Ngaba UAprili Uza Kuba Yinyanga Ekhethekileyo Kuwe?
1 Ngokufuthi siye sibhekisele kwinyanga kaMatshi neka-Aprili njengexesha leSikhumbuzo. Ekubeni iSikhumbuzo sisoloko siqhubeka ngeli xesha lonyaka, abantu bakaYehova bashukunyiselwa ukwandisa inxaxheba yabo kubulungiseleli bentsimi.
2 Abanye abebebhalise njengoovulindlela abangabancedani ngoMatshi baya kuqhubeka ibe bathelelwe ngabanye kobu bulungiseleli bandisiweyo ngoAprili. Ukuba unokuba nesabelo, ufanele ungenise isicelo sakho ngokukhawuleza.
3 Kwanabo bangakwaziyo ukuba ngoovulindlela banokumenza uAprili abe yinyanga ekhethekileyo ngokwandisa ubulungiseleli babo basentsimini. Ngokuqinisekileyo, kukho okuninzi okumele kwenziwe. Mhlawumbi abavakalisi bebandla noovulindlela banokumema abavakalisi abangabhaptizwanga abasebatsha basebenze nabo entsimini. Kufanele kwenziwe umgudu ongakumbi wokumemela bonke abantu abanomdla eSikhumbuzweni ngoAprili 17.
4 Ngokuphaphela ukwamkela abasebatsha abezileyo, usenokukwazi ukuqalisa esinye isifundo seBhayibhile. Ngentsikelelo kaYehova kwimigudu yakho eyongezelelekileyo, ubulungiseleli bakho buya kuba neziqhamo yaye uAprili uya kungqineka eyinyanga ekhethekileyo kuwe.—INdu. 34:8; IMize. 10:22.