Kutheni Ufanele Uhlale Unengqibelelo?
“Ndigwebe, Yehova, . . . ngokwengqibelelo ekum.”—INDU. 7:8
1, 2. Ziziphi iimeko eziqhelekileyo ezinokuba lucelomngeni kwingqibelelo yomKristu?
KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni wezi meko zintathu: Nkwenkwe ithile inxwalwa ngabantwana efunda nabo. Bazama ukuyicaphukisa, mhlawumbi bayenze ithukise okanye ilwe. Ngaba iza kuziphindezelela, okanye iza kuzibamba ize imke kubo? Ndoda ithile eyodwa ekhayeni layo, yenza uphando kwi-Internet. Kuthi kusenjalo kuvele isibhengezo seWeb site yamanyala kwikhompyutha yayo. Ngaba iza kulingeka ukuba ivule loo Web site, okanye iya kuqinisekisa ukuba ayiyivuli? Ibhinqa elingumKristu lincokola nabanye oodade, kuze kuthi kusenjalo incoko itshintshe ibe yintlebendwane eyenzakalisayo ngodade othile osebandleni. Ngaba nalo liza kuyingena loo ntlebendwane okanye liza kuzama ukutshintsha incoko?
2 Nangona ezo meko zahlukahlukene kodwa kukho into ezifana ngayo. Zonke zinento yokwenza nokuzama ukuhlala unengqibelelo njengomKristu. Ngaba uyacinga ngeyakho ingqibelelo njengoko unezinto ezikuxhalabisayo, izinto ozifunayo nosukelo ebomini? Mihla le, abantu bacinga ngembonakalo yabo, ngempilo, ucelomngeni lokuzama ukuziphilisa, iingxaki ezibangelwa ngabahlobo maxa wambi, kwanokuthandana ngaphambi komtshato. Ezi zinto zinokusixhalabisa kakhulu. Noko ke, yintoni eyona nto ibalulekileyo kuYehova njengoko egocagoca iintliziyo zethu? (INdu. 139:23, 24) Yingqibelelo yethu.
3. Liliphi ilungelo esilinikwe nguYehova, yaye yintoni esiza kuyihlolisisa kweli nqaku?
3 UYehova, onguMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo,” unike ngamnye wethu izipho ezahlukahlukeneyo. (Yak. 1:17) Ngenxa yakhe, sinezipho ezinjengomzimba, ingqondo, umlinganiselo wempilo, neziphiwo ezahlukahlukeneyo. (1 Kor. 4:7) Noko ke, akasinyanzeli ukuba sibe nengqibelelo. Uyasivumela ukuba sizikhethele enoba siza kuba nalo olu phawu. (Dut. 30:19) Ngoko ke, kufuneka sihlolisise oko kuthethwa kukuba nengqibelelo. Kanti siza kuhlolisisa izizathu ezithathu zokuba olu phawu lubaluleke kangaka.
Yintoni Ingqibelelo?
4. Kuquka ntoni ukuba nengqibelelo, ibe yintoni esinokuyifunda kumthetho kaYehova ngokuphathelele amadini ezilwanyana?
4 Kubonakala ngathi abantu abaninzi abaqinisekanga ngoko kuthethwa kukuba nengqibelelo. Ngokomzekelo abanye baye banxulumanise ingqibelelo nokunyaniseka. Njengoko kuboniswa eBhayibhileni, ingqibelelo iquka ukuphila ngemilinganiselo egqibeleleyo nefanelekileyo. Amagama esiHebhere anxulumene nelithi “ingqibelelo” avela kwingcambu yegama elithetha ukuphila, ukuphelela okanye ukungabi nasiphako. Elinye lala magama lisetyenziswa ngokunxulumene namadini awayenikelwa kuYehova. Isilwanyana esilidini sasisamkeleka kuYehova kuphela xa siphilile okanye siphelele. (Funda iLevitikus 22:19, 20.) UYehova wabakhalimela abo babengaluthobeli olu lwalathiso ngokunikela ngezilwanyana eziqhwalelayo, ezigulayo okanye ezingaboniyo.—Mal. 1:6-8.
5, 6. (a) Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba siyayixabisa into epheleleyo? (b) Kubantu abangafezekanga, ngaba ingqibelelo ithetha ukufezeka? Chaza.
