‘Hambani Niye Kwenza Abafundi’
‘Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni. Hambani ke ngoko niye kwenza abafundi.’—MATEYU 28:18, 19.
1, 2. (a) Sisiphi isabelo uYesu awasinika abalandeli bakhe? (b) Ngawaphi amasolotya esiza kuwaxubusha aphathelele imiyalelo kaYesu?
NGENYE intwasahlobo yowama-33 C.E. kwaSirayeli, abafundi bakaYesu babehlanganisene kwintaba yaseGalili. INkosi yabo evusiweyo yayiza kunyukela ezulwini, kodwa yayiza kuqala ibaxelele okuthile okubalulekileyo. Kukho isabelo uYesu awayeza kubanika sona. Sasiyintoni eso sabelo? Basabela njani abafundi bakhe kuso? Yaye eso sabelo sisichaphazela njani thina namhlanje?
2 Oko uYesu wakuthethayo kubo kubhalwe kuMateyu 28:18-20: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni. Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona. Yaye, khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” UYesu wathetha ngalo “lonke igunya,” ‘zonke iintlanga,’ “zonke izinto,” nangayo “yonke imihla.” Imiyalelo yakhe ebandakanya omane la mabinzana yenza kuvele amanye amasolotya abalulekileyo aphathelele isizathu, indawo, ixesha, kwanoko kubandakanywa yile miyalelo. Makhe sihlolisise la masolotya, libe linye ngexesha.a
“Linikwe Mna Lonke Igunya”
3. Siyintoni isizathu sokuba siwuthobele umyalelo wokuba senze abafundi?
3 Okokuqala, siyintoni isizathu sokuba siwuthobele umyalelo wokuba senze abafundi? UYesu wathi: ‘Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni. Hambani ke ngoko niye kwenza abafundi.’ Ibinzana elithi “ke ngoko” libonisa isizathu esiyintloko sokuba sifanele siwuthobele lo myalelo. Kungenxa yokuba uYesu, okhupha lo myalelo, unalo “lonke igunya.” Likhulu kangakanani igunya lakhe?
4. (a) Likhulu kangakanani igunya likaYesu? (b) Ukuqonda kwethu igunya likaYesu kufanele kuyiphembelele njani imbono esinayo ngokuphathelele umyalelo wokuba senze abafundi?
4 UYesu unegunya kwibandla lakhe, yaye ukususela ngowe-1914 ube negunya kuBukumkani bukaThixo obabusandul’ ukumiselwa. (Kolose 1:13; ISityhilelo 11:15) Usisiphatha-zingelosi yaye amakhulu ezigidi zemikhosi yeengelosi zasezulwini aphantsi kwegunya lakhe. (1 Tesalonika 4:16; 1 Petros 3:22; ISityhilelo 19:14-16) Unikwe igunya nguYise lokuba atshabalalise “wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla” aphikisana nemilinganiselo yobulungisa. (1 Korinte 15:24-26; Efese 1:20-23) Igunya likaYesu alipheleli nje kubantu abaphilayo. ‘Ungumgwebi wabaphilayo kwanabafileyo,’ yaye uThixo umnike negunya lokuvusa abo balele ekufeni. (IZenzo 10:42; Yohane 5:26-28) Ngokuqinisekileyo umyalelo ovela kuLowo unegunya elikhulu ngolo hlobo ufanele ugqalwe njengobaluleke gqitha. Ngoko ke, siwuthobela ngentlonelo nangolangazelelo umyalelo kaKristu wokuba ‘senze abafundi.’
5. (a) UPetros wawathobela njani amazwi kaYesu? (b) Ukuthobela kukaPetros imiyalelo kaYesu kwaba yintsikelelo njani?
