Ukuvuna Ngokulingana Nomgudu Wethu Wobuqu
1 UYehova uThixo uye wabonakalisa uthando lwakhe ngoluntu ngeendlela ezininzi. UYesu wabalaselisa uthando lukaThixo olugqithiseleyo, exelela isihlwele esasihlanganisene ukuba uThixo ‘ilanga lakhe ulenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungisayo; nemvula uyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.’ (Mat. 5:43-48) Ngesinye isihlandlo, uYesu wachaza eyona ndlela ibalaseleyo uYise aye walubonakalisa ngayo uthando—ukuncama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, lowo awathi uThixo wamnikela ukuze sisindiswe. (Yoh. 3:16) UYesu waluleka abaphulaphuli bakhe ukuba basabele ngoxabiso kuthando lukaYehova. Ngaba sizabalazela ukwenjenjalo?
2 Ukuze sibonakalise uxabiso olupheleleyo size sizuze iingenelo ezihlala zihleli kuthando lukaYehova, simele simazi. (Yoh. 17:3) Sifuna isiluleko nolwalathiso ngendlela esinokumkhonza ngayo ngokwamkelekileyo. UYehova uye wabonakalisa inkxalabo yakhe enothando ngokusinika iLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile, nangokumisela intlangano yakhe emangalisayo, esifumana ngayo isiluleko nolwalathiso. (Mat. 24:45-47; 2 Tim. 3:16, 17) Njengabantu bakaYehova abazahluleleyo, siye safundiswa ngendlela yakhe. Kodwa ngaba ngomgudu wethu wobuqu sibonisa ukuba siyaluxabisa uthando lukaYehova? Ngaba siyasiphulaphula isiluleko sakhe ukuze sikholeke kuye size ngaloo ndlela singenelwe? (Isa. 48:17; Yak. 1:22) Kweyoku-1 kwabaseKorinte 3:8 umpostile uPawulos wabhala wathi: “Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka.”
3 Ewe, simele sisebenzele ukwenza oko uThixo afuna sikwenze. Isantya sethu sokukhula ngokomoya asifani. Kukho oothunywashe abaninzi abanokuchaphazela inkqubela yethu, yaye bekungayi kuba bubulumko ukwenza uthelekiso oludimazayo. Noko ke, eyona nto ibalulekileyo ngumgudu wobuqu esiwenzayo. Yintoni esinokuyenza ukuze sisondele ngakumbi kwintlangano? Ngaba kukho iinkalo esinokuphucula kuzo ekwamkeleni iimbopheleleko zethu zobuqu njengamaKristu? Kuya kufuneka umgudu ongakanani ukuze siyixhase ngakumbi imisebenzi eyenziwa ebandleni? Ngaba kukho iingongoma ekufuneka sisebenzele kuzo kwimiyalelo intlangano esinika yona?—1 Tim. 4:16.
XELISA ABATHEMBEKILEYO
4 Iindaba ezilungileyo zoBukumkani ziye zashunyayelwa kangangamashumi eminyaka ngabazalwana noodade abathembekileyo. Aba bathembekileyo, njengoPawulos, bafanele ukuxeliswa. (1 Kor. 11:1) Baye basabela kuthando lukaThixo yaye bavune iingenelo ezininzi ngenxa yomsebenzi wabo onzima nemigudu yabo yobuqu yokulandela isiluleko seBhayibhile. Babumba isiseko esiluqilima sabasebenzi abakhutheleyo ebandleni, abangayiphephiyo imbopheleleko yabo yobuqu. Sinokusibona isiqhamo semisebenzi yabo njengabantu ngabanye.—Roma 1:13; 2 Kor. 3:1-3.
5 Ngoku, abasebatsha abangamashumi amawaka bayathontelana ukuza entlanganweni nyaka ngamnye. (Isa. 60:8) Nabo bazimisele ukusebenza nzima ukuze babe ngabantu abakhulileyo ngokomoya, yaye inzondelelo yabo kumsebenzi wokushumayela ifanele inconywe. Bayangenelwa kukubona indlela uYehova abasikelela ngayo abo basebenza nzima enkonzweni yakhe. Umzekelo wabazalwana noodade abakhulileyo ngolwazi uyabanceda abasebatsha baqonde ukuba eli asiloxesha lokuyekelel’ umxakatho okanye lokurhoxobisa kwinkonzo yethu kuThixo. Enoba sisebatsha okanye singabavakalisi abanamava, ngaba siyaqhubeka sikhula ngokomoya, sisamkela iimbopheleleko zethu zobuqu njengamaKristu size siwasebenzise kakuhle onke amalungiselelo olawulo lobuthixo?
