“Bahlala Beyilandela IMvana”
“Aba ngabo bahlala beyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona.”—ISITYHI. 14:4.
1. Abafundi bokwenyaniso bakaYesu bavakalelwa njani ngokumlandela?
MALUNGA nonyaka wesibini onesiqingatha wobulungiseleli bakhe, uYesu “wayefundisa kwindibano kawonke-wonke eKapernahum.” Besothuswa yintetho yakhe, “abaninzi kubafundi bakhe baphindela kwizinto ezisemva baza ababi sahamba naye.” Xa uYesu wabuza abapostile bakhe abali-12 enoba nabo bafuna ukuhamba kusini na, uSimon Petros waphendula wathi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade; yaye sikholiwe saza safikelela ekwazini ukuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.” (Yoh. 6:48, 59, 60, 66-69) Abafundi bokwenyaniso bakaYesu abazange bavume ukumshiya. Emva kokuthanjiswa ngomoya oyingcwele, baqhubeka bethobela ulwalathiso lukaYesu.—IZe. 16:7-10.
2. (a) Lingubani ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ okanye ‘igosa elithembekileyo’? (b) Eli khoboka liye lazenzela njani udumo oluhle ‘lokulandela iMvana’?
2 Kunokuthiwani ngamaKristu athanjisiweyo kule mihla? Kwisiprofeto sakhe ‘somqondiso wobukho [bakhe] nowokupheliswa kwenkqubo yezinto,’ uYesu wabhekisela kwiqumrhu labalandeli bakhe abathanjiswe ngomoya abasemhlabeni ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ okanye ‘igosa lithembekileyo.’ (Mat. 24:3, 45; Luka 12:42) Njengeqela, olu didi lwekhoboka luye lwazenzela udumo oluhle ‘lokulandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona.’ (Funda ISityhilelo 14:4, 5.) Amalungu alo ahlala enyulu ngokomoya kuba akazingcolisi ngeenkolelo nangezinto ezenziwa ‘yiBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhi. 17:5) ‘Akufunyanwa zimfundiso zobuxoki emilonyeni yawo,’ yaye ahlala ‘engenasiphako’ kwihlabathi likaSathana. (Yoh. 15:19) Kwixesha elizayo, abathanjiswa abasesemhlabeni ‘baya kulandela’ iMvana ukuya ezulwini.—Yoh. 13:36.
3. Kutheni kubalulekile ukuba siluthembe udidi lwekhoboka?
3 UYesu uye wamisela ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ‘phezu kwempahla yendlu yakhe’ oko kukuthi phezu kwelungu ngalinye lodidi lwekhoboka, ukuze ‘liwanike ukutya kwawo ngexesha elifanelekileyo.’ Kanti eli khoboka ukwalimisele ‘phezu kwayo yonke impahla yakhe.’ (Mat. 24:45-47) Le “mpahla” iquka “isihlwele esikhulu” esikhulayo ‘sezinye izimvu.’ (ISityhi. 7:9; Yoh. 10:16) Ngaba abathanjiswa ‘nezinye izimvu’ abafanele balithembe ikhoboka elimiselwe phezu kwabo? Sinezizathu ezininzi zokuluthemba udidi lwekhoboka. Ezibini ezizezona ziphambili zezi: (1) UYehova uyaluthemba udidi lwekhoboka. (2) NoYesu uyalithemba eli khoboka. Makhe sihlolisise ubungqina obubonisa ukuba uYehova uThixo noYesu Kristu balithemba ngokupheleleyo ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.
UYehova Uyalithemba Ikhoboka
4. Kutheni sinokuthembela kukutya kokomoya esikulungiselelwa likhoboka elithembekileyo neliyingqondi?
4 Khawuve nje oko kwenza ukuba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lilungiselele ukutya okunesondlo kokomoya ngexesha elililo. UYehova uthi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo.” Waleka ngelithi: “Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdu. 32:8) Ngokwenene, uYehova uyalalathisa eli khoboka. Ngoko ke, sinokukuthemba ngokupheleleyo ukuqonda iZibhalo nolwalathiso esilufumana kweli khoboka.
