IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 11/15 iphe. 27-31
  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyabalondoloza Abakhonzi Bakhe
  • Umzekelo Ogqibeleleyo Wokuchasa UMtyholi
  • “Mchaseni UMtyholi, Wonibaleka”
  • Mchaseni USathana, Wonibaleka!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Funda Kwindlela UYesu Awamelana Ngayo Nezilingo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ngaba Sifanele Simbek’ Ityala USathana Ngezono Zethu?
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 11/15 iphe. 27-31

“Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo

“Mchaseni uMtyholi, wonibaleka.”—YAK. 4:7.

1. Yiyiphi inkcaso awayeyilindele uYesu emhlabeni, yaye yayiza kuphumela entwenini?

UYESU KRISTU wayesazi ukuba uza kuchaswa nguMtyholi. Oko kwabonakala kwinto eyathethwa nguThixo kwinyoka, ngaloo ndlela ebhekisa kumvukeli ongumoya ongendawo owayesebenzisa inyoka: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi [inxalenye yentlangano kaYehova esezulwini] naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona [uYesu Kristu] iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Gen. 3:14, 15; ISityhi. 12:9) Ukutyunyuzwa kwesithende sikaYesu kwakuthetha ukuba uza kubandezeleka okomzuzwana ngokubulawa ngoxa wayesemhlabeni, kuba uYehova wayeza kumvusela kuzuko lwasezulwini. Kodwa ukutyunyuzwa kwentloko yenyoka kwakuthetha ukuba uMtyholi uza kubulawa yaye akasayi kuphinda avuke.—Funda IZenzo 2:31, 32; namaHebhere 2:14.

2. Kwakutheni ukuze uYehova aqiniseke ukuba uYesu uya kumchasa ngempumelelo uMtyholi?

2 UYehova wayeqinisekile ukuba uYesu uya kulufeza ngempumelelo uthumo lwakhe aze amchase uMtyholi ngoxa wayesemhlabeni. Kwakutheni ukuze uYehova aqiniseke kangaka ngaloo nto? Kaloku wamdala ngokwakhe uYesu ezulwini kude kudala, waba kunye naye ibe wayesazi ukuba lo ‘msebenzi unobuchule’ ‘nezibulo kwindalo yonke’ uyathobela yaye uthembekile. (IMize. 8:22-31; Kol. 1:15) Ngoko xa wathumela uYesu emhlabeni waza wavumela uMtyholi ukuba amvavanye de afe, uThixo wayeqinisekile ukuba uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo uya koyisa.—Yoh. 3:16.

UYehova Uyabalondoloza Abakhonzi Bakhe

3. UMtyholi ubajonga njani abakhonzi bakaYehova?

3 UYesu wathi uMtyholi ‘ngumlawuli weli hlabathi’ yaye walumkisa abafundi bakhe ukuba baya kutshutshiswa njengaye. (Yoh. 12:31; 15:20) Ihlabathi elisemandleni kaSathana uMtyholi, liwathiyile amaKristu enyaniso ngenxa yokuba ekhonza uYehova nangenxa yokuba evakalisa ubulungisa. (Mat. 24:9; 1 Yoh. 5:19) UMtyholi uhlasela ngokukhethekileyo intsalela yabathanjiswa abaya kuthi ekugqibeleni balawule noKristu kuBukumkani bakhe basezulwini. Kanti uSathana uhlasela namaNgqina kaYehova amaninzi anethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. ILizwi likaThixo lisilumkisa ngelithi: “Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.”—1 Pet. 5:8.

4. Yintoni engqina ukuba abantu bakaThixo baye baphumelela ekumchaseni uMtyholi kule mihla?

4 Njengentlangano exhaswa nguYehova uThixo, siyaphumelela ekumchaseni uMtyholi. Khawucinge nje ngoku: Kwiminyaka eli-100 edluleyo abanye babona balawuli bangoozwilakhe abakhohlakeleyo embalini baye bazama ukuwacim’ igama amaNgqina kaYehova. Kodwa inani lamaNgqina liyaqhubeka likhula ibe ngoku sele liphants’ ukufikelela kwizi-7 000 000 kumabandla angaphezu kwe-100-000 ehlabathini lonke. Abo zwilakhe babetshutshisa abantu bakaYehova, ngabo abaye bacinyw’ igama!