5 Kuyinto eqhelekileyo ukufuna nokuxabisa into epheleleyo. Ngokomzekelo, khawube nomfanekiso-ngqondweni womntu oqokelela iincwadi, ofumana incwadi ethile exabisekileyo emva kokuyifuna ixesha elide, kodwa afike inamaphepha aliqela abalulekileyo angekhoyo. Unokuyibuyisela eshelufini ngodano olukhulu. Okanye yiba nomfanekiso-ngqondweni webhinqa elikhetha iziqhamo emarikeni. Ziziphi eliya kuzithenga? Zezo zintle nezingabolanga. Ngokufanayo, uThixo ufuna abantu abanengqibelelo, phawu olo olubonisa ukuphelela.—2 Kron. 16:9.
6 Mhlawumbi usenokungaqiniseki enoba ukuba nengqibelelo kufuna ukuba ufezeke kusini na. Ngenxa yokonakaliswa sisono nokungafezeki, sisenokuzijonga kanye njengencwadi enamaphepha angaphelelanga okanye isiqhamo esibolileyo. Ngaba nawe ukhe uvakalelwe ngaloo ndlela? Qiniseka ukuba uYehova akalindelanga ukuba sifezeke size senze izinto ngendlela egqibeleleyo. Akaze alindele okungaphezu kwamandla ethu.a (INdu. 103:14; Yak. 3:2) Sekunjalo ulindele ukuba sihlale sinengqibelelo. Ngoko, ngaba ukho umahluko phakathi kokufezeka nokuba nengqibelelo? Ewe ukho. Ngokomzekelo: Umfana uyayithanda intombi aza kutshata nayo. Bekuya kuba bubudenge kuye ukuba ebeya kulindela ukuba ifezeke. Sekunjalo, ebeya kulindela ukuba ithande yena kuphela ngokusuk’ emazantsi entliziyo. Ngokufanayo, uYehova “nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.” (Eks. 20:5) Akalindelanga ukuba sifezeke, kodwa ufuna simthande ngokusuka entliziyweni, sinqule yena kuphela.
7, 8. (a) UYesu wasimisela wuphi umzekelo ngokuphathelele ingqibelelo? (b) Ngokutsho kweZibhalo, iyintoni eyona ntsingiselo yegama elithi ingqibelelo?
7 Sinokukhumbula impendulo kaYesu xa wabuzwa ngowona mthetho ubalulekileyo kunayo yonke. (Funda uMarko 12:28-30.) UYesu akazange aphelele ekunikeleni impendulo kodwa waphila ngokuvisisana nayo. Wamisela umzekelo ogqibeleleyo wokuthanda uYehova ngengqondo, intliziyo, umphefumlo nangamandla akhe ephela. Wabonisa ukuba ingqibelelo akuthethwa nje ngayo kodwa ibonakala nakwizenzo ezihle esizenzayo sineenjongo ezintle. Ukuze sihlale sinengqibelelo sifanele silandele emanyathelweni kaYesu.—1 Pet. 2:21.
8 Ngoko, nantsi intsingiselo yengqibelelo ngokutsho kweZibhalo: ukuzinikela ngokusuka entliziyweni kuMntu omnye osezulwini, uYehova uThixo nakwinjongo nokuthanda kwakhe akuchazileyo. Ukuhlala sinengqibelelo kuthetha ukuba mihla le, siya kuzama ukukholisa uYehova uThixo, enoba kwenzeka ntoni na. Ezona zinto siya kuzibeka phambili kubomi bethu zezo zibalulekileyo kuye. Makhe sihlolisise izizathu ezithathu zokuba oku kubaluleke kangaka.
1. Ingqibelelo Yethu Nembambano Yolongamo
9. Ingqibelelo yethu inxulumene njani nembambano yolongamo lwendalo yonke?
9 Ulongamo lukaYehova aluxhomekekanga kwingqibelelo yethu. Ulongamo lwakhe lusesikweni, lungunaphakade yaye lolwendalo yonke. Luya kuhlala lunjalo, enoba ezinye izidalwa zithini okanye zenza ntoni. Noko ke, ulongamo lukaThixo luye lwanyeliswa gqitha ezulwini nasemhlabeni. Ngenxa yoko, ulawulo lwakhe lufanele luthethelelwe—kuthethwe ngalo njengolufanelekileyo, olusesikweni nolunothando—kuzo zonke izidalwa ezikrelekrele. NjengamaNgqina kaYehova, siyakuthanda ukuthetha ngolongamo lukaThixo kwindalo yonke kuye nabani na ophulaphulayo. Noko ke, siza kubonisa njani ukuba sima ngakwicala lakhe kule mbambano yolongamo? Sibonisa njani ukuba sikhetha uYehova njengoMongami wethu? Ngokugcina ingqibelelo.
