Ningayeki Ukwenza Okuhle
UMPOSTILE uPetros wabongoza wathi: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga.” (1 Petros 2:12) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ntle” libhekisela kwinto “entle, echubekileyo, ebekekileyo, ebalaseleyo.” Namhlanje kunokubonakala kungekho ngqiqweni ukulindela ukuba abantu ngokubanzi bachubeke okanye babe ngababekekileyo. Noko ke, namhlanje abantu bakaYehova ngokubanzi baye bakwazi ukuthobela esi sibongozo sikaPetros. Enyanisweni baziwa ehlabathini lonke ngehambo yabo entle.
Oku kuphawuleka gqitha xa sicinga ngoxinezeleko nobunzima esijamelana nabo kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1) Izilingo ziyinxalenye yobomi bamihla le, ibe ixhaphakile nento yokuchaswa kwendlela aphila ngayo amaKristu. Ukongezelela, ngoxa ezinye izilingo zifika zidlule, kukho ezingayekeleliyo kodwa eziya ziqatsela. Sekunjalo, umpostile uPawulos ubongoza athi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.” (Galati 6:9) Kodwa singakwazi njani ukwenza okuhle—futhi siqhubeke sikwenza—ngoxa sijamelene nezilingo ezoyikisayo nentiyo engapheliyo?
Izinto Ezinokusinceda Senze Okuhle
Kucacile ukuba, ukuba ngumntu “ochubekileyo, obekekileyo, obalaseleyo” kuthetha ukuba njalo ngaphakathi entliziyweni. Ngoko, ukuba nehambo entle ngoxa ujamelene nezilingo nobunzima, akuyonto nje ezenzekelayo, kunoko kubangelwa kukuthobela nokwenza ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile kuzo zonke inkalo zobomi. Ziziphi ezinye iinkalo ezinokusinceda koku? Khawuqwalasele ezi zilandelayo.
Hlakulela isimo sengqondo sikaKristu. Kufuneka umntu athobeke ukuze akwazi ukunyamezela into ebonakala ingekho sesikweni. Umntu ozicingela gqitha kunganzima ngaye ukunyamezela impatho-mbi. Kodwa yena uYesu, “wazithoba kwada kwasa ekufeni.” (Filipi 2:5, 8) Xa simxelisa, asiyi ‘kudinwa okanye sityhafe’ kwinkonzo yethu engcwele. (Hebhere 12:2, 3) Ziqhelise ukuthobela ngokusebenzisana kakuhle nabo bakhokelayo kwibandla lakho. (Hebhere 13:17) Zifundise ukugqala abanye “njengabongamileyo” kunawe, unyamekele izilangazelelo zabo ngaphambi kwezakho.—Filipi 2:3, 4.
Khumbula ukuba uYehova uyakuthanda. Simele sikholelwe ngokupheleleyo ukuba uYehova “ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Usikhathalele ngokwenene yaye ufuna sifumane ubomi obungunaphakade. (1 Timoti 2:4; 1 Petros 5:7) Ukukhumbula ukuba akukho nto inokwenza uThixo ayeke ukusithanda kuya kusinceda singayeki ukwenza okuhle xa silingwa.—Roma 8:38, 39.
Kholosa ngoYehova ngokupheleleyo. Kubalulekile ukukholosa ngoYehova, ngokukodwa xa izilingo zibonakala zingapheli okanye zisongela ubomi bethu. Simele sikholose ngokupheleleyo ngoYehova ukuba akayi kuvumela nasiphi isilingo sibe ‘ngaphaya koko sinokukuthwala,’ nokuba uya kusoloko ‘esenza nendlela yokuphuma.’ (1 Korinte 10:13) Sinokuma siqinile nokuba sisongelwa ngokufa xa sithembele kuYehova.—2 Korinte 1:8, 9.
Zingisa emthandazweni. Ibaluleke gqitha imithandazo evela entliziyweni. (Roma 12:12) Umthandazo onyanisekileyo yenye yeendlela esisondela ngazo kuYehova. (Yakobi 4:8) Ngokusuka kumava ethu obuqu, sifunda ukuba “kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo . . . , uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Xa uYehova evumela izilingo zivavanye ingqibelelo yethu, sithandazela ukuba asincede sinyamezele. (Luka 22:41-43) Umthandazo usifundisa ukuba asisodwa, nokuba xa uYehova engakuthi, siya kusoloko sisoyisa.—Roma 8:31, 37.
Imisebenzi Emihle—‘Unobangela Wendumiso Nembeko’
Ngamathub’ athile, onke amaKristu akhe ‘eve ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo.’ Sekunjalo, asimele ‘siyeke ukwenza okuhle.’ Xa sixinezelekile, simele somelezwe kukwazi ukuba ekugqibeleni, ukuthembeka kwethu kuya kuba “ngunobangela wendumiso nozuko nembeko.” (1 Petros 1:6, 7) Wasebenzise kakuhle onke amalungiselelo okomoya kaYehova ukuze uzakhe. Xa ufuna ukuncedwa kwinkalo ethile, yiya kwabo bangabalusi, bafundisayo nabanikela iziluleko kwibandla lamaKristu. (IZenzo 20:28) Yibakho rhoqo kuzo zonke iintlanganiso zebandla, ‘ezisivuselelayo eluthandweni nasemisebenzini emihle.’ (Hebhere 10:24) Ukuba nocwangciso lokufunda iBhayibhile yonk’ imihla nesifundo sobuqu kuya kukunceda uhlale uphaphile yaye womelele ngokomoya; kunjalo nangokuya rhoqo kubulungiseleli bamaKristu.—INdumiso 1:1-3; Mateyu 24:14.
Okukhona ungcamla uthando nokunyanyekelwa nguYehova, kokukhona uya kunqwenela ‘ukuzondelela imisebenzi emihle.’ (Tito 2:14) Khumbula ukuba “lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) Ewe, zimisele ‘ukungayeki ukwenza okuhle’!
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
Simele sikholose ngokupheleleyo kwinto yokuba uYehova akayi kuvumela nasiphina isilingo ‘esingaphaya koko sinokukuthwala,’ nokuba ngalo lonke ixesha “uya kwenza nendlela yokuphuma”
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Ukuhlala sixakeke yimisebenzi yobuthixo kuya kusinceda silungele ukujamelana nezilingo