Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla
Icandelo 1: Imbopheleleko Yomqhubi Wesifundo
1 ISifundo Sencwadi Sebandla sinendima ebalulekileyo ekukhuleni ngokomoya kwabantu bakaYehova. Kwiinyanga ezilandelayo, siza kuhlolisisa iinkalo ezahlukahlukeneyo zelungiselelo leSifundo Sencwadi Sebandla size sihlolisise indlela esinokungenelwa ngayo. Kule nkupho sifuna ukunikel’ ingqalelo kwindlela umqhubi wesifundo anokusenza ngayo isifundo sibe sesikhuthazayo nesomelezayo.
2 Ukuze abe nempumelelo ekufundiseni kwakhe, umqhubi ufanele alungiselele kakuhle. Njengomfundi onenzondelelo weLizwi likaThixo, akamele azi nje impendulo yombuzo ngamnye kodwa kwakhona ufanele aqonde isizathu sokuba loo mpendulo ichanile. Ufanele azabalazele ukunceda bonke esifundweni ukuba baqonde izizathu zeempendulo. (1 Pet. 3:15) Oku kuya kubenza bawuxabise ngokunzulu umbandela.
USUKELO EKUQHUBENI ISIFUNDO
3 Olunye usukelo lomqhubi kukusebenzisa umbandela ofundisiswayo ekomelezeni ukholo lwabo bonke abakhoyo nokubashukumisela ekufuneni ukwenza ukuthanda kukaThixo ngokuzele ngakumbi. (INdu. 110:3; 2 Tes. 1:3-5) Ukuze alufikelele olu sukelo, umqhubi ufanele anqumame kwiindawo ezifanelekileyo ukuze ‘agxininise’ iingongoma ezikhulisa intembelo esinayo nesuk’ entliziyweni kuYehova, kwiLizwi lakhe nakwintlangano yakhe. (Gal. 6:6, umbhalo osemazantsi weRef. Bi.) Kunokusetyenziswa imibuzo yobuchule ekubalaseliseni ezi nkcukacha zakha ukholo ngokokuvuma kwexesha.
4 Olunye usukelo kukunceda bonke ukuba babone indlela abanokuwusebenzisa ngayo umbandela ngokoqobo. Banokuwusebenzisa njani kubulungiseleli basentsimini? Ekukhuthazeni abazalwana kwanabasebatsha? Ekomelezeni iintsapho zabo kwanabo uqobo? Njengoko abaqhubi beSifundo Sencwadi Sebandla belungiselela isifundo ngasinye, bafanele bazame ukuqonda iindlela ezinokusetyenziswa ngazo ngokoqobo iingongoma ezingqalileyo zesifundo.
5 Inkcazelo ethile isenokusetyenziselwa ukunceda izalamane ezingakholwayo, abo sifunda nabo, okanye esiphangela nabo. Omnye umbandela usenokunceda abo bakumakhaya awahluleleneyo okanye mhlawumbi abakwiintsapho ezinomzali omnye. Umqhubi usenokutsalel’ ingqalelo yabo bakhoyo ngokubanceda baqiqe baze babone indlela abanokuwusebenzisa ngayo ngokoqobo umbandela oxutyushwayo. Umqhubi ufanele azabalazele ukusigcina isifundo sibangel’ umdla, esenza sibe yinto engakumbi kunokugutyungelwa nje kombandela ngemibuzo neempendulo.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 14:9, 19.
BONISA UMDLA WOBUQU
6 Ngokubonisa umdla wobuqu kuye ngamnye okhoyo eqeleni, umqhubi unokubakhuthaza ukuba babe nenxaxheba ngokuzeleyo. Abo baneentloni basenokucelwa kwangaphambili ukuba bafunde izibhalo, okanye basenokunikwa umbuzo kwangaphambili abafanele balungiselele ukuwuphendula. Bonke bafanele bazabalazele ukugqabaza ngamazwi abo. Ngokuwaphulaphula ngenyameko amagqabaza abo, umqhubi unokuqonda enoba bakho kusini na abafuna uncedo lobuqu. Unokucela abanye abanamava eqeleni ukuba babancede ngokuthi babanike ingqalelo yobuqu.
7 ISifundo Sencwadi Sebandla siyintsikelelo kuthi. Sisivulel’ ithuba lokuhlanganisana ngamaqela amancinane size sifumane ingqalelo engakumbi yobuqu. Asifanele nakanye sisijonge njengesingabalulekanga kunezinye iintlanganiso. Umqhubi weSifundo senu Sencwadi Sebandla uyithabatha nzulu imbopheleleko yakhe yokusebenzisa isifundo ngasinye ukomeleza ukholo lwenu kuYehova nokwakha uxabiso lwenu ngamalungiselelo kaThixo okomoya.