IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 5/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuza Kwenzeka Ntoni Ngemini Yomgwebo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Iyintoni Imini Yomgwebo?
    Vukani!—2010
  • IMini Yomgwebo—Iyintoni?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Imini Yomgwebo—Ixesha Lethemba!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 5/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Yintoni iMini Yomgwebo?

Intsapho evuyiswa kukubonana kwakhona emva kokuvuka ekufeni kwiminyaka eliwaka

Kutheni imini yomgwebo iza kuba lixesha elivuyisayo?

Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uThixo wasebenzisa abagwebi ukuze bakhusele abantu bakhe kukungabikho kobulungisa. (ABagwebi 2:18) IBhayibhile iyichaza iMini Yomgwebo ezayo njengexesha elivuyisayo, apho uMgwebi womhlaba wonke uYehova eya kukhusela abantu kwabo bangenabulungisa.—Funda iNdumiso 96:12, 13; Isaya 26:9.

UThixo umisele uYesu ukuba azise ubulungisa kwabaphilayo nabafileyo. (IZenzo 10:42; 17:31) Baninzi abantu abafe bengamazi uThixo. Ngoko, ngeMini Yomgwebo uYesu uya kubabuyisela ebomini ukuze bafumane ithuba lokumazi nokumthanda uThixo oyinyaniso.—Funda iZenzo 24:15.

Kutheni iMini Yomgwebo iza kuba yiminyaka eliwaka?

Abantu abafileyo baza kuvuswa ebudeni beminyaka eliwaka. (ISityhilelo 20:4, 12) Kuza kuthath’ ixesha ukuba bafunde iindlela zikaThixo nokumthobela. Ngokwahlukileyo koko abaninzi bakukholelwayo, iBhayibhile ibonisa ukuba abantu baza kugwetywa ngezinto abazenze emva kokuba bevusiwe.—Funda eyabaseRoma 6:7.

IBhayibhile iphinda ithethe ngomgwebo oza kufika ngequbuliso ngaphambi kokuqalisa kweminyaka eliwaka. Njengoko besibonile kumanqaku asekuqaleni, loo mgwebo ukwabizwa ngokuba sisiphelo. Ngelo xesha, uThixo uza kubasusa bonke abantu abangendawo. (2 Petros 3:7) Ngoko ke, simele senze konke okusemandleni ukubonisa ukuba siyamthanda uThixo.—Funda eyesi-2 kaPetros 3:9, 13.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, funda iphepha 213 lale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka naku-www.pr418.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share