Intuthuzelo Kubagcini Bengqibelelo
“Mna ekugqibeleleni kwam uyandixhasa.”—INDUMISO 41:12.
1. Kutheni le nto abantu bakaYehova befuna intuthuzelo?
AMANGQINA kaYehova angabagcini bengqibelelo afuna intuthuzelo ngenxa yokuba angamaxhoba entshutshiso. Kakade ke, afanele akulindele ukulingwa okunjalo, kuba uYesu Kristu waxelela abalandeli bakhe oku: “Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Ingakumbi ngoku abantu bakaYehova bafuna intuthuzelo. Ngoba? Ngenxa yokuba umaphuli wengqibelelo wokuqala, uSathana uMtyholi, uye waphoselwa emhlabeni, yaye ixesha analo lincinane. Ngenxa yoko, wenza iphulo lokugqibela njengolwa nxamnye noThixo nabakhonzi Bakhe.—ISityhilelo 12:7-9, 17.
2. AmaKristu avakalelwa njani ngokubandezeleka kwamakholwa angoowabo?
2 Njengabakhonzi bakaYehova, ngenzondelelo sithandazela abazalwana noodade bethu abamele basebenze phantsi kokubhangiswa okanye abasongelwayo nabaphathwa kakubi ngabatshutshisi. (IZenzo 12:1; 2 Tesalonika 1:4) Siyawancoma amaKristu aye athi ngokuthembekileyo anyamezela ukunyeliswa ngabawexuki nabanye. (Mateyu 5:11) Sinenkxalabo enothando ngamakholwa angoowethu achaswayo zizalamane okanye ahlala kumakhaya anonqulo olwahluleleneyo. (Mateyu 10:34-36) Sinovelwano olusuk’ entliziyweni ngabagcini bengqibelelo abaneziphene nabagula ixesha elide. Kodwa kutheni kukho konke oku kubandezeleka? Ibe yiyiphi intuthuzelo ekhoyo kumadoda nabafazi bengqibelelo?
Khumbula Izizathu Zayo Nendawo Yokuzimela
3. USathana usebenzisa intshutshiso ngomgudu wokufuna ukwenza ntoni?
3 Enoba usebenzisa abantu okanye iidemon, uMtyholi ufuna ‘ukuqwenga’ amaKristu. (1 Petros 5:8) Ewe, uSathana usebenzisa intshutshiso nezinye iinzima ukuzama ukutshabalalisa ulwalamano lwethu noYehova uThixo, ukusenza sibe ngabaphuli bengqibelelo abanganyanisekanga. Kodwa kuko konke oku, ngaba singabangakhuselekanga? Ngenene akunjalo!
4. Xa bejamelene nentshutshiso nezinye iinkxwaleko, abagcini bengqibelelo banokuqiniseka ngantoni?
4 UYehova uya kuba yiNdawo yethu yokuzimela ukuba ngomthandazo sifuna uncedo lwakhe. Xa sithwaxwa yintshutshiso nezinye iinkxwaleko, sinokumbongoza njengoko wenzayo umdumisi uDavide ngokuthi: “Ndibabale, Thixo, ndibabale; ngokuba uzimela ngawe umphefumlo wam; ndizimela esithunzini samaphiko akho, kude kudlule inkxwaleko.” (INdumiso 57:1) Njengabagcini bengqibelelo, sinokuqiniseka ukuba ekuhambeni kwexesha, inkululo iya kuvela kuYehova oyiNdawo yethu yokuzimela. Yaye sinokuba nentembelo njengoko waba njalo uDavide xa wathi kuThixo emthandazweni: “Mna ekugqibeleleni kwam uyandixhasa, undimisa phambi kwakho ngonaphakade.”—INdumiso 41:12.
5. Luluphi uphawu amaKristu atshutshiswayo ekufuneka abe nalo, yaye liliphi ithemba esinalo?
5 Phofu ke, ekubeni ukulingwa kunokuba kokwexeshana, kufuneka sihlakulele unyamezelo. Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu angamaHebhere ukuba ‘akhumbule imihla yangaphambili yaxa anyamezela umzamo omkhulu wentlungu.’ Wahlabela mgama wabhala oku: “Kufuneka nibe nomonde [unyamezelo, NW] ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.” (Hebhere 10:32-36) KumaKristu athanjisiweyo, ukuzalisekiswa kwedinga likaThixo kuya kuzisa umvuzo wobomi bokungafi ezulwini. Kodwa ‘kwisihlwele esikhulu,’ kukho ithemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi. (ISityhilelo 7:9; Luka 23:43) Ngenene, ukusindiselwa kubomi obungunaphakade kuyinto enokwenzeka kubo bonke abanyamezela de kube sekupheleni njengabagcini bengqibelelo.—Marko 13:13.