5 Ekuqaliseni kwakhe ubulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wayibethelela ezingqondweni zabafundi bakhe into yokuba ukuqonda igunya lakhe nokuthobela imiyalelo yakhe kwakuya kubazisela iingenelo. Ngesinye isihlandlo wathi kuPetros owayengumlobi weentlanzi: “Shenxela apho kunzulu khona, nize nithobe iminatha yenu ukuba nibambise.” UPetros wayeqinisekile ukuba akukho zintlanzi apho, ngoko wathi kuYesu: “Myaleli, sibulaleke ubusuku bonke, asabambisa nto.” Noko ke ngokuthobeka uPetros wongezelela wathi: “Kodwa ngokutsho kwakho ndiza kuyihlisa iminatha.” Akuba uPetros ewuthobele umyalelo kaKristu, wabambisa “inkitha eninzi yeentlanzi.” Ekhwankqisiwe, uPetros “wawa phantsi emadolweni kaYesu, esithi: ‘Mka kum, ngenxa yokuba ndiyindoda enesono, Nkosi.’” Kodwa uYesu waphendula wathi: “Musa ukoyika. Ukususela ngoku uya kubambisa abantu bephila.” (Luka 5:1-10; Mateyu 4:18) Yintoni esiyifundayo kule ngxelo?
6. (a) Ingxelo ephathelele ukubanjiswa kweentlanzi ngokungummangaliso ibonisa ntoni ngohlobo lwentobelo uYesu alufunayo? (b) Sinokumxelisa njani uYesu?
6 UYesu wanika uPetros, uAndreya, nabanye abapostile isabelo sokuba “ngabalobi babantu,” emva kokuba bebambise iintlanzi ngokungummangaliso, kungekhona ngaphambi koko. (Marko 1:16, 17) Ngokucacileyo, uYesu wayengafuni ukuba bamthobele ngaphandle kwesizathu. Wawanika la madoda isizathu esivakalayo sokuba amthobele. Kanye njengokuba ukuthobela umyalelo kaYesu wokuba athobe iminatha yawo kwaba nemiphumo ekhwankqisayo, ngoko nokuthobela umyalelo wakhe wokuba ‘abambise abantu’ nako kwakuya kuba neentsikelelo ezigqithiseleyo. Abapostile babonisa ukholo olupheleleyo kuloo myalelo. Le ngxelo iqukumbela ngokuthi: “Babuyisela izikhephe emhlabeni, bashiya yonk’ into baza bamlandela.” (Luka 5:11) Namhlanje, njengoko sikhuthaza abanye ukuba babe nenxaxheba kumsebenzi wokwenza abafundi, sixelisa uYesu. Asifuni ukuba abantu basuke nje benze oko sibaxelela kona, kodwa sibanika izizathu ezivakalayo zokuthobela umyalelo kaKristu.
Ukuba Nezizathu Ezivakalayo Nentshukumisa Efanelekileyo
7, 8. (a) Ziziphi ezinye zezizathu ezingokweZibhalo zokuba sishumayele ngoBukumkani size senze abafundi? (b) Sisiphi isibhalo esikushukumisa ngokukhethekileyo ukuba uqhubeke nomsebenzi wokushumayela? (Bona kwanombhalo osemazantsi.)
7 Ngenxa yokuba silamkela igunya likaKristu, siba nenxaxheba emsebenzini wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Ziziphi ezinye izizathu ezingokweZibhalo zokuba senze loo msebenzi esinokwabelana ngazo nabo sinqwenela ukubashukumisela emisebenzini emihle? Khawuhlolisise la magqabaza alandelayo enziwa ngamaNgqina athembekileyo aliqela akumazwe ahlukahlukeneyo, uze uphawule indlela izibhalo ezibonisiweyo eziwaxhasa ngayo amagqabaza awo.