5. Yintoni ebonisa ukuba udidi lwekhoboka luxhaswa ngumoya kaThixo?
5 Kanti uYehova usikelela udidi lwekhoboka ngomoya oyingcwele. Nangona umoya kaYehova ungabonakali, kodwa unemiphumo ebonakalayo kwabo usebenzayo kubo. Cinga nje ngoko ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi liye lakwazi ukukufeza ukuze linikele ubungqina ehlabathini lonke ngoYehova uThixo, ngoNyana wakhe nangoBukumkani. Abanquli bakaYehova bavakalisa isigidimi soBukumkani ngokuzimisela kumazwe angaphezu kwama-230 kwanakwiziqithi. Ngaba oko akubobungqina bubambekayo bokuba ikhoboka lixhaswa ngumoya kaThixo? (Funda IZenzo 1:8.) Ukuze lulungiselele abantu bakaYehova abasehlabathini lonke ukutya kokomoya ngexesha elililo, udidi lwekhoboka lumele lwenze izigqibo ezibalulekileyo. Xa lisenza ezo zigqibo naxa liziphumeza, eli khoboka libonisa uthando, ubulali nezinye iziqhamo zomoya.—Gal. 5:22, 23.
6, 7. UYehova ulithembe kangakanani ikhoboka elithembekileyo?
6 Ukuze uqonde indlela uYehova alithemba ngayo ikhoboka elithembekileyo, khawuphulaphule oko aye wakuthembisa amalungu alo. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Liya kukhala ixilongo, yaye abafileyo baya kuvuswa bengenakonakala, ibe siya kutshintshwa. Kuba oku konakalayo kumele kwambathe ukungonakali, noku kufayo kumele kwambathe ukungafi.” (1 Kor. 15:52, 53) Abalandeli bakaKristu abathanjisiweyo, abakhonza uThixo ngokuthembeka baze bafe bekwimizimba yabantu eyonakalayo, bavuselwa kwimo engaphezu kwezidalwa zomoya baze baphile ngonaphakade. Banikwa imo yokungafi—ubomi obungunaphakade nokungonakali. Ngaphezu koko, bafumana ukungonakali, kuba banikwa imizimba engaboliyo neya kuhlala ikwimeko entle. ISityhilelo 4:4 sichaza aba bavusiweyo njengabahleli etroneni benezithsaba zegolide ezintlokweni zabo. AmaKristu athanjisiweyo aza kufumana uzuko lwasebukhosini.
7 ISityhilelo 19:7, 8 sithi: “Umtshato weMvana ufikile nomfazi wayo uzilungisile. Ewe, unikwe ukuba avathiswe ngelinen eqaqambileyo, ecocekileyo, ecikizekileyo, kuba ilinen ecikizekileyo imela izenzo zobulungisa zabo bangcwele.” UYehova ukhethe amaKristu athanjisiweyo ukuba abe ngumtshakazi woNyana wakhe wexesha elizayo. Ukungonakali, ukungafi, ubukhosi, “umtshato weMvana,” zizipho ezimangalisa ngokwenene! Zibubungqina obuchukumisayo bentembelo anayo uThixo kubathanjiswa, ‘abahlala beyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona.’
Ikhoboka Lithenjiwe NguYesu
8. UYesu ubonisa njani ukuba ubathembile abalandeli bakhe abathanjiswe ngomoya?
8 Bubuphi ubungqina bokuba uYesu ubathembe ngokupheleleyo abalandeli bakhe abathanjiswe ngomoya? Ngobusuku bakhe bokugqibela esemhlabeni, uYesu wenza umnqophiso nabapostile bakhe abathembekileyo abali-11. Wathi kubo: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani, ukuze nidle, nisele etafileni yam ebukumkanini bam, nize nihlale ezitroneni ukuze nigwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.” (Luka 22:28-30) Umnqophiso owenziwa nguYesu ngelo xesha nabapostile abali-11 uya kusebenza nakuwo onke amaKristu ali-144 000 athanjisiweyo. (Luka 12:32; ISityhi. 5:9, 10; 14:1) Ngaba uYesu wayenokwenza umnqophiso wokulawula nawo eBukumkanini ukuba wayengawathembi?
9. Iquka ntoni “yonke impahla [kaKristu]”?
9 Ngaphezu koko, uYesu Kristu uye wamisela ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ‘phezu kwayo yonke impahla yakhe’—yonke into enxulumene noBukumkani emhlabeni. (Mat. 24:47) Le mpahla iquka izakhiwo zekomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova, iiofisi zamasebe kumazwe awahlukahlukeneyo neeHolo zeeNdibano nezoBukumkani ehlabathini lonke. Kukwakho nomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Ngaba ukho umntu obenokumisela umntu angamthembanga ukuba agcine aze asebenzise izinto zakhe ezixabisekileyo?
