngaphambi kokuba baye esikolweni, mhlawumbi emva kokuqwalasela itekisi yosuku kunye nabo? Umthandazo osuk’ entliziyweni nongqalileyo usenokuzichaphazela ngamandla iingqondo zabantwana. Ngapha koko, uYehova usenokukusikelela ukuba ngomonde ubethelela iLizwi lakhe ezintliziyweni zabantwana bakho. (Duteronomi 6:6, 7; IMizekeliso 22:6) Khumbula ukuba, “amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.”—1 Petros 3:12; Filipi 4:6, 7.
16, 17. (a) Omnye unyana wathini ngothando olwaboniswa ngunina? (b) Isimo sengqondo lo mama awayenaso ngezinto zokomoya sabachaphazela njani abantwana bakhe?
16 Cinga ngomzekelo kaOlivia, umama onabantwana abathandathu. Indoda yakhe engakholwayo yayishiya le ntsapho nje emva kokuzalwa komntwana wokugqibela, kodwa ngokukhawuleza waqalisa ukuqeqesha abantwana bakhe ngeendlela zikaThixo. Unyana kaOlivia, uDarren, ngoku oneminyaka engama-31 ubudala nongumdala novulindlela ongumKristu, wayeneminyaka emi-5 ngelo xesha. Ukongezelela kwiingxaki uOlivia awayenazo, uDarren wakhathazwa yimpilo nto leyo esamkhathaza nangoku. Ecinga ngexesha esengumntwana, uDarren ubhala esithi: “Ndikhumbula ndihleli ebhedini esibhedlele ndilindele uMama. Wayedla ngokuhlala kufuphi nam aze andifundele iBhayibhile yonke imihla. Emva koko wayedla ngokundivumela ingoma yoBukumkani ethi ‘Enkosi, Yehova.’b Nangoku, elo lelona culo ndilithandayo kwiingoma zoBukumkani.”
17 Ukukholosa kukaOlivia ngoYehova nothando analo ngaye kwaba negalelo kwimpumelelo yakhe njengomama ongatshatanga. (IMizekeliso 3:5, 6) Isimo sakhe sengqondo esihle sabonakala kusukelo alubekela abantwana bakhe. UDarren uthi: “UMama ebesoloko esikhuthaza ukuba sizabalazele ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngenxa yoko, mna nabane koodadewethu abahlanu saba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Sekunjalo, uMama akaze aqhayisele abanye ngaloo nto. Ndizama gqitha ukuxelisa iimpawu zakhe ezintle.” Liyinyaniso elokuba, asingabo bonke abantwana abakhula baze bakhonze uThixo njengabakaOlivia. Kodwa xa umama esenza konke okusemandleni akhe ukuphila ngokwemigaqo yeBhayibhile, usenokuqiniseka ukuba uYehova uya kumkhokela aze amxhase ngothando.—INdumiso 32:8.
18. Sinokubonisa njani ukuba siyalixabisa ilungiselelo likaYehova lebandla lamaKristu?
18 Ubukhulu becala, inkxaso evela kuThixo ifumaneka kwibandla lamaKristu, ngocwangciso oluthe rhoqo lokutya kokomoya, ubuzalwana bobuKristu ‘nangezipho ezingabantu’ eziqolileyo ngokomoya. (Efese 4:8) Abadala abathembekileyo bayazibhokoxa ekwakheni bonke ebandleni, benikela ingqalelo ekhethekileyo kwiintswelo ‘zeenkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.’ (Yakobi 1:27) Ngoko ke, hlala unolwalamano olusondeleyo nabantu bakaThixo, ungaze uzenze ikheswa.—IMizekeliso 18:1; Roma 14:7.
Uphawu Oluhle Lokuzithoba
19. Kutheni ukuzithoba komfazi kungathethi ukuba ukumgangatho ophantsi, yaye yiyiphi imizekelo yeBhayibhile exhasa oku?
19 UYehova wamdala umfazi njengomphelelisi wendoda yakhe. (Genesis 2:18) Ngenxa yoko, ukuzithoba komfazi endodeni yakhe akuthethi kuthi ukumgangatho ophantsi. Kunoko, kumenza umfazi abe nesidima, kumnika ithuba lokusebenzisa iziphiwo ezininzi anazo ngokuvumelana nokuthanda kukaThixo. IMizekeliso isahluko 31 ichaza imisebenzi emininzi eyayisenziwa ngumfazi okhutheleyo mandulo kwaSirayeli. Wayenceda abasweleyo, elima izidiliya athenge nomhlaba. Ewe, ‘yayikholose ngaye ntliziyo yomnini wakhe, yaye kwakungasweleki nzuzo.’—Indinyana 11, 16, 20.
20. (a) Umfazi ongumKristu ufanele azijonge njani iziphiwo anazo azinikwe nguThixo? (b) UEstere wabonakalisa ziphi iimpawu ezintle, yaye ngenxa yoko uYehova wakwazi njani ukumsebenzisa?