5. UIsaya 54:17 uye wangqineka njani eyinyaniso kubakhonzi bakaYehova?

5 Ethetha nebandla loSirayeli wamandulo ‘njengomfazi’ wakhe, uThixo wenza esi sithembiso: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela, nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nawe ekugwetyweni uya kulugwebela isohlwayo. Lilo elo ilifa labakhonzi bakaYehova, yaye ubulungisa babo buphuma kum.” (Isa. 54:11, 17) Eso sithembiso singqineke siyinyaniso kubantu bakaYehova emhlabeni wonke kule ‘mihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1-5, 13) Siqhubeka simchasa uMtyholi, ibe asikho isixhobo azama ukusisebenzisela ukutshayela abantu bakaThixo esiya kuphumelela kuba uYehova ungakwicala lethu.—INdu. 118:6, 7.

6. Isiprofeto sikaDaniyeli sisixelela ntoni ngekamva lolawulo lukaMtyholi?

6 Kwisiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto esisondela ngokukhawuleza, zonke iintlobo zolawulo lukaSathana ziya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo. Ephefumlelwe nguThixo, umprofeti uDaniyeli wabhala wathi: “Ngemihla yabo kumkani [abalawula kule mihla] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zikhoyo ngoku], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Dan. 2:44) Xa oko kusenzeka ulawulo lukaSathana nolwabantu abangafezekanga luya kutshabalala. Zonke iintlobo zolawulo lwenkqubo kaMtyholi ziya kutshabalala ngonaphakade yaye uBukumkani bukaThixo buya kulawula umhlaba wonke ngaphandle kokuchaswa.—Funda eyesi-2 Petros 3:7, 13.

7. Sazi njani ukuba umkhonzi kaYehova ngamnye unokuphumelela ekuchaseni uMtyholi?

7 Ngaphandle kwamathandabuzo intlangano kaYehova iya kulondolozwa yaye uThixo uya kuqhubeka eyisikelela. (Funda INdumiso 125:1, 2.) Kuthekani ngathi? IBhayibhile isixelela ukuba sinokuphumelela ekuchaseni uMtyholi, kanye njengoko uYesu wenzayo. Enyanisweni, isiprofeto uKristu awasinika umpostile uYohane sibonisa ukuba nakuba sichaswa nguSathana, “isihlwele esikhulu” sabo banethemba lokuphila emhlabeni siya kusinda ekupheleni kwale nkqubo. IZibhalo zithi, esi sihlwele sidanduluka sisithi: “Usindiso silufumene kuThixo wethu, ohleli etroneni, nakuyo iMvana [uYesu Kristu].” (ISityhi. 7:9-14) Kuthiwa abathanjiswa bayamoyisa uSathana yaye namaqabane abo, ‘ezinye izimvu,’ ayaphumelela ekumchaseni. (Yoh. 10:16; ISityhi. 12:10, 11) Kodwa oku kufuna umgudu nokukuthandazela ngokunyanisekileyo ‘ukuhlangulwa kulowo ungendawo.’—Mat. 6:13.

Umzekelo Ogqibeleleyo Wokuchasa UMtyholi

8. Sisiphi isilingo sokuqala esasetyenziswa nguMtyholi kuYesu entlango yaye wathini uKristu?

8 UMtyholi wazama ukwaphula ingqibelelo kaYesu. Entlango, uSathana wasebenzisa izilingo ezama ukwenza ukuba uYesu angamthobeli uYehova. Noko ke, uYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo wokuchasa uSathana. Emva kokuzila ukutya iintsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40, kusenokwenzeka ukuba uYesu wayelambe gqitha. USathana wathi: “Ukuba ungunyana kaThixo, yithi kula matye mawabe zizonka.” Kodwa uYesu akazange avume ukusebenzisa amandla awayewanikwe nguThixo ukuze kungenelwe yena. Kunoko uYesu wathi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’”—Mat. 4:1-4; Dut. 8:3.

9. Kutheni simele siyixhathise imigudu kaMtyholi yokusebenzisa iminqweno yethu yenyama engokwemvelo?

9 Namhlanje, uMtyholi usebenzisa umnqweno wenyama ongokwemvelo kubakhonzi bakaYehova. Ngenxa yoko simele sizimisele ukuxhathisa naziphi na izilingo zokuziphatha okubi ngokwesini, ezixhaphakileyo kweli hlabathi liziphethe kakubi. ILizwi likaThixo likubeka kucace oku xa lisithi: “Intoni! Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda . . . abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Kor. 6:9, 10) Ngoko ke, lizicacele elokuba, abantu abaziphethe kakubi nabangafuni kutshintsha abayi kuvunyelwa ukuba baphile kwihlabathi elitsha likaThixo.