6. Kutheni abathile phakathi kwamaNgqina kaYehova benemfuneko ekhethekileyo yokunyamezela, ibe luluphi uncedo abanalo?
6 Kangangamashumi eminyaka, kumazwe athile amaNgqina kaYehova ‘bekufuneka abe nonyamezelo’ ngokukhethekileyo. Ngoba? Kungenxa yokuba kwakufuneka aqhubeke nenkonzo yawo engcwele kummandla onzima nasebunzimeni obahlukahlukeneyo, kuquka nokuvalw’ umlomo ngurhulumente. Mhlawumbi wena ngokwakho kuye kwafuneka ukuba unyamezele impilo enkenenkene okanye inkcaso yentsapho kusukelo lwakho lobuKristu. Izilingo ezilolo hlobo beziya kubayekisa abo bathembele nje kumandla omntu, kodwa aziwanqumamisi amaNgqina kaYehova ngenxa yokuba ‘uncedo lwawo luvela kuYehova, uMenzi wezulu nehlabathi.’—INdumiso 121:1-3.
7. (a) Izilingo ziqhubeka zisivulela liphi ithuba? (b) Kutheni sinokukukholewa oko uPawulos wakuthetha kumaFilipi 4:13?
7 Zimbi iimeko kusenokufuneka zinyanyezelwe de kube kukuphela kwale nkqubo yezinto. Kodwa izilingo eziqhubekayo zisivulela ithuba lokungqina ingqibelelo yethu kuThixo nokuvuyisa intliziyo yakhe. (IMizekeliso 27:11) Kwangaxeshanye, uYehova unikela amandla afunekayo okunyamezela ngokuthembeka. Umpostile uPawulos wabhala oku: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) Unokuwakholelwa loo mazwi aqinisekisayo, kuba angqineka eyinyaniso rhoqo kwimeko ‘yabazalwana benu abasehlabathini.’—1 Petros 5:9, 10.
Abagcini Bengqibelelo Bayasikhuthaza
8. Zekelisa indlela abagcini bengqibelelo kumakhaya awahluleleneyo abasenokusikelelwa ngayo.
8 Kungumthombo wokhuthazo olukhulu ukubona ingqibelelo ilondolozwa ‘ngabazaIwana bethu abasehlabathini.’ Bambi babo baye bavuzwa ngokutyebileyo ngokugcina kwabo ingqibelelo kuYehova kumakhaya awahluleleneyo. Ngokomzekelo, xa kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nomfazi womKatolika eIreland, umyeni wakhe wabonakalisa inkcaso embi waza wamsongela ngokuqhawula umtshato. Sekunjalo, waqhubeka nofundisiso lwakhe, ibe ngenye imini wanika umyeni wakhe umbhalo wencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Wachukumiseka gqitha kukucaca kwayo, ukungqala kwayo, nemifanekiso yayo emihle. Ngokukhawuleza lo myeni wafundisisa iBhayibhile ngokuncedwa yile ncwadi. Wayeka ukutshaya, ibe ngokukhawuleza emva koko esi sibini saphuma kwiCawa yamaKatolika saza sazitshabalalisa ezo zinto zazifane zibizwe ngokuthi yimifanekiso engcwele. Kungethuba lide, lo mfazi wabhaptizwa waza waba nesabelo kumsebenzi wobuvulindlela babancedani, ngoxa umyeni wakhe wayesenza inkqubela entle kubulungiseleli. Amava alolo hlobo anokuba lukhuthazo lokwenene kwabo bakumakhaya awahluleleneyo abanyamezela njengabagcini bengqibelelo.—1 Korinte 7:12-16.
