Intsapho YakuloYesu—Yayingoobani?
KWIINDAWO ezininzi ehlabathini, ngoDisemba sisoloko sibona izinto ezisikhumbuza ngosana olunguYesu lusezandleni zikanina uMariya noyise owalukhulisayo, uYosefu. Le mifanekiso isenokubangela umdla nakwabo bathi abangawo amaKristu. Ekubeni oyena mntu kudla ngokuthethwa ngaye inguYesu, zithini iZibhalo ngamalungu entsapho awazalelwa kuyo uYesu?
Imvelaphi yentsapho yakuloYesu ibangela umdla. Wazalwa yintombi enyulu uMariya, ngoko ke waba lilungu lentsapho yabantu. Ngokutsho kweBhayibhile, ubomi bakhe badluliselwa esibelekweni sikaMariya ngomoya oyingcwele busuka ezulwini. (Luka 1:30-35) Ngaphambi kokuba kuvakaliswe ukukhawulwa okungummangaliso kukaYesu, uMariya wayeganwe yindoda egama linguYosefu, eyakhulisa uYesu.
Emva kokuzalwa kukaYesu, uYosefu noMariya bazala nabanye abantwana, abantakwabo Yesu noodadewabo. Oku kucaciswa ngumbuzo owabuzwa ngabemi baseNazarete kamva ngoYesu besithi: “Asingonyana womchweli na lo? Unina akabizwa ngokuba nguMariya na, nabantakwabo asingoYakobi noYosefu noSimon noYudas na? Noodade wabo, abakho kunye nathi bonke na?” (Mateyu 1:25; 13:55, 56; Marko 6:3) Ngokusuka kulo mbuzo sinokufikelela kwisigqibo sokuba intsapho yakuloYesu yayingabazali bakhe, abantakwabo abane yaye ubuncinane noodade wabo ababini.
Noko ke, namhlanje abanye abakholelwa ukuba abantakwabo Yesu noodade wabo yayingabantwana bakaYosefu noMariya. Ngoba? INew Catholic Encyclopedia, ithi: “Kwasekusekweni kwayo icawa yafundisa ukuba uMariya wahlala enyulu. Ngoko, ngokusuka koku, akuthandabuzeki ukuba uMariya akazange azale abanye abantwana.” Kwale mbekiselo ithi igama elithi “mntakwethu” nelithi “dadewethu” anokubhekisela “kumntu okanye abantu esikhonza nabo” okanye izalamane, mhlawumbi umza.
Ngaba kunjalo ngokwenene? Nabanye abafundi bezakwalizwi bamaKatolika, abavumelani nale mfundiso isisithethe, baxhasa ingcamango yokuba uYesu wayenabantakwabo noodade wabo bokwenyama. UJohn P. Meier, owayesakuba ngumongameli weCatholic Bible Association of America, wabhala wathi: “KwiTestamente Entsha, xa igama elithi adelphos [mntakwethu], lingasetyenziswa ngokufuziselayo okanye njengesafobe kodwa kuchazwa isihlobo ozalwa naso okanye esikhuliswe kowenu, libhekisela kuphela kumntakwenu kungekhona kwenye into.”a Ewe, iZibhalo zibonisa ukuba uYesu wayenabantakwabo noodadewabo, abazalwa nguYosefu noMariya.
Iincwadi zeVangeli zichaza nezinye izihlobo zikaYesu, kodwa ngoku makhe sinikele ingqalelo kwintsapho yakuloYesu size sibone oko sinokukufunda kuyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a “The Brothers and Sisters of Jesus in Ecumenical Perspective,” ebhalwe nguJ. P. Meier, kwiThe Catholic Biblical Quarterly, kaJanuwari 1992, iphepha 21.