Qhubeka ‘Usenza Okuhle’
1 Wenza into entle xa waba ngumkhonzi kaYehova uThixo. Noko ke, kweli xesha lamanqam, olona celomngeni kukuqhubeka ‘usenza okuhle.’ (Gal. 6:9) Ngoxa oku kufuna umgudu wokwenene, unokukwenza. Njani?
2 Hlakulela Isimo Sengqondo SikaYesu: NjengoYesu, unokuzinyamezela iimvavanyo ukuba usoloko ukhangele kwithemba loBukumkani. (Heb. 12:2, 3) Qiniseka ukuba uYehova uyakuthanda yaye ufuna uphumelele. (2 Pet. 3:9) Thembela kuye ngokupheleleyo, uqinisekile ukuba uya kukunceda. (1 Kor. 10:13) Zingisa emthandazweni, ucele uYehova akuncede unyamezele. (Roma 12:12) Vuyiswa kukwazi ukuba unyamezelo lwakho luya kukhokelela kwinkoliseko kaThixo. (Roma 5:3-5) Ukuthembeka kwakho ekuhlakuleleni ‘isimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu’ kuya kukuzisela ulwaneliseko lobuqu kuze kuvuyise intliziyo kaYehova.—Roma 15:5; IMize. 27:11.
3 Qhubeka Usenza Imisebenzi Emihle: Waxhakamfule onke amalungiselelo uYehova awenzele abantu bakhe ukuze baqhubeke besenza okuhle. Londoloza ucwangciso oluhle lobuqu lokufunda iLizwi likaThixo nelokufundisisa iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Lungiselela ngokucokisekileyo, uze ubekho, yaye ube nenxaxheba kuzo zonke iintlanganiso zebandla. Ngaphambi nasemva kweentlanganiso zamaKristu, nxulumana ngokusondeleyo nabazalwana noodade bokomoya. Zibekele usukelo olusengqiqweni kubulungiseleli bakho ukuze ube nesabelo esinentsingiselo kwinkonzo yasentsimini nokuze uphucule ubuchule bakho bokushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye.
4 Le yindlela onokuqhubeka ngayo usenza okuhle uze kwangaxeshanye unandiphe uvuyo. Kule nkalo, omnye umzalwana waseItali wathi: “Xa kurhatyela, yaye ndibuyela ekhaya emva kosuku enkonzweni kaYehova, eneneni ndiziva ndidiniwe. Kodwa ndonwabile, yaye ndiyambulela uYehova ngokundinika uvuyo ekungekho mntu unokulohlutha.” Ngokufanayo, qhubeka usenza okuhle, nawe uya kunandipha uvuyo olukhulu.