10. Yintoni ebonisa ukuba uYesu Kristu ukunye nabalandeli bakhe abathanjisiweyo?
10 Ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uYesu ovusiweyo wabonakala kubafundi bakhe abathembekileyo waza wabathembisa oku: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:20) Ngaba eso sithembiso siye sazaliseka? Kwiminyaka eli-15 edluleyo, inani lamabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke liye landa lisuka kwamalunga nama-70 000 ukuya kutsho kwangaphezu kwe-100 000—ulwando olungaphezu kwama-40 ekhulwini. Ibe kuthekani ngabafundi abatsha abaye bongezeleleka? Bamalunga nezigidi ezi-4,5 abafundi abaye babhaptizwa kule minyaka ili-15 idluleyo—umlinganiselo wabangama-800 ngosuku. Olu lwando lubalaseleyo lububungqina obucacileyo bokuba uKristu walathisa abalandeli bakhe abathanjisiweyo kwiintlanganiso zabo zebandla yaye uyabaxhasa kumsebenzi wokwenza abafundi.
Ikhoboka Lithembekile Yaye Liyingqondi
11, 12. Ikhoboka liye lazibonisa njani lithembekile yaye liyingqondi?
11 Ekubeni uYehova uThixo noYesu Kristu belithembe ngokupheleleyo ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi, ngaba nathi asifanele senze ngendlela efanayo? Ngapha koko, eli khoboka liye lazingqina lithembekile kumsebenzi eliwabelweyo. Ngokomzekelo, iphephancwadi IMboniselo belipapashwa kangangeminyaka emalunga ne-130. Iintlanganiso, iindibano ezinkulu nezincinane zamaNgqina kaYehova ziyaqhubeka zisakha ngokomoya.
12 Kanti ikhoboka elithembekileyo liyingqondi kuba alizange libonise ukungathozami, lisenza izinto ngaphambi kokuba uYehova anikele ulwalathiso olucacileyo kumbandela othile okanye lingaluthobeli. Ngokomzekelo, ngoxa iinkokeli zonqulo lobuxoki maxa wambi zingaphumi phandle zize maxa wambi ziyikhuthaze ngokungqalileyo njengeqhelekileyo ihambo yokuzingca nengamkholisiyo uThixo yabantu behlabathi, eli khoboka liyalumkisa ngeengozi zenkqubo engendawo kaSathana. Eli khoboka liyakwazi ukudlulisela izilumkiso zobulumko nezifike ngexesha elililo kuba uYehova uThixo noYesu Kristu bayalisikelela. Ngoko simele silithembe ngokupheleleyo eli khoboka. Noko ke, sinokubonisa njani ukuba siyalithemba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?
‘Hamba’ Nabathanjiswa Njengoko Belandela IMvana
13. Ngokutsho kwesiprofeto sikaZekariya, sinokulithemba njani ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?
13 Incwadi yeBhayibhile kaZekariya ithetha ‘ngamadoda alishumi’ aya ‘kwindoda engumYuda’ aze athi: “Siza kuhamba nani.” (Funda uZekariya 8:23.) Ukubhekisela ‘kwindoda engumYuda’ ngokuthi “siza kuhamba nani,” kubonisa ukuba kuthethwa neqela labantu. Kumhla wethu, le ndoda imela intsalela yamaKristu athanjisiweyo—inxalenye ‘yoSirayeli kaThixo.’ (Gal. 6:16) ‘Amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga’ amela isihlwele esikhulu sezinye izimvu. Kanye njengokuba amaKristu athanjisiweyo elandela uYesu naphi na apho aya khona, isihlwele esikhulu ‘sihamba’ nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Abo besihlwele esikhulu abamele nanini na babe neentloni zokuzichaza njengamaqabane abo ‘banesabelo kubizo lwasezulwini.’ (Heb. 3:1) UYesu akanazintloni zokubiza abathanjiswa ngokuthi “bazalwana.”—Heb. 2:11.
14. Sinokubaxhasa njani abazalwana bakaKristu ngokuthembeka?
14 UYesu Kristu ugqala ukuxhaswa ngokuthembeka kwabazalwana bakhe njengokwenziwa kuye. (Funda uMateyu 25:40.) Ngoko, kungayiphi indlela abanokuthi abo banethemba lokuphila emhlabeni babaxhase ngayo abazalwana bakaKristu abathanjiswe ngomoya? Ngokuyintloko banokwenjenjalo ngokubancedisa kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. (Mat. 24:14; Yoh. 14:12) Ngoxa inani labathanjiswa abasemhlabeni liye lancipha ukutyhubela amashumi eminyaka adluleyo, inani lezinye izimvu liya lisanda. Xa abo banethemba lokuphila emhlabeni besenza umsebenzi wokunikela ubungqina, ukuba kunokwenzeka besiba ngabavangeli bexesha elizeleyo, baxhasa abo bathanjiswe ngomoya ekuphumezeni isabelo sokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Enye into esingenakuyilibala ngamathuba avelayo okuxhasa lo msebenzi ngeminikelo yemali eyenziwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.
