ISifundo Sencwadi Sebandla Sikhuthaza Umsebenzi Wokufundisa
1 ISifundo Sencwadi Sebandla sinendima ebalulekileyo kwinkqubo yokufundisa yentlangano kaYehova. Amaqela ezifundo zencwadi asasazwe kwiindawo zentsimi iphela, ukuze bonke bakwazi ukubakho. Xa isifundo siselumelwaneni, abanomdla basenokukwamkela ngokulula ukumenyelwa kuso.
2 Kwenziwa umgudu wokugcina qela ngalinye lilincinane. Oku kuvumela umqhubi anikele uncedo lobuqu kuye ngamnye. Asingabo bonke abafunda ngokukhawuleza ngokufanayo. Ukuba ubani akayiqondi kakuhle ingongoma ethile kwanasemva kokuba ewufunde kwangaphambili loo mbandela, umqhubi usenokuwuxubusha ngokungakumbi emva kwesifundo. Ngaphezu koko, xa iqela lilincinane, maninzi amathuba okugqabaza nokufunda izibhalo. Ngaba ufak’ isandla kwingxubusho ngokugqabaza rhoqo? Ngaba uzama ukuphendula ngamazwi akho? Ukukulungela kwakho ukuba nenxaxheba kunokuba yingenelo kuwe nakwabanye. Njengokuba ulungiselela, sebenzisa amandla akho engqiqo ukuqonda indlela onokuzisebenzisa ngayo ngokobuqu iingongoma ezifundwayo.—Heb. 5:14.
3 Ngokubukela iindlela zokufundisa ezisetyenziswa ngumqhubi wesifundo sencwadi, unokufunda indlela yokuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ngendlela enik’ umdla ngakumbi nefundisayo. Emva kokuba umzalwana ofanelekayo efunde iziqendu, kuxutyushwa imibuzo. Umqhubi wesifundo ukhuthaza bonke ukuba bathethe ngokuvakalayo. Xa ixesha livuma, uzama ukufumana amagqabaza ngezibhalo ezibonisiweyo ukuze asincede siqonde indlela ezisebenza ngayo. (Thelekisa uNehemiya 8:8.) Maxa wambi usenokongezelela amagqabaza akhe amafutshane acacisayo okanye asebenzise imibuzo esecaleni ukuphuhlisa ingongoma eyintloko. Umzekeliso usenokusinceda sibone indlela inkcazelo leyo ehlobana ngayo nobomi bethu.
4 Bambalwa abantu ababakho kwezinye iZifundo Zencwadi Zebandla. Ngaba ubakho rhoqo? Ukuba akunjalo, ubuphoswa lilungiselelo elibalulekileyo. Ilungiselelo lesifundo sencwadi liyenye yeendlela uYehova asibonisa ngazo ukusikhathalela kwakhe. (1 Pet. 5:7) Ufuna sihambele phambili elwazini nasebulumkweni ukuze somelele ngokomoya. Kwelinye icala, uSathana ufuna ukudodobalisa ukukhula kwethu ngokomoya aze asityhafise ukuze singasebenziseki kuYehova nakwintlangano Yakhe. Ungakuvumeli oku kwenzeke! Umoya wobubele nothando kweli qela lisondeleleneyo mawuchukumise intliziyo yakho uze ukushukumisele ekuqhubekeni udumisa uYehova.—Thelekisa INdumiso 111:1.
5 Kwinkoliso yeendawo zesifundo sencwadi kulungiselelwa iintlanganiso zenkonzo yasentsimini abavakalisi abakwaziyo ukuya kuzo. Zisenokuba zezokunikela ubungqina phakathi evekini, ngeempela-veki okanye ngamarhatya. Umqhubi wesifundo sencwadi uqinisekisa ukuba kukho umhlaba owaneleyo ibe kukho umntu oza kukhokela entsimini. Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini azifanele zidlule kwimizuzu eli-10 ukusa kweli-15. Umqhubi usenokuhlolisisa ngokufutshane itekisi yosuku ukuba ihlobene nomsebenzi wethu wokushumayela aze anikele icebiso elinye okanye amabini enkonzo yasentsimini okanye enze umboniso omfutshane womnikelo osexesheni.
6 Njengokuba ixesha lihamba umqhubi uzabalazela ukusebenza naye ngamnye eqeleni lakhe, enikela ukhuthazo noqeqesho olufanelekileyo.—Thelekisa uMarko 3:14; Luka 8:1.