10. Ngokutsho kukaMateyu 4:5, 6, sisiphi esinye isilingo esasetyenziswa nguSathana ukuzama ukwaphula ingqibelelo kaYesu?

10 Xa zithetha ngesinye sezilingo ezafunyanwa nguYesu entlango, iZibhalo zithi: “UMtyholi wamthabatha wamsa esixekweni esingcwele, wammisa phezu koqoqo lwetempile waza wathi kuye: ‘Ukuba ungunyana kaThixo, ziphose phantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, “Uya kuzinika umyalo ngawe iingelosi zakhe, zikuthwale ngezandla, ukuze ungabetheki nanini na ngonyawo lwakho elityeni.”’” (Mat. 4:5, 6) USathana wayezama ukuthi, oku kwakuya kuphumela ekubonakalisweni kokuba nguMesiya kukaYesu. Noko ke, enyanisweni oku kwakuya kuba yinto engafanelekanga, ebonisa ukuba nekratshi yaye uThixo wayengayi kuyithanda ibe wayengenakuyixhasa. Kwakhona, uYesu wayigcina ingqibelelo yakhe kuYehova yaye waphendula ngokucaphula isibhalo. Wathi: “Kwakhona kubhaliwe kwathiwa, ‘Uze ungamvavanyi uYehova uThixo wakho.’”—Mat. 4:7; Dut. 6:16.

11. Unokusilinga njani uSathana, yaye oko kunokuphumela entwenini?

11 USathana unokusilinga ngokusenza sizifunele uzuko ngeendlela ezahlukeneyo. Unokuzama ukusenza sixelise iindlela zehlabathi zokunxiba nokuzilungisa okanye sizihlaziye ngeendlela ezithandabuzekayo. Kodwa ukuba siyasityeshela isiluleko seBhayibhile size sixelise ihlabathi, ngaba sinokulindela ukuba iingelosi zisikhusele kwimiphumo emibi yezo zenzo? Nangona uKumkani uDavide waguqukayo kwizono ezibandakanya yena noBhatshebha, akazange akhuselwe kwimiphumo yezenzo zakhe. (2 Sam. 12:9-12) Masingamvavanyi uYehova ngendlela engafanelekanga, mhlawumbi ngokwakha ubuhlobo nehlabathi.—Funda uYakobi 4:4; neyoku-1 kaYohane 2:15-17.

12. Sisiphi isilingo ekuthethwe ngaso kuMateyu 4:8, 9, yaye wathini uNyana kaThixo?

12 Esinye isilingo esasetyenziswa nguMtyholi entlango sasibandakanya ukunika kwakhe uYesu igunya lezobupolitika. USathana wabonisa uYesu zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo waza wathi: “Zonke ezi zinto ndokunika ukuba uthe wawa phantsi wanqula kum.” (Mat. 4:8, 9) Wayesebenzisa iindlela zokungathembeki zokufumana unqulo olumele luye kuYehova yaye wayefuna noYesu angathembeki kuThixo. Ngenxa yokubawela ukunqulwa, loo ngelosi yayikhe yathembeka ngaphambili yayisele ingumoni, onyolukele igunya nomhendi ongendawo, uSathana uMtyholi. (Yak. 1:14, 15) Noko ke, ngokwahluke kwaphela kuye, uYesu wayezimisele ukuhlala ethembekile kuYise wasezulwini ibe wathi: “Hamb’ umke, Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.’” Ngenxa yoko, uYesu waphinda wamchasa uMtyholi ngokucacileyo. UNyana kaThixo akazange afune ukuba nento yokwenza nehlabathi likaSathana yaye wayengenakuze anqule lowo ungendawo.—Mat. 4:10; Dut. 6:13; 10:20.

“Mchaseni UMtyholi, Wonibaleka”

13, 14. (a) Xa uMtyholi wabonisa uYesu zonke izikumkani zehlabathi, yintoni awayefuna ukumnika yona? (b) USathana uzama njani ukusonakalisa?

13 Xa wayebonisa uYesu zonke izikumkani zehlabathi, uMtyholi wayemnika igunya elingazange lifunyanwe mntu ngaphambili. USathana wayenethemba lokuba uYesu wayeya kukuthanda oko wayembonisa kona aze azixelele ukuba uza kuba yeyona nkokeli yezobupolitika inempembelelo. Namhlanje uMtyholi akasiniki zikumkani, kodwa uzama ukonakalisa iintliziyo zethu esebenzisa izinto esizibonayo, esiziphulaphulayo nesicinga ngazo.