8 URoy, obhaptizwe ngowe-1951, uthi: “Xa ndandizahlulela kuYehova, ndathembisa ukumkhonza ngalo lonke ixesha. Ndifuna ukusigcina isithembiso sam.” (INdumiso 50:14; Mateyu 5:37) UHeather, obhaptizwe ngowe-1962, uthi: “Xa ndicinga ngako konke oko andenzele kona uYehova, ndifuna ukubonisa umbulelo wam ngokumkhonza ngokuthembekileyo.” (INdumiso 9:1, 9-11; Kolose 3:15) UHannelore, obhaptizwe ngowe-1954, uthi: “Sihlandlo ngasinye sishumayela, sixhaswa ziingelosi—elinjani lona ilungelo!” (IZenzo 10:30-33; ISityhilelo 14:6, 7) UHonor, obhaptizwe ngowe-1969, uthi: “Xa kufika ixesha lomgwebo kaYehova, andifuni kubekho namnye kwindawo endihlala kuyo omangalela uYehova namaNgqina akhe ngokungabi nankathalo esithi, ‘Andizange ndisifumane isilumkiso!’” (Hezekile 2:5; 3:17-19; Roma 10:16, 18) UClaudio, obhaptizwe ngowe-1974, uthi: “Xa sishumayela, ‘siphambi kwamehlo kaThixo’ yaye ‘sikunye noKristu.’ Khawufan’ ucinge! Xa sishumayela, sikunye nabona baHlobo bethu bakhulu.”—2 Korinte 2:17.b
9. (a) Ingxelo ephathelele ukuloba kukaPetros nabanye abapostile ityhila ntoni ngokuphathelele isizathu esifanelekileyo sokuthobela uKristu? (b) Yiyiphi intshukumisa efanelekileyo yokuthobela uThixo noKristu namhlanje, yaye ngoba?
9 Ingxelo ephathelele ukubanjiswa kweentlanzi ngokungummangaliso ikwabonisa ukubaluleka kokuba nentshukumisa efanelekileyo yokuthobela uKristu—uthando. Xa uPetros wathi, “Mka kum, ngenxa yokuba ndiyindoda enesono,” uYesu akazange emke, okanye amgwebe uPetros ngokuba nesono. (Luka 5:8) UYesu akazange amgxeke nokumgxeka uPetros ngokumbongoza kwakhe ukuba emke. Kunoko, uYesu waphendula ngobubele wathi: “Musa ukoyika.” Ukutyhwatyhwa bekuya kuba sisizathu esiphosakeleyo sokuthobela uKristu. Kunokuba amoyikise uPetros nabo babekunye naye, uYesu wathi wayeza kubasebenzisa njengababambisi babantu. Namhlanje nathi asisebenzisi uloyiko okanye ukudimazeka, njengokwenza abantu bazive benetyala okanye beneentloni, ukuze sibanyanzelele ekuthini bathobele uKristu. Kukuthobeka ngomphefumlo uphela okuqhutywa luthando ngoThixo noKristu okuvuyisa intliziyo kaYehova.—Mateyu 22:37.
‘Yenzani Abafundi Abantu Beentlanga Zonke’
10. (a) Yiyiphi inkalo yomyalelo kaYesu wokwenza abafundi eyaba lucelomngeni olukhulu kubafundi bakhe? (b) Abafundi basabela njani kumyalelo kaYesu?
10 Isolotya lesibini lomyalelo kaKristu liphathelele indawo ababenokufunyanwa kuyo abafundi. UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.” Ngaphambi kwexesha lobulungiseleli bukaYesu, abantu beentlanga babesamkelwa xa kuye kwenzeka beza kwaSirayeli ukuze banqule uYehova. (1 Kumkani 8:41-43) NoYesu washumayela ubukhulu becala kumaYuda okwemvelo, kodwa ngoku uxelela abalandeli bakhe ukuba baye kubantu beentlanga zonke. Eneneni, abafundi bakhe babeloba, okanye beshumayela, “kwichibi” elincinane—elingamaYuda okwemvelo—kodwa ngoku babeza kudlulela “kulwandle” luphela loluntu. Nangona olu tshintsho lwaba lucelomngeni kubafundi bakaYesu, kodwa bawuthobela umyalelo wakhe. Kwisithuba esingaphantsi kweminyaka engama-30 emva kokufa kukaYesu, umpostile uPawulos wabhala wathi iindaba ezilungileyo zishunyayelwe kungekuphela nje kumaYuda kodwa “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”—Kolose 1:23.
