IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 13
  • Ukufunda Kwizihendo ZikaYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufunda Kwizihendo ZikaYesu
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Funda Kwindlela UYesu Awamelana Ngayo Nezilingo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Kufuneka Sizixhathise Izilingo
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UMtyholi Ulinga UYesu
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 13

Isahluko 13

Ukufunda Kwizihendo ZikaYesu

NGOKUKHAWULEZA emva kokubhaptizwa kwakhe, uYesu ukhokelwa ngumoya kaThixo ukuya kwintlango yakwaYuda. Unokuninzi amele acinge ngako, kuba ngethuba lokubhaptizwa kwakhe “amazulu avuleka” ukuze abe nokuziqonda izinto ezingokwasezulwini. Enyanisweni, kuninzi amele acamngce ngako!

UYesu uchitha iintsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40 entlango yaye akukho nto ayidlayo ebudeni beli xesha. Kwandula ke, xa uYesu elambe kakhulu, eze kuye uMtyholi ukuza kumhenda, esithi: “Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.” Kodwa uYesu uyazi ukuba kuyinto ephosakeleyo ukusebenzisa amandla akhe angummangaliso ukwanelisa iminqweno yakhe yobuqu. Ngoko akavumi ukulingwa.

Kodwa uMtyholi akancami. Uzama ukumngena ngenye indlela. Ucel’ umngeni uYesu ngokuthi makaziwise kudonga lwetempile ukuze izithunywa zezulu zikaThixo zimhlangule. Kodwa uYesu akahendelwa ukuba enze eso senzo sokucel’ injezu. Ecaphula iZibhalo, uYesu ubonisa ukuba kuphosakele ukumlinga ngale ndlela uThixo.

Kwisihendo sesithathu, uMtyholi ubonisa uYesu zonke izikumkani zehlabathi ngendlela ethile engummangaliso aze athi: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.” Kodwa kwakhona uYesu akavumi kuyekelela kwisihendo sokuba enze okuphosakeleyo, ekhetha ukuhlala ethembekile kuThixo.

Sinokufunda kwezi zihendo zikaYesu. Ngokomzekelo, zibonisa ukuba uMtyholi akalulo uphawu nje lobubi, njengokuba abantu abathile besitsho, kodwa ungumntu wokwenene, ongabonakaliyo. Ukuhendwa kukaYesu kukwabonisa ukuba bonke oorhulumente behlabathi ngabakaMtyholi. Kuba ukunikelwa kwabo kuKristu nguMtyholi bekuya kuba sisihendo sokwenene njani ukuba ngokwenene bebengengobakhe?

Yaye khawufan’ ucinge: UMtyholi wathi wayekulungele ukumvuza uYesu ngokuqubuda nje kuye isihlandlo esinye, ade amnike zonke izikumkani zehlabathi. UMtyholi usenokuzama ukusilinga kwanathi ngendlela efanayo, mhlawumbi ngokuvelisa amathuba abonakala elula okufumana ubutyebi behlabathi, igunya, okanye isikhundla. Kodwa hayi indlela ebesinokuba ngabalumkileyo ngayo ngokulandela umzekelo kaYesu ngokuhlala sithembekile kuThixo enoba kukwesiphi na isihendo! Mateyu 3:16; 4:1-11; Marko 1:12, 13; Luka 4:1-3.

▪ Ngokucacileyo ziintoni ezi uYesu acamngca ngazo ebudeni beentsuku ezingama-40 esentlango?

▪ UMtyholi uzama ukumhenda njani uYesu?

▪ Sinokufunda ntoni kwizihendo zikaYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share