14 UMtyholi uyalilawula eli hlabathi. Yiyo loo nto elawula amaziko alo eendaba. Noko ke, akumangalisi ukuba izinto ezibukelwayo, eziphulaphulwayo nezifundwayo kweli hlabathi zizaliswe kukuziphatha okubi nogonyamelo. Izibhengezo zeli hlabathi zizama ukusenza sinqwenele ukuthenga izinto ezininzi esingazifuniyo. Ngaloo ndlela, uMtyholi uhlalele ukusihenda ngokunqwenela izinto eziphathekayo ezinomtsalane esizibonayo, esivayo ngazo nesicinga ngazo. Kodwa xa sisala ukubukela, siphulaphule size sifunde izinto ezigatywayo ziZibhalo, enyanisweni sithi: “Hamb’ umke, Sathana!” Xa sisenjenjalo sixelisa uYesu ekuligatyeni ngokuqinileyo ihlabathi likaSathana elingacocekanga. Isibakala sokuba singeyonxalenye yehlabathi likaSathana sibonakala kwindlela esithi ngayo ngenkalipho sizazise njengamaNgqina kaYehova nabalandeli bakaKristu, emsebenzini, esikolweni, kwiindawo esihlala kuzo nakwizizalwana zethu.—Funda uMarko 8:38.

15. Kutheni ukuchasa uSathana kuthetha ukuba sifanele siqhubeke siphaphile?

15 Emva kokuba uMtyholi ezame okwesithathu waza akaphumelela ukwaphula ingqibelelo kaYesu kuThixo, “uMtyholi wamshiya.” (Mat. 4:11) Noko ke, uSathana wayengazimiselanga kuyeka ukuhenda uYesu, kuba sixelelwa oku: “Ngoko uMtyholi, akuba ekugqibile konke ukuhenda [entlango], wemka kuye de kwaba lelinye ixesha elimlungeleyo.” (Luka 4:13) Xa siphumelela ekumchaseni uMtyholi, sifanele simbulele uYehova. Kodwa sifanele siqhubeke sicela uncedo lukaThixo, kuba uMtyholi usenokubuya asihende ngelinye ixesha elimlungeleyo, singamlindelanga thina. Ngenxa yoko, sifanele sihlale siphaphile ngalo lonke ixesha, silungele ukuqhubeka sinikela inkonzo engcwele kuYehova enoba siyavavanywa.

16. Nguwuphi umoya onamandla esiwunikwa nguYehova, yaye kutheni sifanele siwuthandazele?

16 Into eya kusinceda kwimigudu esiyenzayo yokuchasa uMtyholi, kukuthandazela size sifumane owona moya unamandla kwindalo yonke—umoya oyingcwele kaThixo. Uya kusinceda senze izinto esingenakuze sizenze ngawethu amandla. UYesu waqinisekisa abalandeli bakhe ukuba banokuwufumana umoya kaThixo xa wathi: “Ukuba ke ngoko nina [ningafezekanga yaye ningendawo xa nithelekiswa naye] niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) Masiqhubeke sithandaza kuYehova sicela umoya wakhe oyingcwele. Xa sixhaswa ngulo moya unamandla ngale ndlela ekuchaseni uMtyholi, siya koyisa nakanjani na. Ukongezelela ekuthandazeni rhoqo, kufuneka sinxibe sonke isikrweqe somoya esisifumana kuThixo ukuze ‘sime siqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’—Efe. 6:11-18.

17. Luluphi uvuyo olwanceda uYesu wamxhathisa uMtyholi?

17 Ikho nenye into eyanceda uYesu wachasa uMtyholi yaye nathi inokusinceda. IBhayibhile ithi: “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi [kukaYesu] wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.” (Heb. 12:2) Sinokuvuya ngendlela efanayo ngokuphakamisa ulongamo lukaYehova, sizukise igama lakhe elingcwele, size siwubeke phambi kwethu umvuzo wobomi obungunaphakade. Siya kuvuya ngendlela engathethekiyo xa uSathana nayo yonke imisebenzi yakhe betshatyalaliswe ngonaphakade baze ‘abalulamileyo bawudle ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo’! (INdu. 37:11) Ngenxa yoko, masiqhubeke simchasa uMtyholi kanye njengoko uYesu wenzayo.—Funda uYakobi 4:7, 8.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba uYehova uyabalondoloza abantu bakhe?

• UYesu wasimisela wuphi umzekelo wokuchasa uSathana?

• Ziziphi iindlela onokumchasa ngazo uMtyholi?

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Ubuhlobo nehlabathi busenza iintshaba zikaThixo

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Xa uSathana wamnika zonke izikumkani zehlabathi, uYesu akazange akuvume oko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share