UKUSEBENZISA OKO SIKUFUNDAYO
6 Kwakude kudala ngaphambi kokuba uYakobi abhale ukuba sifanele sibe ‘ngabenzi bomsebenzi,’ uMoses wathi kumaYuda: “Nimele niwasebenzise la mazwi.” (Yak. 1:25; Dut. 11:18, NW) Ngoko ulwazi lulodwa nje lwalunganele. AmaYuda kwafuneka awasebenzise amazwi oMthetho ethobela uYehova. Lo mgaqo usisiseko awukaguquki. UYesu, uNyana kaThixo, ngokuqinisekileyo wayeyazi imbaluleka yokuthobela. (Yoh. 8:28) KuMateyu 7:24 wathi: “Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi.”
7 Ngaba siyakusebenzisa oko sikufunda kwiindibano zesiphaluka? Ngaba siyasiqonda isizathu sokuba kubaluleke kangaka kweli xesha ukuba sihlale siphaphile size siqabuke? Ngaba siziphaphele iintlaselo ezichuliweyo nemigibe ebekwa nguMtyholi? Ngaba siyasixabisa isiluleko nezilumkiso esizinikwa ngokuphindaphindiweyo yintlangano mayela nemfuneko yokucoceka ngokokuziphatha nangokomoya ebandleni? Sikusebenzisa ukusa kuwuphi umkhamo oko sikuvayo thina njengabantu ngabanye?—Yak. 1:23-25.
8 Ucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku oluqhubekayo ngoku lugxininisa imfuneko yokuba sibe ngcwele, njengokuba uYehova engcwele. (1 Pet. 1:14-16) Ubungcwele buthetha ukucoceka okanye ukuba nyulu ngokonqulo, ukuhlambuluka. Buthetha imeko yokuba ngobekelwe ecaleni ukuze wenze inkonzo kaThixo. Siphathiswe ubulungiseleli beendaba ezilungileyo. Ngenxa yoko, simele sicoceke ngokomoya, ngokokuziphatha nangokwasemzimbeni ukuze sibe ngabakufaneleyo ukuthwala iLizwi elingcwele lenyaniso. Oku kufuna ukuba sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwiziqu zethu. (Heb. 2:1) Njengoko sisenjenjalo, siya kuvuna iintsikelelo ngokulingana nomgudu wethu wobuqu.
UKUNGENELWA KUFUNDISISO LOBUQU
9 Ufundisiso lobuqu lusinceda sakhe ukholo olomeleleyo, kwaye lulwenza nzulu uxabiso lwethu ngenyaniso. Lusinika ulweyiseko yaye luyasixhobisa ukuze sithethe ngegunya. Lusinika ukuqonda nengqiqo luze lusincede sambathe ubuntu obutsha. (Kol. 1:9-11) Noko ke, ufundisiso olunemiphumo lufuna ixesha nomgudu, kwaye akukho ndlela-mfutshane yokuzuza ulwazi oluchanileyo nokukhula ngokomoya. Oko sikuhlwayelayo kufundisiso koko siya kukuvuna.—2 Kor. 9:6, 7; Gal. 6:7.
10 Ngaba veki nganye sibekela bucala ixesha elaneleyo lokulungiselela iintlanganiso zebandla? Le yenye indlela esinokubonakalisa ngayo uxabiso ngokudla kokomoya uYehova akulungiselelayo ngomkhonzi othembekileyo noqondayo. Ukuzilungiselela kakuhle iintlanganiso kuyasinceda sinamathele kucwangciso lokufunda nolokufundisisa iLizwi likaThixo. Ngaba veki nganye sibekela bucala ixesha lokwenza ufundo lwethu lweBhayibhile olwandlalwe kucwangciso lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? Kuthabatha imizuzu embalwa kuphela suku ngalunye ukufunda nokucamngca ngombandela. INtlanganiso Yenkonzo iyasinceda sihlale siziphaphele iindlela esinokubenza ubulungiseleli bethu basesidlangalaleni bube nempumelelo ngazo. Ngaba siyalungiselela, sicinga nzulu ngeendlela esinokuwusebenzisa ngazo lo mbandela kubulungiseleli? Yaye ngaba senza umgudu wokuwusebenzisa kwakamsinya? Kufanele kwenziwe amalungiselelo angqalileyo okulungiselela iSifundo SeMboniselo neSifundo Sencwadi Sebandla. Ngaba siyakwenza oko?
YIBA NENXAXHEBA KWIINTLANGANISO
11 Sinokungenelwa ngakumbi kwiintlanganiso xa sisiba nenxaxheba kuzo. Ukulungiselela iintlanganiso size senze umgudu wokuba nenxaxheba kusigcina sithe qwa ebudeni beentlanganiso yaye kwenza kube lula ngathi ukungenelwa kumagqabaza abanye. Abaninzi basawukhumbula umsebenzi onzima ekwafuneka bewenzile ukuze bagqabaze okwesihlandlo sokuqala ezintlanganisweni okanye xa babenikela intetho yabo yokuqala njengomfundi kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Nangona singasoyiki kakhulu ngoku, ngaba sisaqhubeka sisebenza nzima ekwenzeni ukukhula kwethu ngokomoya kubonakale kubo bonke? (1 Tim. 4:15) Abanye bayangenelwa yaye bayakhuthazwa ngamagqabaza ethu. Ukuba silungiselele kakuhle, siwufundisisile umbandela oza kuxutyushwa ezintlanganisweni, igalelo lethu kuzo liya kukhuthazela abanye kuthando nasemisebenzini emihle.—Heb. 10:23-25.