15. AmaKristu afanele akujonge njani ukutya kokomoya okufike ngexesha elililo okuvela kwikhoboka nezigqibo ezibandakanya intlangano ezenziwa lilo?
15 NjengamaKristu, sikujonga njani ukutya kokomoya okufike ngexesha elililo nokulungiselelwe likhoboka elithembekileyo ngeempapasho ezisekelwe eBhayibhileni nangeentlanganiso zamaKristu? Ngaba sizondla ngako sinombulelo size sikusebenzise oko sikufundayo? Sizijonga njani izigqibo ezibandakanya intlangano ezenziwa leli khoboka? Ukulungela ukuthobela ulwalathiso olunikelwayo kububungqina bokuba sinokholo kumalungiselelo kaYehova.—Yak. 3:17.
16. Kutheni onke amaKristu efanele aphulaphule abazalwana bakaKristu?
16 UYesu wathi: “Izimvu zam ziyaliphulaphula ilizwi lam, kwaye ndiyazazi, zona ziyandilandela.” (Yoh. 10:27) Enza oko kanye amaKristu athanjisiweyo. Kuthekani ngabo ‘bahamba’ nawo? Abo bamele baphulaphule uYesu. Bakwafanele baphulaphule abazalwana bakhe. Ngapha koko, ngabo abanikwe imbopheleleko eyintloko yokunyamekela abantu bakaThixo ngokomoya. Kuquka ntoni ukuphulaphula ilizwi labazalwana bakaKristu?
17. Kubandakanya ntoni ukuphulaphula udidi lwekhoboka?
17 Namhlanje ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi limelwa liQumrhu Elilawulayo, elikhokela lize lilungelelanise umsebenzi wokushunyayelwa koBukumkani ehlabathini lonke. Amalungu eQumrhu Elilawulayo angabadala abanamava nabathanjiswe ngomoya. Ngabo ngokukhethekileyo ekunokubhekiselwa kubo ‘njengabo bakhokelayo’ phakathi kwethu. (Heb. 13:7) Njengoko benyamekela abavakalisi boBukumkani abamalunga nezi-7 000 000 ehlabathini lonke abakumabandla angaphezu kwe-100 000, aba baveleli bathanjisiweyo ‘banokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Kor. 15:58) Ukuphulaphula udidi lwekhoboka kuthetha ukusebenzisana ngokupheleleyo neQumrhu lalo Elilawulayo.
Basikelelekile Abo Baphulaphula Ikhoboka
18, 19. (a) Basikeleleke njani abo baphulaphula ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi? (b) Sifanele sizimisele ukwenza ntoni?
18 Ukususela ekumiselweni kwalo, ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ‘belikhokelela abaninzi ebulungiseni.’ (Dan. 12:3) Aba baquka abanethemba lokusinda xa kutshatyalaliswa le nkqubo yezinto ingendawo. Kuyintsikelelo engathethekiyo ukuba nolwalamano oluhle ngolu hlobo noThixo!
19 Kwixesha elizayo, xa ‘isixeko esingcwele, iYerusalem Entsha, [ebunjwa ngamalungu ali-144 000] sisihla siphuma ezulwini kuThixo yaye silungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe,’ kuya kwenzeka ntoni kwabo baye baphulaphula ilizwi lekhoboka? IBhayibhile ithi: ‘UThixo uya kuba nabo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’ (ISityhi. 21:2-4) Ngoko sinezizathu ezininzi zokuphulaphula uKristu nabazalwana bakhe abathanjiswe ngomoya abanokuthenjwa.
Ufunde Ntoni?
• Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba uYehova uyalithemba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?
• Yintoni ebonisa ukuba uYesu Kristu uluthemba ngokupheleleyo udidi lwekhoboka?
• Kutheni sifanele silithembe igosa elithembekileyo?
• Sinokubonisa njani ukuba siyalithemba ikhoboka?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ngaba uyazi ukuba ngoobani uYehova abakhethe ukuba babe ngumtshakazi woNyana wakhe wexesha elizayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
UYesu Kristu uyiphathise ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ‘impahla’ yakhe
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Xa sisenza umsebenzi wokunikela ubungqina, sixhasa abo bathanjiswe ngomoya