IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/13 iphe. 1
  • Ngaba Uza Kuba Nguvulindlela Ongumncedani?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uza Kuba Nguvulindlela Ongumncedani?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Ceba Kwangoku Ukuze Wandise Ubulungiseleli Bakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Lonwabele Eli Xesha LeSikhumbuzo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Kufunwa—Oovulindlela Abangabancedani Abali-10 000
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Vakalisani Ngokubanzi Iimbalasane ZikaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 2/13 iphe. 1

Ngaba Uza Kuba Nguvulindlela Ongumncedani?

1. Kutheni ixesha leSikhumbuzo ilithuba elihle lokwandisa ixesha esilichitha entsimini?

1 Ixesha leSikhumbuzo iba lithuba elihle lokwandisa ixesha esilichitha entsimini. Lixesha lokucingisisa ngothando uYehova asenzele lona ngokusincamela uNyana wakhe njengedini. (Yoh. 3:16) Oku kwenza simxabise nangakumbi uYehova sitsho sikukhuthalele nokuxelela abanye izinto azenzela uluntu. (Isa. 12:4, 5; Luka 6:45) Ikwalixesha apho siba nephulo elikhethekileyo lokumema abahlobo nabantu abasentsimini ukuba babekho kwiSikhumbuzo. Emva kokuba bezile, sizama konke okusemandleni ethu ukuba sikhulise umdla abanawo ngenyaniso. Ngaba uza kubandisa ubulungiseleli bakho ngokuba nguvulindlela ongumncedani ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi?

2. Kutheni uMatshi eyinyanga entle kangaka yokuba nguvulindlela ongumncedani?

2 UMatshi Makabe Yinyanga Ekhethekileyo: UMatshi yinyanga entle kakhulu yokuba nguvulindlela ongumncedani. Abo bafaka izicelo banokukhetha ukwenza iiyure ezingama-30 okanye ezingama-50. Ukuba utyelelo lomveleli wesiphaluka lungoMatshi, oovulindlela abangabancedani banokuhlala kwintlanganiso yoovulindlela abathe ngxi kunye nabakhethekileyo ide iyokuphela. Iphulo lokukhupha izimemo zeSikhumbuzo esiza kuba ngoLwesibini, ngoMatshi 26, 2013, liza kwandiswa lize liqale ngoMatshi 1. Ukongezelela, uMatshi uneeveki ezintlanu. Kwanga ungasabela kweli khwelo lokwenza uMatshi abe yinyanga ekhethekileyo.

3. Singawenza njani amalungiselelo okwandisa ixesha esishumayela ngalo?

3 Ceba Kwangoku: Mus’ ukuzibekela amangomso izinto kodwa qalisa ngoku ukuceba ukuba nguvulindlela. Kubalulekile ukuba intsapho yonke isebenzisane kulo mba. Khanikhe nikuxubushe oku kuNqulo Lwentsapho nize nibe nosukelo olucacileyo. (IMiz. 15:22) Ukuba akukwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani, ungakhathazeki. Ngaba unokulandisa ixesha oshumayela ngalo entsimini? Ngaba awunakongeza usuku kwiintsuku oshumayela ngazo?

4. Siza kungenelwa njani ngokwandisa umsebenzi wethu ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi?

4 Njengoko siza kwandisa iiyure zethu ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi, siza kwaneliseka size sivuye ngakumbi ngenxa yokuba siza kube sikhonza uYehova yaye sisipha abanye. (Yoh. 4:34; IZe. 20:35) Okubaluleke ngakumbi kukuba, ukuzincama kwethu kuyamvuyisa uYehova.—IMize. 27:11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share