11. Luluphi ulwando oluye lwabakho kumazwe ‘ekulotywa’ kuwo ukususela ekuqaleni kwenkulungwane yama-20?
11 Kumaxesha akutshanje, kuye kwabakho ulwando olufanayo emsebenzini wokushumayela. Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, ayembalwa amazwe ‘ekwakulotywa’ kuwo. Kodwa abalandeli bakaKristu belo xesha baxelisa umzekelo wamaKristu enkulungwane yokuqala baza ngenzondelelo bayandisa intsimi ababeshumayela kuyo. (Roma 15:20) Ebutsheni beminyaka yee-1930, babesenza abafundi kumazwe amalunga nekhulu. Namhlanje, ‘siloba’ kumazwe angama-235.—Marko 13:10.
“Aphuma Kuzo Zonke Iilwimi”
12. Luluphi ucelomngeni olukhankanywe kwisiprofeto esikuZekariya 8:23?
12 Ukwenza abafundi kwiintlanga zonke kulucelomngeni kungekuphela nje ngenxa yobukhulu bentsimi, kodwa kwanangenxa yobuninzi beelwimi ezithethwayo. Esebenzisa umprofeti uZekariya, uYehova waxela kwangaphambili wathi: “Ngezo mini ke amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga aya kubamba, ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda, esithi: ‘Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’” (Zekariya 8:23) Ekuzalisekeni ngokubanzi kwesi siprofeto, ‘indoda engumYuda’ ifanekisela intsalela yamaKristu athanjisiweyo, kanti wona “amadoda alishumi” afanekisela “isihlwele esikhulu.”c (ISityhilelo 7:9, 10; Galati 6:16) Esi sihlwele sikhulu sabafundi bakaKristu sasiza kufumaneka kwiintlanga ezininzi, yaye sithetha iilwimi ezininzi, njengokuba uZekariya etshilo. Ngaba kunjalo ngabantu bakaThixo kule mihla? Ewe kunjalo.
13. (a) Luluphi ulwando oluye lwabakho ngokuphathelele iilwimi kubantu bakaThixo namhlanje? (b) Ikhoboka elithembekileyo liye lasabela njani ekwandeni kwentswelo yokutya kokomoya ngeelwimi ezahlukeneyo? (Quka ibhokisi ethi “Iimpapasho Ezenzelwe Abo Baziimfama.”)
13 Ngowe-1950 ayemalunga nama-3 kwama-5 amaNgqina kaYehova antetho isisiNgesi ehlabathini lonke. Ngowe-1980 ayemalunga nama-2 kwama-5, yaye namhlanje liNgqina eli-1 kuphela kwama-5 elintetho isisiNgesi. Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi liye lasabela njani koku kutshintsha komlinganiselo weelwimi ezisetyenziswayo? Lisabele ngokuthi lilungiselele ukutya kokomoya ngeelwimi ezininzi ngakumbi. (Mateyu 24:45) Ngokomzekelo, ngowe-1950 iimpapasho zethu zazipapashwa ngeelwimi ezingama-90, kodwa namhlanje elo nani liye landa laba malunga nama-400. Ngaba ukunikelwa kwengqalelo kubantu beelwimi ezahlukahlukeneyo kube nemiphumo emihle? Kunjalo kanye! Bamalunga nama-5 000 abantu ‘abaphuma kuzo zonke iilwimi’ ababa ngabafundi bakaKristu veki nganye! (ISityhilelo 7:9) Yaye ulwando lusaqhubeka. Kwamanye amazwe “iminatha” ibambisa intaphane!—Luka 5:6; Yohane 21:6.