9. Abagcini bengqibelelo abaneziphene banokubanceda njani abanye?
9 Abanye abagcini bengqibelelo baye bangqineka bethembekile phezu kwako nje ukuba neziphene. EBritani, omnye umKristu onesiphene nakuba emele asebenzise isihlalo sokuhamba ufumana ulwaneliseko kubulungiseleli bakhe. Wabhala oku: “Nangona bendingaqeshelwa umsebenzi wempangelo ukususela ngowe-1949, uYehova uye wakuvuyela ukundisebenzisa ngalo lonke eli xesha. Ngoko iminyaka iye yadlula ngokukhawuleza. Ndiye ndafunda ukuba kwanomntu onesiphene kakhulu unokuba luncedo olukhulu kwabanye. Mna nomfazi wam besiluncedo kwabahlukahlukeneyo ebandleni. Ngenxa yeemeko zethu sisoloko silapha, sisoloko sifumaneka.” Ewe, umKristu onesiphene makangaze adimazeke, kuba unokuba ngumthombo wokhuthazo kwabanye.
10. Ngokunganikezeli kwintshutshiso, abagcini bengqibelelo banokuwanceda njani amakholwa angoowabo?
10 Abagcini bengqibelelo abayekeleli kwintshutshiso. Evalelwe entolongweni ngenxa yobundilele bakhe bobuKristu, omnye umzaIwana wathi: “Ukubethwa . . . kwaba yinxalenye ethe rhoqo yobomi bam, kusanda ngenani nangobuqatha. Ndandisiba buthathaka, njengoko babendivimba ukutya ngokufuthi. Ndandithandaza rhoqo kuYehova, ibe ndinokutsho ukuthi akazange andishiye. Okukhona babendibetha, kokukhona ndandisiya ndingavakalelwa kangako.” Nangona laligwetyelwe ukuvalelwa iminyaka engaphezu kwemibini entolongweni, eli ngqina likaYehova labulondoloza ubundilele balo. (Isaya 2:2-4; Yohane 15:19) Abanye abagcini bengqibelelo abaninzi baye bathabatha ukuma okufanayo. Ngokuqinisekileyo, ukugcina ingqibelelo okunjalo kunikela umzekelo okhuthazayo onokushukumisela amakholwa angoowethu ukuba athembeke.
Intuthuzelo Engasileliyo
11. AmaKristu anasiphi isiqinisekiso sentuthuzelo esingokweZibhalo?
11 Okwandulelayo ngamava nje ambalwa kwangenakubaleka angqina ukuba uYehova unabantu bakhe abathembekileyo. ‘UnguSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) Ewe, “uThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.” (INdumiso 46:1-3) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uya kusilondoloza thina namakholwa angoowethu kuzo zonke iimbandezelo zethu!
12. Ikhondo likaPawulos lokugcina ingqibelelo lawachaphazela njani amaKristu angoowabo?
12 Sinokufumana inkuthalo ekuboneni abanquli bakaYehova abangoowethu benyamezela njengamaKristu anyanisekileyo phezu kwabo nje ubunzima obahlukahlukeneyo. Oku koko kwenzekayo xa abanye baphawula ukuthembeka kompostile uPawulos. Wabhala oku: “Izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo; ngokokude iintambo zam ezi zibonakale . . . baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika.”—Filipi 1:12-14.
13. Ukugcina kwethu ingqibelelo kunokuba nawuphi umphumo?
13 Ewe, xa sisazi ukuba amanye amangqina kaYehova alondoloza ingqibelelo kuye ngenxa yentshutshiso, siyomelezwa ukuba sihlale sithembekile. Kwelinye icala, xa thina silondoloza ingqibelelo phantsi kweemvavanyo, sikhuthaza abanye ukuba balithethe ilizwi likaThixo ngokungenakoyika. Ibe ngokuqinisekileyo sinokufumana ulwaneliseko kukwazi ukuba ukuthembeka kwethu kungumthombo wokhuthazo nentsikelelo kubo.
14. Ziziphi iindlela ezimbini uYehova asithuthuzela ngazo?
14 UYehova usilondoloza ngomoya wakhe oyingcwele. Enyanisweni, kunjengokuba uPetros wabhala wathi, ‘ukuba siyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, sinoyolo; ngokuba umoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwethu.’ (1 Petros 4:12-16) Kwakhona uThixo uyasithuthuzela thina namakholwa angoowethu abandezelekileyo ngokusabela kwakhe kwimithandazo yethu. UPawulos wabhala oku, “Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo neengqiqo zenu kuKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ngaba unentembelo efanayo ‘kuMphulaphuli wemithandazo’?—INdumiso 65:2.