10. Ziziphi izityholo eziye zenziwa nguSathana ngokuphathelele ingqibelelo yabantu, yaye unokuphendula njani wena kuzo?
10 Khawubone indlela ingqibelelo yakho engena ngayo kule mbambano. USathana wathi akakho umntu oya kumela ulongamo lukaThixo, nto leyo ethetha ukuba akakho umntu oya kukhonza uYehova engacingi ngesiqu sakhe. Ephambi kwendimbane yezidalwa zomoya, uMtyholi wathi kuYehova: “Ulusu ngenxa yolusu, yaye yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” (Yobhi 2:4) Phawula ukuba uSathana akazange asityabeke kuYobhi owayelilungisa kuphela eso sityholo kodwa wayesibhekisa kubo bonke abantu. Ifanele iBhayibhile ukubiza uSathana ngokuthi ‘ngummangaleli wabazalwana bethu.’ (ISityhi. 12:10) Ungcikiva uYehova ngesityholo sokuba amaKristu—kuquka nawe—akayi kuhlala ethembekile. USathana uthi wena uya kumngcatsha uYehova kuba nje ufuna ukusindisa ubomi bakho. Uvakalelwa njani ngezi zityholo utyatyekwa zona? Ngaba akunakulisebenzisa ithuba elivelayo lokungqina uSathana elixoki? Unokwenjenjalo ngokuhlala unengqibelelo.
11, 12. (a) Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba izigqibo esizenzayo mihla le zinxulumene nengqibelelo yethu? (b) Kutheni kulilungelo ukuhlala sinengqibelelo?
11 Umbandela wengqibelelo yakho ubangela ukuba indlela oziphatha ngayo nokhetho olwenza mihla le lubaluleke. Khawuphinde ucinge ngabantu abathathu esithethe ngabo ekuqaleni. Yintoni abamele bayenze ukuze babonise ukuba banengqibelelo? Inkwenkwe egculelwa ngabo ifunda nabo isesilingweni sokuziphindezelela, kodwa ikhumbula esi sibongozo: “Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” (Roma 12:19) Iyabashiya aba bafundi. Indoda eyenza uphando kwi-Internet ibinokuyijonga imifanekiso evuselela inkanuko yesini, kodwa ikhumbula lo mgaqo ukumazwi kaYobhi athi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) Ngokufanayo, le ndoda ayiyijongi le mifanekiso yamanyala, kanye njengokuba ibingenakuyitya ityhefu. Ibhinqa elincokola namanye aqalisa intlebendwane eyenzakalisayo aliyingeni loo ncoko, likhumbula olu lwalathiso: “Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke.” (Roma 15:2) Intlebendwane eliyivayo ayakhi. Akanakuyithanda udadewabo ongumKristu; noBawo wasezulwini akayi kuyithanda. Ngoko liyalulawula ulwimi lwalo lize liyitshintshe loo ncoko.
12 Kuzo zonke ezi meko, mKristu ngamnye wenza ukhetho olufana nokuthi: ‘UYehova nguMlawuli wam. Ndiza kuzama ukwenza oko kumkholisayo kule meko.’ Ngaba ulujonga ngaloo ndlela ukhetho okanye izigqibo ozenzayo? Ukuba wenjenjalo, uya kuba uphila ngokuvisisana nala mazwi akhuthazayo akwiMizekeliso 27:11: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.” Kulilungelo elingathethekiyo ukuvuyisa intliziyo kaThixo! Kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuze sihlale sinengqibelelo.
2. UThixo Usigweba Ngokusekelwe Kwingqibelelo Yethu
13. Amazwi kaYobhi nakaDavide abonisa njani ukuba uYehova usigweba ngokuvisisana nengqibelelo yethu?
13 Siyabona ukuba ingqibelelo isenza sikwazi ukumela ulongamo lukaYehova. Ngenxa yoko uThixo uya kusigweba ngokusekelwe kuyo. UYobhi wayeyazi kakuhle le nyaniso. (Funda uYobhi 31:6.) UYobhi wayesazi ukuba uThixo ulinganisa bonke abantu “ezikalini ezichanileyo,” esebenzisa umlinganiselo wakhe wokusesikweni ogqibeleleyo xa elinganisa ingqibelelo yethu. Ngokufanayo uDavide wathi: “UYehova uya kuwisa isigwebo kwizizwana. Ndigwebe, Yehova, ngokobulungisa bam nangokwengqibelelo ekum. . . . Yaye uThixo njengolilungisa uvavanya intliziyo nezintso.” (INdu. 7:8, 9) Siyazi ukuba uThixo unokubona ngaphakathi kuthi, nto leyo ebhekisela ‘kwintliziyo nezintso’ zokomfuziselo. Noko ke, sifanele sikukhumbule oko akujongayo. Ngokutsho kukaDavide, uYehova usigweba ngokuvisisana nengqibelelo yethu.