20 Umfazi ohlonel’ uThixo nothozamileyo akathi ngenxa yamabhongo aziphakamise okanye akhuphisane nomyeni wakhe. (IMizekeliso 16:18) Akazabalazeli ukuzikholisa ngokuyintloko ngokusukela izinto zehlabathi kodwa usebenzisa iziphiwo azinikwe nguThixo ukunceda abanye—intsapho yakhe, amanye amaKristu, abamelwane, yaye ngaphezu kwako konke, ukukhonza uYehova. (Galati 6:10; Tito 2:3-5) Khawucinge ngomzekelo oseBhayibhileni kaKumkanikazi uEstere. Nangona wayemhle, wayethozamile yaye ezithobile. (Estere 2:13, 15) Akuba etshatile, wabonisa uxabiso olunzulu ngomyeni wakhe, uKumkani uAhaswerosi, ngokungafaniyo nowayesakuba ngumfazi kakumkani, uVashti. (Estere 1:10-12; 2:16, 17) Kwakhona uEstere ngentlonelo wamphulaphula uMordekayi, umza wakhe omdala, kwimibandela efanelekileyo—kwanasemva kokuba engukumkanikazi. Kodwa wayengekho buthathaka! Ngenkalipho walikatyisa iyelenqe likaHaman, indoda eyayinegunya nekhohlakeleyo xa wayefuna ukutshabalalisa amaYuda. UYehova wamsebenzisa ngamandla uEstere ukuze alondoloze abantu bakhe.—Estere 3:8–4:17; 7:1-10; 9:13.
21. Umfazi ongumKristu unokuxabiseka njani ngakumbi kuYehova?
21 Ngokucacileyo, kwixesha elidluleyo nanamhlanje, amabhinqa ahlonel’ uThixo aye abonisa ukuzinikela kwawo okupheleleyo kuYehova nakunqulo lwakhe. Ngoko ke, amabhinqa ahlonela uThixo axabisekile emehlweni kaYehova. Boodade abangamaKristu, mvumeleni uYehova anixonxe ngokuqhubekayo ngomoya wakhe ukuze nibe “sisitya” esinqweneleka ngakumbi “nesilungele ukusetyenziselwa wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 2:21; Roma 12:2) Kwaba banquli baxabiseke ngolo hlobo, iLizwi likaThixo lithi: “Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe, imdumise emasangweni imisebenzi yakhe.” (IMizekeliso 31:31) Ngamana oko kunganjalo kuye ngamnye wenu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane indlela onokubancoma ngayo abanjalo, bona IMboniselo kaMatshi 15, 2002, iphepha 26-8.
b INgoma 212 kwiculo elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova, elipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Usakhumbula?
• Amabhinqa athile angamaKristu ngenkulungwane yokuqala azingqina njani exabisekile emehlweni kaYehova?
• Oodade abaninzi ngemihla yethu bazenze njani baxabiseka kuThixo?
• UYehova ubaxhasa njani oomama abangatshatanga nabanye oodade abangenabayeni?
• Umfazi unokuyibonakalisa njani intlonelo enzulu ngelungiselelo lobuntloko?
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
IMIZEKELO ESINOKUCINGA NGAYO
Ngaba ungathanda ukucinga ngeminye imizekelo yamabhinqa athembekileyo akhankanywe eBhayibhileni? Ukuba kunjalo, nceda ufunde izibhalo ezalathwe ngezantsi. Njengokuba ucamngca ngabantu abahlukahlukeneyo abadweliswe apha, zama ukufumana imigaqo osenokukwazi ukuyisebenzisa kakhudlwana ebomini bakho.—Roma 15:4.
◆ USara: Genesis 12:1, 5; 13:18a; 21:9-12; 1 Petros 3:5, 6.
◆ Amabhinqa akwaSirayeli awayenesisa: Eksodus 35:5, 22, 25, 26; 36:3-7; Luka 21:1-4.
◆ UDebhora: ABagwebi 4:1–5:31.
◆ URute: Rute 1:4, 5, 16, 17; 2:2, 3, 11-13; 4:15.
◆ Umfazi waseShunem: 2 Kumkani 4:8-37.
◆ Umfazi waseFenike: Mateyu 15:22-28.
◆ UMarta noMariya: Marko 14:3-9; Luka 10:38-42; Yohane 11:17-29; 12:1-8.
◆ UTabhitha: IZenzo 9:36-41.
◆ Iintombi ezine zikaFilipu: IZenzo 21:9.
◆ UFibhi: Roma 16:1, 2.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngaba uyabancoma oodade abangatshatanga abawuthobela ngokunyaniseka umthetho kaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ziziphi izinto esinokuzikhankanya emthandazweni ngaphambi kokuba abantwana baye esikolweni?