IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 13 iphe. 36-iphe. 37 isiqe.¶ 6
  • Funda Kwindlela UYesu Awamelana Ngayo Nezilingo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Funda Kwindlela UYesu Awamelana Ngayo Nezilingo
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufunda Kwizihendo ZikaYesu
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Kufuneka Sizixhathise Izilingo
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UMtyholi Ulinga UYesu
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 13 iphe. 36-iphe. 37 isiqe.¶ 6
UYesu akavumi ukulingwa nguSathana

ISAHLUKO 13

UYesu Umelana Nezilingo

MATEYU 4:1-11 MARKO 1:12, 13 LUKA 4:1-13

  • USATHANA ULINGA UYESU

Emva nje kokuba uYesu ebhaptizwe nguYohane, umoya kaThixo umqhubela kwintlango yakwaYuda. Ininzi into ekufuneka ecinge ngayo. Ngoku ebebhaptizwa ‘amazulu aye avuleka.’ (Mateyu 3:16) Ngenxa yaloo nto ukhumbula izinto azifunde nebezenza ezulwini. Ininzi nyhani into ekufuneka ecinge ngayo!

UYesu uhlala entlango iintsuku eziyi-40 imini nobusuku. Ngalo lonke elo xesha akhonto ayityayo. Uthi xa elambe nyhani, kufike uSathana uMtyholi aze amlinge athi: “Ukuba ungunyana kaThixo, yithi kula matye mawabe zizonka.” (Mateyu 4:3) UYesu uyayazi ukuba akanakusebenzisa amandla akhe ukuze azanelise, ngenxa yaloo nto uyamgxotha uSathana.

UMtyholi akancami. Uzama elinye iqhinga. Umsa kweyona ndawo iphakamileyo etempileni aze athi makaziphose ezantsi iingelosi ziza kumsindisa. Kodwa uYesu akazimiselanga ukwenza loo nto. Uyamxelela ukuba iZibhalo zithi kurongo ukulinga uYehova ngaloo ndlela.

Xa emlinga okwesithathu, ngandlela ithile uMtyholi umbonisa “onke amazwe ehlabathi nobutyebi bawo” aze athi: “Ndingakunika zonke ezi zinto ukuba ungaqubuda kum undikhonze nje kube kanye.” Nangoku uYesu akafuni nokuva aze athi: “Hamb’ apha Sathana!” (Mateyu 4:8-10) Akavumi ukulingwa nguSathana kuba uyayazi ukuba nguYehova yedwa omele akhonzwe. Ukhetha ukuhlala ethembekile kuThixo.

Sinokufunda kwezi zilingo nakwindlela uYesu awaphendula ngayo. USathana ngumntu okhoyo ongabonakaliyo ibe ezi vesi zibonisa ukuba balawulwa nguye oorhulumente behlabathi. Ukuba bebengalawulwa nguye ebengazokukwazi ukulinga uYesu ngabo.

Enye into, uMtyholi wathi ulungele ukunika uYesu onke amazwe ehlabathi, ukuba unokuqubuda kuye nje kube kanye. Nathi uMtyholi unokusilinga ngaloo ndlela, mhlawumbi asibonise amathuba okufumana ubutyebi behlabathi, amandla okanye isikhundla esiphezulu. Kuya kusinceda ukulandela umzekelo kaYesu wokuhlala sithembekile kuThixo nokuba silingwa ngantoni! Ukhumbule ukuba uMtyholi wamshiya uYesu kodwa “waqhubeka ekhangela elinye ithuba lokumlinga.” (Luka 4:13) Unokwenza loo nto nakuthi, ngenxa yaloo nto kufuneka simlumkele.

  • Inoba uYesu ebecinga ngantoni ngoku ebesentlango iintsuku eziyi-40?

  • UMtyholi uzama ukumlinga njani uYesu?

  • Yintoni esiyifundayo kwizilingo zikaSathana nakwindlela uYesu amphendula ngayo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share