Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakunandipha ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, bona enoba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Yintoni esinokuyifunda kumzekeliso kaYesu wendoda ezingisayo? (Luka 11:5-10)
Lo mzekeliso ubonisa isimo sengqondo esifanele sibe naso xa sithandaza. Sifanele sizingise xa sicela, okanye siqhubeke sicela, ngokukodwa xa sicela umoya oyingcwele kaThixo. (Luka 11:11-13)—12/15, iphepha 20-2.
• Sifunda ntoni kumzekeliso kaYesu womhlolokazi nomgwebi? (Luka 18:1-8)
Ubethelela ukubaluleka kokuthandaza. Ngokwahlukileyo kulo mgwebi, uYehova ulilungisa yaye ukulungele ukusinceda. Sifanele sibe nokholo olufana nolo lomhlolokazi okulo mzekeliso.—12/15, iphepha 26-8.
• Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos axelele amaKristu aseKorinte ukuba ‘aphangalale’? (2 Korinte 6:11-13)
Kubonakala ukuba abathile eKorinte babengawaxabisi amanye amakholwa, bengaphangalalanga yaye bengenabubele. Kufuneka senze umgudu onyanisekileyo wokuxabisa amanye amakholwa, sizame ukuba nabahlobo abatsha.—1/1, iphepha 9-11.
• Kukuphi ukutywina ekuthethwa ngako kwiSityhilelo 7:3?
Xa uThixo ethambisa amaKristu ngomoya oyingcwele, oko kukutywinwa kokuqala. Kodwa ISityhilelo 7:3 sithetha ngokutywinwa kokugqibela, ukuqinisekisa ukuba abo bathanjisiweyo baye bakubonisa ngokupheleleyo ukunyaniseka kwabo.—1/1, iphepha 30-1.
• Yintoni abanokuyifunda abazali kwingxelo yeBhayibhile ephathelele uSamuweli?
Okokuqala, kufuneka babafundise ilizwi likaThixo abantwana babo, kanye njengabazali bakaSamuweli. Okwesibini, kufuneka bakhuthaze abantwana babo babe nosukelo lokukhonza uYehova.—1/15, iphepha 16.
• Singabonisa njani ukuba kuyasivuyisa ukulindela kaYehova?
‘Silindele imini kaYehova,’ sikhangele phambili xa etshabalalisa bonke abantu abangamoyikiyo uThixo. (2 Petros 3:7, 12) UYehova ukufuna ngokwenene ukuphelisa bonke ubungendawo, kodwa unomonde kuba ufuna ukusindisa amaKristu ngendlela eya kuzukisa igama lakhe. Sifanele simthembe uYehova ukuba uyalazi ixesha elifanelekileyo lokungenelela, okwangoku, simele simdumise. (INdumiso 71:14, 15)—3/1, iphepha 17-18.
• Ngaba uNowa wangenisa emkhombeni izilwanyana ezisixhenxe kuhlobo ngalunye okanye zazihamba ngambini iinkunzi ezisixhenxe neemazi ezisixhenxe?
UNowa wayalelwa ukuba ‘athabathele kuye ngasixhenxe’ isilwanyana ngasinye esihlambulukileyo. (Genesis 7:1, 2) KwisiHebhere ibinzana elithi “ngasixhenxe” ngokoqobo lifundeka ngokuthi “sixhenxe sixhenxe.” Le ndlela yokuthetha ayibhekiseli kwizibini ezisixhenxe ngokoqobo, njengokuba ezinye iiBhayibhile zibonisa. Kucacile kuba uNowa wathabatha zasixhenxe kuhlobo ngalunye, izibini ezithathu nesesixhenxe awayenokubingelela ngaso emva konogumbe. (Genesis 8:20)—3/15, iphepha 31.
• Kutheni amaKristu efanele ‘ondele’ ukholo lwabadala abakhokelayo?
Umpostile uPawulos usimema ukuba ‘sondele,’ okanye siqwalasele imiphumo yehambo yokuthembeka yabadala size silandele imizekelo yokholo lwabo. (Hebhere 13:7) Oku sikwenza ngenxa yokuyalelwa liLizwi likaThixo. Kwakhona, siyaqonda ukuba abadala banezilangazelelo zoBukumkani nezokusinceda.—4/1, iphepha 28.