Ubulungiseleli Obanelisayo—Ngaba Unokuba Nenxaxheba Kubo?
14. Sinokubanceda njani abo bathetha olunye ulwimi abasentsimini yethu? (Quka ibhokisi ethi “Intetho Yezandla Nokwenza Abafundi.”)
14 Ukufudukela kwabantu kumazwe aseNtshona, kwenze kwaba lucelomngeni ukwenza abafundi kubantu ‘bazo zonke iilwimi’ kuloo mazwe. (ISityhilelo 14:6) Sinokubanceda njani abantu abakwintsimi yethu abangathethi ulwimi lwethu? (1 Timoti 2:4) Sinokusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo zokuloba. Banike abo bantu uncwadi olubhalwe ngolwimi lwabo. Ukuba kunokwenzeka, yenza amalungiselelo okuba batyelelwe liNgqina elithetha ulwimi lwabo. (IZenzo 22:2) Sele kulula ngoku ukwenza amalungiselelo anjalo, ekubeni amaNgqina amaninzi efunde ukuthetha ezinye iilwimi ukuze ancede abantu basemzini babe ngabafundi bakaKristu. Iingxelo zibonisa ukuba oko kube nemiphumo emihle gqitha.
15, 16. (a) Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba kunomvuzo ukunceda abo bathetha olunye ulwimi? (b) Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona ngokuphathelele ukukhonza kwintsimi esebenzisa olunye ulwimi?
15 Sinemizekelo emibini yaseNetherlands, apho umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani wenziwa ngeelwimi ezingama-34. Esinye isibini esingamaNgqina ngokuzithandela sakhetha ukuya kwenza abafundi kwiqela labantu abantetho isisiPolish ababefudukele apho. Babenomdla gqitha abo bantu kangangokuba lo mzalwana kwanyanzeleka anciphise iiyure zomsebenzi wakhe wempangelo ukuze abe nosuku olunye evekini lokubaqhubela izifundo zeBhayibhile. Akubanga thuba lide, sabe esi sibini sesiqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-20 veki nganye. Sagqabaza sathi: “Ubulungiseleli bethu busenza sonwabe gqitha.” Abavakalisi beendaba ezilungileyo bavuya gqitha xa abo beva inyaniso yeBhayibhile ngolwimi lwabo bevakalisa indlela abakuxabisa ngayo oko. Ngokomzekelo, ebudeni bentlanganiso eyaqhutyelwa eVietnam, enye ingwevu yasukuma yaza yacela imvume yokuba ikhe iphose amazwi ambalwa. Ithe gwantyi iinyembezi, yabhekisa kumaNgqina isithi: “Enkosi kakhulu ngemizamo eniyenzayo yokufunda ulwimi lwam olunzima. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngezinto ezininzi ezimangalisayo endizifunde eBhayibhileni ebudaleni bam.”
16 Ngoko ayimangalisi into yokuba bechulumanca gqitha abo bakhonza kumabandla asebenzisa ulwimi lwasemzini. Esinye isibini saseBritani sathi: “Ukushumayela kwethu kwintsimi esebenzisa ulwimi olwahlukileyo kolwethu kube ngawona mava amyoli sakha sanawo ebudeni bama-40 eminyaka okushumayela kwethu ngoBukumkani.” Ngaba unokuhlengahlengisa iimeko zakho ukuze nawe ube nesabelo kolu hlobo luyolisa gqitha lobulungiseleli? Ukuba usahamba isikolo, ngaba unokufunda olunye ulwimi ukuze ukwazi ukungenela olu hlobo lobulungiseleli? Ukwenza oko kunokukuzisela uyolo kwanobomi obuzaliswe ziintsikelelo. (IMizekeliso 10:22) Kutheni ungakhe uyincokole nabazali bakho nje le nto?