14. Kutheni singafanele sigqibe kwelokuba ukungafezeki nokuba nesono kuyasithintela ekubeni nengqibelelo?
14 Khawube nomfanekiso-ngqondweni kaYehova uThixo ekhangela amawaka ezigidi eentliziyo zabantu namhlanje. (1 Kron. 28:9) Kukangaphi ebona umKristu onengqibelelo? Eneneni kunqabile! Noko ke, asifanele sigqibe kwelokuba indlela esingafezekanga ngayo iyasithintela ekubeni nengqibelelo. Ngokwahlukileyo, sinezizathu ezihle zokuba nethemba njengoDavide noYobhi, zokuba uYehova unokuyibona ingqibelelo yethu enoba asifezekanga. Khumbula ukuba ukufezeka akusosiqinisekiso sokuba siya kuhlala sinengqibelelo. Bathathu kuphela abantu abafezekileyo abakha baphila kulo mhlaba, yaye ababini kubo uAdam noEva boyiswa kukuhlala benengqibelelo. Sekunjalo, izigidi ngezigidi zabantu abangafezekanga ziye zahlala zinengqibelelo. Nawe unokwenjenjalo.
3. Ingqibelelo Ibalulekile Ukuze Sibe Nethemba
15. UDavide wabonisa njani ukuba ingqibelelo ibalulekile ukuze sibe nethemba lekamva?
15 Ekubeni uYehova esigweba ngokuvisisana nengqibelelo yethu, ibalulekile kwithemba esinalo ngekamva. UDavide wayekwazi ukuba yinyaniso kwala mazwi. (Funda INdumiso 41:12.) Wayelixabisa ithemba lokufumana inkoliseko kaThixo ngonaphakade. Kanye njengamaKristu okwenyaniso namhlanje, uDavide wayenethemba lokuphila ngonaphakade, eqhubeka esondela kuYehova uThixo ngoxa emkhonza. UDavide wayibona indima okwakuza kuba nayo ukuhlala enengqibelelo ukuze afumane elo themba. Ngokufanayo, uYehova uyasixhasa, uyasifundisa, uyasikhokela aze asisikelele xa sihlala sinengqibelelo.
16, 17. (a) Kutheni uzimisele ukuhlala unengqibelelo? (b) Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?
16 Ithemba libalulekile ukuze sonwabe ngoku. Linokusibangela sivuye size sihlangabezane namaxesha anzima. Ithemba linokukhusela nendlela esicinga ngayo. Khumbula ukuba, iBhayibhile ifanisa ithemba nesigcina-ntloko. (1 Tes. 5:8) Njengesigcina-ntloko esikhusela intloko yejoni edabini, ithemba likhusela iingqondo zethu zingacingi izinto ezingakhiyo, nezibonisa ukungabi nathemba ezikhuthazwa nguSathana kweli hlabathi lidala neliya esiphelweni. Ubomi abubi nanjongo xa singenathemba. Kufuneka sizihlolisise ngokunyanisekileyo, nangokucokisekileyo, ukuze sibone ingqibelelo yethu nethemba elinxulumene nayo. Ungalibali ukuba, xa uhlala unengqibelelo, uxhasa ulongamo lukaYehova uze ukhusele ithemba elixabisekileyo onalo ngekamva. Ngamana ungahlala unengqibelelo!
17 Ekubeni ingqibelelo ibalulekile, kukho neminye imibuzo esimele siyihlolisise. Siyifumana njani ingqibelelo? Sinokuhlala njani sinayo? Yaye yintoni enokwenziwa ukuba umntu uye akabi nayo kangangethuba elithile? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a UYesu wathi: “Ngako oko nimele nigqibelele, njengoko uYihlo osemazulwini egqibelele.” (Mat. 5:48) Kuyabonakala ukuba wayeqonda ukuba abantu abangafezekanga banokuphelela okanye bagqibelele ngomlinganiselo othile. Sinokuwuthobela umyalelo wokuthanda abanye ngokunyanisekileyo, ngaloo ndlela sikholisa uThixo. Noko ke, uYehova ugqibelele ngokupheleleyo. Xa kubhekiselwa kuye, ibinzana elithi “ingqibelelo” lithetha ukufezeka.—INdu. 18:30.
Unokuphendula Uthini?
• Yintoni ingqibelelo?
• Ingqibelelo inxulumene njani nembambano yolongamo lwendalo yonke?
• Ingqibelelo isibekela njani isiseko sethemba esinalo?
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Suku ngalunye kubakho ucelomngeni olungakumbi kwingqibelelo yethu