IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 8/1 iphe. 5-8
  • Iimpendulo Zemibuzo Emine Mayela Nesiphelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo Emine Mayela Nesiphelo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • 1 Yintoni Le Iza Kuphela?
  • 2 Siza Kufika Nini Isiphelo?
  • 3 Kuza Kwenzeka Ntoni Emva Kwesiphelo?
  • 4 Ufanele Wenze Ntoni Ukuze Usinde Kwisiphelo?
  • Buyintoni Obu Bukumkani BukaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • “Isiphelo”—Siza Kuba Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Injongo KaThixo Sele Iza Kuzaliseka
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
  • Siza Kufika Nini Isiphelo? Into Eyathethwa NguYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 8/1 iphe. 5-8

Iimpendulo Zemibuzo Emine Mayela Nesiphelo

UYESU KRISTU waprofeta esithi ngenye imini ‘isiphelo siza kufika.’ Xa wayechaza elo xesha, wathi: “Ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.”—Mateyu 24:14, 21.

Izinto ezathethwa nguYesu ngesiphelo kwakunye nezinye iivesi zeBhayibhile ezithetha ngesiphelo zibangela imibuzo ebalulekileyo. Sicela uvule iBhayibhile yakho ukuze uve ukuba iyiphendula njani le mibuzo.

1 Yintoni Le Iza Kuphela?

IBhayibhile ayithi kuza kutshatyalaliswa umhlaba wokoqobo. Umdumisi wathi: “[UThixo] useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; Awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.” (INdumiso 104:5) Kwakhona iBhayibhile ayifundisi ukuba zonke izinto eziphila kulo mhlaba ziza kutshiswa ngomlilo. (Isaya 45:18) UYesu wathi bakho abantu abaza kusinda kwisiphelo. (Mateyu 24:21, 22) Ithi yintoni le iza kuphela iBhayibhile?

Oorhulumente babantu baza kubhanga. UThixo waphefumlela umprofeti uDaniyeli ukuba abhale athi: “UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 2:44.

Iimfazwe nokonakaliswa kwendalo kuza kuphela. INdumiso 46:9 iyichaza kanje into eza kwenziwa nguThixo: “Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto;Iinqwelo uzitshisa emlilweni.” Kwakhona iBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uza ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.

Ulwaphulo mthetho nokungekho sikweni kuza kuphela. ILizwi likaThixo lithembisa oku: “Abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”a—IMizekeliso 2:21, 22.

2 Siza Kufika Nini Isiphelo?

UThixo ubeke “ixesha elimiselweyo” lokuphelisa ubungendawo aze amisele urhulumente obuBukumkani bakhe. (Marko 13:33) Kodwa iBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba asikwazi ukuwazi owona mhla esiza kufika ngawo isiphelo. UYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” (Mateyu 24:36) Nakuba kunjalo, uYesu nabafundi bakhe baprofeta ngeemeko ezaziya kubakho emhlabeni ngaphambi kokuba sifike isiphelo. Isiphelo siza kufika nakanjani xa zonke ezi ziganeko zilandelayo zisenzeka ngaxeshanye ehlabathini ngokubanzi.

Izidubedube ezenzeka kwipolitiki, kwindalo nasekuhlaleni zenzeka ngomkhamo ezingazange zenzeke ngawo ngaphambili. Xa wayephendula imibuzo yabafundi ngesiphelo, uYesu wathi: “Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo, kuya kubakho ukunqongophala kokutya. Oku kukuqala kwenimba.” (Marko 13:8) Kanti yena umpostile uPawulos wathi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.”—2 Timoti 3:1-5.

Kushunyayelwa umhlaba wonke ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. UYesu wathi: “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.

3 Kuza Kwenzeka Ntoni Emva Kwesiphelo?

IBhayibhile ayifundisi ukuba bonke abantu abalungileyo baza kususwa emhlabeni ukuze baye kuphila ezulwini. Kunoko, uYesu wathi kuza kwenzeka laa nto wayeyifuna ekuqaleni uThixo. UYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5; 6:9, 10) IBhayibhile ibathembisa ngovuko abantu abafa ngaphambi kokufika kwesiphelo. (Yobhi 14:14, 15; Yohane 5:28, 29) Kuza kwenzeka ntoni emva kwesiphelo?