Ukusebenzisa Iindlela Ezahlukahlukeneyo
17. Sinokubafikelela njani abantu abangakumbi kwintsimi yebandla lethu?
17 Siyaqonda ukuba, iimeko azinakubavumela abaninzi bethu ukuba baphose “iminatha” yabo kwiintsimi ezisebenzisa olunye ulwimi. Noko ke, sisenokufikelela abantu abangakumbi kunokuba sisenza ngoku kwintsimi yebandla lethu. Njani? Ngokuthi sitshintshe, kungekhona isigidimi sethu, kodwa iindlela esisidlulisela ngazo. Kwiindawo ezininzi baya besanda abantu abahlala kwizakhiwo esingakwaziyo ukungena kuzo ngenxa yemithetho yazo yezokhuseleko. Abanye abaninzi ababikho emakhayeni abo ngexesha esishumayela ngalo kwindlu ngendlu. Ngoko kusenokufuneka ukuba siyiphose “iminatha” yethu ngamaxesha ahlukileyo nakwiindawo ezahlukileyo. Ngaloo ndlela siya kuba sixelisa uYesu. Wazama iindlela ezahlukahlukeneyo zokuthetha nabantu.—Mateyu 9:9; Luka 19:1-10; Yohane 4:6-15.
18. Ukushumayela kwiindawo ezahlukahlukeneyo kube nemiphumo emihle njani? (Quka nebhokisi ethi “Ukwenza Abafundi Koosomashishini.”)
18 Kwezinye iinxalenye zehlabathi, ukunikela ubungqina naphi na apho abantu bafumaneka khona kuyindlela ebalulekileyo yokwenza abafundi. Abavakalisi beendaba ezilungileyo abanamava baye banikel’ ingqalelo engakumbi ekushumayeleni kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Ngoku abavakalisi abapheleli nje ekunikeleni ubungqina kwindlu ngendlu, kodwa bakwashumayela nakwizikhululo zeenqwelo-moya, eziofisini, ezivenkileni, kwiindawo ekumiswa kuzo izithuthi, kwizikhululo zeebhasi, ezitratweni, ezipakini, elwandle, nakwezinye iindawo. AmaNgqina amaninzi aye abhaptizwa kutshanje eHawaii afunyenwe kwiindawo ezinjalo. Ukusebenzisa ezi ndlela zahlukahlukeneyo kusinceda ukuba siwuphumeze ngokupheleleyo umyalelo kaYesu wokwenza abafundi.—1 Korinte 9:22, 23.
19. Ziziphi iinkalo ezimbini zothumo lukaYesu eziza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
19 Isabelo esisinikwe nguYesu sokwenza abafundi asibandakanyi nje kuphela isizathu kwakunye nendawo esifanele siwenze kuyo lo msebenzi, kodwa sikwaquka noko sifanele sikushumayele nexesha esifanele sikwenze ngalo oko. Ezi nkalo zimbini zothumo lukaYesu ziza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Siza kuhlolisisa amasolotya amabini okuqala kweli nqaku. Amabini okugqibela aza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
b Izizathu ezingakumbi zokushumayela zifumaneka kwiMizekeliso 10:5; Amosi 3:8; Mateyu 24:42; Marko 12:17; Roma 1:14, 15.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuzaliseka kwesi siprofeto, bona IMboniselo kaMeyi 15, 2001, iphepha 12, nencwadi ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu 2, iphepha 408, ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Usakhumbula?
• Ziziphi izizathu ezisishukumisela ukuba sibe nesabelo ekushumayeleni ngoBukumkani nasekwenzeni abafundi?
• Abakhonzi bakaYehova namhlanje baluphumeze ngomkhamo ongakanani uthumo lukaYesu lokwenza abafundi abantu beentlanga zonke?