Ukufumana Intuthuzelo ELizwini LikaThixo
15. Unokububonakalisa njani ubunyaniso bamaRoma 15:4?
15 ILizwi likaThixo elingcwele likwangumthombo wentuthuzelo enkulu. Kunjengokuba umpostile uPawulos wathi: “Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo Iwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:4) Ngokomzekelo, xa sifunda ngokuhlangulwa okungummangaliso kwamaSirayeli eYiputa okanye ukulondolozwa kwamaYuda ngomhla kaKumkanikazi uEstere, ngaba oko akuyomelezi intembelo yethu kuYehova njengoMhlanguli ongenakuthelekiswa nanto? Kuthekani ngengxelo yokugcina kukaYobhi ingqibelelo phezu kwayo nje inkxwaleko enkulu? Ngokuqinisekileyo, oku kubonakalisa indlela abakhonzi bakaYehova banamhlanje abanokukunyamezela ngayo ukubandezeleka ngamandla anikelwa nguThixo. ‘Intuthuzelo ephuma eZibhalweni’ inokuthi ngenene izalise abagcini bengqibelelo ngethemba nenkuthalo.
16. Ziziphi iziqinisekiso ezithuthuzelayo ezifunyanwa kweyoku-1 kaPetros 5:6, 7 neyoku-1 yabaseKorinte 10:13?
16 Kodwa kuthekani ukuba iingxaki zethu zisenza sizive sidandathekile? Ngokuqinisekileyo, iziqinisekiso ezithuthuzelayo ezingokweZibhalo zinokusenza sizive sinqabisekile ekukhathalelweni nguYehova yaye zinokusinceda ukuba sikuthomalalise ukudandatheka kwethu. Umpostile uPetros wabhala oku: “Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.” (1 Petros 5:6, 7) Ewe, uYehova ‘ukukhathalele.’ Hayi indlela okukhuthaza ngayo oku! Akukho nanye into enokwenzeka angayiboni okanye angabi nakuyithintela. Ngaphezu koko, uPawulos wanikela esi siqinisekiso: “Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.” (1 Korinte 10:13) Njengomntu ozimisele ukuba ngumgcini wengqibelelo, unokuthembela koko!
17. Ngawaphi amanye amalungiselelo okusizisela intuthuzelo?
17 Ukufundisisa iLizwi likaThixo neempapasho zamaKristu ngomthandazo ezilungiselelwa ‘ngumkhonzi othembekileyo noqondayo’ kunokuzisa intuthuzelo ngamaxesha engcinezelo. (Mateyu 24:45-47; INdumiso 119:105) Linokuba njalo ke necebiso eliphilileyo elingokweZibhalo elivela kubadala abanobubele ebandleni. Phakathi kwezinye izinto, kufuneka ukuba ‘babakhuze abamxhelo mncinane; babasekele abathambileyo; babe nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.’—1 Tesalonika 5:14.
18. Ukuba asinazinto ziphathekayo ezininzi, yiyiphi intuthuzelo esinayo?
18 Kodwa yiyiphi intuthuzelo ekhoyo ukuba asinazinto zininzi eziphathekayo? Ngokuqinisekileyo kuyinto ethuthuzelayo ukwazi ukuba kuLungelelwaniso lukaThixo Olutsha kuya kubakho izindlu ezintle, intabalala yokudla, nezinye iintsikelelo zokuphathekayo. (INdumiso 72:16; 2 Petros 3:13; thelekisa uIsaya 65:17-25.) Kodwa kwanangoku indlela aphila ngayo amaKristu ayichithel’ imali ekutshayeni okuyingozi, ekuzificeni ngokugqith’ emgceni kwiziselo ezinxilisayo, ekungcakazeni, njalo njalo. Ngaloo ndlela imali egcinwayo inokusetyenziselwa ingenelo yentsapho kabani. Ukulandela iLizwi likaThixo kukwanokusinceda ukuba saneliswe koko kuncinane esinako ngokuphathekayo. UPawulos wayenjalo, kuba wathi: “Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu. Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.” (1 Timoti 6:6-8; Filipi 4:11, 12) Ukunikela ingqalelo kumalungelo ethu enkonzweni kaYehova kuphumela kwiintsikelelo ezininzi ezisenza sityebe ngokwenene.—IMizekeliso 10:22.
