Oko Sikufunda KuYesu
Ngendlela Awayebaphatha Ngayo Abanye
Kutheni ufanele ube nobubele?
Ngaba unobubele enoba abantu ababonisi bubele kuwe? Ukuba sifuna ukuxelisa uYesu, sifanele sibe nobubele kwanakwabo basithiyileyo. UYesu wathi: “Ukuba nithanda abo banithandayo, kuludumo luni na oko kuni? Kuba kwanaboni bathanda abo babathandayo. . . . Ngokwahlukileyo koko, qhubekani nizithanda iintshaba zenu . . . , yaye niya kuba ngoonyana bOyena Uphakamileyo, ngenxa yokuba unobubele kwabo bangenambulelo nabangendawo.”—Luka 6:32-36; 10:25-37.
Kutheni sifanele sixolele?
Xa senze iimpazamo, sifuna uThixo asixolele. UYesu wafundisa ukuba kuhle ngathi ukuba sithandazele ukuxolelwa nguThixo. (Mateyu 6:12) Kwakhona uYesu wathi uThixo uya kusixolela kuphela ukuba sikulungele ukuxolela abanye. Wathi: “Kuba ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.”—Mateyu 6:14, 15.
Iintsapho zinokwenza kanjani ukuze zonwabe?
Nangona uYesu engazange atshate sinokufunda okuthile kuye ngendlela esinokwenza ngayo ukuze intsapho yonwabe. Ngamazwi nangendlela awayesenza ngayo, wasimisela umzekelo esinokuwuxelisa. Makhe sihl’ amahlongwane ezi ngongoma zintathu zilandelayo:
1. Indoda ifanele imthande umfazi wayo njengomzimba wayo. UYesu wamisela amadoda umzekelo omhle. Wathi kubafundi bakhe: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane.” Ukusa kuwuphi umkhamo? Wathi: “Kanye njengoko ndinithandileyo mna.” (Yohane 13:34) Ibethelela lo mgaqo kumadoda, iBhayibhile ithi: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo. Ngale ndlela amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo. Lowo umthandayo umfazi wakhe uyazithanda, kuba akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo, njengoko noKristu esenjenjalo kulo ibandla.”—Efese 5:25, 28, 29.
2. Iqabane lomtshato lifanele lithembeke kwelinye. Ukuba neentlobano zesini ngaphandle nomnye umntu ongeloqabane lakho kusisono kuThixo yaye kwenza intsapho ingonwabi. UYesu wathi: “Anizange nifunde na . . . ‘Ngenxa yesi sizathu indoda iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo, baze abo babini babe nyama-nye’? Ngako oko abasebabini, kodwa banyama-nye. Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu. . . . Ndithi kuni nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangesizathu sohenyuzo, aze atshate nomnye uyakrexeza.”
3. Abantwana bafanele bathobele abazali babo. UYesu ngoxa wayesengumntwana wabathobela abazali bakhe nangona wayefezekile abazali bakhe bengafezekanga. Xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala, iBhayibhile ithi: “Wehla kunye nabo [abazali bakhe] waza wafika eNazarete, yaye waqhubeka ezithobile kubo.—Luka 2:51; Efese 6:1-3.
Kutheni sifanele siphile ngokuvisisana nale migaqo?
Ngokuphathelele izinto awayezifundisa abafundi bakhe, uYesu wathi: “Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.” (Yohane 13:17) Ukuba singamaKristu okwenyaniso, sifanele siphile ngokuvumelana necebiso uYesu asinika lona ngendlela esifanele sibaphathe ngayo abanye. Wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:35.
Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo, funda kwisahluko se-14 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Umzekeliso kaYesu wonyana wolahleko usifundisa ngokubaluleka kokuba nobubele nokuxolela.—Luka 15:11-32
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Iqabane lomtshato lifanele lithembeke kwelinye