UYesu uza kuba nguKumkani WoBukumkani bukaThixo esezulwini. Umprofeti uDaniyeli wathi: “Ndaqhubeka ndibona emibonweni yasebusuku, nanko kusiza ngamafu amazulu uthile onjengonyana womntu [uYesu ovusiweyo]; waza wafikelela kuNyangelemihla [uYehova uThixo], bamsondeza ke kanye phambi Kwakhe. Wanikwa [uYesu] ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”—Daniyeli 7:13, 14; Luka 1:31, 32; Yohane 3:13-16.

Abalawulwa boBukumkani bukaThixo baya kuba yimiqabaqaba, bakhuseleke baze baphile ngonaphakade. Umprofeti uIsaya wathi: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye.” (Isaya 65:21-23) Mayela nelo xesha umpostile uYohane wabhala wathi: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

4 Ufanele Wenze Ntoni Ukuze Usinde Kwisiphelo?

Umpostile uPetros wavuma ukuba abanye abantu bexesha lesiphelo babeza kuhlekisa ngayo into yokuba kuthiwe uThixo uza kuphelisa ubungendawo emhlabeni. (2 Petros 3:3, 4) Nakuba kunjalo, uPetros ukhuthaza abantu bexesha lethu ukuba benze ezi zinto zilandelayo.

Funda kwimbali. UPetros wathi uThixo ‘akazange ayeke ukohlwaya ihlabathi lamandulo, kodwa wagcina uNowa, umshumayeli wobulungisa ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe xa wazisa unogumbe phezu kwehlabathi labantu abangenabuthixo.’ (2 Petros 2:5) UPetros wathi ngabantu abahlekisa ngesiphelo: “Ngenxa yeminqweno yabo, abasiqondi isibakala sokuba, amazulu awabakho kwakudala, kunye nomhlaba oyimbumba ephuma emanzini nomi phakathi kwamanzi, ezo zinto zibekho ngelizwi likaThixo; yaye kwangalo ihlabathi langoko latshatyalaliswa xa lakhukuliswa ngamanzi kanogumbe. Kodwa kwangelo lizwi linye amazulu nomhlabab wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo yaye zibekelwe imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.”—2 Petros 3:5-7.

Phila ngemithetho kaThixo. UPetros wathi abantu abafuna ukusinda kwisiphelo baza kuba ‘nehambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo.’ (2 Petros 3:11) Phawula ukuba uPetros ugxininisa “ihambo nezenzo zozinikelo lobuthixo.” Loo nto ithetha okungakumbi kunokuthi unokholo nje kuphela okanye ukuzama ukukhonza uThixo ngomzuzu wokugqibela.

Ziziphi izenzo nehambo eyamkelekileyo kuThixo? Sicela uthelekise izinto ozaziyo noko kufundiswa yiBhayibhile ngalo mbandela. AmaNgqina kaYehova angathanda ukukunceda. Wacele akubonise iimpendulo zawo eBhayibhileni yakho. Ukwenza kanjalo kunokukunceda ube nesibindi njengoko ujamelana nekamva, nangona kukho izinto ezothusayo namhlanje.

[Imibhalo esemazantsi]

a Funda nenqaku elithi “Ngaba Bonke Abantu Banethuba Lokumazi UThixo?” kwiphepha 22 leli phephancwadi.

b Apha uPetros akathethi ngomhlaba wokoqobo. Nombhali weBhayibhile uMoses wathetha ngomhlaba efuzisela. Wathi: “Wonke umhlaba wawululwimi-lunye kwaye untetho-nye.” (Genesis 11:1) Kanye njengokuba umhlaba wokoqobo ungathethi ‘ulwimi olunye,’ asingomhlaba wokoqobo oza kutshatyalaliswa. Kunoko, njengokuba esitsho noPetros, ngabantu abangendawo abaza kutshatyalaliswa.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]

Umhlaba awuzukutshabalala kodwa kuza kutshabalala abo bawonakalisayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share