19. Ukugula ixesha elide kunokunyanyezelwa njani?
19 Kanti, kuthekani ukuba kufuneka sinyamezele ukugula ixesha elide? Oku kunokunyanyezelwa ngoncedo nentuthuzelo kaYehova ayinikela ngeLizwi lakhe. Ngokomzekelo, umdumisi uDavide wathi: “Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! . . . uYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile.” (INdumiso 41:1-3) Eli asiloxesha lokuphilisa ngokungummangaliso. Kodwa uYehova unika amaKristu agulayo ubulumko namandla afunekayo okuqhubana nokugula kwawo njengoko ebeka tanci izilangazelelo zoBukumkani ebomini.—Mateyu 6:33; 2 Korinte 12:7-10.
20. Sinokuhlangabezana njani nentlungu xa othandekayo esifa?
20 Sinokujongana njani nentlungu esiba nayo xa othandekayo esifa? Sinokufumana intuthuzelo ngethemba lovuko eliseBhayibhileni. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Ngaloo ndlela, nangona sibuhlungu ngokufa kothandekayo, ‘asibi buhlungu njengabanye abangenathemba.’ (1 Tesalonika 4:13) Enjani intuthuzelo ithemba lovuko eliyizisela abagcini bengqibelelo!
Hlala Uthembekile KuThixo Wentuthuzelo
21. Intshutshiso enyanyezelwayo idla ngokuphumela entwenini?
21 Qinisekiswa kukuba uYehova, ‘onguThixo onako konke ukuthuthuzela,’ akanakuze abashiye abantu bakhe abazinikeleyo nabanyanisekileyo. (2 Korinte 1:3; INdumiso 94:14) Kukwaluncedo ukukhumbula ukuba intshutshiso enyanyezelwa ngamaKristu inokumzukisa uThixo. Impatho elolo hlobo itsalela ingqalelo kubantu bakhe nakumsebenzi wabo wokushumayela uBukumkani, yaye oku kudla ngokuphumela kulwando olukhulu lwabadumisi bakaYehova.—Thelekisa IZenzo 8:4-8; 11:19-21.
22. Ngokubhekisele kwingqibelelo, lufanele lube yintoni uzimiselo Iwethu?
22 Ngoko, ngoncedo lukaThixo, masizimisele ukuba singaze siyekele kumacebo kaSathana okwaphula ingqibelelo yethu. Sisenza ngokholo, ngamana singaqhubeka sithembele kuYehova. Masingaze sizisingele phantsi iindlela ezininzi asisikelela ngazo, asixhasa ngazo nasithuthuzela ngazo njengabakhonzi bakhe. Ngamana singalungqina uzinikelo lwethu kuye nakwimigaqo yakhe yobulungisa, siluxhase ulongamo lwakhe. Kwakhona, khumbula ukuba lo ngumcimbi wobuqu ngokupheleleyo. Qhubeka usenza ukuthanda kukaThixo njengokuba usebenza nentlangano kaYehova kule mihla yomngcipheko. Vuyiswa lilungelo lakho lokuvuyisa intliziyo kaYehova ngokuhlala uthembekile kuye, yaye ungaze ulibale ukuba ngokungasileliyo uyabathuthuzela bonke abagcini bengqibelelo.
Unokuphendula Uthini?
◻ Kutheni abakhonzi bakaYehova befuna intuthuzelo ngokukhethekileyo?
◻ Kutheni uSathana esebenzisa intshutshiso nxamnye namaKristu?
◻ Abagcini bengqibelelo banokusikhuthaza njani?
◻ Sinokuyifumana njani intuthuzelo eLizwini likaThixo?
◻ Siqinisekiswa ngantoni kweyoku-1 kaPetros 5:6, 7 neyoku-1 yabaseKorinte 10:13?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
USathana ufuna ukuqwenga abakhonzi bakaYehova, kodwa sikhuselekile
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UYehova uyayiphendula imithandazo yabagcini bengqibelelo. Ngaba uthandaza rhoqo?