IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 3/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uyakhumbula?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Icandelo 5
    Mamela UThixo
  • Wasindiswa “Nabanye Abasixhenxe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • “Wahamba NoThixo OyiNyaniso”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 3/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Zingaphi izilwanyana ezihlambulukileyo ezangeniswa nguNowa emkhumbini—ngaba zazisixhenxe kuhlobo ngalunye lwesilo okanye zazihamba ngambini, iinkunzi ezisixhenxe neemazi ezisixhenxe?

Emva kokuba uNowa akhe umkhombe, uYehova wathi: “Ngena, wena nayo yonke indlu yakho, emkhombeni, kuba nguwe endimbone elilungisa phambi kwam phakathi kwesi sizukulwana. Kwizilo zonke ezihlambulukileyo thabathela kuwe ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; yaye kwizilo zonke ezingahlambulukanga zibe ngambini kuphela, inkunzi nemazi yayo.” (Genesis 7:1, 2) Ezinye iinguqulelo njengeThe New English Bible, iThe New Jerusalem Bible, neTanakh—The Holy Scriptures, ziliguqulela ngolu hlobo eli binzana lesiHebhere santlandlolo, “izibini ezisixhenxe.”

Kulwimi lwantlandlolo ibinzana elithi “ngasixhenxe” ngokoqobo lifundeka ngokuthi “sixhenxe sixhenxe.” (Genesis 7:2) Kodwa, ukuphindaphindwa kwenani kwisiHebhere akuthethi kuthi loo manani amele adityaniswe. Ngokomzekelo, eyesi-2 kaSamuweli 21:20 ichaza “indoda enkulu ngokungaqhelekanga,” ‘njengeneminwe emithandathu esandleni ngasinye neenzwane ezintandathu elunyaweni ngalunye.’ KwisiHebhere, eli nani “isithandathu” liyaphindwa. Kodwa oku akuthethi kuthi le ngxilimbela yayineminwe elishumi elinesibini kwisandla ngasinye neminye elishumi elinesibini kunyawo ngalunye. Ukuphindwa kweli nani kuchaza nje ukuba yayineminwe emithandathu kwisandla nonyawo ngalunye.

Sincedwa njani ke yimigaqo yolwimi lwesiHebhere ngokuphindwa kwamanani? Xa ixubusha iGenesis 7:2, 9, i-Introductory Hebrew Method and Manual kaWilliam R. Harper ithi: “Amagama adla ngokuphindwa xa kugxininiswa ulwalamano lwento nganye.” IGesenius’ Hebrew Grammar (Uhlelo Lwesibini LwesiNgesi) ithi: “Nto nganye ichazwa . . . ngokuphindwa kwenani layo.” Yenza umzekelo ngeGenesis 7:9, 15 neyesi-2 kaSamuweli 21:20, apho kuphindwa la manani “ngambini” “emithandathu.”

Ngoko ke, nenani elithi “sixhenxe sixhenxe” kwiGenesis 7:2 alithethi izixhenxe ezibini, okanye i-14, kanye njengokuba ukuphindwa ‘kwesibini’ kungathethi izibini ezibini, okanye isi-4 kwiGenesis 7:9, 15. Ukuphindwa kwenani kwindinyana nganye kumela nje into nganye—kungekhona ukudityaniswa kwamanani. Ngoko ke, ngoxa kwakungeniswa “ngasixhenxe” kwizilwanyana ezihlambulukileyo emkhombeni, kwakuthatyathwa zibe “mbini kuphela” kwezingahlambulukanga.

Kodwa kuthekani, ngamazwi athi “inkunzi nemazi yayo” emva kwelithi “ngasixhenxe” kwiGenesis 7:2? Oko kuye kwenza abanye bacinga ukuba uNowa wayalelwa ukuba athabathe izibini ezisixhenxe kuhlobo ngalunye lwezilwanyana ezihlambulukileyo ukuze zande. Izilwanyana ezihlambulukileyo zazingagcinwa ngenjongo yokuba ziqhubeke zisanda kuphela. IGenesis 8:20 isixelela ukuba emva kokuphuma emkhombeni, “uNowa wamakhela isibingelelo uYehova waza wathabatha kwizilo zonke ezihlambulukileyo nakwizidalwa zonke eziphaphazelayo ezihlambulukileyo, wenza iminikelo etshiswayo esibingelelweni eso.” Ekubeni kwakukho isilwanyana sesixhenxe kuzo zonke ezihlambulukileyo, uNowa watsho waba nesilwanyana sokunyusa umbingelelo, kutsho kusale iimazi ezintathu neenkunzi ezithathu ezaziza kuqhubeka zisanda ngokohlobo lwazo emhlabeni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share