12 Amagqabaza ethu awafanele abe made yaye antsonkothe. Ngokuqhelekileyo kukokona kulungileyo ukunikela amagqabaza amafutshane aphendula imibuzo ngokungqalileyo okanye anceda ukucacisa indlela isibhalo esithile esisebenza ngayo. Ukuba silungiselele kakuhle, siya kukwazi ukugqabaza ngawethu amazwi. Xa sisenjenjalo, iingenelo kuthi nakwabanye ziya kuba zezingenakulinganiswa. Ngoba? Ngenxa yokuba ukuze senjenjalo kufuneka sicinge ngoko sikuthethayo size sicacise ingongoma ngendlela esiyiqonda ngayo. Oku kusenokwenza kube lula ngabanye ukuwuqonda umbandela. Kwakhona, kuya kusinceda siyikhumbule le nkcazelo ukuze siyisebenzise ngesinye isihlandlo.
HLWAYELA NGESISA ENTSIMINI
13 Ubulungiseleli bethu bobuKristu buyinkonzo eligugu. (2 Kor. 4:7) Ngaba ubujonga ngolo hlobo? Ngobulungiseleli, sinelungelo lokubonisa ukholo lwethu kwabanye. UYesu wathi umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. (Luka 6:45) Umgudu wobuqu esiwenzayo wokuba nesabelo esizeleyo kubulungiseleli basentsimini usenza sivune iingenelo ezininzi. Ukuyiqonda kwethu inyaniso kuyakhula, yaye sivelisa ubuchule obungakumbi bokusebenzisa iBhayibhile. Sifumana uvuyo lokuthwalela inyaniso kwabanye nokubanceda bafunde ngoMdali wabo Ozukileyo. Singqinela ukulunga kolawulo nolongamo lukaThixo. Siyavuya kuba siyazi ukuba siyamkholisa uYehova, senziwe safana naye yaye sisenza ukuthanda kwakhe.—Mat. 5:48.
14 Ukuba siqhubeka silinganisa ubungakanani bomgudu wethu wobuqu, unqulo lwethu kuYehova alusayi kuze lube yinkonzo yokudlulisela usana kunina. Kuthetha ukuthini oko? Kuthetha ukuba asisayi kuba mbaxa ekwenzeni ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo, sinikela kuphela inkonzo yomlomo kuye okanye inkonzo encinane engaphelekwa kukuzinikela nomgudu wokwenyaniso nosuk’ entliziyweni. Inkonzo yethu kuYehova imele ibe yeyentliziyo iphela. Sinembopheleleko engokweZibhalo yokunikela inkonzo ezeleyo kuye. (Kol. 3:23, 24) Liyinyaniso elokuba, iimeko ziyahlukahlukana, yaye uYehova akafuni kuthi okungaphezu koko sinokukwenza. Noko ke, oko sinokukwenza, ulindele ukuba sikwenze! (Mat. 22:37) Ekubeni ilutyekelo olungokwemvelo ngabantu abanesono ukuzibandeza, kuhle ukuzihlolisisa ngamathuba athile ukuze sibone apho sinokuphucula khona kwinkonzo yethu kuThixo. Ngaba sikwenza umkhwa wethu ukwenjenjalo?
15 Kumele kusetyenziswe ukuphapha ukuba siza kuphepha ukuvumela usukelo neminqweno yobuqu isithintele ekunikeleni eyona nkonzo ilungileyo kuYehova. Iziyunguma, izinto zokuzonwabisa nezokuzihlaziya zimele zigcinwe zikwindawo efanelekileyo. Kwakhona, simele siphaphele utyekelo lokuzibhakaxa ngokugqith’ emgceni kwimisebenzi yokuziphilisa. Ukuba siphulaphula isiluleko sikaYesu esikuMateyu 6:22, 23, ngaphandle kwamathandabuzo siya kukwazi ukwenza umgudu ongakumbi wokusukela izilangazelelo zokomoya size sivune ngokuvisisana nawo.
16 Njengoko siqhubeka sisebenza nzima sisambatha ubuntu obutsha, siya kwamkela imbopheleleko yethu yokusebenzisa isiluleko namacebiso esiwafumanayo kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinane, kwiindibano ezinkulu nangeempapasho. Kwanga ngamnye wethu angafundisisa ngenkuthalo, abe nenxaxheba ngenkuthalo ezintlanganisweni, aze abe nesabelo kulo msebenzi mkhulu wokwenza abafundi ngomlinganiselo iimeko zethu zobuqu ezisivumela ngawo. Ngokusabela ngoxabiso ngaloo ndlela kuthando lukaThixo, sinokuqiniseka ukuba siya kuvuna intabalala yemivuzo yokomoya ngoku size silondoloze ithemba eliqinileyo lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaYehova.