Vuyisa Intliziyo KaYehova Ngokugcina Ingqibelelo!
“Nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi [uYehova].”—ROMA 14:8.
1, 2. (a) Kutheni amaNgqina kaYehova ezimisele ukugcina ingqibelelo yawo kuThixo? (b) Kodwa yiyiphi imibuzo ephakamayo?
HAYI indlela loo mazwi ompostile uPawulos azibonakalisa kakuhle ngayo iimvakalelo zabakuphela kwabagcini bengqibelelo bokwenyaniso bale nkulungwane yama-20! Ukuba sinikwe ilungelo lokuphila size sibone le nkqubo yezinto iwohloka phambi kwamehlo ethu, hayi indlela esiya kuchulumanca ngayo! Kodwa ukuba simele sife enkonzweni kaThixo, makube njalo. Nakuyiphi na imeko, sizimisele ukuba ngamangqina anyanisekileyo kaThixo wethu, uYehova. Siya kugcina ingqibelelo yethu kuye. Ngoba? Kungenxa yokuba nokuba sithi sidle ubomi okanye sife, ngokwenene singabakaYehova!
2 Ngoko, iyintoni ingqibelelo? Ifuna zinto zini kuthi? Yaye ngaba ukugcina kwethu ingqibelelo ngokwenene kwenza nawuphi umahluko kuThixo?
Ingqibelelo Nezinto Ezifunayo
3. NgokweBhayibhile, kuthetha ukuthini ukugcina ingqibelelo?
3 ELizwini likaThixo, ingqibelelo ithetha ukuba ngopheleleyo ngokufanelekileyo, ukuba ngongenakubekwa tyala nongenakusoleka. Ithetha ukuzinikela ngokungaguquguqukiyo kubulungisa. Enyanisweni, ingqibelelo ifuna ukuzinikela okungenakwaphulwa kumntu othile—uYehova uThixo. Ewe, ukugcina ingqibelelo kuthetha ukuqhubeka usenza ukuthanda kukaYehova okongamileyo.
4. Ngubani owaba ngumaphuli wengqibelelo wokuqala, ibe isibini sokuqala esingabantu wasilukuhlela ukuba senze ntoni?
4 Umaphuli wengqibelelo wokuqala wayesisidalwa sokomoya esakhokelela isibini sokuqala esingabantu kwikhondo lemvukelo nxamnye noMdali waso. UAdam noEva babenethuba lokubonakalisa ingqibelelo yabo kuYehova ngokuhlonela umqathango kaThixo ongomthi wokwazi. Kodwa phantsi kwengcinezelo yokusebenzisa koTshaba ukuzingca, abazange bathobele. Iintliziyo zabo azizange zingqineke zingenakusoleka kwimithetho kaYehova, yaye abazange bayigcine ingqibelelo kuye.—INdumiso 119:1, 80.
5. Imvukelo kaSathana yaphakamisa yiphi imbambano, yaye oku kungqinwa njani ngamava kaYobhi owayethe tye?
5 Imvukelo kaSathana yaphakamisa imbambano yokulunga kolongamo lukaThixo phezu kwazo zonke izidalwa Zakhe, yelungelo likaYehova lokufuna intobelo yazo epheleleyo. Ngaloo ndlela umbandela ongengqibelelo yomntu ekuthandeni kukaThixo okongamileyo waba yinxalenye ebalulekileyo yembambano yolongamo Iwendalo iphela. Ubungqina boku bubonwa kwimeko yomkhonzi kaYehova uYobhi, owayengenakubekwa tyala, owayethe tye, owayemoyika uThixo. (Yobhi 1:1) UYobhi akazange aguquke kwindlela kaThixo efanelekileyo. Ukuziphatha okubi ngokwesini akuzange kumbambise. Akazange abe ngongekho sikweni ekugwebeni okanye abe ngongenabubele kubahlolokazi, kwabangenabazali, okanye kumahlwempu. Kunokuba athembele kubutyebi bokuphathekayo, uYobhi wathembela ngokupheleleyo kOsenyangweni. (Yobhi 31:7-40) Kanti uMtyholi wema ngelithi uYobhi wayemkhonza uThixo ngezizathu zokuzingca. Nangona uYehova wamvumela uSathana ukuba ahluthe uYobhi izinto zakhe ade amhluthe nabantwana bakhe, uMkhohlisi Omkhulu wasilela ukwaphula ingqibelelo yaloo ndoda ithe tye. Kwanesifo esibuhlungu nokuhlab’ amadlala okudimazayo okwakuvela kubathuthuzeli bobuxoki akuzange kusebenze, kuba uYobhi wangqineka engumgcini wengqibelelo.—Yobhi 1:6-2:13; 27:5, 6; 31:6; 42:8, 9.
6. Yintoni efunwayo ngabo ‘bangabeNkosi’?
6 Ngaloo ndlela abantu banelungelo elikhulu lokufak’ isandla ekungcwalisweni kwegama likaThixo elingcwele. Njani? Ngokugcina ingqibelelo, bebonakalisa ukuba baluxhasa ngokunyanisekileyo ulongamo lukaYehova lwendalo iphela. Ngoko, yintoni efunekayo ngabo ‘bangabakaYehova’? Simele simkhonze uThixo ngozinikelo olupheleleyo, singaze silibale ukuba uYehova “nguThixo onekhwele [ofuna uzinikelo oluthe ngqungu, NW].”—Eksodus 20:5.
Sinokuyivuyisa Intliziyo KaYehova
7, 8. (a) Ekubeni singafezekanga, sinokuyilondoloza njani ingqibelelo yethu kuThixo? (b) Ukuba singabagcini bengqibelelo, IMizekeliso 27:11 iya kusebenza njani kuthi?
7 Ekubeni thina sonke singafezekanga, asinako ukuyifikelela ngokufezekileyo imilinganiselo kaThixo yobulungisa. Kungenxa yoko le nto, ukugcina kwethu ingqibelelo kungathethi ukufezeka esenzweni okanye entethweni. Kunoko, kuthetha ukuzinikela ngentliziyo iphela. Ngaloo ndlela, nangona uDavide wenza izono ezinzulu, ‘wahamba ngentliziyo egqibeleleyo’ (1 Kumkani 9:4) Ekwamkela ukukhalinyelwa, wayilungisa indlela yakhe waza ngaloo ndlela wangqina ukuba intliziyo yakhe yayizaliswe kukumthanda ngokwenyaniso uYehova. (INdumiso 26:1-12) Nathi, sinokulubonakalisa uthando olunjalo, senze ‘ngengqibelelo yentliziyo.’—INdumiso 78:72.
8 Ikhondo lokugcina ingqibelelo liyinto enokwenzeka ngenxa yokuba sinokholo olunzulu kuYehova uThixo yaye sithembele ngokupheleleyo kuye nakumandla akhe okusisindisa. (INdumiso 25:21; 41:12) Ukulondoloza ingqibelelo yethu akunto ilula, kuba uSathana uMtyholi—utshaba olukhulu lukaYehova, noIwethu—umfamekisa iingqiqo zabangakholwayo yaye ‘ulahlekisa elimiweyo liphela.’ (ISityhilelo 12:9; 2 Korinte 4:4) Kodwa, njengoYobhi, sinokuba ngabagcini bengqibelelo. Nangona singafezekanga, sinokuyivuyisa intliziyo yoThixo wethu onothando. Kunjengokuba IMizekeliso 27:11 isithi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uyivuyise intliziyo yam; ukuze ndimphendule ngezwi ondingcikivayo.” Ngokunovuyo, njengabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo, sinokumnika impendulo ephumelelayo kuTshaba lwakhe olumngcikivayo. Ngoko ukugcina kwethu ingqibelelo ngenene kwenza umahluko. Njengabo balondoloza ingqibelelo, sinokuyivuyisa intliziyo kaYehova. Yaye olunjani uvuyo olukuzisayo kuthi oku!
Ungcelele Lwabagcini Bengqibelelo
9. Babengoobani abanye ‘belifu elikhulu’ lamangqina kaYehova angabagcini bengqibelelo, yaye ziziphi iimvavanyo zengqibelelo abazinyamezelayo?
9 Enyanisweni, amaNgqina kaYehova namhlanje ayinxalenye yongcelele lwabagcini bengqibelelo. Lususela emva kuAbheli owayethembekile yaye luquka amadoda nabafazi anjengoAbheli, uEnoki, uNowa, uAbraham, uSara, uIsake, uYakobi, uYosefu, uMoses, uRahabhi, uGidiyon, uBharaki, uSamson, uYafete, uDavide noSamuweli. Abagcini bengqibelelo uShadreki, uMeshaki noAbhedenego, abalayo ukunqula umfanekiso owawumiswe ngukumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni baza baphoselwa edikeni lomlilo elalishushu kanobom, ngokucacileyo kwabhekiselwa kubo njengabo ‘bawanyamezelayo amandla omlilo.’ Amanye amangqina kaYehova awayengamaKristu angaphambili ‘ayesenziwa intlekisa, ebethwa, evalelwa entolongweni, exulutywa ngamatye, elingwa, esarhwa, ebulawa ngekrele; enxityiswa iimfele zeegusha nezeebhokhwe, ngoxa ayesiva intlungu yembandezelo nokuphathwa kakubi.’ Ngokuqinisekileyo siyavumelana noPawulos, owathi: “Ihlabathi lalingabafanele.” Hayi indlela ekuchulumancisa ngayo ukungqongwa lelo “lifu” likhulu lamangqina angabagcini bengqibelelo!—Hebhere 11:1—12:1; bona kwanoDaniyeli isahluko 3.
10. Umpostile uPawulos wayivuyisa njani intliziyo kaYehova?
10 Ngenkuthalo namandla awayewanikwe nguThixo, umpostile uPawulos wakunyamezela ukuvalelwa entolongweni, ukubethwa, ukwaphukelwa ngumkhombe, iingozi ezininzi, ukungalali ebusuku, indlala, ukunxanwa, ingqele, ukuba ze, ‘nokuba sekufeni futhi.’ (2 Korinte 11:23-27) Watyhubela ubunzima obunjalo ngenxa yobulungiseleli, ibe kuko konke oku wayivuyisa intliziyo kaYehova njengomgcini wengqibelelo okhaliphileyo. Nathi sinokuba njalo.
11. Ngokubhekisele kwingqibelelo, uYesu Kristu wamisela wuphi umzekelo?
11 Obalaseleyo phakathi kwabagcini bengqibelelo ‘yiMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu,’ uYesu Kristu. Xa wayelingwa entlango nguMtyholi, uYesu wabambelela kwingqibelelo yakhe, waza ekugqibeleni wathi: “Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.” Ngokucacileyo engenamandla ngenxa yozimiselo olunjalo olwaluvela kuThixo, uMtyholi wamshiya uYesu. Olo yayingelo hlaselo lokugqibela lukaSathana kuYesu, kodwa uMtyholi akazange abe namandla okwaphula ingqibelelo yoNyana kaThixo. ‘Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe uYesu wawunyamezela umthi wentuthumbo,’ engazange abe ngumaphuli wengqibelelo. Ngamana singasoloko silandela umzekelo wakhe omhle size sivuyise intliziyo kaYehova njengabagcini bengqibelelo.—Hebhere 12:2, 3; Mateyu 4:1-11.
12, 13. Ziziphi iimvavanyo zengqibelelo awathi amaKristu okuqala akwazi ukujamelana nazo ngempumelelo?
12 UYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.” (Mateyu 10:22) Hayi indlela oko ebekusoloko kuyinyaniso ngayo ngamaKristu okwenyaniso! Kwincwadi yakhe ethi Christianity and the Roman Government, uE. G. Hardy wabhala oku: “Ngokweleta kaPliny nombhalo kaTrajan, kuyabonakala ngokupheleleyo ukuba amaKristu anokohlwaywa ngenxa nje yegama kuphela, okanye ngokuvakalisa nje ubuKristu, ngaphandle kwenkcazelo okanye ubungqina obucacileyo obungokwaphula umthetho.”
13 Ezinjani iimvavanyo zengqibelelo loo maKristu okuqala akwazi ukujamelana nazo ngempumelelo ngenxa yamandla awayewanikwe nguThixo! Ngokomzekelo, ngokubhekisele kuwo kuye kwathiwa: “Maxa wambi ayethuthunjiswa aze aphoselwe kwizilwanyana ezinengcwangu nezilambileyo esidlangalaleni ukuhlekisa ababukeli.” Phofu ke, phezu kwazo nje iimbandezelo ezinjalo kuye kwaphawulwa ukuba “intshutshiso yasebenzela nje kuphela ukomeleza ukholo lwawo nokuzisa abaninzi abaguqukileyo kwindlela yawo.” (From the Old World to the New, nguEugene A. Colligan noMaxwell F. Littwin, 1932, iphepha 90-1) Kukwanjalo nangamaNgqina kaYehova angabagcini bengqibelelo kule nkulungwane yama-20. Abameli bakaMtyholi bangqineke bengeyonto kuwo.
14, 15. Angoobani “amangqina amabini,” yaye aba namava antoni ngowe-1918 nowe-1919?
14 Khawuqwalasele oko abakhonzi bakaYehova abanyuliweyo, “amangqina amabini” okomfuziselo, aba namava ako ngowe-1918 nowe-1919, xa iintshaba zawo ‘zabumba ububi ngommiselo.’ (ISityhilelo 11:3, 7-10; INdumiso 94:20) UJ. F. Rutherford (owayengumongameli we Watch Tower Society ngoko) nezinxulumani ezisixhenxe bavalelwa entolongweni ngokungekho sikweni. Ngelo xesha, “amangqina amabini” ayebulewe ngokubhekisele ekuprofeteni kwawo, yaye iintshaba zawo zavuya. Kwincwadi yakhe ethi Preachers Present Arms, uRay H. Abrams waphawula oku: “Ukuhlolisiswa kwawo wonke umbandela [kuquka uRutherford nezinxulumani zakhe] kukhokelela kwisigqibo sokuba iicawa nabefundisi babeyimpembelelo esisiseko yokuphelisa [Abafundi BeBhayibhile]. . . . Xa iindaba zokugwetywa iminyaka engama-20 zafikelela abahleli bamaziko onqulo okushicilela, phantse zonke iimpapasho zabo, ezinkulu nezincinane, zasivuyela eso siganeko. Andikhange ndiwabone amazwi ovelwano kuzo naziphi na iincwadi zonqulo lwamaorthodox.”
15 Phofu ke, ekuhambeni kwexesha, Abafundi BeBhayibhile abasibhozo ababevalelwe entolongweni bakhululwa ngokupheleleyo nto leyo eyamcaphukisa kakhulu uSathana namakholwane akhe. Ephiliswe ngumoya kaThixo, “amangqina amabini,” loo mhlambi mncinane wabanyuliweyo, ema ngeenyawo kwakhona njengabavakalisi boBukumkani. (ISityhilelo 11:11) Ibe iintshaba zikaYehova bezisilwa idabi elingenampumelelo nxamnye nabagcini bengqibelelo abanjalo ukususela ngoko.
16. Omnye umgcini wengqibelelo oselula wazichaza njani?
16 Ukuzekelisa: Khawuqwalasele la mazwi akhuthazayo enye indoda eyawabhalela intsapho yayo njengoko yayilindele ukubulawa ngabatshutshisi bamaNazi. Yabhala oku: “Ubusuku sele buhambile. Ndisenalo ixesha lokuguqula ingqondo yam. Kodwa ngaba ndingaphinde ndivuye kwakhona kweli hlabathi ukuba ndinokuyikhanyela iNkosi yethu? Ngokuqinisekileyo andinako! Kodwa ngoku niqinisekile ukuba ndilishiya eli hlabathi ndonwabile yaye ndiseluxolweni.” Ngaba oko kuvakala kukokomaphuli wengqibelelo oethe-ethe, oligwala notyhwatyhwayo? Akunjalo!
17. Ukubanjwa kwamaNgqina kaYehova eRashiya kwaba nawuphi umphumo kwimisebenzi yawo yokushumayela uBukumkani?
17 Imizamo yokwaphula ingqibelelo yabakhonzi bakaYehova iye yaqhubeka. Ngokomzekelo, kwincwadi yakhe ethi Religion in the Soviet Union, umbhali weencwadi uWalter Kolarz wachaza ngenginginya yamaNgqina kaYehova awayebanjiwe ekuqaleni kowe-1951 waza wathi: “AmaNgqina ngokwawo aqikelela ukuba abantu abangama-7 000 bebonke bagxothelwa eUrals, eSiberia, kwiMpuma Ekude (Vorkuta) naseKazakhstan.” Wongezelela wathi: “Oku kwakungesosiphelo ‘samaNgqina’ eRashiya, kodwa kwakukukuqalisa kwexesha elitsha kumsebenzi wawo wokuguqula abantu. Ade azama ukuluvakalisa ukholo lwawo naxa ayemi ezikhululweni kwindlela yawo esinge ekuthinjweni. Ngokuwafudusa kwakhe uRhulumente waseRashiya kwakungekho nto ibhetele awayenokuyenza ukuthintela ukusasaza ukholo lwawo. Ekhutshwe kwiilali zawo ezikwanti ‘amaNgqina’ eziswa kwilizwe eliphangaleleyo, nakuba yayililizwe leenkampu zoxinaniso nezamakhoboka.” Apha abakhonzi bakaYehova bafumana abaninzi abathi ngovuyo basamkela isigidimi soBukumkani esifudumez’ intliziyo.—Thelekisa IZenzo 11:19-21.
Njengomkhosi Owoyisileyo
18, 19. Kunokwenzeka njani ukoyisa njengabagcini bengqibelelo?
18 Ukutshutshiswa kwabantu bakaThixo kusaqhubeka unanamhla. Ngoko kwenzeka njani ngamaNgqina kaYehova ukuba oyise njengabagcini bengqibelelo? Sinokwenjenjalo kuba sithobela iLizwi likaThixo, yaye ‘sinezimvo [amandla engqiqo, NW] eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.’ Njengamangqina kaYehova anyanisekileyo, ‘asimilisanga okweli phakade kodwa ngandlela yimbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yethu.’ Ngokunovuyo senza oko kumkholisayo uYehova, yaye usenza sizoyise iintshaba zethu, eziziidemon nabantu.—Hebhere 5:12-14; Roma 12:1, 2.
19 Thina “singabeNkosi [uYehova]” sinokufaniswa nomkhosi owoyisileyo. Kakade ke, ukuphuma kwethu umkhosi kungokomoya, yaye ‘somelele eNkosini nasekuqineni kokomelela kwayo.’ Sixhobe sonke isikrweqe sikaThixo sokomoya, yaye umoya wakhe oyingcwele uyasixhasa. Kungenxa yoko le nto ‘sinako ukumisa sibuchase ubuqhinga boMtyholi.’ (Efese 6:10-20; 2 Korinte 10:3, 4) Ewe, kukwangenxa yoko le nto siya kuqhubeka sisoyisa njengabagcini bengqibelelo.
20. Luluphi uncedo nesiqinisekiso esinaso njengokuba sisebenzela ukulondoloza ingqibelelo yethu?
20 Ngokuqinisekileyo singumkhosi ongaqhelekanga. Ewe, kwanaphakathi kwethu “mkhulu umkhosi weentokazi ezishumayela iindaba ezilungileyo”! (INdumiso 68:11) Nangona sijamelana neentshaba ezinamandla, ‘baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.’ (2 Kumkani 6:16) Izithunywa zezulu zinathi njengoko sivakalisa iindaba ezilungileyo kubemi bomhlaba. (ISityhilelo 14:6) Ibe njengabagcini bengqibelelo, sinentembelo yokuba ‘akukho sixhobo sikhandelwa ukulwa nathi siya kuba nempumelelo.’—Isaya 54:17.
21. Phezu kwayo nje intshutshiso esiyifumanayo, yintoni eqhubekayo?
21 Alithandabuzeki elokuba idabi liyaqhubeka. Imikhosi kaSathana izimisele ukunqumamisa umsebenzi wethu wokunikela ubungqina. Ngoko ke, kusalele kuthi ukuba ‘silwe ukulwa okuhle.’ (1 Timoti 1:18) SinoYesu Kristu ozukisiweyo njengoMyaleli neNkokeli yethu, ngamnye wethu makakhonze “njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.” (2 Timoti 2:3, 4) Nangona sihlaselwa kuwo onke amacala—ngobubele bukaThixo obungenakulinganiswa nanto—simele yaye siya kuma ngokuqinileyo njengabagcini bengqibelelo. Siyavuyiswa kukubona ulwando emva kolunye. Amanani amakhulu kakhulu ‘ezinto ezinqwenelekayo zeentlanga’ ayeza yaye azalisa indlu kaYehova ngozuko. (Hagayi 2:7) Phezu kwayo nje intshutshiso, ukuvalelwa entolongweni, ukubethwa, ukubhangiswa komsebenzi wethu kumazwe awahlukahlukeneyo, nemigudu emikhulu yokuvalwa kwethu imilomo, umsebenzi ozukileyo wokwenza abafundi uyaqhubeka yaye uthabath’ unyawo.—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
22. Njengabo bangabakaYehova, sifanele senze ntoni?
22 Njengoko amazwi endumiso aya kuYehova esanda, eli lixesha lokuba wonke ubani osemhlabeni enze isigqibo. Hayi indlela esinelungelo ngayo lokusasaza iindaba ezilungileyo nokufundisa abo bamkela unqulo lokwenyaniso! Ngoko ke, njengokuba “isihlwele esikhulu” sisanda, ngamana singaqhubeka njengabakhonzi abakhaliphileyo boThixo Osenyangweni. (ISityhilelo 7:9) “Nokuba sithi sidle ubomi nokuba sithi sife, singabeNkosi.” Ngoko masiphuthume ngokwabaxunele umvuzo wobomi obungunaphakade, sisoloko silibulela ilungelo lethu elizukileyo lokuvuyisa intliziyo kaYehova ngokugcina ingqibelelo!
Ngaba Ungaphendula?
◻ Iyintoni ingqibelelo?
◻ Ukugcina ingqibelelo kufuna ziphi izinto kubantu bakaYehova?
◻ Kunokubonakaliswa njani ukuba ukugcina kwethu ingqibelelo kwenza umahluko kuThixo?
◻ Kungaziphi iindlela abathi abathile kwixesha elidluleyo bazibonakalisa bengabagcini bengqibelelo?
◻ Kunokwenzeka njani namhlanje ukuba amaNgqina kaYehova abe ngabagcini bengqibelelo?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Namhlanje abakhonzi bakaYehova bayinxalenye yongcelele lwamangqina akhe angabagcini bengqibelelo. Ngaba uphakathi kwawo?
UEnoki
USara
UYafete
UPawulos