• Ziziphi iindlela ezahlukahlukeneyo ‘esinokuloba’ ngazo, yaye kutheni sifanele sizisebenzise?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 10]
Iimpapasho Ezenzelwe Abo Baziimfama
UAlbert ungumdala ongumKristu nomlungiseleli wexesha elizeleyo ohlala eUnited States. Uyimfama. Ukusebenzisa uncwadi lokufundisisa iBhayibhile lweBraille kumnceda ukuba aphumelele ngakumbi kubulungiseleli bakhe, nasekuphumezeni isabelo sakhe njengomveleli wenkonzo. Usiphumeza njani esi sabelo sakhe sasebandleni?
UJames, ongumveleli owongamelayo, uthi: “Asizange sibe naye ebandleni lethu umveleli wenkonzo owenza kakuhle umsebenzi wakhe njengoAlbert.” UAlbert ungomnye wabantu abaziimfama abamalunga nama-5 000 eUnited States, ekusele kuyiminyaka ngoku befumana iimpapasho zeBraille ezisekelwe eBhayibhileni ngolwimi lwesiNgesi nolwesiSpanish. Enyanisweni, ukususela ngowe-1912, udidi lwekhoboka elithembekileyo luye lwashicilela iimpapasho ezahlukeneyo zeBraille ezingaphezu kwekhulu. Oomatshini abakhethekileyo bokushicilela bamaNgqina kaYehova, kungokunje bavelisa izigidi zamaphepha eBraille nyaka ngamnye ngeelwimi ezingaphezu kwezilishumi, aze athunyelwe kumazwe amalunga nama-70. Ngaba kukho umntu omaziyo onokungenelwa kwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezilungiselelwe abo baziimfama?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 11]
Intetho Yezandla Nokwenza Abafundi
Amawakawaka amaNgqina emhlabeni wonke, kuquka ulutsha olukhutheleyo, aye afunda intetho yezandla ukuze ancede abantu abazizithulu babe ngabafundi bakaKristu. Ngenxa yoko, eBrazil kuphela, kubhaptizwe abantu abazizithulu abangama-63 kutshanje, yaye sithethanje amaNgqina azizithulu angama-35 akhonza njengabavangeli bexesha elizeleyo kwelo lizwe. Ehlabathini lonke, kukho amabandla namaqela entetho yezandla angaphezu kwe-1 200. Xa bedityaniswe bonke abantu abasebenzisa intetho yezandla eRashiya, babumba esona siphaluka sikhulu ehlabathini!
[Ibhokisi ekwiphepha 12]
Ukwenza Abafundi Koosomashishini
Ngoxa lalityelela oosomashishini eziofisini zabo, elinye iNgqina laseHawaii ladibana nomphathi wenkampani yezothutho. Nangona wayexakekile, wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile kangangemizuzu engama-30 ngeveki eofisini yakhe. Rhoqo ngentsasa yangoLwesithathu, uxelela abaqeshwa bakhe ukuba bayiphendule ngokwabo iminxeba engenayo ukuze akwazi ukunikela ingqalelo ngokupheleleyo esifundweni. Elinye iNgqina laseHawaii liqhuba isifundo seBhayibhile kanye ngeveki kunye nomnini wevenkile yokulungisa izihlangu. Isifundo siqhutyelwa kwikhawuntara yevenkile. Xa kufika umntu ofuna uncedo, eli Ngqina lisuka nje lithi gu bucala. Akuba emkile umntu lowo, bayaqhubeka kwakhona nesifundo.
Bobabini aba, umphathi wenkampani yezothutho nomnini-venkile bafunyanwa ngenxa yokuba la maNgqina athabatha inyathelo lokuqala lokuphosa “iminatha” yawo kwiindawo ezahlukeneyo. Ngaba kukho iindawo ozaziyo kwintsimi yebandla lakho onokufumana kuzo abantu ekunzima ukubafumana emakhayeni abo?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ngaba unokukhonza kwintsimi esebenzisa olunye ulwimi?